UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
Ungayinqanda Njani Imeko Yokuxhwilelwa Isithuthi
Qaphela Izilumkiso:
Yazi ukuba ngoobani na abahlala kwingingqi ohlala okanye ophangela kuyo, nokuba ngubani na ongahlali apho.
Kufuneka usoloko uwavulile amehlo akho ukuze ujongane nantoni enokuthi gqi.
Tshixa zonke iingcango uvale neefestile phambi kokuba uqhube isithuthi sakho.
Abaxhwili bezithuthi bakwaziincutshe zalo mkhwa; bayicwangcisa ngononophelo imisebenzi yabo yokuxhwila izithuthi.
Qinisekisa ukuba zonke izipili zakho uzimisa ngendlela ekukubonisa mbombo zone.
Zama ukumisa iimitha ezintlanu emva kwesithuthi esiphambi kwakho kuphawu lomgaqo lokumisa okanye kwizibane zendlela; oku kwenza kube lula ukuqhwesha ukuba kuthi kuvele uqhushululu.
Ungabhanxwa zezi meko
Zizicelo zoncedo ezikhohlisayo.
Ngumntu ocela uncedo ekwisithuthi esimileyo.
Kukuminxwa nokuxinwa kwamasango esithuthi sakho.
Yazi Indawo Ohlala Kuyo:
Ukuba kuza kuwe umntu ongamaziyo ukwisithuthi sakho, qhuba uhambe ukuba unakho ze/okanye usebenzise impempe yesithuthi eso ukutsala ukundweba eluntwini.
Kufuneka usoloko ukhangela abantu okanye izithuthi ezikrokrisayo futhi ungathandabuzi ukugqithisa ingxelo ngabo emapoliseni.
Kufuneka usoloko uyilindele ingozi enokuthi ivele, ze futhi usoloko ujonge nendlela enokuvuleleka xa kufuneka uqhweshile nendawo onokuzimela kuyo apho endleleni.
Ukuba izikrokro zakho zenziwa ngumntu okanye isithuthi esithile kwingingqi enobungozi kakhulu, sithathe njengesinobungozi obukwelo nqanaba ze wenze intshukumo efanele loo meko (umzekelo, gqitha kwizibane zendlela ngoku zivalile ukuba ukwenjenjalo kukhuselekile; ujike ze uqhube ngesona satya sakhe sasikhulu uqhweshe kuloo ndawo yaloo ngozi inokwenzeka) ze ucele uncedo apho kunyanzelekileyo.
Kufuneka usoloko uyiphethe incwadana yakho yesazisi nephepha-mvume lakho lokuqhuba apha kuwe, kwakunye nento yokubhala neyokubhalela zisoloko zilungele ukusetyenziwa ube nokukwazi ukubhala phantsi izinto ezibalulekileyo.
Ukuba unakho, kubaleke ukuqhuba kwiindawo ezimnyama. Abaxhwili-zithuthi bangenza ingozanyana; umzekelo, benze ukuba isithuthi sakho sitshayiswe nje kancinci ngasemva, futhi ukuba kukho nto ungayiqondiyo ngomntu/ngabantu ababandakanyeka kwimeko enjalo, qhuba uye kwiSikhululo Samapolisa esikufutshane nawe ukuze ufumane uncedo.
Ungaze uvulele ifestile okanye umnyango wesithuthi sakho namphi na umntu ongamaziyo. Ukuba umntu omkrokrelayo usecaleni kwesithuthi sakho esingenamntu ngaphakathi,musa ukusondela kweso sithuthi. Qhubekeka ugqithele kwindawo enabantu ze ucele uncedo.
UMTHAMO
Icandelo Elingaphambili
Icandelo Elilandelayo
UMTHAMO: Isikhokelo Sokulumkisa Uluntu Ngomkhwa Wokuxhwilwa Kwezithuthi
Intshayelelo
Ungayinqanda Njani Imeko Yokuxhwilelwa Isithuthi
Ungawunciphisa Njani Umngcipheko
Imibuzo Neempendulo
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
