UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
Ityala Neemali-mboleko &gt Yintoni Ityala? Yintoni Imali-mboleko?
Yintoni Ityala? Yintoni Imali-mboleko?
Xa kuthethwa ngetyala kubhekiswa kumalungiselelo apho uthenga izinto ze uzihlawule emva kokuba sele uzisebenzisa. Ngamaxesha amaninzi uyihlawula into ngezavenge ezitsala de kube lithuba elithile.
Imizekelo yetyala iquka:
ii-akhawunti kwiivenkile (umzekelo, I-akhawunti kwivenkile yempahla)
izivumelwano zokuqesha okanye izivumelwano zokuthenga uhlawule ngezavenge (umzekelo, apho uvuma ukuhlawulela into kwisithuba sexesha elithile, njengakwivenkile yefenitshala - ezi ke zazisakwaziwa njengezivumelwano zokuthenga ngetyala).
Usenakho nokulifumana ityala ngokuboleka ebhankini okanye kumatshonisa. Kule meko ke, unikwa imali-mboleko eziinkozo. Ulindeleke ukuba uyibuyise le mali ngexesha ekuvunyelwene ngalo. Ukwalindeleke ukuba uhlawule nenzala kule mali-mboleko.
Kubalulekile ke ukuqwalasela ukuba, xa uthenga ngetyala, ungahlawula ngaphezu kokuba ubunokuhlawula ukuba ubuzithenge wazihlawula ngoko nangoko izinto ozithengileyo:
imali elixabiso laloo nto kunye nezinye nje iindleko iya kuba yimalini na iyonke imali yokuqala ekufuneka uyibekile njengentlawulo yokuqala iya kuba yimalini na ziya kuba yimalini na izavenge ekufuneka uzihlawule ngenyanga ungathabatha ixesha elingakanani na ukulihlawula eli tyala.
UMTHAMO
Icandelo Elilandelayo
UMTHAMO: Ityala Neemali-mboleko
Yintoni Ityala? Yintoni Imali-mboleko?
Yintoni Isivumelwano Setyala?
Yintoni iMbalana Yamatyala? Yaye Yintoni Ukubekwa Kwiincwadi Zabangawahlawuli Amatyala abo?
Angayithimba Xa Kutheni Umntu Endimtyalayo Impahla Yam?
Amabinzana Aluncedo
YAYAMENE
Izikhalazo Zabathengi (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
