Isicelo selungelo lokukhangela ubukho besimbiwa
Inkcazelo
Ilungelo lokukhangela ubukho besimbiwa liphepha lemvume evumela inkampani okanye umntu othile ahlole okanye aphande ummandla womhlaba othile ngeenjongo zokuchonga isimbiwa esikhoyo ngokwenene okanye ekungenzeka ukuba sikhona. Nawuphi na umntu onqwenela ukwenza isicelo selungelo lokukhangela ubukho besimbiwa kufuneka afake isicelo kwi-ofisi yoManejala weNgingqi okwingingqi omi kuyo lo mhlaba.
Ilungelo lokukhangela ubukho besimbiwa lisebenza iminyaka emihlanu, kodwa ke emva kokuphela kwale minyaka mihlanu, umenzi-sicelo angacela ukuvuselelwa kwelungelo lokukhangela ubukho besimbiwa, ithuba elingagqithanga kwiminyaka emithathu.
Ilungelo lokukhangela ubukho besimbiwa liya kunikwa ukubangaba ezi mfuneko zilandelayo zifezekisiwe:
Umenzi-sicelo unayo imali kunye nobuchule bokuqhuba ngokugqibeleleyo, oku kukhangelwa kupoposhwayo kobukho besimbiwa.
Isicwangciso sokuxhasa ngemali siyangqinelana nale nkqubo yokukhangela ubukho besimbiwa kunye nexesha elizakuthatyathwa yile nkqubo.
Akuyi kubakho ngcoliseko okanye monakalo ongamkelekanga kwimo yokusingqongileyo ngenxa yale nkqubo yokukhangela ubukho besimbiwa.
Umenzi-sicelo unako ukuhambisana noMthetho weMpilo noKhuseleko loMgodi .
Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe leZimbiwa naMandla
Inkqubo emayilandelwe
Yenza isicelo kwi-ofisi yoManejala weNgingqi weSebe leZimbiwa naMandla okwingingqi omi kuyo lo mhlaba.
Ukubangaba uManejala weNgingqi uyasamkela isicelo sakho, uyakukucela ukuba uthumele isicwangciso sokulawula imo yokusingqongileyo kwaye ubonisane nomnikazi-mhlaba, umntu ohlala ngokusemthethweni kulo mhlaba okanye nawuphina omnye umbandakanyeki ochaphazelekayo.
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Ukubangaba uManejala weNgingqi akasamkeli isicelo, kufanele akuxelele ngencwadi ebhaliweyo kwisithuba seentsuku ezili 14 kwaye asibuyisele kuwe esi sicelo.
Ukubangaba uManejala weNgingqi uyasamkela isicelo, kufuneka akuxelele kwisithuba seentsuku ezili 14 ukuba uthumele isicwangciso sokulawula imo yokusingqongileyo, kwaye ubonisane nomnikazi-mhlaba okanye umntu ohlala ngokusemthethweni kulo mhlaba, ndawonye nawuphina omnye umbandakanyeki ochaphazelekayo.
Kufuneka uthumele isiphumo esibhaliweyo sokubonisana kuManejala weNgingqi kwisithuba seentsuku ezingama 30.
Zakuba zifezekisiwe ezi mfuno, uManejala weNgingqi kufuneka athumele isicelo kuMphathiswa ukuze asiqwalasele.
UMqulu oPhangaleleyo weShishini leMigodi yaseMzantsi Afrika wokuNika aMandla kwiNtlalo noQoqosho
Iindleko
