UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu &gt Ndingakwazi Ukunyanzelisa Ukuba Umntu Othile Aye Kuvavanyelwa Intsholongwane kaGawulayo phambi kokuba Ndimnike Isithuba Somsebenzi?
Ndingakwazi Ukunyanzelisa Ukuba Umntu Othile Aye Kuvavanyelwa Intsholongwane kaGawulayo phambi kokuba Ndimnike Isithuba Somsebenzi?
Umbuzo: Ndiza kuqala ukuphangela kule nyanga izayo yaye sele ndenze namalungiselelo okuba umntu enimqeshele ukuba ajonge indlu yam ze ajongane nabantwana bam ababini, abaminyaka mine nemibini ngokulandelelana. Ndifuna aye kuvavanywa igazi phambi kokuba aqalise ngomsebenzi ngoba kaloku ndinexhala lokuba unokuba kanti uphila nentsholongwane kaGawulayo futhi abantwana bam bangosuleleka. Ndingaqinisekisa njani ukuba ufumana uvavanyo?
Impendulo: Akukhathaliseki nokuba umntu ufumaniseka engenayo intsholongwane kaGawulayo phambi kokuba aqalise ngomsebenzi, akho amathuba okuba angosuleleka ngeli xesha aphangelayo. EMzantsi Afrika akukho mthethweni ukunyanzelisa ukuba umntu aye kuvavanyelwa intsholongwane kaGawulayo phambi kokuba ube nokumnika isithuba somsebenzi. Kukwagwenxa futhi ukugxotha nabani na kuphela ngenxa yokuba ephila nentsholongwane kaGawulayo.
Nokuba umntu oqeshiweyo uzigqibela ekubeni aye kuzivavanyela intsholongwane kaGawulayo, umthetho awumnyanzeli ukuba anikezele ngeziphumo zolo vavanyo kumqeshi wakhe. Ukuba umqeshwa lowo wakwenza oko, umqeshi unyanzeleke ukuba alugcine olo lwazi njengemfihlo.
Nabani na ogqiba ekubeni aye kuvavanyelwa intsholongwane kaGawulayo kufuneka efumene iingcebiso noncedo lwangaphambili nasemva kolo vavanyo. Umntu lowo kukwafuneka etyikitye nephetshana elichaza ukuba uziqonda ngokupheleleyo iziphumo zokuvavanywa igazi ngaphambi kokwenza oko. Ngamazwi angawo, oku kuthetha ukuba, phambi kokuba kwenziwe uvavanyo, umntu ozisa kuvavanyo uya kufundiswa ngnetsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu, kuncokolwe ngomngcipheko wokufunyaniswa uphila nale ntsholongwane emva kolu vavanyo ze kuzanywe nokufunyaniswa ukuba bacinga ukuba bangamelana njani na neziphumo zokuba uphila nayo okanye akanayo le ntsholongwane. Umntu ofundisa lowo uvavanywayo ngalo mba uyakufumanisa ukuba kutheni na lowo efuna ukuvavanywa nje ze amazise nangamalungelo akhe ngokomthetho. Ukuba umntu lowo uhe wafumaniseka ephila nale ntsholongwane, umntu ofundisa ngale ntsholongwane neziphumo zokuphila nayo uya kuzama ukufumanisa ukuba angakuthintela njani na ukosuleleka kwabanye abantu yintsholongwane kaGawulayo lo mntu aphila nayo.
Ukunyhashwa kwamalungelo oluntu kwenzekile apho abasebenzi basiwa kuvavanywa igazi, ngabaqeshi babo futhi ngaphandle kokunikezela ngemvume yokwenza oko. Oku ke kubizwa njengohlaselo. Ngaphaya koko, nawuphi na umsebenzi wononophelo lwempilo othi azise umqeshi ngesimo somqeshwa wakhe ngokwentsholongwane kaGawulayo ngaphandle kwemvume yaloo mqeshwa, uyakube unetyala lokonakalisa ngendlela emasikizi yokwaphula isibhambathiso sokugcina ezo ndaba ziyimfihlo.
Abantu abaninzi baxhalabile besoyika ukosuleleka yintsholongwane kaGawulayo, okanye ke ngomngcipheko wokosuleleka kwabantwana babo. Noko kunjalo, kubalulekile ukwazi ukuba intsholongwane kaGawulayo ayosuleli nje ngokuhlangana noluntu. Ukuba oku bekunjalo, phantse sonke besiya kube siphila nale ntsholongwane kungoku nje njengoko sisoloko sikunye nabantu abaphila nale ntsholongwane. Intsholongwane kaGwulayo yosulela ngeendlela ezintathu:
ukwabelana ngesondo ngendlela engakhuselekanga nomtu ophila nale ntsholongwane umama ophila nale ntsholongwane angosulela umntwana wakhe ngexesha esakhulelwe, ngexesha lokubeleka okanye ke xa ancancisayo ukuhlanga negazi elinale ntsholongwane.
UMzantsi Afrika unenye yezona nkonzo zokunikezelwa kwegazi ezikhuselekileyo ehlabathini. Ngapha koko, asifane sihlangane negazi lomnye umntu. Ukze umntu abe nokosuleleka ngale ndlela, kuya kufuneka abe nenxeba apho eli gazi linale ntsholongwane liyakungena khona 7ukuze liye kufikelela kumthombo wegazi. Abantu abaninzi ababuzwa ukuba bagqibela nini na ukuhlangana negazi lomnye umntu, ngale ndlela, bazifumana bengenakuwuphendula lo mbuzo. Eyona ndlela ingcono yokuthintela ukosuleleka sesi sifo kukuzixhobisa ngolwazi ze wenze njengoko kulindelekile.
Abanye abasebenzi basemakhitshini abafunyaniswa bephila nale ntsholongwane baba sethamsanqeni lokuzifumana bekwazi ukuxelela abaqeshi babo abathi babanika inkxaso. Aba baqeshi bayayazi into yokuba abantu baphila nentsholongwane kaGawulayo nabo bakwangaziintloko zamakhaya abo yaye kulindeleke ukuba bawaxhase ngandlela zonke loo makhaya futhi eyona nto ibalulekileyo ngumgangatho womsebenzi wabo, hayi indaba yokuba bephila nentsholongwane kaGawulayo.
UMTHAMO
Icandelo Elingaphambili
Icandelo Elilandelayo
UMTHAMO: Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu
Ndingaqala Njani Ukuxelela Intwazana Yam Ngesimo Sam kwiNtsholongwane kaGawulayo?
Ndingakwazi Ukondla Usana Lwam Ngobisi Lwebele Xa Ndiphila neNtsholongwane kaGawulayo?
Ingaba Kuyenzeka Ukuba Wosuleleke yiNtsholongwane kaGawulayo Xa Usabelana Ngesondo Usebenzisa Nomlomo?
Ingaba Umntu Angakwazi Ukuthintela Ukosulelwa Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuthi Abelane Ngesondo Esebenzisa Umlomo?
Bobuphi Ubungqina Obukhoyo bokuba Ukutya Okusempilweni Buhlala Buyiphucula Indlela Amajoni Omzimba Asebenza Ngayo?
Ndingakwazi Ukunyanzelisa Ukuba Umntu Othile Aye Kuvavanyelwa Intsholongwane kaGawulayo phambi kokuba Ndimnike Isithuba Somsebenzi?
Ndingamnceda Njani Ngeyona Ndlela Umhlobo Wam Ophila Nentsholongwane kaGawulayo okanye uGawulayo buqu?
Ndingamelana Nokulahlekelwa Sisihlobo Esisenyongweni Ngokuthi Sibulawe nguGawulayo?
Yintoni Ekufuneka Ndiyiqwalasele Phambi Kokuba Ndiveze Ukosuleleka kwam Yintsholongwane kaGawulayo Kwizihlobo Nezalamane Ezisenyongweni
Kutheni Kufuneka Ndisoloko Ndisebenzisa Iintsilathi nje Naxa sebenzisa Amachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo?
Ingaba Kufuneka Ndiye Ndodwa Na okanye Neqabane Lam Xa Ndisiya Kuvavanyo Lwentsholongwane kaGawulayo?
Ingaba Iya Kusebenza Njani iNkqubo kaRhulumente Yokunikezela Ngamachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo yaye Ndingawafumana Phi La Machiza?
Ndafunyaniswa Ndiphila Nentsholongwane kaGawulayo ngo-1998 Xa Ndandiphila Nesifo Sephepha, Ingaba Kufuneka Ndiqalise Ukusebenzisa La Machiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo Ngoku?
Ndiqala Phi, Njani Ukuncokola Nabantwana Bam Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo?
Ingaba Abantwana Bam Bangayifumana Intsholongwane kaGawulayo Ngeendlela Nje Ezilula?
Athini Amathuba Okosuleleka Komntwana Wam Yintsholongwane kaGawulayo/nguGawulayo Xa Adlalayo Esikolweni?
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
