UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
Isikhokelo Sokulumkisa Uluntu Ngomkhwa Wokuxhwilwa Kwezithuthi &gt Ungawunciphisa Njani Umngcipheko
Ungawunciphisa Njani Umngcipheko
UNGAWUNCIPHISA NJANI UMNGCIPHEKO
Xa Ungena Kwisithuthi Sakho Naxa Uqhuba:
Hlola umphandle nomphakathi wesithuthi phambi kokuba uvule.
Yazi indawo oya kuyo nendlela eya kuloo ndawo, ze ubaze amehlo hleze ulahleke.
Qhuba uzitshixile futhi/okanye uzivalile iifestile neengcango zakho ngalo lonke ixesha.
Gcina engqondweni nasiphi na isikhululo samapolisa esikwisithili oqhuba kuso.
Xa usehlisa umntu, qiniseka ukuba ukwisithuthi sakhe ngokukhuselekileyo phambi kokuba umshiye.
Kuphephe ukuqhuba kwiingingqi ekugquba kuzo ulwaphulo-mthetho okanye ongaziqhelanga.
Kuphephe ukuqhuba ebusuku okanye ekuseni kakhulu kwiindlela ezizolileyo.
Ukuba unakho, ungaze uqhube uhamba wedwa.
UNGAZE NANINI NA uchole ze ukhwelise abahambi ngeenyawo abacela uncedo.
Ungaze ulandele iindlela ezenzelwe ukuba zilandeleke xa uqhuba; tshintsha iindledlana zomgaqo ngamaxesha onke.
Musa ukushiya iifestile zivulekile umgama ongangesihlanu seesentimitha.
Xa Umisa Isithuthi Sakho:
Jonga isipili esibonisa ngasemva ukuqinisekisa ukuba akulandelwa
Xa ubuyela kwikhaya lakho ebusuku, qinisekisa ukuba isibane sangaphandle sikhanyisile, okanye kubekho umntu oza kukuhlangabeza emnyango.
Xa uphuma kwisithuthi sakho, lumkela futhi ujongisise naziphi na iziphazamiso ezikungqongileyo kwanezihlahla ezinokuba zifihle umxhwili-zithuthi.
Ungaze uhlale kwisithuthi sakho ungazazi izinto ezikungqongileyo. Ukulala kwisithuthi esimileyo kuyingozi kakhulu.
Xa ukufutshane nendawo ohlala kuyo, khangela izithuthi /abantu abakrokrelekayo.
UMTHAMO
Icandelo Elingaphambili
Icandelo Elilandelayo
UMTHAMO: Isikhokelo Sokulumkisa Uluntu Ngomkhwa Wokuxhwilwa Kwezithuthi
Intshayelelo
Ungayinqanda Njani Imeko Yokuxhwilelwa Isithuthi
Ungawunciphisa Njani Umngcipheko
Imibuzo Neempendulo
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
