UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
G &gt Iphulo Leentshukumo Zokunonophela Impilo: Ukuhlangana Netyhefu
Iphulo Leentshukumo Zokunonophela Impilo: Ukuhlangana Netyhefu
ISISHWANKATHELO
Eli phetshana lidiza ezinye zezona zinto ezibangela ukutya ityhefu, ndawonye neengcebiso ngeendlela zokuthintela ukutyhefwa, nokuba kufuneka wenze ntoni na uthe watya ityhefu ngempazamo.
Abantwana aba bandwebe indalo yaye bangathanda kakhulu ukuzivela. Ayothusi ke neyokuba ngaphezu kwamashumi amathandathu eepesenti zeemeko zokutyiwa kwetyhefu ngempazamo zibandakanya abantwana abangaphantsi kweminyaka engaphantsi kwesihlanu ubudala.
ZEZIPHI EZONA ZIBANGELA UKUTYIWA KWETYHEFU?
Uninzi lweemeko zokutyiwa kwetyhefu ngempazamo zibandakanya amayeza neziyobisi ezishiywe kwiindawo abanokufikelela kuzo abantwana.
Abantwana aba bakhe bazame nokusela iimveliso zasekhayeni ezifana neparaffin namanye amchiza okucoca, ingakumbi ukuba ezi mveliso zigalelwe kwiibhotile okanye kwizinto ekuqhele ukufakwa kuzo iziselo okanye ukutya.
Ukutya iityhefu ezinobuzaza, ezifana ne-lead, kungenzeka ngamaxesha athile ebantwaneni abahlala kwiingingqi ezingcolileyo ezifana nezo kukho kuzo imizi-mveliso nezintyalo ezinamachiza.
INGABA INGATHINTELEKA ITYHEFU YAYE YINTONI ENOKWENZIWA?
Uthintelo:
Qinisekisa ukuba amayeza, iziyobisi, izinto zokupheka kwakunye neemveliso zokucoca zibekelwa kude ebantwaneni, kwiikhabhathi ezitshixiweyo.
Sebenzisa izinto zokufaka ezineziciko ezikhuselekileyo xa ufaka ezi mveliso.
Ungaze ubeke ukutya namachiza okucoca okanye ukutya namayeza ndawonye.
Abantu abadala kufuneka bakuthintele ukusebenzisa amayeza phambi kwabantwana, njengoko abantwana aba bethanda kakhulu ukulingsnisa.
Gcina izibulali-zinambuzane kwakunye nezibulali zokhula kwiindawo ezingabonakaliyo nezingafikelelekiyo ebantwaneni.
Kwiingingqi ezinemizi-mveliso kubalulekile ukuba ingingqi nganye isoloko iphantsi kweliso labahloli ukuqinisekisa ukuba amachiza lawo awafikeleli kumanqanaba aphezulu nanobungozi ngokungamkelekiyo.
Eyona Ndlela Yokumelana Kwimeko Ekrokrelekayo Yokutyiwa Kwetyhefu:
Fumana ichiza okanye into ebelikuyo elo chiza ukrokrela ukuba umntwana lowo uliginyile okanye uliphethe. Ligcine elo chiza okanye loo nto ibihleli elo chiza ukuze uye nayo nayo eklinikhi okanye esibhedlele.
Ukuba umntwana lowo usesezingqondweni yaye kubanakala iimpawu zokuba uginye ityhefu, ungazama ukumgabhisa.
Ukuba umntwana lowo uginye ichiza lokucoca okanye iasidi enobungozi, musa ukumniika nantoni na yokusela kuba kaloku isiselo eso singangahlangani netyhefu leyo ze zenze umonakalo omkhulu ngaphakathi esiswini somntwana.
Ukuba umntwana uthe waphatha ichiza elinganobungozi kulusu lwakhe ngokuphathwa nje, mkhulule loo mpahla inokuba yosulelekileze umhlambe ulusu, iinwele neenzipho - uqale ngamanzi acocekileyo ze ulandelise ngokuwahlanganisa nesepha. Yithi ke ekugqibeleni uhlambisise ulusu olo ze ulosule.
Ukuba umntwana lowo uthe wangenwa lelo chiza linobungozi emehlweni, hlamba iliso elo ngocoselelo ngamanzi adikidiki isithuba sexesha elifikelela kwishumi lemizuzu.
Gcina umntwana lowo ngendlela aza kuziva kamnandi ze umse kwelona ziko lononophelo lwempilo likufutshane nendawo enihlala kuyo.
Ityhefu leyo yeyohlobo olunokubangela ukutsha komqala namathumbu (umzekelo: iasidi yebhetri, iimveliso zokucoca eziqulethe isoda enobungozi)
Umntwana lowo uginye iparaffin kuba kaloku amathontsi eoli alapho angabangela iingxaki emiphungeni ze loo nto ikhokelele ekuhlaselweni sisifo ipneumonia
NDINGALUFUMANA PHI OLUNYE UNCEDO NEENGCEBISO?
Ngalo naluphi na uncedo olufunayo, qhagamshelana neklinikhi ekufutshane nawe ukuze ufumane uncedo lolusuka kwiingcali.
YAYAMENE
Indlela yokuhambisa abagulayo engxamisekileyo nohlangulo (IiNkonzo)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 20 uNovemba 2005
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
