UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
Amaqumrhu Abandakanyekayo
Zonke iinkampani nemibutho echaphazelekayo kule nkqubo adweliswe kuluhle olungezantsi apha ze nemisebenzi noxanduva lwayo ichaziwe.
Amashishini Asakhulayo Naphakathi uMququzeleli weThuso Kwimimandla
Umcebisi
Isiqinisekiso Sokufumana Imali-mboleko kwiKhula iBhanki iCandelo Lamashishini Asakhasayo Naphakathi
Lithetha neofisi yeThuso ngoncedo lwangaphambi (lwezimali okanye lweengcebiso) okanye emva kwesicelo semali-mboleko
Ligcwalisa ze lityikitye amaphepha ezicelo
Liphendula imibuzo ze licacise nezinto okanye imiba ethi ikhankanywe
Ityikitya izibhambathiso nemiqathango yamaphulo ndawonye noMququzeli noMcebisi weThuso (izibhambathiso nemiqathango zicacisa ekufuneka kwenziwe, ngubani, nini nokuba njani ze ekugqibeleni ziveze ukuba uMcebisi lo uya kubuyekezwa njani na)
Yamkela izicwangciso zoshishino ezigqityiweyo okanye ingxelo yasemva kwesicelo semali-mboleko esuka kwi-ofisi yabacebisi
Iqondisisa okanye iqinisekisise ze yamkele ingxam yesicwangciso soshishino okanye ingxelo yasemva kwesicelo semali-mboleko
Ithetha neebhasnki ukuze ifumane uncedo lwezimali (ukuba kunyanzelekile, umfaki-sicelo uya kucela umcebisi ukuba abe yingxenye yeengxoxo zesicelo semali-mboleko nebhanki)
Inikezela ngeemali-mboleko ezinikezelwe yibhanki kumashishini ngokwezicwangciso zoshishino nesivumelwano semali-mboleko
Ikhupha intlawulo yomcebisi ebimele ukuphuma kumfaki-sicelo emva kokuba imali-mboleko iphunyeziwe
Wamkela ahluze izicelo zamashishini asakhasayo naphakathi ngokwemigaqo ebekiweyo
Ukhaba izicelo ezingamelaniyo neemfuno ezichaziweyo
Uqinisekisa ukuba imiqathango yezibhambathiso ityikitywe ngabo bonke ababandakanyekayo
Uqunusekisa ukuba bonke ababandakanyekayo bayazifumana iikopi zemiqathango yesibhambathiso
Ujongisisa aqinisekise ukuba isicwangciso soshishino okanye ingxelo yasemva kwesicelo so iyahambelana nemigaqo yomgangatho
Ubuyisela imisebenzi engekho mgangathweni kumcebisi
Ubhala phantsi ze athumele kwicandelo Leenkonzo Zenkxaso Kubathengi iziphakamiso zokuba kuhlawulwe umcebisi emva kokuphunyezwa kwesicelo semali-mboleko okanye emva kokufumana ingxelo ekholisayo yasemva kwesicelo semali-mboleko
Ugcina uqhagamshelwano neogisa lebhanki elinoxanduva lokujongana nee-akhawunti zamashishini asakhasayo naphakathi
Wabelana ngeengxelo ze abambe neentlanganiso negosa lebhanki apho kuyimfuneko khona
Wabelana ngeengxelo necandelo Eliqinisekisa Iimali-mboleko
Ujonga intsebenzo yabacebisi ze enze iziphakamiso zokuba bakhutshwe abo bangasebenziyo
Uthabatha amanyathelo ngezicelo ezibhalwe kwiibhanki ezicela ukuba angenelele kwiintlekele ze aqinisekise futhi ukuba iingxelo zingenisiwe kwiibhanki
Ubamba iintlanganiso neebhanki, abacebisi nala mashishini eza nezicelo zeemali-mboleko
UMCEBISI
Ungomnye wabantu abatyikitya imiqathango yesibhambathiso neshishini kwakunye noMququzeleli weThuso
Wamkela ikopi yemiqathango yesibhambathiso eso
Uncedisa ekuqulunqweni kwesicangciso soshishino okanye ekucebiseni ishishini emva kwesicelo semali-mboleko njengoko kukhankanyiwe kwimiqathango yesibhambathiso eso
Ungenisa isicwangciso soshishino okanye ingxelo yasemva kwesicelo semali-mboleko kwi-ofisi yeThuso
Ushukuxa ingxam yesicwangciso soshishino okanye yengxelo yasemva kwesicelo semali-mboleko
Wenza iinguqu nezilungiso ezilindelekileyo kwiingxelo ze ke angenise ingxelo yokugqibela
Wmakela intlawulo yeenkonzo ezinikezelweyo emva kokuphunyezwa kwesicelo semali-mboleko okanye ingxelo ekholisayo yasemva kwesicelo semali-mboleko
ICANDELO LEENKONZO ZENKXASO KUMASHISHINI
Liqinisekisa ubukho bobudlelwane obuphilileyo phakathi kwabo bonke ababandakanyekayo kule nkqubo Yeengcebiso yeThuso
Linika amanqaku ze ibhalise futhi ikhabele ngaphandle abacebisi abangenantsebenzo nabangathobeliyo
Lamkela izicelo elizibhalelwe ziibhanki ze izithumele kwii-ofisi zabacebisi ezifanelekileyo ukuze zijongisiswe kakuhle
Liqinisekisa ukuba iibhanki ezibandakanyekayo zifumana imbalelwano eziyidingayo ukuqinisa ubudlelwane nokwenza lula intsebenziswano
Libonelela ii-ofisi zeThuso ngoluhlu olugqibeleleyo lwawo onke amashishini asakhasayo naphakathi aqinisekisiweyo
Ligcina uqhagamshelwano nawo onke amaqumrhu abandakanyekayo
IBHANKI
Yamkela iphepha elinesicelo senkxaso-mali ndawonye nesicwangciso soshishino kwishishini elisakhasayo okanye eliseza kubakho
Idlana iindlebe namashishini, lihlole ze liphicothe izicelo zenkxaso-mali ngokwemigaqo yaloo bhanki
Iphumeza okanye likhabe izicelo zemali-mboleko
Yazisa ishishini elifake isicelo kuqala ze ilandelise ngomcebisi, igqibelise ngoMququzeleli weThuso ngesi sigqibo ifikelele kuso
Ifaka isicelo Sokukhulwa Kwesiqinisekiso Semali-mboleko ukuba isicelo eso sithe saphunyezwa
Yazisa ishishini ukuba ze lize nimcebisi xa lityikitya iimpepha phambi kokukhululwa kwemali-mboleko leyo
Ifaka isicelo, ngembalelwano, sokuba ishishini lifumane iingcebiso simahla kumcebisi kwiinyanga ezintathu zokuqala. Ngapha koko, iingcebiso zinganikezelwa ngentlawulo enokuhlalelwa phantsi ithethwe isixhosa.
Ifaka isicelo, ngembalelwano, sokungenelela kwiintlekele
Yamkela iingxelo
Ibamba iintlanganiso noMququzeleli, umcebisi, kwakunye neshishini elo
UMTHAMO
Icandelo Elingaphambili
Icandelo Elilandelayo
Intshayelelo
Amaqumrhu Abandakanyekayo
Indlela Esebenza Ngayo le Nkqubo
Ingcaciso-magama Neenkcukacha Zoqhagamshelwano
YAYAMENE
Iingcebiso Kumashishini Asakhasayo (IiNkonzo)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
