UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
Imibuzo Neempendulo
IMIBUZO NEEMPENDULO
Kwisitalato esinophawu lokumisa okanye kuphawu lokuvumela ezinye izithuthi ukuba zigqithe
Phambi kweendawo zokuhlala zabucala
Kwizakhiwo zoshishino
Kwizikhululo zamafutha ezithuthi
Amaxhoba ahleli kwizithuthi ezimileyo
Amaxhoba anyanzeliswe ukuba aphume endleleni ngokukhohliswa
Amaxhoba amise izithuthi zawo, umzekelo, mhlawumbi aza kuqhuba izithuthi okanye ashiya/angena kwezinye izithuthi ezimileyo
Amaxhoba ame futhi alungisa izithuthi zawo kumacala endlela, mhlawumbi alungisa iintambo zeminxeba
Xa kuthwalwa naxa kusothulwa iimveliso
Ngabantu abakumacala endlela abacela uncedo
Ngexesha izithuthi zikawonke-wonke zikhwelisa/zisehlisa abakhweli
Ezingaziwayo
Ukuza kuthi ga ngoku, awona manani maninzi abaxhwili bezithuthi ibe ngamadoda, ze ngaloo maxesha ibe ngabasetyhini abasebenza beziimbumba zabantu abane okanye abahlanu, ngamanye amaxesha ngaphezu koko. Abaxhwili bezithuthi bathanda ukuba batsha kakhulu, babe phakathi kweshumi elinesithathu nelinethoba nangaphezulu kancinci nje kumashumi amabini eminyaka ubudala, noxa ke amanye amaxhoba echaza nobukho benkokheli yeqela ebelikhangeleka ndadlana kunabanye. Abantu basetyhini basetyenziselwa ukulobela abantu abaza kuba ngamaxhoba kwingcingane ekhohlisayo yokuba bakhuselekile, kuba uninzi lwethu luziva lungekho mngciphekweni wabungozi xa kukho umntu wasetyhini, kunaxa kukho umntu/abantu abangamadoda.
Aba bantu ngamanye amaxesha banxiba kakuhle kodwa hayi ngawo onke amaxesha. Banokunxiba iidyasi okanye iijezi abanokuthi ngaphantsi kwazo bafihle izixhobo, ingakumbi imipu yesandla neemela, kodwa ngamaxesha athile oombayi-mbayi be-AK47.
Abaxhwili bezithuthi basebenzela kwiinqwelo-mafutha, nangona besaziwa nangokuhlasela behamba ngeenyawo. Izithuthi abazisebenzisayo azifani, kodwa ke ngokwesiqhelo iba zizithuthi ezinezantya eziphezulu kakhulu, ngamanye amaxesha zibe neefestile ezinebala elimdaka ukwenzela ukuba kungabonakali ngaphakathi kwisithuthi eso. Imikhwa yabo yokuqhuba ikrokrisa ngoko nangoko. Phambi kokuhlasela banokuqhuba ngesantya esisezantsi kakhulu bajikeleze ingingqi ethile (ngokwesiqhelo ke iintsuku eziliqela phambi kohlaselo) bengenanjongo okanye ndawo ithile baya kuyo. Banakho nokuhlala nje kwisithuthi sabo esimileyo ecaleni kwendlela okanye kwigaraji yokumisa. Ngoko nangoko emva kohlaselo, iindlela zabo zokuqhuba zitshintsha ngokungalindelekanga. Baya kuqhwesha ngesona santya siphezulu, beqhuba mhlawumbi bephantsi koloyiko nokungakhathali, kodwa ke ngamaxesha amaninzi ngomoya wobukroti benga bayayinambitha okanye bayaqhayisa ngendlela abangawuhloniphi ngayo umthetho nomntu lo abasandula ukumhlasela esidlangalaleni. Banokungazinaki izibane ezibomvu zendlela, bazitsibe izitalato ekufuneka bemise kuzo bangene bephuma phakathi kwezinye izithuthi, ingakumbi kwiindlela zezithuthi. Oku kubenza babonakale kakhulu eluntwini futhi eli lithuba lokuba uluntu ludlale indima enkulu kakhulu ngokuthi luncedise ekubanjweni nasekuvalelweni kwale migewu.
Ingaba Kukho Iindlela Ezahlukeneyo Zokuxhwilwa Kwezithuthi?
Ukuxhwilwa kwesithuthiesisetyenziselwa ukuthwala, apho isithuthi senkampani sixhwilwayo, hayi kuphela ukufumana eso sithuthi, koko nomthwalo waso, oyeyona nto inexabiso kuloo mxhwilo. Amaxesha amaninzi, umthwalo lo ngowona utsala umdla wabaxhwili kunesigadla eso.
Ukuxhwilwa kwesithuthiesithuthayo, apho isithuthi sixhwilwa ngeenjongo zokuba sisetyenziselwe ukuthutha ngexesha lezinye iintshukumo zolwaphulo-mthetho ezifana nokuthutyeleziswa kweziyobisi, ukuqhekeza, ukukhuthuzwa kweebhanki kwanokuqhwesha nemipu. Ezi zithuthi zithi emva kwexesha zikhutshwe amalungu athile okanye zishiywe nje kwezo ndawo.
Ukuxhwilwa kwesithuthingeenjongo zokuzibonakalisa, apho iqela lezihange lisebenza ngobukroti obugwagwisayo, lisenza oku nje liqhutywa yingcinga yokuba ukwenza loo mkhwa kumenza umntu azive enguye. Ukubona kubalingane nokuqhutywa kukungabhadli, abanye abantu kulo mkhwa bangakhokeleleka ekubeni benze ezona zinto zinobungozi nezingcolileyo, futhi ukungayenzi loo mikhwa kungakhokelela ekubeni banikwe amagama asengela phantsi afana nokuba kuthiwe umntu yi-sissy. Ezi zoyikiso, ubundlobongela nokonakaliswa kwempahla kwayanyaniswa nolwaphulo-mthetho.
Ukuxhwilwa kwesithuthi kusetyenzwanjengombutho osesikweni , apho iqela lisebenza kunye ngokusesikweni ngendlela ecwangcisiweyo. Aba bantu ngamaxesha amaninzi baba namava amaninzi ekubeni izithuthi futhi sele besaziwa nabo besazi abanye abantu abakulo mkhwa abaya kuthi bafumane ezi zithuthi zibiweyo okanye amalungu ezithuthi ezibiweyo ze babahlawule ngazo. Futhi ke aba ngabantu abanolwazi ngoshishino lwamazwe ngamazwe lokuthutyeleziswa kwezithuthi ezibiweyo, umzekelo, Ukuthutyeleziswa kwezithuthi ezibiweyo zizswe eMzantsi Afrika nakumazwe angabamelwane.
Indlela yokuxhwilwa kwezithuthingokumiselwa kwawona matyathanga omeleleyo entsebenziswano, neyiyeyona icwangcisiweyo kuzo zonke iindidi zemikhwa yokuxhwilwa kwezithuthi futhi esoloko inamatyathanga entsebenziswano namazwe angaphandle. Amakhonkco entsebenziswano kumaqela emigulukudu axhwila izithuthi asekwa ngoyena mququzeleli mkhulu othubelezisa imisebenzi yelo qela ukuze ke yana ashiyeke engabonakali ngendlela efana nqwa nale isetyenziswa ekuthutyelezisweni kweziyobisi. Oku kwenza ukuchongwa nokubanjwa futhi kuvalelwe eyona nkokheli yale migulukudu kube nzima kakhulu.
Njengesongezelelo, iqela elisebenzisana kulo mkhwa lisoloko lixhaswa ngemali eninzi, ingakumbi xa kukho amatyathanga entsebenziswano namazwe angaphandle futhi lenza nantoni na esemandleni ukukhusela imisebenzi yalo ngokunyoba abasemagunyeni.
Zeziphi Iindlela Zokuphepha Endingazisebenzisa Ukukhusela Impahla Yam?
Qinisekisa ukuba nabani na oshiya indlu yakho uyafikelela kwizithuthi sakhe, ayiqalise, avale iingcango ze akulungele ngokupheleleyo ukuqhuba phambi kokuba uvule amasango. Cinga ngengqiqo ngalo mba ngawo onke amaxesha umntu eshiya amasango omzi wakho.
Ukuba unakho, qinisekisa ukuba wonke umntu oshiya amasango ekhaya lakho unakho ukwenza njalo kungakhange kufuneke aye ngomva endleleni. Ukubuya umva ngesithuthi kunyanzelisa umqhubi ukuba akholose ngokujongisisa ekuqhubeni, hayi kokunokwenzeka ngaphaya kwamasango aphuma kuwo. Kukwanciphisa nanathuba okubona mbombo zone.
Ukuba amandwendwe akho kuye kunyanzeleke ukuba amise ngaphandle kwamasango akho, walandele ngeenyawo uwase kuloo ndawo amise kuyo ze ujonge ukuba indlela ikulungele ukuba baqhube na. Ukuba unezinja, hamba nazo, ingakumbi ngokuhlwa.
Qinisekisa ukuba isango nendawo yakho yokumisa zikhanya kakuhle ngokuhlwa. Faka ezinye izikhanyisi ukuba ezilapho ziye zafa.
Qinisekisa ukuba inombolo yendlu yakho ibonakala kakuhle ngawo onke amaxesha, emini nasebusuku.
Fakela amasango asebenza ngombane, futhi uwajonge njengesidingo kunento nje yokudlala ngemali.
Ukuba unamasango asebenza ngombane kwakunye nempempe emnyango, qinisekisa ukuba amandwendwe akho ayakwazi ukufikelela kuyo ngaphandle kokuba kudingeke ehle kwizithuthi zawo.
Ekhayeni apho, xa kukho umntu ocofa impempe leyo futhi sele ugqibile ekubeni angene, musa ukumshiya emile elinde ngaphandle ixesha elide kunesiqhelo.
Musa ukushiya isakhiwo sakho okanye uthandabuze ukuqhuba usishiye ukuba uthi ubone umntu okanye isithuthi esikrokrelekayo kwisithili ohlala kuso.
Kufuneka ulumke nangakumbi ukuba uhlala kwirhangana engaphumeliyo, ngenxa yendlela enye yokungena nokuphuma. Abahlali abaninzi babhenela ekuvalweni kwezi rhangana zingaphumeliyo ze kuqeshwe noonogada kumasango azo. Kusenjalo, xa uqwalasela oku, ungalibali ukusebenzisana neBhunga Lesixeko
Ungaze ushiye naziphi na iimpepha ezibalulekileyo kwisithuthi sakho, umzekelo, iincwadi zetsheki, iimpepha ezichaza iimali ezisebhankini, iimpepha eziqinisekisa intengiso, ii-akhawunti zeminxeba, amakhadi okuthenga ngetyala, izitshixo, izixhobo zokuvula iingcango, okanye iincwadi zembalelwano yakho, nantoni na enokunikezela ngeenkcukacha zobomi bakho, ngexa umisile okanye uqhuba.
Ukukhangelwa kwesithuthi, sinye kuphela isisombululo kulwaphulo-mthetho olunento yokwenza nokubiwa nokuxhwilwa kwezithuthi:kukufakelwa kwezixhobo zokulandelwa komkhondo wezithuthi.
Kufuneka Ndenze Ntoni Kwisiganeko Apho Ndixhwilelwa Khona Isithuthi?
Nokuba ngaba ungaziva unomsindo kangakanani na ngelo xesha, eyona njongo yakho kufuneka ibe kukujongana nokhuseleko lobomi bakho nobabakhweli kwisithuthi sakho. Ukulondolozwa nokukhuselwa kobomi bomntu kufuneka kube yinto yokuqala futhi kubaluleke ngaphezu kwayo yonke enye into.
Musa ukwenza nantoni na eza kothusa abaxhwili abo Ungaqali nayiphi na intshukumo ngokwakho. Oku kunokunika abaxhwili ingcinga yokuba ufuna ukufikelela kumpu wakho okanye ungxolise impempe yesithuthi eso. Ukhumbule ke nokuba abaxhwili abo nabo baya kube bephaphazela futhi bengazinzanga, njengawe, okanye ngaphezu kwakho. Ungenzi nayiphi na intshukumo ngezandla zakho. Suka uxelele abaxhwili abo ukuba bangakufumana phi na abakufunayo. Gcina izandla zakho zibonakala kakuhle futhi zizinze ngokuphandle, ingakumbi ngasesifubeni apho banokuzibona kakuhle khona. Ungazinyusi ngaphezu kwentloko yakho njengoko abaxhwili aba beya kuyithabatha le ntshukumo njengokuba uzama ukwazisa omnye umntu ozihamelayo.
Phendula nayiphi na imibuzo ngenyaniso ingakumbi enento yokwenza nemipu. Ukuba umxhwili uthi afumanise okanye arhanele ukuba umxokisele, kukho amathuba amaninzi okuba angandlongondlongo ze akhuphele imisindo yakhe kuwe emzimbeni
Nditsho nokuba sele ukwisimo apho wothuke okanye woyika kangakanani na, zama ukumamela futhi uqonde ngqo ukuba aba baxhwili bafuna ntoni kuwe.
Zama ukugxininisa kwisithuba sokuba ungakwazi ukubachonga abahlaseli bakho kwixesha elizayo. Kodwa ke khumbula, oku akuthethi ukubajonga ngqo aba baxhwili, nto leyo eya kwenza kucace ukuba ubajongela ukubazi kwixa elizayo. Ukubajonga ngokuphandle kuya kubenza bangafuni ukukukhulula, njengoko beya kucinga ukuba unobungqina obuya kubenza bafunyanwe futhi bavalelwe.
Ukuba bathi bakuxhwile nawe, sebenzisana nabo ngokupheleleyo. Ukuba unosana olulele kwisitulo esingemva apho esithuthini, nto leyo abanokuba abakhange bayiqwalasele, baxelele. Baxelele ukuba ukuqhwesha nosana lwakho kungenza nje izinto zibe nzima kubo. Bacele bakunike usana olo. Musa ukuya ngasesithuthini ungabonanga ukuba bakujongile futhi baya kulandela. Baxelele ukuba usana olo aluyi kubenzakalisa futhi alubabeki mngciphekweni. Yenza kwa oko ukuba unesilwanyana sasekhaya phakathi kwisithuthi eso. Musa ukuzama ukutyhala izinto de kufikeleleke kwinqanaba apho ubomi bakho bunokuba sesichengeni ngenxa yesilwanyana eso.
UMTHAMO
Icandelo Elingaphambili
UMTHAMO: Isikhokelo Sokulumkisa Uluntu Ngomkhwa Wokuxhwilwa Kwezithuthi
Intshayelelo
Ungayinqanda Njani Imeko Yokuxhwilelwa Isithuthi
Ungawunciphisa Njani Umngcipheko
Imibuzo Neempendulo
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
