UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
ISISHWANKATHELO
Olu xwebhu luqulethe ulwazi ngolawulo lwentsholongwane kaGawulayo/kaGawulayo ezikolweni kwakunye namalungelo noxanduva lwabafundi, olwabahlohli nolwabazali ngokumayela nale ntsholongwane kaGawulayo/noGawulayo. Kukwanikezelwa neempendulo kweminye imibuzo ebuzwa rhoqo efana nokuba ingaba abafundi abaphila nale ntsholongwane bangagxothwa na esikolweni, ukuba ingaba izikolo zingabavavanyela intsholongwane kaGawulayo na abafundi nokuba izikolo zingawuthintela njani na umngcipheko wokosuleleka yile ntsholongwane esikolweni. Kukwanikezelwa nangeengcebiso ngokuqulunqwa komgaqo-nkqubo wentsholongwane kaGawulayo/kaGawulayo wesikolo.
IMIBUZO EBUZWA RHOQO
Ingaba isikolo singanyanzelisa ukufumana iinkcukacha ngobume bentsholongwane kaGaulayo bomfundi?
Ingaba izikolo zingazenza iimvavanyo zarhoqo zentsholongwane kaGawulayo kubafundi bazo?
Ingaba izikolo zingabavavanyela intsholongwane kaGawulayo ngaphandle kwemvume yabo?
Ingaba kufuneka ziwuthintele njani umngcipheko wokosuleleka kwabantu esikolweni?
Ingaba abafundi banalo ilungelo lokufumana imfundo ngentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo?
Ingaba zinganikezelwa na iintsilathi ezikolweni?
Yintoni ekufuneka yenziwe ukuba kukho ukwala ukusebenza, ukufunda okanye ukufunda nomntu ophila nentsholongwane kaGawulayo?
Ngubani ekufuneka abandakanyeke ekuqulunqweni komgaqo-nkqubo wesikolo?
Ezinye Iinkcukacha Zoqhagamshelwano
ULAWULO LWENTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/LUKAGAWULAYO EZIKOLWENI
iSebe Lemfundo sele liwuqulunqile umgaqo-nkqubo wesizwe oza kujongana nolawulo lwentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo ezikolweni oku kusenzelwa amaziko emfundo kawonke-wonke. Izikolo namaqumrhu alawula izikolo kufuneka aqulunqe ze aphuhlise imigaqo-nkqubo yawo kwiinzame zawo zokumelana nemigaqo ekulo mgaqo-nkqubo wesizwe. Ukuba isikolo esithile asinawo umgaqo-nkqubo waso, eso sikolop siya kulawulwa ngulo wesizwe umgaqo.
Ukwazi amalungelo enu njengabazali, abahlohli nabafundi kwanokuqonda imigaqo yomgaqo-nkqubo wesizwe kwanoneyoMgaqo-siseko kuya kuninceda ukuze nikwazi ukulawula ngendlela eyiyo intsholongwane kaGawulayo/noGawulayo esikolweni senu.
Hayi. UMgaqo-siseko ethu uthi wonke umntu unelungelo lokulingana yaye abantwana banelungelo lokufikelela kwimfundo engundoqo. Umgaqo-nkqubo wesizwe nawo ukwalitsolisa elokuba akukho mfundi uya kuxhatshazwa ze alelwe nendawo esikolweni esikolweni ngenxa yokuba ephila nentsholongwane kaGawulayo.
Abafundi abaphila nentsholongwane kaGawulayo akufunekanga balivinjwe ithuba lokufikelela kwawona manqanaba aphezulu empumelelo. Izidibgo zabo kufuneka zifezekiswe kangangoko futhi isikolo sense konke okusemandlenj ukuqinisekisa oku, ngokubavumela bafundele emakhayeni abo ukuba kunyanzelekile. Nawaphi na amanyathelo abucala athi athatyathwe kufuneka angabi namkhethe, zimelane neemfuno zonyango yaye zithatyathwe ngentsebenziswano nomfundi lowo nomzali wakhe.
INGABA ISIKOLO SINGANYANZELISA UKUFUMANA IINKCUKACHA ZOBUME BENTSHOLONGWANE ZOMFUNDI?
Hayi. Zonke iinkcukacha zonyango ziyimfihlelo yaye akukho mzali okanye mfundi unyanzeleke ukuba axelele isikolo ngobume bomfundi ophila nentsholongwane. Xa umfundi ophila nentsholongwane kaGawulayo enokuthi axelele abahlohli ukuba yena uphila nale ntsholongwane, kufuneka oko kuhlale kuyimfihlelo.
INGABA IZIKOLO ZINGAZENZA IIMVAVANYO ZALE NASHOLONGWANE KUBAFUNDI BAZO RHOQO?
Asikho isizathu ngokwezonyangop okanye ngonzululwazi sokuba kusoloko abantu basoloko bevavanyelwa le ntsholongwane. UMgaqo-nkqubo Wesizwe awukuvumeli ukuvavanyelwa intsholongwane kGawulayo kwabafundi njengenye yeemfuno zokwamkelwa esikolweni okanye ukuqhubekeka behamba isikolo.
INGABA IZIKOLO ZINGAZENZA IIMVAVANYO ZENTSHOLONGWANE KAGAWULAYO KUBAFUNDI BAZO NGAPHANDLE KWEMVUME YABO?
Akukho mntu uya kuvavanywa ngaphandle kwemvume yakhe.
INGABA IZIKOLO KUFUNEKA ZIWUTHINTELE NJANI UMNGCIPHEKO WOKOSULELEKA YINTSHOLONGWANE KAGAWULAYO ESIKOLWENI?
Intsholongwane kaGawulayo ayinakudluliselwa komnye umntu ngokuqhagamshelana kwemihla ngemihla koluntu. Noxa ke ukosuleleka kwabafundi esikolweni kungaxhomisi mehlo, zonke izikolo kufuneka ziqulunqe futhi ziphuhlise amacebo okulumkisa ukuthintela ukudluliselwa kwazozonke izifo ezosulela ngegazi, kuquka nale ntsholongwane kaGawulayo. La macebo okulumkisa kufuneka aquke ezi zilumkiso zilandelayo:
Bonke abantu abahlangula kwiimeko zengozi eziquka ukuphalala kwegazi kufuneka banxibe iiglavu zeLatex.
Onke amanxeba kufuneka acocwe ngamanzi nangezibulali-ntsholongwane kwangoko ze avalwe ngento engangenwa manzi.
Zonke izikolo kufuneka ubuncinci zibe nezixhobo zoncedo lokuqala ezifikelelekayo.
Bonke abafundi nabahlohli kufuneka banikwe iinkcukacha zokuba bangamelana njani na neemeko apho kuphalele igazi.
MALUNGA NOKOSULELEKA YINTSHOLONGWANE KAGAWULAYO NGENXA YEMIDLALO EBAMBANAYO?
Umngcipheko wokudluliselwa kwentsholongwane kaGawulayo ngokwemidlalo apho abadlali babambanayo mncinci kakhulu. Noko kunjalo, namphi na umdlali othe wopha kufuneka akhutshelwe ngaphandle kwebala afumane unyango. Loo mdlali unokuphinda aqalise ngokudlala xa inxeba lakhe livalwe ngokukhuselekileyo watshintshwa nezo mpahla zigcwel' igazi. Abafundi nabaqeqeshi abaphila nentshoongwane kaGawulayo kufuneka bafumane unyango neengcebiso phambi kokuba bangene kwimidlalo apho babambana nabanye abadlali.
INGABA ABAFUNDI BANALLO NA ILUNGELO LOKUFIKELELA KWIMFUNDO NGENTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/NOGAWULAYO?
Ewe. Lo Mgaqo-nkqubo Wesizwe unyanzelisa ukuba zonke izikolo zibe nenkqubo ehambayo yokufundisa nokulumkisa ngentsholongwane kaGawulayoe/noGawulayo. Le nkqubo ke kufuneka yayanyaniswe nenkqubo yokuxhobisa abafundi Ngezakhono Zobomi yaye kufuneka ihambelane neminyaka yabafundi futhi ichaneke. Nabazali kufuneka baziswe ngale nkqubo.
Umgaqo-nkqubo Wesizwe uyaqonda ukuba lo ngumcimbi onobuzaza kakhulu yaye ucebisa ukuba imiba efana nalo isonjululwa kuqwalaselwe iimfuno neendlela zokuphila zoluntu lwesi sikolo.
uMgaqo-nkqubo Wesizwe Ojongene Nentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo wenzelwe abafundi nabahlohli. Oku kuthetha ukuba abasebenzi beziko lemfundo abanakho:
ukunyanzeliswa ukuba baziveze ukuba banayo na le ntsholongwane okanye abanayo.
ukugxothwa okanye bahliselwe ngenxa yokuba bephila nale ntsholongwane.
ukuphathwa ngendlela enomkhethe nangaluphi na uhlobo ngenxa yokuba bephila nale ntsholongwane.
YINTONI EKUFUNEKA YENZIWE UKUBA UMNTU OTHILE UYALA UKUSEBENZA, UKUFUNDISA OKANYE UKUFUNDA NOMNTU OPHILA NENTSHOLONGWANE KAGAWULAYO?
Abafundi, abahlohli kwakunye nabazali kufuneka banikwe ulwazi oluchanekileyo. Oku ke kufuneka kulandeliswe ngenkqubo yeengcebiso, ukuba kuyimfuneko. Le meko kufuneka isonjululwe yinqunun ngoncedo lwequmrhu elilawula eso sikolo ukuba kuyanzeleka.
Umgaqo-nkqubo wentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo wesikolo senu kufuneka uquke le migaqo ilandelayo:
Ukungaphathwa ngendlela enomkhethe
Umgaqo-nkqubo Wokwamkela Abafundi
Iinkqubo zemfundo ngentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo
Ukwala ukufunda, ukufundisa okanye ukusebenza nabantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo
NGUBANI EKUFUNEKA ABANDAKANYEKE EKUQULUNQWENI KOMGAQO-NKQUBO WESIKOLO?
Iqumrhu elawula isikolo kufuneka iqulunqe ze iphuhlise umgaqo-nkqubo wesikolo sayo ngentsebenziswano nabanye abantu abababdakanyekayo kwimiba yeso sikolo. Oku ke kungenziwa ngokusekwa kweKomiti yeso sikolo Ecebisa Kwimiba Yezempilo. Lo mgaqo-nkqubo awunakungahambelani nemigaqo engundoqo yomgaqo-nkqubo wesizwe futhi kufuneka ijolise ekudaleni isikolo apho abantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo baya kuphathwa ngendlela enobulungisa, enobuntu neqinisa imigangatho yobuntu.
UKUZE UFUMANE EZINYE IINKCUKACHA, QHAGAMSHELANA:
Umququzeleli Wenkqubo:
Inombolo Yomnxeba: 021 467 2124
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
