UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
UkuNikwa kweeNkonzo nokuXhotyiswa koLuntu (ISebe loRhulumente woMmandla nezeZindlu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
ISISHWANKATHELO
Indlela entsha necocekileyo yokuvelisa yemizi-mveliso iyayiguqula indlela esenza nesisebenzisa ngayo izinto, ngokuzenza zibe namandla angakumbi nokunqanda ukungcolisa indalo engqongileyo. Oku ke kusekelwe kumgaqo wokuthintela ingxaki ingekafiki. Oku kusenokukhokelela kwiinguqu ezimandla ezingqondweni zabantu kwanakwiindlela abenza ngayo izinto. Eli phepha linikezela ngeengcebiso ngendlela onokonga ngayo umbane, wonge amanzi ze unciphise nenkukuma.
IINYANISO EZINIKA UMDLA
Kutshiswa ikilogram yelahle ngeyure nganye yekilowatt yombane osetyenzisiweyo."
Ziya kuba mbini kuphela iimeko apho kugcwaliswa amadama ngamanzi kule minyaka mibini izayo! Kusafuneka kugcwaliswe amadama kodwa ke oko kuya kusidla izigidi-gisi zeerandi yaye akukho mntu uyifunayo le nto eyadini yakhe"
Ihlabathi livelisa umlinganiselo weetoni ezine zomoya omdaka, umntu ngamnye, ngonyaka, abemi boMzantsi Afrika bona bavelisa umlinganiselo olishumi lweetoni zalo moya mdaka, umntu ngamnye, ngonyaka."
IINKCUKACHA ZOQHAGAMSHELWANO
iCandelo Lolawulo: Elijongene Nokungcoliseka Nenkukuma iSebe Lemicimbi Yendalo Nocwangciso Lophuhliso
Inombolo Yomnxeba: 021 483 2705
FUMANISA OKUNYE:
Ngokuba kutheni kufuneka usebenzise indlela ecocekileyo yokuvelisa nje ekhayeni lakho
Indlela yokonga umbane
Indlela yokonga amanzi
Iingcebiso eziluncedo
Indlela yokunkcenkceshela isitiya eyonga amanzi
KUTHENI KUFUNEKA USEBENZISE INDLELA YOKUVELISA ECOCEKILEYO NJE EKHAYENI LAKHO
LE NDLELA IKONGELA IMALI!
Ilondoloza izibonelelo zendalo ezifana namanzi
Inciphisa ukungcoliswa kwamanzi nomoya
Yenza ukuba thina neentsapho zethu siphile kwihlabathi elisempilweni
INDLELA YOKONGA UMBANE!
Le ilandelayo ke yimizekelo yezinto ezinokwenziwa ekhayeni lakho ukuze libe nokusebenzisa umbane ngendlela ewongayo:
Faka isixhobo esibalayo kwigiza yakho ngenjongo yokuthintela ukubilisa amanzi ongazokuwasebenzisa. Oku kungakongela ukuya kufikelela kumashumi amabini ekhulwini kwityala lakho lombane lenyanga.
Fakela isixhobo sokubilisa amanzi esisebenzisa ilanga. Oku kubyibonakalisa imbuyekezo yokonga umbane ngexesha elifikelela kwiminyaka esibhozo yaye isebenzisa indlela enokuphinda isebenziseke kwixesha elizayo.
Ingakumbi xa uzakhela indlu, le yindlela eyonga ngokumandla. Apha wonga ngokwengqikelelo ephakathi kwamashumi amabini namane ekhulwini kwityala lakho lombane lenyanga.
Ukukhanyisa
Sebenzisa iiCFL okanye iiLED, eziwusebenzisa ngendlela ewongayo umbane, kunezo zibane ziqhelekileyo neziwutyayo umbane yaye zihlala ngaphezu kweyure okanye ezimbini ngosuku zikhanyisiwe yaye zikulungele kakhulu ukuukhanyiswa ngaphandle ukuze zikhanyiswe ubusuku bonke
Zicime izibane xa uhambayo.
Faka nezixhobo zokukhanyisa nokushushubeza ngendlela esebenzisa ilanga ukuba uzenzela ikhaya elitsha:
Kufuneka ube neefestile ezaneleyo ezijonge empuma
Ukuba ufakela umphezulu wendlu, kufuneka ukhumbule ukuba kunzima ukushushubeza indlu enkulu kakhulu
Khusela iindonga nemigangatho yakho kakuhle, okanye ke usebenzise izixhobo zokwakha eziwongayo umbane.
INDLELA YOKONGA AMANZI
Le ilandelayo ke yeminye yemizekelo yezinto ezinokwenziwa ekhayeni lakho ukulenza libe nokuwonga amanzi.
Ngokuthi unciphise amanzi okugungxula indlu yakho yangasese ungonga ukuya kufikelela kumashumi amabini ekhulwini amanzi owasebenzisayo ngonyaka ungakhange ube kanti uyasokola emsebenzini wawo. Ungafakela indlela egungxula kabini okanye kaninzi. Isixhobo sokugungxula kabini sineendlela ezimbini nezicwangcisiweyo zokugungxula - isicwangciso esikhupha amanzi amancinci kumchamo ze athi kratya kwizinto eziqinileyo. Indlela yokugunxula kaninzi ke yona ikuvumela ukuba ugungxule nantoni nokuba ingakanani na - ubhekelisela emva nje isixhobo sokugungxula ze iziyekele xa igqibile.
Ngokufakela isixhobo sokumpompela amanzi angwevu (asuka kumatshini wokuhlamba impahla, kwisitya samanzi, kwishawa nakwibhafu) kwisitiya sakho ngenjongo yokusinkcenkceshela. Oku kungakongela amanzi owasebenzisayo ngamashumi amathathu anesihlanu ekhulwini, amakhaya amaninzi kufuneka asuse nesidingo sokongeza amathuba okunkcenkceshela izitiya zawo. Ezi ndlela zokonga ukusetyenziswa kwamanzi zibiza malunga nama-R4 500 ukufakelwa, kodwa ayakuyibonakalisa imbuykezo ekongeni amanzi kwiminyaka nje emibini.
Ukufakela iishawa ezisezantsi kungakongela amanzi owasebenzisayo ngamashumi amahlanu ukuya kwasixhenxe anesihlanu ekhulwini. Iindlela ezahlukeneyo ziyafumaneka, ngokuxhomekeka ke kwindlela ofuna ukuzisebenzisa ngayo. Ukuhlamba ngeshawa yeyona ndlela iwongayo amanzi kunokuhlamba ngesitya sokuhlambela, nkqu nangaphandle kwezi ntloko zeeshawa.
Iziciko zeemopmpo ziyakucutha ukuchiphiza kwamanzi ngamashumi amahlanu ukuya kwangamashumi asixhenxe anesihlanu ekhulwini.Ngokwesiqhelo, amanzi amaninzi kwezi mpompo aphuma aye ngqo phantsi angene esinkini engakhange asetyenziswe.
iNtshona Kapa ivelisa inkukuma eninzi kunaleyo imele ukuba iyayilahla. Umntu ngamnye ohlala eKapa ukhupha i1.6 yeekilograms zenkukuma ngosuku. Amanzi ehla ezindongeni nasemhlabeni angcolisa amanzi asemhlabeni kwakunye nehlabathi. La manqaku alandelayo akunika nje umqondo wezinto ezinokwenziwa ekhayeni lakho ukunciphisa inkukuma eniyivelisayo.
Phinda usebenzise kangangoko kwinkukuma yakho. Ezi mveliso zilandelayo zingaphinda zisetyenziswe: iphepha, iglasi, iitoti, iiplastiki, imveliso zomgquba, kwakunye ne-oli yezithuthi. Akho amazibuko okulondoloza inkukuma elahliweyo kuthotho lwezikolo okanye imibutho. Qhagamshelana nomaspala wakho okanye incwadi yakho yeenombolo zomnxeba ukuze ufumane iziko elilondoloza inkukuma elikufutshane nawe. Sebenzisa inkqubo yomgqomo owahlula-hlulwe kabini okanye kathathu. Le ke yimigqomo yasekhayeni eyahlula-hluliweyo ukwenzela ukufaka iintlobo ezithile zenkukuma ukwenzela kube lula ukonga inkukuma. Iinkukuma ezahlukeneyo nezilondolozekayo zingafakwa kumacandelo ahlukeneyo anemibala eyahlukileyo.
Yenza umgquba inkukuma yakho engumgquba (ekukutya neyasesitiyeni) Lo mgquba ungasetyenziswa esitiyeni ngokuthi uhlanganiswe nomhlaba ukuphucula ubume bomhlaba lowo. Wangeza umhlaba ochumileyo yaye unikezela ngezakhi eziza kuncedisa ekukhuleni kakuhle nangokukhawuleza kwezityalo.
Phinda uzisebenzise izitya ebezithwele ukutya ze uqinisekise ukuba izinto ozithengayo azigcwelisanga ziplastiki. Ukuba kunjalo, khalaza! Loo nto ibonakalisa ukuhlakanipha.
IINGCEBISO EZILULUTHO
Musa ukubilisa iketile yonke yamanzi xa uza kusebenzisa ikopi enye kuphela apho, bilisa amanzi oza kuwasebenzisa kuphela .
Sebenzisa izithuthi zikawonke-wonke okanye uhambe ngeenyawo okanye uqhube ibhayisekile xa usiya emsebenzini okanye evenkileni. Qhuba isithuthi esincinci njengoko siza kusebenzisa amafutha amancinci sona, sikhuphe ukungcola kancinci yaye sidinga imali encinci xa silungiswa kunezo zikhulu.
UKUNKCENKCESHELA ISITIYA NGENDLELA EWONGAYO AMANZI
Beka izityalo ngokwamaqela ngokwendlela eziwatya ngayo amanzi - oku kuthintela ukuchitha amanzi kwizityalo ezingawadingiyo.
Qwalasela umgangatho nohlobo lwesitiya sakho, ngoko ke cingisisa umbono wokucutha isitiya sakho.
Phucula umhlaba nomhlaba - indlela umhlaba wakho owonga ngayo amanzi iyaphuculeka ngumgquba omninzi. Ukugquma umhlaba ngodka oluninzi, umgquba, istro, njalo-njalo zigcina umhlaba wakho ufume nangakumbi.
Lima ngexesha lonyaka elifanelekileyo - kwiinginqi ezifumana iimvula ebusika, elona xesha lifanelekileyo nguKwindla nalapha ekuqaleni kobusika ukuze izityalo ezo zibe nethuba lokuntdhula iingcambu zazo phambi kwexesha lonyaka elomileyo. Kwiingingqi ezifumana iimvula ehlotyeni, elona xesha lifanele ukulima yintwasa-hlobo nasekuqaleni kwehlobo.
Nkcenkceshela ngendlela efanelekileyo - musa ukunkcenkceshela kanye ligqatse ubhobhoyi ilanga okanye kwiimeko ezivuthuzayo. Enye yezona ndlela zonga amanzi zokunkcenkceshela yileyo yokusebenzisa umbhobho wokunkcenkceshela - le ndlela amashumi amabini anesihlanu ekhulwini amanzi asetyenziswa kwiimeko eziqhelekileyo zokunkcenkceshela, futhi inkcenkceshela kakuhle, yaye futhi isenokufakwa ngaphantsi kwengca.
YAYAMENE
Amacebo Okonga Umbane (IiNkcukacha Zoluntu)
Qhuba Ngendlela - Yonga Amafutha - Yonga Imali (IiNkcukacha Zoluntu)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
