UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
ISISHWANKATHELO
Olu shicilelo luquka ulwazi ngeempawu, unobangela nonyango lwesifo sombefu. Lukwanikezela nangolwazi ngedlela esi sifo esigqugqisa ngayo apha eMzantsi Afrika.
Yintoni Isifo Sombefu?
Ziintoni Iimpawu Zesifo Sombefu?
Isifo Sombefu Esi Singabuchaphazela Njani Ubomi Bam/Umgangatho Wobomi Bam?
Yontoni Ebangela Ukuhlaselwa Okokuqala Sisifo Sombefu?
Singanyangeka Njani Isifo Sombefu?
Ndingalufumana Phi Olunye Ulwazi Ngesifo Sombefu?
Isifo Sombefu eMzantsi Afrika
YINTONI ISIFO SOMBEFU?
Isifo sombefu esi sesinye sezona zifo zixhaphakileyo zemiphunga kusokoliswana nazo ehlabathini namhlanje.
Esi sifo sichaphazela malunga nomntwana omnye kwabalishumi (10%) ze abe mnye umntu omkhulu kwabangamashumi amabini (5%).
Singakuhlasela okokuqala nokuba ubudala bungakanani na, nditsho nasebudaleni.
Nangona nje isifo sombefu sisoloko sivela phambi kokuba umntu abe nesihlanu seminyaka ubudala, abambalwa abantwana abathi bachaphazeleke baya kuthi "basoyise" kwiminyaka yabo yokukhula kodwa ke sidla ngokuxhathisa xa sithe samosulela umntu ebudaleni.
Isifo sombefu sidla ngokuhlasela iintsapho njengoko zisenza ezinye izifo ezifana nomkhuhlane womungu nesifo sesikhumba esirhawuzelayo.
Asikanyangeki okwangoku esi sifo kodwa ke ukuba siyahoyakala abo bachaphazelekayo banganakho ukuphila ubomi obuqhelekileyo, besonwabela kwanokuzibandakanya kwezemidlalo nakuzo zonke ezinye iintshukumo ngokupheleleyo.
ZIINTONI IIMPAWU ZESIFO SOMBEFU?
Ukukhohlela, ukukhohlela kabuhlungu, ukuminxana kwesifuba, ukungakwazi kuphefumla. Ezi mpawu ziwahlasela kakhulu nakabuhlungu amaxhoba ngexesha langokuhlwa nasemva kweentshukumo ezifana nokuzilolonga okanye ukudlala.
ISIFO SOMBEFU ESI SINGABUCHAPHAZELA NJANI UBOMI BAM/UMGANGATHO WOBOMI BAM?
Kukho iintsuku zokuphangela nezesikolo apho umntu angazukukwazi ukuzimasa (ukuba nelungu losapho okanye umntwana ophila nesi sifo kukhokelela nasekubeni omnye umntu angaphangeli okanye angayi esikolweni ngenxa yokuba kufuneka enonophele elo xhoba).
Ukuhlaselwa sesi sifo kabuhlungu kwakunye neempwu zaso ziyingxaki, zinganobungozi futhi zingatya kakhulu engxoweni.
YINTONI EBANGELA UKUHLASELWA OKOKUQALA SISIFO SOMBEFU?
Obona bungozi besi sifo kukuba ngamanye amaxesha asibonakali ukuba sikho ze sibe nokunyangwa, nto leyo ekhokelela ekubeni ixhoba laso lihlaselwe ziintlungu ebezingeyomfuneko.
Oyena nobangela wale nkqubo yesi sifo sombefu akakaqondakali kakuhle kodwa ke kusacingeleka ukuba umbefu lo ngumvuka wokungalungelani neentlobo ezithile zamavumba apho ithi imiphunga ixakane nento ethile esemoyeni.
Umkhuhlane obangelwa yintsholongwane
Umkhuhlane obangelwa yintsholongwane ethile ungazenza zibe nobuzaza kakhulu okwexeshana iimpawu zesi sifo yaye oku kungathabatha ithuba elifikelela kwiiveki ezintandathu emva koku kugula.
Ukungalungelani neentlobo ezithile zamavumba
Ukuhlaselwa sisifo sombefu kubangelwa amaxesha amaninzi kukungalungelani neentlobo ezithile zamavumba aza namangolwane othuli lwendlu, aza nengca kwakunye nalawo aza nomungu wemithi, imingxunya ebangelwa kukubola kwakunye noboya obuphuma kwizilwanyana ezinoboya ezifana neekati nezinja. Iintlobo ezithile zokutya kwakunye nezongezelelo (ngamaxesha ambalwa) nazo zikwabangela ukuhlaselwa sisifo sombefu xa zityiwe.
Ukungcola
Ukungcola kwwendalo, ingakumbi umsi womdiza, umsi omdaka ophuma kumbhobho weenqwelo-mafutha kwakunye neminya imimoya ephuma ekhutshelwa ngaphandle ngamachiza zingangunobangela wokuhlaselwa sisifo sombefu. Nabantwana bangahlaseleka ukuba bathi basezele kwimiphunga yabo imisi yemidiza etshaywa ngabazali babo.
Imidlalo Nokuzilolonga
Imidlalo nokuzilolonga, ingakumbi ngeentsuku ezibandayo, kungakhokelela ekubeni umntu ahlaselwe sisifo sombefu. Kodwa ke ukuba sithi sinyangwe ngendlela eyiyo, esi sifo singalawuleka kakuhle futhi amaxhoba kunganganynzeleki ukuba ayeke ukudlala okanye ukuzilolonga.
Enyanisweni ke ishumi ekhulwini leembaleki ziphila nesifo sombefu.
Iimo zomzimba
Iimo zomzimba ezifana nokugcoba, umsindo, uloyiko nokuhleka zonke zingawongeza amathuba okuhlaselwa sisifo sombefu.
Iziyobisi
Imiba yendalo
Izinto ezingcolisa umoya ezisuka kwiingingqi ezinemizi-mvelisi emininzi nemikhulu, imisi yemidiza, imisi ephuma kwimibhobho yeenqwelo-mafutha, ukutshintshwa kweendlela zokondla (ukutya okucoliweyo) nokutshintshwa kwamafutha ezithuthi kutshintshelwa kumafutha atshiswayo (amalahle angenamlilo kwakunye namalahle la aqhelekileyo)
sele zikhankanyiwe ekuhlaselweni kwabantu sesi sifo.
SINYANGEKA NJANI ISIFO SOMBEFU?
Isifo sombefu asisokuze sinyangeke ngokupheleleyo akujkhathaliseki nokuba ubani uthini na, kodwa ke xa sinokuthi sinyangwe ngendlela eyiyo, amaxhoba esi sifo angaphila ubomi obuqhelekileyo nobugqibeleleyo kwakhona. Injongo yolu nyango kufuneka ibe kukwenza imiphunga kunye nemibhobho yokuphefumla isebenze ngendlela eqhelekileyo ukuze zinciphe iimpawu ze kunciphe kangangoko ukuphazamiseka kwendlela yokuphila.
NDINGALUFUMANA PHI OLUNYE ULWAZI NGESIFO SOMBEFU?
Ubuninzi baso
Kukho ubungqina obungathandabuzekiyo bokwenyuka kwenani labantu abanesi sifo kuzo zonke iintlanga zaseMzantsi Afrika. Kumashumi amabini anesihlanu eminyaka adlulileyo lenyuke ukusuka kumashumi amabini anesihlanu ukuya kutsho kumakhulu amabini inani labantu abamkelwe kwizibhedlele zaseThekwini naseSoweto ngenxa yokuhlaselwa sisifo sombefu.
Ukuhlaselwa kweentlanga ezahlukeneyo
Kumashumi-shumi eminyaka, kwafunyaniswa ukuba izifo ezingumvuka wokungalungelani namavumba nezidlo ezithile aziwahlaseli kakhulu ama-Afrika. Ngokulandelisa ezangaphambili, izifundo zophando zamva-nje zidize ukuba iintsapho zamaAfrika azinambali ingako yokuhlaselwa sesi sifo yaye ngoko ke ambalwa amathuba okuba amaAfrika la ahlaselwe sesi sifo. Kodwa ke, amanye amaAfrika amaninzi anembali yokungalungelani neentlobo ezithile zamavumba nezokutya athi ahlaselwe zizifo ezikumila kunje xa kuthelekiswa nezinye iibntlanga. Ukufikelela kwasebutsheni kwiintlobo ezithile zamavumba nezidlo ezisuka kwindlela yaseNtshona yokuphila ibe negalelo kwindlela ebanzi efunyaniswe kwiintsana zama-Afrika kunezezinye izizwe. Ezi mpawu zingumvuka wokwanda kwenani labantwana abanesifo sombefu.
Umngcipheko wokuhlala ezidolophini
Izifundo zophando ezenziwe kubemi beengingqi ezisemaphandleni zaPhesheya kweNciba zifumanise ukuba ukufudukela kwiindawo ezisezidolophini nezisondele ezidolophini kukhokelela ekuphinda-phindaneni kwamathuba okukhula kweempawu zesifo sombefu ngamashumi amabini, kodwa ke esi sifo sikwakhula nakwiingingqi ezisemaphandleni.
EKapa, eThekwini naPhesheya kweNciba, ingca, amaphela kwakunye nokungalungelani neekati okanye ivumba leekati zizinto ekufunyaniswe ukuba zezona zibalulekileyo ezibangela ukuhlaselwa sisifo sombefu, ngokulandelelana kwazo.
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
