UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
I &gt Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngabanini-mihlaba
Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngabanini-mihlaba uOktobha 2005
ISISHWANKATHELO
Ezi ke ziinkcukacha ngamalungelo noxanduva lwabanini-mihlaba abaqeshisa ngezakhiwo ukuze kuhlale abanye abantu.
Ingaba kufuneka ndityikitye isivumelwano sokuhlala nomntu oqeshe umhlaba wam ukuze ahlale?
Zeziphi iinkcukacha ekufuneka zibekho kwisivumelwano sokuqeshisa ngendawo yokuhlala?
Ndingayijonga njani imvelaphi yomntu ofake isicelo sokuhlala endaweni yam?
Ingaba kufuneka ndifune idipozithi?
Zeziphi izilungiso ekufuneka ezenzile umhlali lo?
Ndingayenyusa na irente phakathi kwixesha lesivumelwano sokuhlala?
Ndingayenyusa ngamalini irente xa ndihlaziya isivumelwano sokuhlala?
Yintoni endinokuyenza xa umntu oqeshise kwindawo yam engayihlawuli ngexesha irente?
Yintoni endinokuyenza xa umntu oqeshileyo esithi uyihlawule irente kodwa ndibe mna ndingekayifumani?
Ingaba ndingayithimba impahla yomqeshi ukuba usemva ngerente?
Isivumelwano sokuhlala salo mntu ndimqeshisileyo siphele kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo. Ingaba kufuneka ndimazise kwisithuba sexesha elingakanani, xa ndifuna aphume?
Ndingamkhupha njani umntu oqeshe endaweni yam?
Ingaba ndingayifaka impahla ngaphandle kwemvume yomntu oqeshe kwindawo yam?
Ingaba ndingazitshintsha izitshixo ze nditshixele umntu oqeshe kum ngaphandle?
Yintoni endinokuyenza xa abamelwane bekhalaza ngomntu oqeshe indawo yam?
Yintoni endinokuyenza xa ndirhanela ukuba umntu oqeshe kum ubandakanyeka kwiintyshukumo ezingekho mthethweni endaweni yam?
Yintoni endinokuyenza xa umntu oqeshe kum eyonakalisile indawo yam?
Yeyiphi imithetho elawula izivumelwano zokuqeshisa?
Ngubani onokundinceda xa ndinengxaki nomntu oqeshe kwindawo yam?
Ndingasifaka njani isikhalazo kwiNkundla Yezindlu Eziqeshisayo?
Ndingaqhagamshelana njani neNkundla Yezindlu Eziqeshisayo
INGABA KUFUNEKA NDITYIKITYE ISIVUMELWANO SESIBHAMBATHISO NOMNTU OQESHE INDAWO YAM?
Isivumelwano esenziwe ngomlomo sibophelela njengeso sibhalwe phantsi, kodwa ke ukuba umqeshi lowo unyanzelisa ekubeni nenze isivuelwano esibhalwe phantsi, kufuneka ukuthobele oko. Kungcono ke ngoko, kuni nobabini ukuba nisibhale isivumelwano senu ukuze nithi thaca imigaqo nemiqathango enivumelene ngayo. Oku ke kuya kunceda kakhulu ekuthinteleni iimbambano ezinokuthi zibe nokuvela ekuhambeni kwexesha, xa ungavani nalo mntu uqeshe kule ndawo yakho.
INGABA ZEZIPHI IINKCUKACHA EKUFUNEKA ZIKWISIBHAMBATHISO SOKUHLALA ESIBHALIWEYO?
Igama lakho
Igama lomntu oqeshe endaweni yakho
Idilesi yakho yeposi
Idilesi yeposi yalo mntu uqeshileyo
Idilesi yesakhiwo esiqeshwayo
Isixa-mali serente oza kuyikhupha
Isixa eza kwenyuka ngaso irente (umzekelo, ngeshumi ekhulwini xa kuhlaziywa isivumelwano eso)
Xa iza kwenyuka irente (umzekelo, xa kusenyuka izibonelelo)
Isixa-mali sedipozithi, ukuba ikho
Uxanduva lwakho nolomntu oqeshileyo (umzekelo, ngubani omele ukulungisa izinto ezonakeleyo? Ngubani oya kuhlawula amanzi, umbane kwakunye namatyala ezibonelelo? Ngokwesiqhelo ke, umqeshi lo uhlawula zonke iintlawulo zezinto neenkonzo azifuneyo wazisebenzisa, ezifana namanzi nombane, ze umnini-mhlaba yena ahlawule zonke iintlawulo ezinento yokwenza nesakhiwo eso, ezifana ke nezibonelelo.)
Imiqathango umqeshi okanye wena onokunikezela phantsi kwayo isaziso sokurhoxa kwisibhambathiso eso (umzekelo, ukuba kukho izinto ezithile ezithe azalungiswa, okanye ukuba umqeshi lowo usemva ekuhlawuleni irente).
Imithetho Yeso Sakhiwo - etyikitywe ngumqeshi lowo nomnini-mhlaba, kufuneka incanyathiselwe kwisivumelwano eso.
Kufuneka kudweliswe uluhlu lwezinto ezonakeleyo xa umqeshi nomnini-mhlaba behlola-hlola phambi kokuba umqeshi lo angene ahlale kwesi sakhiwo. Olu luhlu ke kufuneka lutyikitywe nguwe nomqeshi lowo ze luncanyaqthiselwe kwisivumelwano eso sokuhlala.
NDINGAYIKHANGELA NJANI IMVELAPHI YOMNTU OTHILE OFUNA UKUQESHA INDAWO YAM?
Thetha nomnini-sakhiwo umntu lowo ufuna ukuqesha kuwe asaqeshe kuye ukuze ufumane iindlela zakhe zokuhlawula nokuziphatha. Ikwangumbono omhle ukuthetha nabanini-mihlaba bal mqeshwa bangaphambili, kuba umnini-mhlaba asahlala kuye lo mntu esenokuthetha kakuhle ngaye kuba efuna nje indlela yokumsusda kwindawo yakhe, ze futhi ufumane nencwadana yembalelwano esuka kumqeshi womntu lowo unomdla wokuqesha kuwe ukuqinisekisa ukuba uqeshwe isigxina apho nokuba wamkela malini na.
INGABA KUFUNEKA NDIFUNE IDIPOZITHI?
Ewe, kulungile oko ukuze uyifake loo dipozithi kweso sivumelwano. Ukhumbule ke kodwa ukuba le dipozithi kufuneka ifakwe kwi-account eza kuza nenzala ngalo lonke ixesha lesi sivumelwano sokuhlala kwaloo mqeshi kweso sakhiwo ze inikezelwe kumnini-yo nenzala yayo, ekuphumeni komqeshi kwisakhiwo eso.
Ukuba ke, umqeshi lo uphume kwisakhiwo sakho esakubamba imali, okanye ukuba uyonakalisile indawo leyo yakho ngendlela embi kakhulu, ungayisebenzisa le dipozithi ekulungiseni loo monakalo nasekuzihlawuleni loo mali asakubamba yona.
Khawujonge apha YINTONI ENDINOKUYENZA UKUBA UMQESHI UYONAKALISILE INDAWO YAM? ukuze ufumane ezinye iinkcukacha ngedipozithi.
ZIINTONI EKUFUNEKA EZILUNGISILE UMQESHI?
Oko kuxhomekeka ekubeni sithini na isivumelwano senu ngalo mba. Ngokwesiqhelo ke, umnini-mhlaba ulungisa umphandle wesakhiwo ze umqeshi yena alungise umphakathi.
NDINGAYENYUSA IRENTE PHAKATHI KWISIVUMELWANO SOKUHLALA?
Hayi akunakho ngaphandle kokuba isivumelwano sokuhlala sikhankanya ukuba ungakwenza oko. Ukuba uyafuna, ungafaka icandelwana kwisivumelwano sokuqala apho udwelisa imiqathango enokukuvumela ukuba wenyuse irente (umzekelo, ukuba ziyenyuka izibonelelo).
NDINGAYENYUSA NGAMALINI IRENTE XA NDIHLAZIYA ISIVUMELWANO SOKUHLALA?
Loo nto kaloku ixhomekeka ekubeni sithini na isivumelwano senu ngalo mba. Ukuba isivumelwano senu asichazi sixa sithile ekonyusweni kwerente, kuya kufuneka uthetha-theathane ze uvane ngeso sixa naloo mntu uqeshileyo..
YINTONI ENDINOKUYENZA XA UMNTU OQESHE INDAWO YAM ENGAYIHLAWULANGA KWANGEXESHA IRENTE?
Ngokuphandle, umqeshi lo uwophule isivumelwano senu. Buya ke uphinde ujonge icandelo elithetha ngokwaphulwa kwesi sibhambathiso (okanye ke ukuba isivumelwano eso besenziwe ngomlomo, ujonge imiqathango ebekuvunyelwene ngayo ekwaphulweni kwesi sivumelwano) ze wenze okufanelekileyo.
Ukuba aninaso isiumelwano sokwaphulwa kwesi sibhambathiso, kuyinto elungileyo ukubhalela loo mqeshi incwandi yembalelwano apho umnika iintsuku ezisixhenxe ukuba ahlawule, ekuya kuthi ukuba akakwazi urhoxise isivumelwano eso sokuhlala kwakhe.
YINTONI ENDINOKUYENZA XA UMNTU OQESHE KUM ESITHI UYIHLAWULE IRENTE NDIBE MNA NDINGAYIFUMENANGA?
Kuluxanduva lomntu oqeshe endaweni yakho ukuqinisekisa ukuba uyayifumana irente, ngoko ke loo mqeshi kuya kufuneka akubonise ubungqina bokuba uyenzile intlawulo (umzekelo, iphetshana elibubungqina bokuba uhlawule ebhankini). Ukuba umqeshi lowo akakwazi kuyenza loo nto, ungamnima isaziso ngokwemiqathango yesivumelwano senu ze ucele nomyalelo wenkundla oza kumnyanzelisa ukuyba aphume aphele apho.
Eli phetshana libubungqina bokwenziwa kwentlawulo kufuneka libe liqulethe oku kulandelayo:
Idilesi yesakhiwo ehlawulelwa sona le rente
Ixesha ehlawulelwa lona le mali (umzekelo, inyanga ehlawulelwa yona le rente).
INGABA NDINGAYITHIMBA NA IMPAHLA YOMNTU OQESHE ISAKHIWO SAM UKUBA USEMVA NGERENTE?
Kuya kufuneka ufumane umyalelo wenkundla kuqala. uMthunywa weNkundla uya kuthi athimbe impahla yalo mntu uqeshileyo ajonge ukuba ingafumaneka na imali asakubamba yona umntu lo. Ukuba uthi uthimbe impahla yomqeshi lo ngaphandle kokufumana umyalelo wenkundla, bubusela obo.
ISIVUMELWANO SOKUHLALA SOMNTU OTHIE OQESHE INDAWO YAM SIPHELE KWEZI NYANGA ZIMBALWA ZIDLULILEYO. INGABA KUFNEKA NDIMNIKE IXESHA ELINGAKANANI PHAMBI KOKUBA NDIMKHUPHE KWESI SAKHIWO?
Khangela isivumelwano sokuhalala owasenza ngaphambili ukuba asinalo na icandelo icandelo elikhankanya ixesha lesaziso ekufuneka ulinikezele kwimeko enjalo.
Ukuba alikho elo candela, loo nto ithetha ukuba nobabini, ngenxa yeentshukumo zenu, nithe nasihlaziya isivumelwano somqeshi lowo sokuhlala sangaphambili, kwangemigaqo nemiqathango ekwafanayo, ixesha elikwafanayo nelo lesivumelwano sangaphambili. Oku ke kuthetha ukuba kuya kufuneka usebenzise icandelo elithetha ngokwaphulwa kwesi s ivumelwano, ukuba likho, ukuze ube nokuphuma kwesi sivumelwano.
Ngaphandle kwecandelo elikuvumela ukuba waphule esi sivumelwano, eyona ndlela ifanelekileyo yokuphuma kwesi sivumelwano iya kuba kukunika umqeshi lowo wakho isaziso sesithuba senyanga, ngembalelwano, ngaphambi kokuphela kwesivumelwano eso. (Ngoko ke ukuba benisele nisondele ekupheleni kwesivumelwano sokuhlala seshumi elinesibini leenyanga, bekuya kufuneka umazisile umqeshi wakho, gembalelwano, ekupheleni kwenyanga yeshumi elinanye).
NDIMKHUPHELA NJANI NGAPHANDLE UMNTU OQESHE INDAWO YAM?
Akunakuze ukwaqzi ukumkhupha ngokwakho umntu oqeshe kwindawo yakho, Kuya kufuneka ufumane myalelo wenkundla kuqala ukuze ube nokukwazi ukukhuphela ngaphandle umqeshi lowo ukuthi uthi aphule imiqathango nemigaqo yesivumelwano sokuhlala kwakhe kumhlaba wakho.
Ukuze ufumanise ukuba umqeshi wakho waphule imigaqo yokuhlala kwakhe, jonga isivumelwano senu. Kumele ukubakho apho icandelo elicacisa ngokwaphulwa kwezigqibo zesivumelwano sokuhlala (umzekelo, ukungahlawuli irente kwangexesha) nokuba aya kuba yintoni na amalungelo akho wena kwimeko enjalo (ngamanye amazwi ke, phelisa esi sivumelwano ngaphandle kokuohinda umazise umqeshi lo).
Ukuba ngokwenene umqeshi lowo wakho uzaphule izigqibo zokuhlala kwakhe apho, thabatha amanyathelo aqatha nazaakubonisa kakuhle umqeshi lowo ukuba ngokwenene ukwenzile oko. Ukuba oku akusebenzi, bhenela emthethweni - faka isikhalazo kwiNkundla Ejongana Nemicimbi Yezindlu Eziqeshisayo okanye ke ucele iingcebiso zegqwetha eliwayo lo mcimbi.
INGABA NDINGANGENA KWISAKHIWO ESIQESHWE NGOMNYE UMNTU NGAPHANDLE KWEMVUME YAKHE?
Unelungelo lokungena kwesi sakhiwo ze uhlola-hlole njalo-njalo, kodwa kuphela emva kokuba wenze amalungiselelo okwenza oko ngexesha elifanelekileyo, kwakunye nesaziso esifanelekileyo. Umntu lowo usahlala kule ndawo yakho akanalo ilungelo lokukwalela ukuba ungene endaweni yakho ngexesha elifanelekileyo.
INGABA NDINGAZITSHINTSHA IZITSHIXO ZE NDIKHUPHELE UMNTU OQESHILEYO NGAPHANDLE?
Hayi. Oko kukhuphela ngaphandle akukho mthethweni. Ukuba utshintsha izitshixo, kufuneka unike umntu lowo usahlala apho izitshixo ezitsha.
YINTONI ENDINOKUYENZA XA ABAMELWANE BEKHALAZA NGOMNTU OQESHE INDAWO YAM?
Khangela ukuba indlela aziphethe ngayo umntu oqeshe kuwe iyakhabana na nemigaqo yeso sakhiwo. Ukuba kunjalo, ungakwazi ukuwophula umqathango wokuqhawulwa kwesibhambathiso ze unike nomqeshi ixeshana lesaziso. Gcina zonke izikhalazo ngalo mqeshi ephepheni kwanezinto othe wena wazenza njengobunqina.
YINTONI EKUFUNEKA NDIYENZILE XA NDIRHANELA UKUBA UMNTU OQESHE INDAWO YAM UZIBANDAKANYA KWIINTSHUKUMO ZOLWAPHULO-MTHETHO ENDAWENI YAM?
Nikezela ingxelo ngezinto ozirhanelayo kwicandelo Leenkonzo Zamapolisa oMzantsi Afrika. Ikwangumbono omhle ukufaka icandelo elithi akuvumelekanga ukuba azivumelekanga iintshukumo zolwaphulo-mthetho kweso sakhiwo, nto leyo iya kukunika amagunya okurhoxisa esi sivumelwano ngoko nangoko.
YINTONI ENDINOKUYENZA UKUBA UMNTU LO UQESHILEYO USONAKALISILE ESI SAKHIWO?
Ukuba ubufune idipozithi, ungayisebenzisa loo mali ekulungiseni izinto ezithe zonakaliswa kakhulu ngumntu owo ebehlala apho xa ephuma. Qinisekisa ke kodwa ukuba uyawalandela la manyathelo alandelayo:
Xa engena umntu oze kuhlala kule ndawo yakho, hlola-hlolan le ndwo kunye ze nidwelise, ngokubhala phantsi, naziphi na izinto ezingemanga ngendlela - kufuneka nilutyikitye nobabini olu luhlu yaye kufuneka luncanyathiselwe kwesi sivumelwano sokuhlala.
Xa umntu lowo ephuma kule ndawo, yihlola-hloleni nobabini kwakhona le ndawo, kuya kube kulunge kakhulu xa nikwenza oku kwiintsuku ezintathu ngaphambi kokuhamba kwaloo mntu. Thelekisani uluhlu olutsha lwezinto ezonakeleyo nolo nanilwenze ngaphambili.
Ungamnika umntu usahlala apho ithuba lokulungisa ezo zinto ngokwakhe, okanye ke ungavuma ekubeni uza kuzenza ngokwakho. Gcina ke iziqinisekiso zazo zonke iindleko zokulungisa kwakho ezo ziphene ngale dipozithi. Lo mntu wenze iziphene ngedipozithi yakhe unelungelo lokuzibona ezo ziqinisekiso.
Ukuba ezo zilungiso zibize ngapantsi kwesixa sedipozithi nenzala yayo, kuya kufuneka ubuyisele loo mntu ubeqeshe apho imali eseleyo.
Qhagamshelana neNkundla Ejongana Nemicimbi Yezindlu Eziqeshisayo ukuba uneengxaki.
YEYIPHI IMITHETHO ELAWULA IZIVUMELWANO ZOKUQESHISA NGENDAWO YOKUHLALA?
NGUBANI ONOKUNDINCEDA XA NDINENGXAKI NOMNTU OQESHE KUM?
kwiNkundla Ejongana Nemicimbi Yezindlu Eziqeshisayo.
NDINGASIFAKA NJANI ISIKHALAZO KWINKUNDLA YEZINDLU EZIQESHISAYO?
Gcwalisa iphetshana lokufaka isicelo elikule website ze usithumele ngefeksi, ngeposi okanye ke uyithumele ngesandla kule Nkundla.
QHAGAMSHELANA NENKUNDLA YEZINDLU
Sonke isivumelwano sokuhlala kwindwo eqeshisayo kwakunye nemeko yokuhlawula irente yahlukile. Ukuba udinga uncedo ekulawuleni umntu oqeshe endaweni yakho, qhagamshelana neNkundla Yezindlu Eziqeshisayo yaseNtshona Koloni okanye ke igqwetha elinolwazi ngoku likunike iingcebiso.
Le ofisi ke isebenza ukususela ngecala emva kwentsimbi yesibhozo ekuseni ukuya ngentsimbi yesine malanga, ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu.
Idilesi Yeposi:
Idilesi Yokusebenzela:
YAYAMENE
Ukusonjululwa Kwempikiswano Phakathi Kwabahlali Abaqeshileyo Kunye Nabanini Bezakhiwo (IiNkonzo)
Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Yabantu Abahlala Kwiindawo Abaziqeshileyo (IiNkcukacha Zoluntu)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
