UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu &gt Bobuphi Ubungqina Obukhoyo bokuba Ukutya Okusempilweni Buhlala Buyiphucula Indlela Amajoni Omzimba Asebenza Ngayo?
Bobuphi Ubungqina Obukhoyo bokuba Ukutya Okusempilweni Buhlala Buyiphucula Indlela Amajoni Omzimba Asebenza Ngayo?
Umbuzo:Ndinqwenela ukubuza ngokutya "okwachongwa okanye okwamiselwa" ngumphathiswa wezempilo nokube ngundaba-mlonyeni kwezosasazo mvanje. Ndiyabhidwa ziingxelo ezibetha-bethanayo ngeempembelelo kwakunye noncedo oluhlala ixeshana elide lweentlobo ezithile zokutya kubantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo noGawulayo esele zibaliwe. Besimana ukuxelelwa ngamajelo osasazo ukuba ezi ntlobo zokutya kufuneka zibe luhlobo lonyango esilusebenzisayo nesazi lukhulu ngalo kubantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo noGawulayo, ngokungafaniyo namachiza alwa nentsholongwane kaGawulayo. Bobuphi ubungqina obukhoyo obungqina ukuba naziphi na ezinye zezi ntlobo zokutya ziyakuphucula ukusebenza kwamajoni omzimba? Ingaba kukhe kwenziwa luphando ngoluntu, iintlobo zokutya emazikhethwe kunye nale ntsholongwane? Ingaba isebenza kakuhle kangakanani ilemon ecoliweyo, yaxutywa nene-oli eyangeziweyo yomthi womnquma namanzi, ikonofile ecoliweyo nejinja, isipinatshi, ibhitruthi, kwakunye namachiza anezakhi-mzimba?
Ingaba zithini izibhalo ngezi ntlobo zokutya?
Ikonofile ephuma entsha inamandla agqwesayo okulwa nokungunda, alwa neentsholongwane kwakunye namagciwane; ikwamisa ngedlela uxinzelelo lwegazi ze yehlise nekholesteroli. Nangona nje ezinye izibhalo zidiza ukuba ikonofile ikhuselekile ukuba isetyenziswa kakhulu.²
Izambane lase-Afrika (iHypoxis) yaba neempumelelo ezingacacanga. Uphando lokuqala lwafumanisa iziphumo ezithembisayo kubantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo noGawulayo ngokuthi le ntsholongwane ingenyukeli ibe nguGawulayo buqu. Kuphando ngokhuseleko noncedo lwale Hypoxis, uninzi lwezigulana lwakhula uxinzelelo lomongo wethambo onobungozi ze kwanyanzeleka ukuba olo phando luyekwe emva kweeveki ezisibhozo. ³
Ukusela incindi yelemon (amacephe amancinci abe mabini) kwakunye ne-oli yomthi womnquma (icephe elincinci libe linye), ezixutywe namanzi, kanye ngosuku, kuvakala ukuba ziyawanyusa amazinga okuba nomdla wokutya namanqanaba amandla ze zinciphise nokudumba kwamadlala enkovu.²
Izazi ezininzi zicebisa ukuba umntu afumane amachiza anikezela ngezakhi-mzimba ezininzi ingakumbi ukuba akukwazi kutya kutya kwanele iimfuno zomzimba wakho. Ngenxa yesicefu-cefu okanye ukurhuda. Ukutya okunazo zonke iimfuno zomzimba - iziqhamo nemifuno (kuquka ibhitruthi, ispinatshi nejingja), iinqoba, neengcambu, iinkozo, ukutya okuzizilwanyana nezityalo zaselwandle, inyama, inyama yenkukhu, kwakunye neemveliso zobisi - zisezezona nto zingcono ekunokufunyanwa kuzo iivithamini nezakhi-mzimba, noxa kunjalo. Nceda uqinisekise ukuba inyama nentlanzi ziphekisisiwe phambi kokuba zityiwe ngabantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo.
Iintlobo ezininzi zokutya zinezakhi-mzimba, kodwa ke iintlobo zokutya ezinika amajoni omzimba amandla, iivitamini, kwakunye namachiza akha umzimba, ukuba asetyenziswe kakhulu, anganefuthe elibi nakoyena mntu usempilweni ngokugibeleleyo. Amajoni omzimba womntu ophila nentsholongwane kaGawulayo abaleka ngesantya esingummangaliso, yaye nefuthe loko lingayinto ebingalindelekanga. Ezinye izakhi-mzimba zinika amajoni omzimba amandla ngelixa zisandisa nokuphinda-phindana kwentsholongwane kaGawulayo emzimbeni. Amachiza azizakhi-mzimba nawo angaphazamisana namachiza alwa nentsholongwane kaGawulayo futhi kubaluleke ngokugqibeleleyo ukwazisa iqela lakho lononophelo lwempilo ngawo nawaphi na amachiza, amachiza owafumana kumaxhwele, amachiza enziwe ekhayeni, okanye ke nawaphi na amachiza owasebenzisayo. Ngelixa indlela yokubala yesihlunu seCD4 ichaza nje isimo samajoni omzimba, ingxelo yesihlunu seCD4 ibala ukuphucuka kwemiba emibini kwezi ntlobo zezidlo zingentla apha isenokuba inikezele iiingcinga ezingezizo. Ukubala kweCD4 kwehla kusenyuka ngamanqaku afikelela kumashumi asibhozo nakuliphi na icala lesi sibalo ngenxa yefuthe lezinto ezifana nexesha losuku, isidlo ezingaphambili, isigulo okanye ukutshintsha kwemo yakho. Kuyo yomibini le miba, indlela yokubala yeCD4 entsha iphucuke ngamanqaku angaphantsi nje kwamashumi asibhozo.
Kuyacaca ke ukuba kubalulekile ukuzikhusela, ze uzame ukufumana eyona ndlela iyiyo yokutya, futhi leyo ifanele iimfuno zakho, ukuze ibe nokumelana nesi sifo. Kubalulekile ukuqinisekisa ukuba konke ukutya okwenzelwe abantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu kuphathwa ngendlela esempilweni ukuthintela izifo.
UMTHAMO
Icandelo Elingaphambili
Icandelo Elilandelayo
UMTHAMO: Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu
Ndingaqala Njani Ukuxelela Intwazana Yam Ngesimo Sam kwiNtsholongwane kaGawulayo?
Ndingakwazi Ukondla Usana Lwam Ngobisi Lwebele Xa Ndiphila neNtsholongwane kaGawulayo?
Ingaba Kuyenzeka Ukuba Wosuleleke yiNtsholongwane kaGawulayo Xa Usabelana Ngesondo Usebenzisa Nomlomo?
Ingaba Umntu Angakwazi Ukuthintela Ukosulelwa Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuthi Abelane Ngesondo Esebenzisa Umlomo?
Bobuphi Ubungqina Obukhoyo bokuba Ukutya Okusempilweni Buhlala Buyiphucula Indlela Amajoni Omzimba Asebenza Ngayo?
Ndingakwazi Ukunyanzelisa Ukuba Umntu Othile Aye Kuvavanyelwa Intsholongwane kaGawulayo phambi kokuba Ndimnike Isithuba Somsebenzi?
Ndingamnceda Njani Ngeyona Ndlela Umhlobo Wam Ophila Nentsholongwane kaGawulayo okanye uGawulayo buqu?
Ndingamelana Nokulahlekelwa Sisihlobo Esisenyongweni Ngokuthi Sibulawe nguGawulayo?
Yintoni Ekufuneka Ndiyiqwalasele Phambi Kokuba Ndiveze Ukosuleleka kwam Yintsholongwane kaGawulayo Kwizihlobo Nezalamane Ezisenyongweni
Kutheni Kufuneka Ndisoloko Ndisebenzisa Iintsilathi nje Naxa sebenzisa Amachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo?
Ingaba Kufuneka Ndiye Ndodwa Na okanye Neqabane Lam Xa Ndisiya Kuvavanyo Lwentsholongwane kaGawulayo?
Ingaba Iya Kusebenza Njani iNkqubo kaRhulumente Yokunikezela Ngamachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo yaye Ndingawafumana Phi La Machiza?
Ndafunyaniswa Ndiphila Nentsholongwane kaGawulayo ngo-1998 Xa Ndandiphila Nesifo Sephepha, Ingaba Kufuneka Ndiqalise Ukusebenzisa La Machiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo Ngoku?
Ndiqala Phi, Njani Ukuncokola Nabantwana Bam Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo?
Ingaba Abantwana Bam Bangayifumana Intsholongwane kaGawulayo Ngeendlela Nje Ezilula?
Athini Amathuba Okosuleleka Komntwana Wam Yintsholongwane kaGawulayo/nguGawulayo Xa Adlalayo Esikolweni?
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
