UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
Ukukhusela Amalungelo Akho
IKomishoni Yamalungelo Abantu yoMzantsi Afrika
ISISHWANKATHELO
Eli phetshana lifundeka lula linikezela ngeenkcukacha ngamalungelo oluntu angundoqo nokuba iKomishoni Yamalungelo Oluntu yaseMzantsi Afrika (iSAHRC ngamafuphi) ingakunceda njani na ukuba amalungelo akho athe anyhashwa.
Ukunikezela Ingxelo Ngokunyhashwa Kwamalungelo Oluntu
uMqulu Wamalungelo
IKomishoni
USihlalo nguMfundisi uGqirha Barney Pityana ze uSekela-Sihlalo ibe nguNkosazana Shirley Mabusela. Ikomishoni inamalungu afikelela kwishumi elinanye, kuquka usihlalo nesekela lakhe.
Intloko Yesigqeba ikhokela iSecretariat. Inamasebe amane:
Ezemfundo, Uqeqesho Nolwazi
Iinkonzo Zomthetho
Ezophando Namaxwebhu
Ezezimali Nolawulo
I-SAHRC ineekomiti ezenziwe ngabakomishinala, abasebenzi kwakunye namanye amalungu asuka ngaphandle. Aba basebenzi basebenza kula macendelo alandelayo:
Umgaqo-nkqubo Nocwangciso;
URhulumente Noqhagamshelwano nePalamente;
Uqhagamshelwano Nemibutho Engajonge Ngeniso Namanye Amaqumrhu Angumvuka Wemithetho;
Uqhagamshelwano Namanye Amazwe;
Ezabakhubazekileyo; kwakunye
Nabantwana.
Ngaphezu koko, umkomishinala ngamnye unoxanduva olulodwa lokujongana nephondo okanye amaphondo athile. Bayawatyelela la maphondo ukwakha ubudlelwane namaqumrhu asebenza kuwo, baphicothe iindlela ekwenziwa ngazo izinto ze baphendule nakwizikhalazo.
INGABA YENZA NTONI I-SAHRC LE?
I-SAHRC le yasekwa nguMgaqo-siseko ngeenjongo:
zokuphuhlisa inkcubeko yamalungelo oluntu eMzantsi Afrika;
zokufundisa abemi boMzantsi Afrika ngokunyhashwa kwamalungelo oluntu nokufumana iindlela zokulungisa oku kuquka nokusa amatyala ezinkundleni, xa kunyembelekile; kwenziwe nophando ngamalungelo oluntu eMzantsi Afrika nakumanye amazwe; kucetyiswe urhulumente ngamalungelo oluntu ze kujongwe nokuba urhulumente uwaphuhlisa awakhusele njani na amalungelo oluntu;
kujongwane nemithetho ebhalwe kuwo onke amabakala karhulumente (oko ke kukuthi koorhulumente bamakhaya, abamaphondo nowesizwe) ukuqinisekisa ukuba bayawaqwalasela amalungelo oluntu; ze bajonge nokuba urhulumente wenza ntoni na ukuqinisekisa ukuba abantu bayafikelela kumalungelo oluntu nawoqoqosho (indalo engqongileyo, izindlu, unonophel lwempilo, ukutya, amanzi, ukhuseleko loluntu nemfundo).
UKUNIKEZELA INGXELO NGOKUNYHASHWA KWAMALUNGELO OLUNTU
Intshukumo yokunyhashwa kwamalungelo oluntu kuxa naliphi na ilungelo elikuMqulu Wamalungelo lithe lanyhashwa okanye laxhatshazwa. Kusenjalo, Isahrc le ayijongani nazo zonke iintlobo zeentshukumo ezinyhasha amalungelo oluntu. Amanye amatyala athunyelwa kweminye imibutho namaqumrhu ebekelwe bucala ukujongana neentlobo ezithile zokunyhashwa kwamalungelo oluntu. Ezi ntlobo ke ziquka:
Inombolo Yomnxeba: 011 403 7182
Umkhuseli Wabathengi izikhalazo ngamagosa aseburhulumenteni
Inombolo Yomnxeba: 012 322 2915/6
Inombolo Yomnxeba: 011 377 6894
Icandelo Lolawulo Elizimeleyo Elijongene Nezikhalazo izikhalazo ngamapolisa
Inombolo yomnxeba: 012 428 5700
Ukuba ityala lakho lelinye lala, kuya kufuneka ke uqhagamshelane nomnye wale mibutho ngqo.
Ukuba ityala lingokunyhashwa kwelinye lamalungelo akuMqulu Wamalungelo Oluntu, futhi olu hlobo lwetyala ekunokujongwana nalo ngomnye nje umbutho, kuya kufuneka wena uyixele kwiSAHRC qha:
Ukutsalela iofisi ye-SAHRC. Umsebenzi uya kuthi athabathe ingxelo leyo, akuthumele iphetshana lokufaka isikhalazo okanye enze idinga lokuba wena uye buqu kule ofisi.
okanye ke
Ukuthumela ifeksi okanye incwadana yembalelwano kwiSebe Lemicimbi Yomthetho leSAHRC ngolwimi ithanda ukuyithumela ngalo.
okanye
eRhawutini
Inombolo yomnxeba: 011 484 8300
Inombolo yomnxeba: 041 582 4094/2611
Inombolo yomnxeba: 015 291 3500/3504
eNtshona Koloni
Inombolo yomnxeba: 021 426 2277
UMQULU WAMALUNGELO
Ukuze kube nokwakhiwa inkcubeko yamalungelo oluntu, kubalulekile ukuba wonke ummi awazi amalungelo akhe ze ayiqondisise nendima yakhe. I-SAHRC ikhusela ze iphkamise amalungelo abo bonke abemi boMzantsi Afrika. Oku kulandelayo luhlobo lwenziwe lula loMqulu Wamalungelo Wamalungelo. Ukze ufumane uMqulu ogcweleyo, nceda ufunde iSahluko 2 soMgaqo-siseko.
Ukulingana
Isidima Somntu
Isidima sakho kufuneka sihlonitshwe futhi sikhuselwe.
Ubomi
Unelungelo lokuphila.
Inkululeko nokhuseleko lomntu
Ubukhoboka, ukufakwa amakhamandela kwanokunynzeliswa ukuba usebenze
Ubukhoboka, ukufakwa kumakhamandela kwanokunyanzeliswa ukuba usebenze azivumelekanga.
Imfihlelo
Akunakugqogqwa okanye kugqogqwe ikhya impahla yakho, ngaphandle kokuba kokuba kulandelwe inkqubo eyiyo yokwenziwa kwezi ntshukumo ngamapolisa.
Inkululeko kwinkolo, inkolelo noluvo
Ungakholelwa futhi ucinge nangayiphi na indlela yaye ungalandela inkolo ethandwa nguwe.
Bonke abantu (kuquka namajelo eendaba) bangathetha nantoni na abayithandayo.
Indibano, umboniso, uqhankqalazo nokunikezelwa kwezikhalazo
Ningabamba umboniso, uqhankqalazo okanye ninikezele ngezikhalazo. Kodwa ke oku kufuneka nikwenze ngoxolo.
Ungazimanya nabani na ofuna ukuzimanya naye.
Amalungelo opolitiko
Ungalixhasa iqela lopolitiko elithandwa nguwe. Ukuba ungummi weli, ze ubuncinci ube uneshumi elinesibhozo leminyaka ubudala, ungavota.
Ukuba ngummi
Inkululeko yentshukumo neyokuhlala
Ungahamba uye kuhlala naphi na apha eMzantsi Afrika.
Ungawenza nawuphi na umsebenzi ofuna ukuwenza.
Imiba yengqesho
Indalo
Unelungelo lokufumana indalo esempilweni.
Impahla
Impahla yakho ingahluthwa kuwe kuphela imigaqo eyiyo ilandelwe.
Izindlu
Urhulumente kufuneka aqinisekise ukuba abantu bayafikelela kwizindlu ezisemgangathweni.
Unonophyel lwempilo, ukutya, amanzi nokhuseleko loluntu
Urhulumente kufuneka aqinisekise ukuba uluntu luyafikelela ekutyeni nasemanzini, kunonophel lwempilo nokhuseleko loluntu.
Abantwana
Abantwana abangaphantsi kweshumi elinesibhozo banamalungelo awodwa, afana nelungelo lokungaxhatshazwa.
Imfundo
Unelungelo lokufumana imfundo engundoqo, kuquka imfundo engundoqo yabantu abadala, ngolwimi lwakho (ukuba oku kunokwenzeka).
Ulwimi nenkcubeko
Ungalusebenzisa ulwimi lwakho ze ulandele inkcubeko oyikhethayo.
Uluntu ekuhlaleni kungayonwabela inkcubeko yalo; lusebenzise inkolo yalo; ze lusebenzise ulwimi lwalo.
Ukufikelela kulwazi
Unelungelo lokufukelela kulo naluphi na ulwazi urhulumente analo.
Intshukumo yolawulo enobulungisa
Iintshukumo zikarhulumente kufuneka zingabi namkhethe.
Ukufikelela kwiinkundla
Ungacela inkundla imuthathele isigqibo ngengxaki yakho yezomthetho, okanye iqumrhu elikumila kunjalo.
Abantu ababanjiweyo, abavalelweyo nabasabekwa izityholo
La malungelo akhusela abantu ababanjiweyo, abavalalwe ejele okanye ababekwa isityholo sokwaphula umthetho.
QWALASELA: Onke ke la malungelo angacuthwa ukuba oko kuya kulungisa into. Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, funda iSahluko 2 soMgaqo-siseko.
YAYAMENE
Izikhalazo Ngokunyhashwa Kwamalungelo Oluntu (IiNkonzo)
Umqulu Wamalungelo (Isahluko 2: soMgaqo-siseko woMzantsi Afrika) (UMgaqo-siseko) (File type: pdf)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
