UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
Izikhokelo, Incwadi yezikhokelo & Imiyalelo
U &gt Ukuqalisa ishishini elincinci : Izibonelelo Zoluntu
Ukuqalisa ishishini elincinci : Izibonelelo Zoluntu
ISISHWANKATHELO
Ulawulo Lwezibonelelo Zoluntu zingayo yonke imiba engabasebenzi bakho, ukusuka ekubatsaleleni ukuba babe ngabasebenzi bakho ukuya kuma kwizikhalazo nokupheliswa kwempangelo.
Ukulawula Izibonelelo zakho Ezinexabiso: Abasebenzi
Mangaphi amaxesha okhe uve amashishini esithi eyona mpahla yawo ibalulekileyo ngabasebenzi? Ngokubanzi, oku ke kuyinyaniso, kodwa ke uyikhuthaza njani le mpahla ukuze iqhubekeke zifaka igalelo elinexabiso kwishishini lakho?
Imivuzo neentlawulo ozinika abasebenzi bakho kufuneka zibe semgangathweni. Kufuneka wazi ukuba ishishini lakho lingakwazi ukuhlawula kangakanani na nokuba imigangatho yeentlawulo nemivuzo kwicandelo lamashishini afana nelo lakho ime phi na. Ukuba akukwazi kuhlawula njengoko amashishini okhuphisana nawo esenza, kufuneka ubanike ezinye iindlela zokubakhuthaza abasebenzi bakho ezisekelwe kwingeniso yeshishini elo.
Kufuneka ube nesibhambathiso sengqesho esibhalwer phantsi kuye wonke umsebenzi wakho, futhi kufuneka uqiniseke ukuba bayayiqonda imithetho yomsebenzi wabo. Oku kubaluleke ngakumbi kwimiba enento yokwenza:
nokungaphangeli intlawulo yokugula ukungasebenzi ngokwemnigangatho elindelekileyo iinkqubo zezikhalazo.
Nika ingqawalasela kumba wokuba kunokwenzeka ntoni na ukuba umntu othile obalulekileyo kwishishini lakho unokuthi ngesiquphe angabi nakukwazi ukuphangela ixesha elide. Ukuba oku kunokuba yintlekele, kufuneka ukhusele ishishini lakho kwiimeko zokungabi nakufumana iingeniso ezithile, ukuze ube nokuhlala ushishina ngesiqhelo de abuye loo mntu okanye ke ungaqeqesha omnye umntu endaweni yalowo.
Izibonelelo zoluntu licandelo elidinga izakhono ezisemgathweni, ngokuya likhula ishishini lakho, nezibonelelo zakho zoluntu ziya kuphuhla. Kubalulekile ukuba wazi xa kulixesha lokufumanela ishishini lakho uqeqesho olusemgangathweni lweZibonelelo Zoluntu. Xa ishishini lifikelela kwinqanaba elithile ngokobukhulu, usenokubona kunyanzelekile ukuba uqeshe uMphathi wezibonelelo zoluntu.
Ingxowa-mali Yocwangciso Loluntu
Ukuba ishishini lakho lifikelela kwimeko apho kufuneka abasebenzi bephulukene nemisebenzi yabo okanye ishishini lona buqu lisemngciphekweni wokufa, futhi inokubaonakaliswa ukuba ukuba oku kuthi kwnezeke, kuya kuchaphazela amashishini aloo ngingqi, loo mmandla okanye elo candela loshishino kwisizwe sonke, ungathi ufake isicelo senkxaso-mali kurhulumente, ncedo olo lubizwa njenge-Ngxowa-mali Yocwangciso Loluntu.
Olu ncedo luquka iinkcukacha neenkonzo kubasebenzi abadendiweyo nabaqeshi. Injongo yezo nkcukacha kukuzama ukubuyisela abasebenzi abadendiweyo kwingqesho.
Oku kulungele kakhulu amashishini amakhulu okanye iintlobo zamashishini ezifana nezempahla enxitywayo, ezezimbiwa okanye ezoqhagamshelwano ngobugcisa beminxeba apho abasebenzi banokuba semngciphekweni omkhulu wokudendwa xa uqoqosho lwehlabathi luchaphazela elo shishini kabuhlungu ngamandla.
Kusenjalo, kubalulekile ukuba wazi ngeNgxowa-mali Yocwangciso Loluntu, nokuba sele uneshishinana elincinci.
Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha ngeNgxowa-mali Yocwangciso Loluntu, qhagamshelana nale dilesi:
Kule nombolo Yomnxeba: 0861 121 267 okanye le: 012 341 1470
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 21 uNovemba 2004
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
