UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
Iinkxaso-mali Ephuma kuRhulumente &gt Iinkxaso-mali Zeenkonzo Zoluntu
Iinkxaso-mali Zeenkonzo Zoluntu
ISebe leeNkonzo Zoluntu lineentlobo ezintathu zeenkxaso-mali ezijongene nabantwana:
Inkxaso-mali Yesondlo Somntwana
Inkxaso-mali Yomntwana Oxhomekeke Kunonophelo
Inkxaso-mali Yomntwana Ogciniswe Okwexeshana Kubanye Abazali.
Ungayifumana inkxaso-mali yesondlo somntwana ngomntwana ngamnye ongaphantsi kweshumi elinanye leminyaka ubudala, ukuba ungoyena mntu umkhathaleleyo. Oyena mntu ukhathalele umntwana usenokuba ngumzali wakhe, unina-khulu okanye uyise-mkhulu okanye nabani na ojongene noxanduva lokukhulisa lo mntwana, akunyanzelekanga ukuba lo mntu abe lilungu losapho lomntwana.
Ungayifumana inkxaso-mali yomntwana oxhomekeke kunonophelo ngomntwana ngamnye ongaphantsi kweshumi elinesibhozo leminyala futhi odinga unonophelo ngamaxesha onke ngenxa yokukhubazeka ngokwasenyameni okanye ngokwasengqondweni, ukuba phofu ungumzali wakhe okanye umntu axhomekeke kuye. Zombini ezi ntlobo zenkxaso-mali zixhomekeke ekubeni uhlupheke kangakanani.
Ungayifumana kanti nenkxaso-mali yomntwana ogciniswe kwabanye abazali okwexeshana ukuba uqeshwe ngokusemthethweni njengomzali wakhe okwexeshana yinkundla. Ukuyifumana le nkxaso-mali kuxhomekeke ekubeni umntwana lowo uhlupheke kangakanani na, HAYI ekubeni wena uhlupheke kangakanani.
Awunakuyifumana inkxaso-mali yesondlo somntwana KWAKUNYE nenkxaso-mali yomntwana oxhomekeke kunonophelo ngaxesha-nye; ukuba umntwana wakho ukhubazekile kufuneka ufake isicelo senkxaso-mali yomntwana oxhomekeke kunonophelo, njengoko isixa sayo singaphezulu kwesenkxaso-mali yesondlo somntwana. Kusenjalo, UNGANAKHO ukufumana inkxaso-mali yomntwana ogciniswe kubanye abazali okwexeshana kwanenkxaso-mali yomntwana oxhomekeke kunonophelo, ukuba ungakwazi ukuzifumana zombini.
Kubantu abakhulu, iiNkonzo Zoluntu zinezi ntlobo zilandelayo zeenkxaso-mali:
Inkam-nkam yobudala ifunyanwa ngamakhosikazi angaphezu kwamashumi amathandathu eminyaka ubudala namadoda angaphezulu kwamashumi amathandathu anesihlanu eminyaka ubudala. Inkam-nkam yokukhubazeka yeyabantu abadala abangaphezu kweshumi elinesibhozo leminyaka ubudala abangenakuphangela ngenxa yoko kukhubazeka. Ukuba wakhubazeka ngenxa yengozi emsebenzini, unganakho ukufumana imbuyekezo ephuma kwiNgxowa-mali Yembuyekezo Yeengozi Zengqondo okanye Zomzimba. Ukuba wakhubazeka ngenxa yengozi yesithuthi, unganakho ukufumana imbuyekezo ephuma kwiNgxowa-mali Yeengozi Zendlela.
Inkam-nkam yamagqala emfazwe yeyabantu abadala abangaphezu kwamashumi amathandathu eminyaka ubudala okanye nabani na ongakwazi kusebenza ngenxa yokukhubazeka, futhi owalwa kwiMfazwe Yokuqala okanye Eyesibini Yehlabathi okanye kwiMfazwe yaseKorea. Awunakufumana zibe mbini kwezi nkam-nkam zabantu abadala ngaxesha-nye; ukuba uligqala lemfazwe kufuneka ufake isicelo senkam-nkam yamagqala emfazwe njengoko ingaphezulu nje kancinci ngesixa kwezi zimbini, zixabisa ngokulinganayo.
ISebe leeNkonzo Zoluntu lingabonelela ngoncedo lwexeshana kwiimeko zeentlekele ngewonga lemali elibizwa ngokuba "liwonga lokuphelisa intlungu enkulu". Eli wonga lelabantu abangakwazi kubonelela iintsapho zabo ngeemfuno ezingundoqo ngenxa yentlekele yexeshana.
UMTHAMO
Icandelo Elingaphambili
Icandelo Elilandelayo
UMTHAMO: Iinkxaso-mali Ephuma kuRhulumente
Iinkxaso-mali, Izibonelelo Nembuyekezo: Isishwankathelo
Iinkxaso-mali Zeenkonzo Zoluntu
INgxowa-mali Yeengozi Zendlela (eyayisakwaziwa njengeNgxowa-mali Yeengozi Zeenqwelo-mafutha)
Iinkxaso-mali Zokuthenga Izindlu
Inkxaso-mali Nezibonelelo Kumashishini Asakhasayo
Iinkxaso-mali Neemali-mboleko Zokufunda
YAYAMENE
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
