UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
S &gt Izifo Ezingumvuka Wokwabelana Ngesondo
Izifo Ezingumvuka Wokwabelana Ngesondo
ISISHWANKATHELO
Eli phetshana linikezela ngeenkcukacha Ngezifo Ezingumvuka Wokwabelana Ngesondo, yaye liquka nomawukulindele kumsebenzi wecandelo lononophelo lwempilo nemiba yokuba semngciphekweni.
Khuthaza iqabane/amaqabane akho ukuba aye kufumana unyango eklinikhi njengoko usenokuphinda wosuleleke futhi kufuneka uphinde wanyangwa.
Inombolo Yoncedo: 0800 012 322
Imvelaphi
Ziintoni Ezi Zifo Zingumvuka Wokwabelana Ngesondo?
Ndingazazi Njani Ukuba Ndinesifo Esingumvuka Wokwabelana Ngesondo?
Ukuba uzikrokrelela ekubeni unesifo esingumvuka wokwabelana ngesondo, umsebenzi wononophelo lwempilo uya kwenza oku kulandelayo...
Imiba yomngcipheko eyayanyaniswa nokosuleleka okanye ukuphila nesifo esingumvuka wokwabelana ngesondo
IMVELAPHI
iSebe Lesizwe Lezempilo liza kube liphehlelela kwilizwe lonke iCHOICE
Oku ke kuquka:
ukukwazi nokubona iimpawu nobungqina bobukho bezifo ezingumvuka wokwabelana ngesondo ukubaluleka kokuya kuzifunela unyango lwezi zifo zingumvuka wokwabelana ngesondo ulwazi ngobukho bonyango olufumaneka simahla nolusemgangathweni kumaziko ononophelo lwempilo aseburhulumenteni ulwazi ngokufikeleleka kweentsilathi zamadoda ezifumaneka simahla nezikumgangatho ophakamileyo kwiiklinikhi nezibhedlele zaseburhulumenteni kwanakwezinye nje iindawo ezingaqhelekanga ukubaluleka kokuqinisekisa ukuba umntu owabelana naye ngesondo naye uyalufumana unyango.
ZIINTONI EZI ZIFO ZINGUMVUKA WOKWABELANA NGESONDO?
Izifo ezingumvuka wokwabelana ngesondo zizifo ezibangelwa ngamagciwane asuka kwelinye iqabane aye kwelinye ngexesha la maqabane esabelana ngesondo ngendlela engakhuselekanga. Iimpawu ezininzi zibonakala lula yaye zinganyangeka xa zinokuthi zisiwe eklinikhi ngoko nangoko
NDINGAZAZI NJANI UKUBA NDINESIFO ESINGUMVUKA WOKWABELANA NGESONDO?
Usenokuba kanti unesinye sezifo ezingumvuka wokwabelana ngesondo ukuba unolunye lwezi mpawu zilandelayo:
Incindi ephuma ebudodeni, ukutshisa okanye uva kabuhlungu xa uchama
Incindi engaqhelekanga ephuma ngaphantsi kusisi, umchamo onukayo, otshotshozelayo notshisayo okanye ophuma kabuhlungu
Intlungu emzantsi esinqe, ngamanye amaxesha umkhuhlane, nokuba kukho incindi ephumayo nokuba ayikho
Izilonda, ukutshotshozela kwamadlala, iintlungu apha ebudodeni
UKUBA UZIKROKRELELA EKUBENI UNESINYE SEZIFO EZINGUMVUKA WOKWABELANA NGESONDO, UMSEBENZI KWIZIKO LONONOPHELO LWEMPILO UYA KWENZA OKU KULANDELAYO:
Ukuthabatha imvelaphi
Ukuhlolwa
Ukuvavanyelwa umhlaza wesibeleko, ukuba kuyimfuneko, ngokwemigaqo
Unyango kusetywenziswa indlela yokunyanga izifo okanye umntu athunyelwe kwisibhedlele esilungele eso sigulo ukuba kuyimfuneko
Ukufundiswa ngemiba yempilo
Ukunikezela ngeengcebiso
Ukuya kuzifunela iingcebiso novavanyo
Ukuthunyelwa kumanye amaziko onyango njengoko kuchaziwe (ucwangciso-ntsapho, unonophelo lwangaphambi kokuzalwa kosana, inkqubo yokuthintela ukosulelwa kosana ngunina, isifo sephepha, unyango nononophelo lwentsholongwane kaGawulayo njalo-njalo.)
Ukugcinwa kweenkcukacha zezigulana (iinkcukacha zezigulana, ukugcinwa nokukhutshwa kweenkcukacha-manani zamihla le).
IMIBA YOKUBA SEMNGCIPHEKWENI EYAYANYANISWA NOKOSULELEKA OKANYE UKUPHILA NESIFO ESINGUMVUKA WOKWABELANA NGESONDO
Nayiphi na imeko yokwabelana ngesondo ngendlela engakhuselekanga (ezimpundwini, ebuntombini, okanye ngomlomo: iimpundu yeyona ndawo imbeka kowona mngcipheko mkhulu wokuhlaselwa sisifo esingumvuka wokwabelana ngesondo umntu, usemkhulu nowokwabelana ngobuntombi, ze ukwabelana ngomlomo kubabeke kowona mngcipheko usezantsi abantu)
Amatyeli ekwabelwana ngawo ngesondo ngendlela engakhuselekanga(ukwabelana rhoqo kukubeka kowona mngcipheko mkhulu ze ukunciphisa amatyeli kwehliselo mngcipheko)
Ukuba nothotho lwamaqabane owabelana nawo ngesondo
Ukunyazelisa ukwabelana ngesondo, impatho-gadalala, ubundlobongela nokudlwengula
Ukuhlanganisa ukusetyenziswa kotywala okanye iziyobisi nokwabelana ngesondo
Ukungasetyenziswa kweepilisi okanye inaliti ngeenjongo zocwangciso-ntsapho rhoqo okanye ngendlela eyiyo kweentsilathi
Ukudlala ngobuntombi
Ukwabelana ngesondo sele unaso kade isifo esingumvuka wokwabelana ngesondo
Ukutshintsha-tshintsha amaqabane, umzekelo, okubangelwa kukutshintsha ingqesho
Ukuba impendulo yakho ibe ngu-ewe kuwo nawuphi na omnye wemibuza engentla apha, kufuneka uye kweyona klinikhi ikufutshane nawe ukuze ufumane kuhlolwa.
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
