UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
IiNkcukacha Zoluntu
Bambanani Nilwe Ulwaphulo-mthetho - Ukugcina Abantwana Bekhuselekile &gt Amanyathelo Ekufuneka Elandelwe Xa Kulahleke Umntwana
Amanyathelo Ekufuneka Elandelwe Xa Kulahleke Umntwana
MUSA UKUNGAZINZI.
Khangela nje kancinci, ngendlela eyiyo ukufumanisa ukuba ngokwenene umntwana lowo ulahlekile na. Khangelisisa kwikhaya lakho, kwizihlobo eizsenyongweni nakubamelwane.
Musa ukucela ukukhangeliswa ngabanye abantwana kuba kaloku nabo bangaphela belahleka.
Yithi ngoko nangoko unikezele ingxelo ngaloo mntwana ulahlekileyo kwisikhululo samapolisa esikufutshane nawe.
Shiya umntu omthembileyo ekhayeni lakho ukuze aphendule iminxeba, njalo-njalo.
Thabatha owona mfanekiso waloo mntwana mtsha uye nawo kweso sikhululo samapolisa xa usiya kunikezela ingxelo ngokulahleka komntwana lowo wakho.
Nikezela ingcaciso ezeleyo ngomntwana lowo, umzekelo, umbala weenwele, owamehlo, ubude nobukhulu.
Qinisekisa ukuba ufumana inombolo yokuvulwa kolo gqogqo, igama neenombolo zoqhagamshelwano zegosa lasebupoliseni elinikwe uxanduva lokujongana nophando ekulahlekeni komntwana wakho.
Yazisa amapolisa ngempahla ebinxitywe ngumntwana wakho ngexesha lokuduka kwakhe.
Ukuba kuvela naziphi na iinkcukacha, qhagamshelana negosa lasebupoliseni elijongene nokulahleka komntwana wakho ngoko nangoko.
UMTHAMO
Icandelo Elingaphambili
Icandelo Elilandelayo
UMTHAMO: Bambanani Nilwe Ulwaphulo-mthetho - Ukugcina Abantwana Bekhuselekile
Amanyathelo Ekufuneka Elandelwe Xa Kulahleke Umntwana
Iinombolo Zamaxesha Kaxakeka Ekufuneka Uzikhumbule
YAYAMENE
Ikhaya Elikhuselekileyo Kusapho Lulonke (IiNkcukacha Zoluntu)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
