UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
Iinkxaso-mali Ephuma kuRhulumente &gt INgxowa-mali Yeengozi Zendlela (eyayisakwaziwa njengeNgxowa-mali Yeengozi Zeenqwelo-mafutha)
INgxowa-mali Yeengozi Zendlela (eyayisakwaziwa njengeNgxowa-mali Yeengozi Zeenqwelo-mafutha)
INgxowa-mali Yeengozi Zendlela yasekelwa ukuhlawula imbuyekezo kubantu abonzakele okanye abasutywe kukufa kwiingozi zeendlela ngenxa yokuqhutywa ngokungenankathalo kweenqwelo-mafutha eMzantsi Afrika. Le ngxowa-mali yasekwa kuba indlela yangaphambili eyayinyanzelisa abaqhubi ukuba babe ne-insurance xa kufakwa izimangalo zamabango embuyekezo ngabantu ababonzakalise ngenxa yokuqhuba kwabo ngendlela engenankathalo, yayingasebenzi kuba iinkampani ze-insurance zazingabi nakho ukuwahlawula onke amabango.
Le ndlela yatshintshwa ukuze endaweni yale insurance isisinyanzeliso, kubekho ingxowa-mali, efumana imali yayo kwirhafu yeentengiso zamafutha ezithuthi. Abantu bangawenza amabango embuyekezo kule ngxowa-mali ukuba bonzakele kwingozi yenqwelo-mafutha ngenxa yokuqhuba ngokungakhathali. Oku ke kuthetha ukuba awusenakho ukumangalela umqhubi wenqwelo-mafutha ongenankathalo ngokwenzakala kwakho, endaweni yoko, ufaka ibango kule ngxowa-mali ngokungathali kwakhe .
Ukuba ubandakanyeka kwingozi yenqwelo-mafutha usemsebenzini oko ke kuthethe ukuba unebango kwiNgxowa-mali Yembuyekezo Kwiingozi Zasemsebenzini, kufuneka uqale wenze elo bango ubone ukuba liyakhatywa na phambi kokuba wenze ibango kwiNgxowa-mali Yeengozi Zendlela ukuba ihlawule nantoni na engahlawulwanga yiNgxowa-mali Yembuyekezo. Nayiphi na imbuyekezo ehlawulwe yiNgxowa-mali Yeengozi Zendlela iya kuthathela ingqalelo naziphi na iintlawulo owazenza kwi-UIF, xa ibala ingeniso ekupheleleyo ngenxa yale ngozi.
Kufuneka wenze isicelo sakho kwiNgxowa-mali Yeengozi Zendlela kwiminyaka nje emibini emva kosuku lwengozi owonzakala kuyo. Ungalenza ngokwakho ibango ngokuthi ugcwalise iphetshana lesicelo uForm 1 ze ungenise nazo zonke iimpepha ezifunekayo; okanye ungacela igqwetha ukuba likuncede kwelo bango. Khumbula ke kodwa ukuba igqwetha liya kufuna intlawulo ngeenkonzo zalo, ntlawulo leyo iya kuphuma kwisixa sembuyekezo oya kuyifumana kwiNgxowa-mali Yeengozi Zendlela. Oku kuthetha ukuba akudingeki ukuba ulihlawule ngoko nangoko igqwetha, kodwa ke isixa semali oyifumanayo siya kucuthwa yintlawulo yegqwetha elo.
Isixa-mali esiqingqiweyo esihlawulwa kwibango lengozi yendlela yiNgxowa-mali Yeengozi Zendlela sixhomekeke kwiindleko zakho zonyango, ukuphelelwa kwakho yingeniso (ngaphambi kwengozi nakwixesha elisezayo) ukukhubazeka kwakho kwaneentlungu nokusokola kwakho. Isixa esasihlawulwa ngo-2001 kwibango ngalinye yayingama-R28 318,00; khumbula ukuba esi sisixa sebango elikhulu namanye amabango amancinci amaninzi; isixa esihlawulwe kwityala lakho siya kuxhomekeka ngokupheleleyo ekubeni wonzakele kangakanani na nokuba yingeniso engakanani othe waphulukana nayo ngenxa yaloo ngozi.
INgxowa-mali Yeengozi Zendlela: Iinkcukacha Zoqhagamshelwano zeSebe eliseKapa:
Idilesi
Kumgangatho Wesixhenxe
Idilesi Yembalelwano
Inombolo Yomnxeba: 021 408 3300
Ingaba imbuyekezo ephuma kwiNgxowa-mali Yeengozi Zendlela iya kuyichaphazela njani inkxaso-mali ephuma kwiSebe leeNkonzo Zoluntu? Ukuba, xa kuqwalaselwa nayiphi na imbuyekezo oyifumana kwiNgxowa-mali Yeengozi Zendlela, ingeniso yakho isengaphantsi kwesixa esibekwe liSebe leeNkonzo Zoluntu ngokwemigaqo yemeans test, usenokukwazi ukufumana enye yeenkxaso-mali eziphuma kwiSebe leeNkonzo Zoluntu. Ngamanye amazwi, ukuba ingeniso yakho (kuquka nembuyekezo ephuma kwiNgxowa-mali Yeengozi Zendlela) isengaphantsi kwe-R1 410 ngenyanga, usenakho nokuba kwimo yokufumana inkam-nkam yokukhubazeka.
UMTHAMO
Icandelo Elingaphambili
Icandelo Elilandelayo
UMTHAMO: Iinkxaso-mali Ephuma kuRhulumente
Iinkxaso-mali, Izibonelelo Nembuyekezo: Isishwankathelo
Iinkxaso-mali Zeenkonzo Zoluntu
INgxowa-mali Yeengozi Zendlela (eyayisakwaziwa njengeNgxowa-mali Yeengozi Zeenqwelo-mafutha)
Iinkxaso-mali Zokuthenga Izindlu
Inkxaso-mali Nezibonelelo Kumashishini Asakhasayo
Iinkxaso-mali Neemali-mboleko Zokufunda
YAYAMENE
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
