UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
Ukuzivavanya Amabele
ISISHWANKATHELO
Le ncwadana iqulethe izizathu zokuzivavanya amabele rhoqo.
KHUMBULA
Ukuzivavanya amabele kungasindisa ibele lakho ze kusindise nobomi bakho. Amathumba amaninzi amabele afunyaniswa ngabantu ababhinqileyo ngokwabo. Noko kunjalo, amathumba amaninzi afunyanwa ebeleni awangomhlaza. Khuseleka, qiniseka.
Awona maxesha akulungeleyo oku kuzivavanya kuxa kanye usandula ukuphuma exesheni, xa amabele akho engathambanga okanye engadumbanga. Ukuba akuyi rhoqo exesheni okanye mhlawumbi ngamanye amaxesha inyanga iyadlula ungakhange uye exesheni, zivavanye ngosuku oluthile olufanayo nyanga zonke.
Lala phantsi ze ubeke umqamelo ngaphantsi kwegxalaba lakho lasekunene. Beka ingalo yakho emva kwentloko yakho.
Sebenzisa umphambili weminwe yakho ephakathi yesandla sakho sasekhohlo ukuze ube nokuweva amaqhuma okanye iindawo eziqinileyo. Le miphakathi yeminwe yakho ke zezi ndawo ziphezulu apha emnweni, ngaphantsi kozipho lomnwe ngamnye.
Cinezela kakhulu de uve ukuba kukho nto ingaqhelekanga na ebeleni lakho. Ukuba akuqinisekanga ukuba mawucinezele kakhulu kangakanani, cela ugqirha okanye usomachiza wakho. Okanye ke uzame ukukopa indlela ugqirha okanye usomachiza wakho ayisebenzisa ngayo eyakhe iminwe xa azama ukufumanisa umhlaza wamabele. Zama ukufumanisa ukuba ibele lakho livakala njani na amaxesha amaninzi. Ukucinezela kakhulu kwisivongqo esisezantsi sebele ngalinye yeyona ndlela iqhelekileyo.
Hamba-hamba ngomnwe ucinezela ibele ngalinye ngendlela ethile. Ungakhetha ukulijikeleza (A), ukuthi uphezulu ube usezantsi kwibele ngalinye (B), okanye ke ukuqala kancinci uye uqinisa apha ekucinezeleni ndawo zonke apha ebeleni (C). Yenza oku ke ngendlela efanayo maxesha onke. Loo nto iya kukunceda uqinisekise ukuba ulicofa-cofe lonke ibele lakho, kwanokukhumbula ukuba liva njani na ibele lakho xa usenza oku.
Ngoku ke vavanya ibele lakho lasekhohlo usebenzisa imiphambili yeminwe yesandla sasekunene.
Ukuba uthi ufumanise naziphi na iinguqu, bonana nogqirha wakho ngoko nangoko.
UKHUSELEKO OLONGEZELELWEYO
Kukwafuneka udlale ngamabele akho umi phambi kwesipili emva nje kokwenza olu vavanyo kumabele akho nyanga nganye. Khangela ke ukuba kukho nguqu zikhoyo na ngokwendlela amabele akho akhangeleka ngayo, nguqu ezo zifana: nokushwabana kolusu, iinguqu kwingono, okanye ububomvu okanye ukudumba. Usenokufuna futhi ukuzivavanya amabele ngelixa usahlambayo. Izandla zakho ezinesepha ziya kutyibilika kolo lusu lumanzi, nto leyo iya kwenza kube lula ukufumanisa ukuba amabele akho anjani na.
YAYAMENE
Uvavanyo Lomhlaza Webele (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
