Isicelo sokubhalisa inkampani yoluntu
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Inkampani yoluntu liqumrhu elinomnikazi oluluntu kwaye inabalawuli abasixhenxe ubuncinane. Ekupheleni kwegama lenkampani kubhalwa igama elithi "Limited". Ubhaliso lwenkampani yoluntu lubandakanya le miba ilandelayo:
Uluntu lunikwa izabelo.
Nangona nje kungekho siqingqo sothintelo malunga nenani ekufanele bangagqithi kulo abanikazi bezabelo, aba bantu kufuneka babesixhenxe ubuncinane.
Ekupheleni kwegama lenkampani kubhalwa igama elithi "Limited".
Le nkampani kufuneka yenze ukuba inkcazelo ethile ifumaneke kuluntu.
Olu hlobo lweshishini ludla ngokudinga ukutyalwa kweemali ezinkulu.
Abalawuli babini ubuncinane.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Nxulumana neSebe lezoRhwebo naMashishini
Fumana iifom ezifanelekileyo zezicelo kwiSebe.
Zalisa le miqulu yokuxhasa ilandelayo:
AMandla eGqwetha - Isaziso sokuthabatha amanyathelo egameni labaxhasi
CM31 - Imvume yokuthabatha amanyathelo njengoMphicothi weeNcwadi zeMali
Hlawula imali ebekiweyo.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
UBhaliso lungathabatha iintsuku ezintlanu.
Entla
Iindleko
R350 - IMimiselo kunye neMigaqo
R60 - Isatifiketi sokuqalisa ukuqhuba ishishini
R50 - Ukubeka igama
Iyonke - R465
Entla
Entla
