Kuthetha ntoni oku kubakhweli bezithuthi?
Inkonzo iza kuqhuba ixesha elide nangaphezulu - ngexesha lasemini, ukuya kwixesha langokuhlwa kunye nangeempela veki kwaye ziza kuhamba ngamaxesha aqhelekileyo, ngamaxesha onke kwaye zithembeke. Yakuba indlela engummiselo ime kakuhle, abantu baza kuba nako ukujikeleza isixeko behambela abahlobo kunye nosapho, iindawo zentengiso kunye neendawo zolonwabo, kwaye nabakhenkethi baza kuba nako ukujikeleza ngokulula.
Injongo kukufumana indlela elula phakathi kwendlela emmiselweyo kunye nezinye iindlela zokufika endaweni, ezinje ngokuhamba ngeenyawo, iibhayisekile, iiteksi ezihlawulwa ngobude bomgama (metered taxis), kunye namancedo okumisa uze ukhwele (park - and ride). Ilinge lezithuthi ezingezizo iimoto liphuhliselwa isitishi ngasinye.
Kuthetha ntoni oku kubantu abaqhuba iinqwelo zabo/ zabucala?
Apho iindlela zeebhasi ezizodwa zicingelwa, esinye isithuba somgaqo siza kuyekelwa abaqhubi beemoto zabucala, kunye nemiqondiso yezithuthi esendleleni iza kubeka kwindawo ephambili iinqwelo ezizizithuthi zikawonke wonke. Oku kuza kukhuthaza abantu abasebenzisa iimoto zabo/ iimoto zabucala batshintshele ekusebenziseni indlela engummiselo omtsha. Ukwahlulwa kwezithuthi zikawonke wonke kwizithuthi ngokubanzi kunokuba luncedo kuzo zombini izithuthi zikawonke wonke kunye neemoto. Indlela yeeTeksi eziziBhasi eziNcinci kunye neeBhasi (BMT) ekumgaqo u-N2 isindise iimoto zabucala ngaphaya kwemizuzu engamashumi amabini yemizuzu.
Ngubani oza kuqhuba indlela engummiselo?
ISixeko saseKapa siza kwakha iindlela zeebhasi ezizodwa ukuze sicacise imigangatho yenkonzo, ixabiso leentlawulo kunye nohlobo lweenqwelo eziza kusetyenziswa.
Iinkampani zecandelo labucala ziza kunikeza ngowona msebenzi kunye neenkonzo. Umntu osebenzayo uza kubhatalwa ngesiseko sokuba iinqwelo zihamba ngeekilomitha ezingaphi kunye nokuhlangabezana neminye imigangatho yokusebenza. Kuza kubakho inkqubo eyahlukileyo yokubekwa kwamaxabiso omsebenzi oza kwenziwa yenkampani ezimeleyo ukuba iqokelele iintlawulo.
Kwakhona kuza kubakho i-arhente yesiphosiso eza kumiselwa ukuba iphonononge ubulunga benkonzo kunye nokusebenza ngezikhalazo ezivela kuluntu jikelele.
Kuthetha ntoni oku kubasebenzi abakhoyo ngoku?
ISixeko saseKapa sithetha kunye nabammeli beebhasi kunye neebhasi ezincinci ukuze siqinisekise ukuba ishishini lidlala indima ephambili kwindlela engummiselo omtsha. Injongo kukuzuza ubulunga obutsha obuphakamileyo benkonzo ngelixa kuphuculwa ukuba nenzuzo kunye neemeko zokusebenza kwishishini.
Kuthetha ntoni oku kubasebenzi kwishishini?
Indlela engummiselo omtsha ilindeleke ukuba idale imisebenzi emininzi, kungekuko nje kuphela kwinqanaba lolwakhiwo kodwa nasemisebenzini. Ukusebenzela indlela engummiselo omtsha kuza kuthetha imisebenzi esisigxina enayo onke amancedo engqesho esesikweni, enje ngomsebenzi wokhuseleko, iiyure eziqhelekileyo zomsebenzi, umvuzo oyingeniso enokuxelwa kwangaphambili, ikhefu, ikhefu lokugula kunye namancedo okubeleka. Indlela engummiselo omtsha iza kuba namancedo amaninzi kubasebenzi kwishishini.
Ivela phi imali yale projekthi?
Indlela engummiselo ikhutshelwa imali ngenkxaso esuka kurhulumente wesizwe kunye neSixeko saseKapa. Kuzo zonke iindawo zikarhulumente, kuquka noRhulumente wePhondo laseNtshona Koloni, uzimisele ukuguqula izithuthi zikawonke wonke eKapa. Uninzi lweemali ezikhutshwayo zenziwe zafumaneka ukuhlangabezana neemfuneko zaseKapa zokubamba iNdebe yeHlabathi ka-2010.
Kuza kwenzeka nini konke oku kwaye kuza kundiphazamisa njani mna?
Indlela Engummiselo Wokuthutha Okukhawulezayo Komanyano Lwasekapa
Indlela ebhetele yokuhambisa abantu
Ziza kuba mbini iindlela kule nkonzo:
Iindlela ezinkulu
Iindlela ezingena kweyona migaqo mikhulu yezithuthi.
Kwimigaqo emikhulu kuza kubakho iindlela ezahlukeneyo ezilungiselelwe iibhasi ezizinqwelo ezizodwa ezicacileyo ubude buzimitha ezilishumi elinesibhozo (18 metre). Kuza kubakho izitishi ezibhala imo yezulu, izitishi ezivalekileyo kumbindi wendlela kule migaqo, eza kuqinisekisa ukuba iinqwelo zinako ukuhamba ngokukhawuleza xa zigqitha kwezinye izithuthi ezihamba endleleni nokuba abantu banako ukulinda ngokukhuselekileyo kwaye bekhululekile. Iinkonzo zeendlela ezingena kweyona migaqo mikhulu yezithuthi, eziziinqwelo ezimfutshane kubude obuzimitha ezisibhozo (8m) kunye neemitha ezilishumi elinesibini (12m) ziza kukhwelisa abantu ukungena kwiindlela ezinkulu ngeendlela yothutho oluqhelekileyo olunezitishi emacaleni endlela. Inqwelo nganye iza kuba neminyango emininzi ebanzi evuleka ngokulingana neplatfomu yesitishi ukuze uninzi lwabantu babe nako ukungena bephuma ngokukhawuleza. Inkonzo iza kusebenza iiyure ezilishumi elinesibhozo ngemini kwaye neenqwelo ziza kuhamba ngamaxesha aqhelekileyo. Amaxesha aqhelekileyo aza kusukela phakathi kwemizuzu embalwa ngamaxesha apho ubuninzi bezithuthi bufikelela kwiqondo eliphezulu ukuze ubuncinane bube ngamaxesha amathathu ngeyure xa ukudingeka kwazo kunciphile. Amaxabiso okuhlawula aya kufikeleleka kwaye abe nokuthelekiswa kunye namanye ahlawuliswayo ziibhasi kunye neebhasi ezincinci ngeli xesha.
Iza kuya phi indlela engummiselo?
Injongo yeSixeko saseKapa kukumisela uthungelwano olugqitha esixekweni kwiminyaka elishumi ukuya kwelishumi elinesibini (10 ukuya ku-12 yeminyaka). Uthungelwano luza kuqinisekisa ukuba ngaphezulu kwe-75% yabantu baphakathi kweemitha ezingamakhulu amahlanu (500 m) yendlela engummiselo oluphawu oluphezulu olulungele izithuthi zikawonke wonke.
Oku kunokuzuzwa kuphela linqanaba elinye ngexesha.
Mane amanqanaba okubumba i-IRT. Inqanaba lokuqala liza kwenziwa ngamanqwanqwa amabini, elokuqala liza kugqitywa ngaphambi kweNdebe yeHlabathi ka-2010 ukuze elinye kufutshane emva komsitho weNdebe yeHlabathi ka-2010.
Inqanaba 2: Eli nqanaba liza kudibanisa umzantsi mpuma wesixeko oxineneyo linani labantu abahlala kuwo, elo liquka iMitchell's Plain kunye neKhayelitsha, ukuya kwiindawo ekufikelwa kuzo ezingaphaya kwePeninsula.
ISixeko sagqiba ngokuba kwenziwe njani ngeNqanaba 1A?
