UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
Amacebo Okonga Umbane uNovemba 2003
ISISHWANKATHELO
Eli phetshana linika abasebenzisi bombane amacebo okonga umbane namandla.
ICEBO LOKUQALA
Yehlisa ubushushu begiza yakho buye kuma kuma-55 amanqanam ukuze kungadingeki ukuba ugalele amanzi amaninzi abandayo xa uhlambayo ngeshawa okanye uhlamba izitya.
ICEBO LESIBINI
Khumbula ukugcina imbiza yakho icikiwe xa upheka ukuze wonge ubushushu namandla.
Ubukhulu bembiza kufuneka bulingane nobukhulu benkcenke yesitovu - oku kungakongela ukuya kufikelela kuma-25% ombane owusebenzisela ukupheka.
ICEBO LESITHATHU
Vala iifestile neengcango xa usebenzisa imbawula ze wonge imali!
ICEBO LESINE
Luvale rhoqo ucango lwesikhenkcisi sakho emva kokukhupha into apho yaye uqinisekise ukuba luvaleka gingci.
ICEBO LESIHLANU
Lala uzigcine emanzini iimbotyi, umngqusho kwakunye nezinye izidlo ezikwafana nezo ngokoma. Oku kuya kukongela ixesha, imali kwakunye neeyure ezininzi zokupheka.
ICEBO LESITHANDATHU
Zama ukubilisa kuphela amanzi owadingayo endaweni uokubilisa imbiza okanye iketile yonke ngalo lonke ixesha.
ICEBO LESIXHENXE
Khusela igiza yakho kwakunye nemibhobho yamanzi ashushu ngokuthi uyigqume ngamaphepha-ndaba, iingubo ezindala okanye ngezinye izinto onokuyigquma ngazo.
ICEBO LESIBHOZO
Zicime izibane, izibandisi-moya, iikhompyutha kwakunye nezinye izinto ezitya umbane xa uhambayo. Oku kuya kongela imali.
ICEBO LETHOBA
Zama ukusebenzisa izixhobo ezifanelekileyo zokupheka ngawo onke amaxesha upheka, umzekelo, sebenzisa iimbiza neepani ezinomphantsi osicaba, kuba zona zisebenzisa amandla ehle ngama-50%. Qwalasela ke kodwa ukuba izitovu zombane zitya umbane omninzi ngoko ke sebenzisa iinkcenkce nesifudumezi ukuba unakho..
ICEBO LESHUMI
Sebenzisa umbane ofanelekileyo kwizinto ezifanelekileyo, umzekelo sebenzisa iimbawula xa ushushubeza indlu endaweni yokusebenzisa izitovu, sebenzisa iketile yombane xa ubiliza amanzi endaweni yokubeka imbiza eqhelekileyo esitovini. Ngolu hlobo uya kube usebenzisa umbane owehle ngama-50% koqhele ukuwusebenzisa.
Qwalasela: Umbane uzilungele izinto zombane kodwa ke igesi ikulungele kakhulu ukufudumeza nokupheka.
ICEBO LESHUMI ELINANYE
Yonwabela ukuhlala endlwini yakho ehlotyeni nasebusika ngokuthi ungenise umoya owaneleyo nofanelekileyo ntsuku zonke. Khumbula ke ukuyicima imbawula yakho, isibandisi-moya nesipholisi-moya ngelixa uvule iingcango zendlu yakho.
ICEBO LESHUMI ELINESIBINI
Nciphisa ityala lakho lombane lenyanga ngokuthi ungayi kwela nqanaba lingaphambi kokuhlamba impahla lomatshini wokuhlamba ukuba impahla yakho ayingcolanga kakhulu. Oku kuya kwehlisa umbane owusebenzisayo ngama-20%.
ICEBO LESHUMI ELINESITHATHU
Yonga amanzi nombane ngokuthi uhlambe iingubo zakho kumananam angama-60 endaweni yangama-90, kuba iya kucoceka nangoku!
ICEBO LESHUMI ELINESINE
Nciphisa ubushushu bembawula ukusuka kubushushu obugqibeleleyo ukuya kwinqanaba elikulungeleyo.
ICEBO LESHUMI ELINESIHLANU
Cima zonke izibane nezinto ezisebenza ngombane ngalo lonke ixesha uhamba endlwini naphambi kokuba uye kulala.
ICEBO LESHUMI ELINESITHANDATHU
Sebenzisa izikhanyisi ezonga umbane. Zona zihlala ixesha elide kakhulu yaye zisebenzisa umbane omncinci futhi oku kukongela ekuhambeni kwexesha.
ICEBO LESHUMI ELINESIXHENXE
Nciphisa ityala lakho lombane lenyanga ngokuthi walule yonke impahla yakho ngexesha elinye.
ICEBO LESHUMI ELINESIBHOZO
Jonga imitha yakho yombane okanye yegesi rhoqo emva kwexesha elithile ze uzinike umdla ngezinga owusebenzisa ngalo umbane.
ICEBO LESHUMI ELINETHOBA
Yabelana ngolu lwazi lokonga amandla nombane nabamelwane bakho - ncokolani ngamatyala enu ombane enyanga!
AMACEBO OKONGA AMAFUTHA EZITHUTHI
Tshintshela kumatayala angoomakha-sangqa kuba wona awaxhathisi kakhulu ekujikelezeni yaye wona aphela kade kunalawo angengomakha-sangqa.
Kuphephe ukuqhuba ngokumana usima uphinde uhambe
Senyuse kancinci isantya
Musa ukuqhuba ngesantya esiphezulu kakhulu. Ukuqhuba ngesantya esiphezulu kukutyela amafutha amaninzi.
Ezi ngcebiso zivela: kwiSebe Lezimbiwa Namandla
YAYAMENE
Amanzi Nombane Asimahla (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
