UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu &gt Ndiqala Phi, Njani Ukuncokola Nabantwana Bam Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo?
Ndiqala Phi, Njani Ukuncokola Nabantwana Bam Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo?
Umbuzo: Ndinabantwana ababini abangaphantsi kweshumi leminyaka ubudala yaye bayathanda ukundihlaba imibuzo ngemiba enzima. Kutsha nje, imibuzo yabo ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo ikhe yanobuzaza de ndanzinyelwa nakukuyiphendula yaye kungoku nje ndiziva ngathi ndisoloko ndingazithembanga ngempendulo endibanika yona nokuba mandiwuxoxa ngaluphi na umba othile nabo. Ndiyazi ke noko ukuba kufuneka benalo ulwazi. Ndithini?
Impendulo: Ukuncokola nabantwana ngemiba enzima kusoloko kubashiya abazali bezibuza ukuba bayingene kakuhle nangendlela efanelekileyo na imicimbi ethil. Intsholongwane kaGawulayo noGawulayo yimicimbi enobuzaza kakhulu ekubeni umntu angancokola ngayo ebantwaneni kangangokuba isinzimela kakhulu sonke. Naxa siqalisa ukuncokola ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo siya kufumanisa ukuba kufuneka sichaphazela neminye imiba ebandakanyekayo efana nokwabelana ngesondo nesini.
Umbono wakho uphile wokuba abantwana aba kuyafuneka benalo ulwazi uphile kakhulu xa uchaphazela intsholongwane kaGawulayo noGawulayo. Kanye njengokuba sibafundisa abantwana bethu ngeendlela zokuwela umgaqo ukuze bakhuseleke ze babe nawo namacebo okumelana nemeko enganobungozi kuba, kukwabaluleke kakhulu ukuba sibafundise ngezinye iimeko ezinokubabeka esichengeni. Sizama ukukhulisa abantwana kwiingingqi ekugquba kuzo ubundlobongela, apho abantu bosuleleka mihla le yintsholongwane kaGawulayo, apho iziyobisi ziya zisetyenziswa kakhulu yaye zifumaneka lula, yaye ukwabelana ngesondo ngendlela engakhuselekanga ingaseyonto inganqabanga. Konke ke oku kuthetha ukuba ukuba kufuneka sizaqme ukulungisa ze sincokole ngayo ynoke le miba, kufuneka sibe kanti siyayikhuthaza indlela yokuncokola ngendlela ekhululekileyo. Oku ke kuya kuquka ukuphendula imibuzo kwanokumamela ngenyameko nokuba umba/imiba leyo kuncokolwa ngayo akululanga ukuncokola ngayo.
Kutheni kubalulekile nje ukuba abazali bancokole nabantwana babo ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo?
Abantwana kuyafuneka ukuba bakwazi ukuzikhusela
Kufuneka baxhotyiswe ngezakhono zokukwazi ukulawula imiba echaphazela imizimba yabo
Kufuneka bakwazi ukumelana neendlela abaziva ngayo ngeminye yemiba enokuchaphazeleka ngenxa yomxholo ekuncokolwa ngayo
Kukwafuneka bakwazi ukumelana nemingeni abanokuthi bajamelane nayo njengomthinjana nomlisela okanye njengolutsha
Xa abantwana bekubuza imibuzo kungokuba bekuthembile ukuba uya kubanika ulwazi abaludingayo. Ngamanye amaxesha ke basenokubuza kuba befuna ukuqinisekisa okanye ukungqinisisa izinto abazixelelwe ngabanye abantu ezinokunganyaniseki! Nokuba babuzela ntoni ke kodwa, oko kukunika ithuba elihle lokuqala ukuncokola ngemiba enzima.
Nazi ezinye iingcebiso ezinokukunceda uqalise le nkqubo:
Musa ukungazinzi! Abantwana bakho bangakubuza imibuzo ongenazimpendulo zayo nenokukwenza ungabi nakuzibamba. Ukungazinzi, okunokukhokelela ekubeni ungabi nakuphendula okanye ekuwugxibheni okanye ekungawuhoyini loo mbuzo, akuyi kunceda. Ulwazi olululo lungabanceda bahlale bekhuselekile ze benze nezigqibo ezibhadlileyo.
Yikhuthaze Incoko - Khululeka ekuncokoleni nabantwana bakho ngento yonke. Ncokola, wabelane, uhleke, unxibelelane!
Qala Kuselithuba - Ukuqala beselula abantwana kuya kuyenza lula nkqubo. Xa abantwana bakho sele bengumlisela nomthinjana baya bekulungele ukucinga nokwenza izinto ezibhadlileyo, yaye aya kuba mancinci kakhulu amathuba okuba benze izigqibo ezingabhadlanga.
Cingisisa - Lihloniphe inqanaba nobudala babantwana bakho. Musa ukubanika oluninzi kunolo balufunayo okanye baludingayo. (Umzekelo, umntwana onesithandathu nonethoba leminyaka ubudala baya kuba nemibuzo neenkathazo ezahlukileyo). Ukuba akuqinisekanga, cela iingcebiso ozinikezelayo. Musa ukuqhubekeka uthetha naxa sele bengasamamelanga.
Qala Iincoko - Qiniseka ukuba niyathembana nabantwana bakho kwiincoko. Khangela iindlela zokuqala ukuncokola ngemiba enzima NGOKU!
Thetha Rhoqo! Ukuncokola kube kanye emva kwexesha elide ngemiba yesondo akuyi kubanceda abantwana bakho ekufumaneni ulwazi abaludingayo. Phinda-phinda. Qinisekisa ukuba uviwe futhi iyaqondakala le nto uyithethayo. Abantwana aba badinga ukuva izinto rhoqo ukuze babe nokufumana izifundo kuzo.
Thembakala - Ukuba awunayo impendulo yombuzo othile, baxelele. Ukuba akuyiboni kakuhle indaba yokuncokola nabo ngemiba yesondo. Kodwa ke zama ukuyitsho loo nto ngendlela engabathinteliyo ukwenzeni incoko nawe. Mghlawumbi ke usenakho nokumcebisa umntwana lowo ukuba aye kuncokola okanye abuze kwesinye isizalwane okanye umsebenzi wezempilo. Ngaphezu, mxelele ukuba ungahamba naye! Zama ukufunda nabantwana bakho.
Qinisekisa ukuba uxhobile! Akunakusoloko uqikelela ukuba umntwana uza nomba onzima na. Kodwa ke kuyafuneka ukuba ube nalo ufifana ngemiba echaphazela intsholongwane kaGawulayo noGawulayo yaye kufuneka uzive uzinzile xa uncokola ngemiba enobuzaza.
Zininzi ke kodwa iindawo onokuya kuzo ukuze ufumane uncedo. Ezinye zeenkcukacha zoqhagamshelwano ezinokuba luncedo zezi:
UMTHAMO
Icandelo Elingaphambili
Icandelo Elilandelayo
UMTHAMO: Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu
Ndingaqala Njani Ukuxelela Intwazana Yam Ngesimo Sam kwiNtsholongwane kaGawulayo?
Ndingakwazi Ukondla Usana Lwam Ngobisi Lwebele Xa Ndiphila neNtsholongwane kaGawulayo?
Ingaba Kuyenzeka Ukuba Wosuleleke yiNtsholongwane kaGawulayo Xa Usabelana Ngesondo Usebenzisa Nomlomo?
Ingaba Umntu Angakwazi Ukuthintela Ukosulelwa Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuthi Abelane Ngesondo Esebenzisa Umlomo?
Bobuphi Ubungqina Obukhoyo bokuba Ukutya Okusempilweni Buhlala Buyiphucula Indlela Amajoni Omzimba Asebenza Ngayo?
Ndingakwazi Ukunyanzelisa Ukuba Umntu Othile Aye Kuvavanyelwa Intsholongwane kaGawulayo phambi kokuba Ndimnike Isithuba Somsebenzi?
Ndingamnceda Njani Ngeyona Ndlela Umhlobo Wam Ophila Nentsholongwane kaGawulayo okanye uGawulayo buqu?
Ndingamelana Nokulahlekelwa Sisihlobo Esisenyongweni Ngokuthi Sibulawe nguGawulayo?
Yintoni Ekufuneka Ndiyiqwalasele Phambi Kokuba Ndiveze Ukosuleleka kwam Yintsholongwane kaGawulayo Kwizihlobo Nezalamane Ezisenyongweni
Kutheni Kufuneka Ndisoloko Ndisebenzisa Iintsilathi nje Naxa sebenzisa Amachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo?
Ingaba Kufuneka Ndiye Ndodwa Na okanye Neqabane Lam Xa Ndisiya Kuvavanyo Lwentsholongwane kaGawulayo?
Ingaba Iya Kusebenza Njani iNkqubo kaRhulumente Yokunikezela Ngamachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo yaye Ndingawafumana Phi La Machiza?
Ndafunyaniswa Ndiphila Nentsholongwane kaGawulayo ngo-1998 Xa Ndandiphila Nesifo Sephepha, Ingaba Kufuneka Ndiqalise Ukusebenzisa La Machiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo Ngoku?
Ndiqala Phi, Njani Ukuncokola Nabantwana Bam Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo?
Ingaba Abantwana Bam Bangayifumana Intsholongwane kaGawulayo Ngeendlela Nje Ezilula?
Athini Amathuba Okosuleleka Komntwana Wam Yintsholongwane kaGawulayo/nguGawulayo Xa Adlalayo Esikolweni?
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
