UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
W &gt Yintoni Emayenziwe Kwindawo Yengozi
Yintoni Emayenziwe Kwindawo Yengozi
ULwenziwo lweeNdlela (Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
ISISHWANKATHELO
Olu xwebhu luqulethe iinkcukacha ezihamba ngokwamanqanaba ezinto ekufuneka uzenzile ukuba ubandakanyeka kwingozi yesithuthi.
EMAKWENZIWE KWINDAWO YENGOZI
Ukuba ubandakanyeka kwingozi yesithuthi, kufuneka:
Umise.
Uncede nabani na owenzakeleyo.
Ufumanise ukuba umonakalo ungakanani na.
Ufumane zonke iinkcukacha ezifanelekileyo.
Unikezele ingxelo ngale ngozi emapoliseni.
Musa ukuphazamisana nobungqina.
Zazi iziphumo ezinokuza nomthetho.
Amapolisa aya kugcwalisa ingxelo yengozi leyo, egcinwa mhlawumbi yi-SAPS, umaspala okanye liSebe lePhondo Lezothutho Nemisebenzi Yoluntu, futhi kuxhomekeke ekubeni kuvulwe ityala lolwaphulo-mthetho na nokuba ingozi leyo yehle kwingingqi yolawulo lwaloo maspala na. Zonke iingxelo zeengozi zezithuthi ngaphandle kweengingqi zolawulo loomaspala, apho kungekho tyala lalwaphulo-mthetho liphandwayo, zigcinwa leli Sebe.
MISA!
Ukuba ubandakanyeka kwingozi yesithuthi ebangela ukonzakala okanye ukuphulukana nobomi kuye nabani na, okanye ebangela umonakalo kwimpahla okanye isilwanyana, umthetho ukuyalela ukuba umise isithuthi eso.
Kululwaphulo-mthetho ukungasimisi isithuthi sakho emva kwengozi, futhi ungohlwaywa imali efikelela kumashumi amathathu anesithandathu amawaka eerandi, okanye uvalelwe uthothoze emjiva ixesha eliya kwisithoba seminyala, okanye zombini.
Akunyanzelekanga ukuba usimise isithuthi sakho okanye unikezele ingxelo ngengozi ukuba uthi umbonzeleke emthini ze wonakalise isithuthi sakho kuphela futhi ibe nguwe kuphela owenzakeleyo. Kodwa ke, ukuba uthi wonakalise impahla yomnye umntu, kufuneka umise ze unikezele ingxelo ngale ngozi emapoliseni kwesona sikhululo samapolisa sikufutshane.
Xa umisa, kufuneka ukhanyise izikhanyisi zakho ezichaza ukuba usengozini ukuyala abaqhubi bezinye izithuthi ngale ngozi.
NCEDA NABANI NA OWENZAKELEYO
Emva kokuba umisile, kufuneka ufumanise ukuba kukho mntu wenzakeleyo na, futhi umncede kangangoko unakho. Kufuneka futhi ubize inkonzo yohlangulo ekhawulezileyo. Inombolo yesizwe yexesha likaxakeka esebenza iiyure ezingamashumi amabini anesine ngosuku ngu-084 124 okanye ungatsalela namapolisa kule nombolo 10111.
Ukuba awazi nto ngoncedo lokuqala, qaphela ungenzi nantoni na enokwandisa ukwenzakala oko.
Ngaphandle kokuba nawe udinga uncedo, kufuneka uhlale kwindawo yengozi leyo de igosa lasebupoliseni lithi ungahamba. Ungabekwa ityala lolwaphulo-mthetho xa unokungamncedi umntu owenzakeleyo kuloo ngozi.
FUMANISA UKUBA UNGAKANANI NA UMONAKALO
Kuya kufuneka ufumanise ukuba ungakanani na umonakalo odalwe yile ngozi kwimpahla nezakhiwo.
Kufuneka unikezele igama nedilesi yakho nenombolo-mbhalo yesithuthi sakho kuye nabani na onokuzidinga.
Ukuba ubandakanyeka engozini yesithuthi, kufuneka uzame ukufumana ezi nkcukacha zilandelayo kubo bonke abantu abachaphazelekayo namangqina:
amagama agcweleyo iinombolo zeencwadana zezazisi iidilesi iinkcukacha zeenombolo zeminxeba iinombolo-mibhalo zezithuthi.
Okunye ekufuneka ukufumene naku:
iinkcazelo zezithuthi iinkcukacha zamagosa asebupoliseni nawezothutho kwanabasebenzi kwizithuthi zezigulana iinkcukacha zabasebenzi bezigadla ezitsala izithuthi ezibandakanyeke ezingozini.
Ezi nkcukacha ziya kukunceda ukuba ufuna ukufaka ibango kwi-insurance yakho okanye kwiNgxowa-mali Yeengozi Zendlela, okanye ke ukuba ufuna ukufaka ibango ngeendleko zokulungiswa kwesithuthi sakho kumqhubi wesithuthi esikutshayisileyo.
Emva kwexesha, wena okanye amagqwetha akho angayidinga ikopi yengxelo yale ngozi egcwaliswa ngamapolisa.
NIKEZELA INGXELO NGALE NGOZI EMAPOLISENI
Akunyanzelekanga ukuba amapolisa abizelwe kwindawo yengozi ukuba akukho mntu wenzakeleyo, kodwa ke ingozi le yona kufuneka ixeliwe - ngabo bobabini aba baqhubi - kwisikhululo samapolisa okanye iofisi yemicimbi yendlela kwiiyure nje ezingamashumi amabini anesine emva kwengozi le.
Kufuneka unikezele ngegama nedilesi yakho nenombolo-mbhalo yesithuthi kwigosa lasebupoliseni okanye lezendlela, mhlawumbi kwindawo yengozi leyo okanye kwisikhululo samapolisa okanye kwi-ofisi yamagosa ezendlela xa unikezela ingxelo ngale ngozi. Kukwafuneka uveze iphepha-mvume lakho lokuqhuba isithuthi.
Ukuba wenzakele, ngoko akukwazi kunikezela ngxelo ngengozi leyo ngoko nangoko, kufuneka wenze njalo ngokona kukhawuleza futhi uchaze ukuba kutheni na kubekho ukulibaziseka ekunikezelweni kwale ngxelo.
Kulityala ukunganikezeli ngxelo ngengozi apho konakele impahla yomnye umntu, okanye apho omnye umntu athe wonzakala khona, futhi oku kunjalo nokuba bonke abaqhubi ababandakanyekayo abanazinjongo zakuvula tyala.
MUSA UKUPHAZAMISANA NOBUNGQINA
Kufuneka UNGASELI nabuphi na utywala okanye UNGASEBENZISI naziphi na iziyobisi ezidakumbisayo ngaphandle kokuba oko ukwenza ngokwemiyalelo kagqirha.
Ukuba amapolisa akucela ukuba uye kuvavanyo lwempilo, kufuneka ungaseli nabuphi na utywala okanye ungasebenzisi naziphi na iziyobisi ezidakumbisayo phambi kolo vavanyo nangaphambi kokunikezela ingxelo ngale ngozi.
Ukuba kukho nabani na othe wonzakala kule ngozi, izithuthi azinakususwa ngaphambi kokuba igosa lasebupoliseni okanye lezendlela lifike ze linikezele nomyalelo wokuba izithuthi ezo zingasuswa.
Ukuba ingozi le izivalela ngokupheleleyo ezinye izithuthi ukuba zidlule, izithuthi ezibandakanyeka kwingozi le zingasuswa kakuhle nangokuchanekileyo ukuvulela ezinye izithuthi, kodwa ke kuphela emva kokuba ziphawulwe ngokucacileyo iindawo ebezime kuzo nendlela ebezime ngayo ezi zithuthi (umzekelo: ngetshokwe okanye ngepeyinti yokuphawula).
ZAZI IZIPHUMO EZINOKUZA NOMTHETHO
Ezinye zeziphumo zomthetho ezingumvuka wengozi yesithuthuthi nazi:
ityala lolwaphulo-mthetho lokuqhuba ngaphandle kwephepha-mvume lokuqhuba isithuthi ityala lolwaphulo-mthetho lokuqhuba uphantsi kweempembelelo zotywala ityala lolwaphulo-mthetho lokubulala ngenxa yokungakhathali ibango lokonakaliswa kwempahla ibango lokwenzakaliswa komntu othile.
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 11 uNovemba 2004
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
