UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
Ndafunyaniswa Ndiphila Nentsholongwane kaGawulayo ngo-1998 Xa Ndandiphila Nesifo Sephepha, Ingaba Kufuneka Ndiqalise Ukusebenzisa La Machiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo Ngoku?
Umbuzo: Hooray!!! Side ekugqibeleni sazifumana iindaba ezimnandi, urhulumente uvumile ukusinika la machiza adodobalisa ulwamvila lwentsholongwane kaGawulayo. Ndafunyaniswa ndiphila nentsholongwane kaGawulayo ngo-1998 xa ndandiphila nesifo sephepha, ingaba kufuneka ndiqalise ukusebenzisa la machiza adodobalisa ulwamvila lwentsholongwane kaGawulayo ngoku?
Impendulo: Kuyandivuyisa ukuva ukuba kuyakuchulumancisa ukukhutshwa simahla kwamachiza adodobalisa ulwamvila lwentsholongwane kaGawulayo. Kunzima ke kum ukuchazela ukuba ukufumana unyango ngala machiza kusini na. Eyona inokukwenza wazi ukuba ululungele na olu nyango kukuya kweyona klinikhi okanye gqirha ukufutshane nawe ze ucele ukuba akuthumele kwiklinikhi esebenza ngentsholongwane kaGawulayo. Kuloo klinikhi baya kukutsala amagazi ngeenjongo zokufumanisa ukuba isibalo sakho se-CD4, esinceda oogqirha ekufumaniseni ukuba amajoni akho omzimba omelele kangakanani na okanye ungakanani na umthwalo wakho wentsholongwane kaGawulayo. Ukhumbule ke ukuba ukuze ube nokulungela ukusebenzisa amachiza adodobalisa ulwamvila lwentsholongwane kaGawulayo kufuneka sibe kanti isibalo sakho sentsholongwane kaGawulayo singaphantsi kwamakhulu amabini okanye ube unesigulo esichaza ukuphila noGawulayo emzimbeni wakho.
Khumbula, iqhinga lentsholongwane kaGawulayo kukuhlasela amajoni ethu emizimba futhi ngokwenza njalo ibeka imizimba yethu emngciphekweni wokuhlaselwa zezinye izifo ezizungul' amachele. La majoni ethu emizimba zezona zixhobo zethu zokulwa ukuncgola okungena emizimbeni yethu. Umsebenzi wawo kukusigcina siphilile ngokuthi alwe nawaphi na amagciwane okanye izifo ezithi zisihlasele. La majoni omzimba enziwe zizihlunu ezizodwa ezibizwa ngokuba zii-CD4. Xa umntu enamajoni omzimba omeleleyo loo nto ithetha ukuba unezihlunu ze-CD4 ezininzi. Ukuba sifuna ukwazi ukuba amajoni omzimba omntu ngamnye omelele kangakanani, sithi sibale ezi CD4 ke.
Xa sibuyela kumba wokuba intsholongwane kaGawulayo le iwahlasela njani na amajoni omzimba womntu ngamnye: Xa umntu ethe wosuleleka yintsholongwane kaGawulayo, le ntsholongwane izithabathela kuyo ze izibulale ezi zihlunu zeCD4. Le ntsholongwane ithintela ezi CD4 ekubeni zilwe izifo yaye endaweni izinyanzela ekubeni zidale ezinye iintsholongwane. Kuthi ke emva kweminyaka emininzi umntu abe neentsholongwane ezininzi nee-CD4 ezimbalwa egazini lakhe. Xa amajoni omzimba ephelelwe ngamandla nangakumbi izifo ezizungula amachele ezifana nesifo sephepha, ezehlisa amandla amajoni omzimba, zingafumana ithuba lokungena, kodwa ke njengoko usazi, isifo sephepha esi siyanyangeka nokuba umntu lowo sele ephila nentsholongwane kaGawulayo.
Isikhumbuzo, intsholongwane kaGawulayo ayinyangeki. La machiza asetyenziswayo enzelwe nje ukukunceda uphile ubomi obongezelelekileyo nobusempilweni, ngokuthi ehlise ifuthe lale ntsholongwane egazini lakho. Shukuma ngoku ukuze ube nokuzuza lutho kule nkqubo isekhoyo yamachiza adodobalisa ulwamvila lwale ntsgholongwane.
UMTHAMO
Icandelo Elingaphambili
Icandelo Elilandelayo
UMTHAMO: Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu
Ndingaqala Njani Ukuxelela Intwazana Yam Ngesimo Sam kwiNtsholongwane kaGawulayo?
Ndingakwazi Ukondla Usana Lwam Ngobisi Lwebele Xa Ndiphila neNtsholongwane kaGawulayo?
Ingaba Kuyenzeka Ukuba Wosuleleke yiNtsholongwane kaGawulayo Xa Usabelana Ngesondo Usebenzisa Nomlomo?
Ingaba Umntu Angakwazi Ukuthintela Ukosulelwa Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuthi Abelane Ngesondo Esebenzisa Umlomo?
Bobuphi Ubungqina Obukhoyo bokuba Ukutya Okusempilweni Buhlala Buyiphucula Indlela Amajoni Omzimba Asebenza Ngayo?
Ndingakwazi Ukunyanzelisa Ukuba Umntu Othile Aye Kuvavanyelwa Intsholongwane kaGawulayo phambi kokuba Ndimnike Isithuba Somsebenzi?
Ndingamnceda Njani Ngeyona Ndlela Umhlobo Wam Ophila Nentsholongwane kaGawulayo okanye uGawulayo buqu?
Ndingamelana Nokulahlekelwa Sisihlobo Esisenyongweni Ngokuthi Sibulawe nguGawulayo?
Yintoni Ekufuneka Ndiyiqwalasele Phambi Kokuba Ndiveze Ukosuleleka kwam Yintsholongwane kaGawulayo Kwizihlobo Nezalamane Ezisenyongweni
Kutheni Kufuneka Ndisoloko Ndisebenzisa Iintsilathi nje Naxa sebenzisa Amachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo?
Ingaba Kufuneka Ndiye Ndodwa Na okanye Neqabane Lam Xa Ndisiya Kuvavanyo Lwentsholongwane kaGawulayo?
Ingaba Iya Kusebenza Njani iNkqubo kaRhulumente Yokunikezela Ngamachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo yaye Ndingawafumana Phi La Machiza?
Ndafunyaniswa Ndiphila Nentsholongwane kaGawulayo ngo-1998 Xa Ndandiphila Nesifo Sephepha, Ingaba Kufuneka Ndiqalise Ukusebenzisa La Machiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo Ngoku?
Ndiqala Phi, Njani Ukuncokola Nabantwana Bam Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo?
Ingaba Abantwana Bam Bangayifumana Intsholongwane kaGawulayo Ngeendlela Nje Ezilula?
Athini Amathuba Okosuleleka Komntwana Wam Yintsholongwane kaGawulayo/nguGawulayo Xa Adlalayo Esikolweni?
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
