UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
Amalungelo Abantwana
ISISHWANKATHELO
Olu xwebhu luthi thaca amalungelo abantwana ngendlela efundeka lula.
Impatho-gadalala
Impatho-gadalala Ngokwesondo
Ukuzigcina Ukhuselekile
IMPATHO-GADALALA
Ngamanye amaxesha abantu bangakukhathaza okanye bakoyikise ngokuthi:
NABANTWANA BANAWO AMALUNGELO!
Onke amalungelo oluntu angawethu sonke!
bakubethe bakutyhale bakwenze enye into ekukhathazayo okanye ekoyikisayo bakoyikise ngokukonzakalisa wena okanye umntu omthandayo okanye isilwanyana sakho sasekhaya osithandayo bagxeke wena ngezinto ongazenzanga.
Abantu abavumelekanga ukuba benze ezi zinto nokuba sele bebadala okanye bebakhulu kunawe nokuba sele bengunyoko okanye uyihlo nokuba sele wenze into engalunganga
Ukuba umntu othile ukuqumbele, kufuneka akwazise. Akamelanga kukubetha.
Ukuba umntu othile uya kukhathaza okanye uya kungcungcuthekisa, okanye ukhathaza umntu omaziyo, UNGALUFUMANA UNCEDO.
Xelela umntu onokukunceda
Yixele de kubekho umntu oza noncedo
Tsalela iChild Line kule nombolo - 08000 55555 okanye ke amapolisa kule nombolo - 10111.
IMPATHO-GADALALA NGOKWESONDO
Umzimba wakho ngowakho wedwa!
Abanye abantu bangafuna
Unakho - yithi hayi!
Baleka okanye uxelele omnye umntu
Yixele de kubekho umntu okumamelayo
Tsalela le Nombolo yeChild Line - 0800 55555
Tsalela amapolisa - 10111
ukukubamba kumalungu omzimba angaphantsi ukukucela ukuba ubambe amalungu abo omzimba angaphantsi ukukubonisa imifanekiso yabantu abenza izinto ezifana naleyo, okanye abahamba ngaze.
Oku ke kubizwa ngokuba yimpatho-gadalala ngokwesondo. Ukuba oku kwakhe kwenzeka kuwe, ayinguwe wedwa. Akwenzanga nto ingalunganga!
Abantu abavumelekanga ukuba benze ezi zinto kuwe:
nokuba sele ubazi nokuba sele bebadala kunawe nokuba sele belungile kuwe nokuba sele ingunyoko okanye uyihlo, unyokolume okanye ummelwane wakho
Akukho mntu umele ukuphathwa gadalala!
ZIGCINE UKHUSELEKILE
Zikho ezinye izinto onokuzenza ukuncedisana namalinge okukugcina ukhuselekile.
Kufuneka uyazi:
idilesi yekhaya lakho inombolo yomnxeba wekhaya lakho idilesi nenombolo yomnxeba yasemsebenzini kamama okanye katata wakho igama, idilesi, nenombolo yomnxeba womnye umntu onokukunceda ukuba umama okanye utata wakho akafumaneki ekhaya inombolo yomnxeba yamapolisa kwakunye neyeChild Line.
Ukuba uyoyika okanye kukho umntu omaziyo odinga uncedo, thetha nomntu onokukukhusela, umntu ofana nomama okanye utata wakho, utitshala wakho, ugqirha wakho, amapolisa okanye omnye umntu ecaweni yakho.
Musa ukuyigcina kuwe ngaphakathi - xelela umntu othile
YAYAMENE
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
