UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Amaphulo
Ingqesho
INkqubo Eyandisiweyo Yemisebenzi Yoluntu
INkqubo Eyandisiweyo Yemisebenzi Yoluntu
INJONGO:
Iinjongo zale Nkqubo kukusebenzisa iimali ezisuka kuhlahlo-mali lukarhulumente nolwamaqumrhu karhulumente ukunciphisa nokwehlisa amazinga entswela-ngqesho ngelixa isandisa amathuba abasebenzi okufumana ingeniso, mhlawumbi ngempangelo okanye ngeentshukumo zokuqala nokuqhuba amashishini.Injongo kukwehlisa amazinga entswela-ngqesho aye kuma kwizinga elisezantsi kwesigidi sabantu (ubuncinci amashumi amathandathu eepesenti zamanina, amashumi amathathu eepesenti zolutsha nesibini seepesenti zabantu abakhubazekileyo) eMzantsi Afrika phakathi ko-2004 no-2009.
ISIQALO:
ISIPHELO:
UMGANGATHO:
INKCAZELO:
Le nkqubo kazwelonke ibandakanya onke amabakala karhulumente kwakunye namashishini ombuso. Ijolise ekutsaleleni abantu abaninzi abangaphangeliyo ekusebenzeni ngendlela eveza iziqhamo futhi ikwaqulethe noqeqesho oluza kwangeza izakhono namandla okuba nakho ukufumana ingeniso.
izibonelelo zokwakha ezoqoqosho ezendalo nophuhliso loluntu
INKQUBO YEZIBONELELO ZOKWAKHA
Le nkqubo ijolise ekudaleni amathuba engqesho ngokwamaphulo emisebenzi yoluntu akha ngokusebenzisa abantu ngobuninzi babo. Malunga namashumi amathathu anesixhenxe amawaka eekilomitha zemigaqo, amashumi amathathu ananye amawaka eekhilomitha zeendlela zemibhobho, iwaka elinamakhulu amahlanu eekhilomitha zemisele yamanzi ezaqhwithi nekhulu elinamashumi amahlanu eekhilomitha emigaqwana yabahambi ngeenyawo yasezidolophini iya kwakhiwa.
Oku kuya kudala amathuba empangelo angamakhulu asixhenxe anamashumi amahlanu amawaka kusenzelwa abantu abangaphangeliyo kwiingingqi enzeka kuzo la maphulo.(Kuba ixesha eliqhelekileyo lala maphulo lidla ngokuba ziinyanga ezine, oku kuthetha ukuba ngabantu abangamakhulu amabini anamashumi amahlanu amawaka abaqeshwayo ngonyaka.) Bonke abasebenzi abaqeshwe kula maphulo baya kufumana uqeqesho, oluxhaswa ngezimali liSebe Lemicimbi Yabasebenzi.
INKQUBO YEZOQOQOSHO
Inkqubo yokufunda yecandelo lezoqoqosho ijolise ekubandakanyeni amakhulu amathathu abantu abangaphangeliyo kwizifundo zokuvula nokuqhuba amashishini kule minyaka mihlanu izayo. Kuqikelelwa ekubeni ishishini elincinci ngalinye elisekiweyo liya kuqesha abanye abantu abathathu abongeziweyo.
Le nkqubo yezifundo iya kunceda abanini-mashishini abaseneminqweno yokuphuhlisa izakhono namava adingekayo ekusekweni kwamashishini amancinci, aphakathi namakhulu. Abafundi baya kubhaliswa kwiinkqubo yezifundo ezixhaswa ngezimali yiSETA ze zixhaswe ukuseka amashishini amancinci. Izibhambathiso zokufunda ziya kubonelela ngamava asemsebenzini kubafundi. Abafundi baya kuziphumelela izifundo zabo benolwazi lobugcisa oludingekayo ukuze baqhube amashishini abo, ulwazi lokuba liqhutywa njani na ishishini, isiqinisekiso seNQF, amava kwanokusekwa kweenkcukacha zomntu zemali-mboleko.
INKQUBO YEZENDALO
Malunga namakhulu amabini ananye amawaka namakhulu asixhenxe anesithathu samathuba empangelo aya kudalwa ngokweenkqubo ezifana:
neNkqubo Yokunonotshelwa Komhlaba
Inyathelo Elihlanganisa Abantu Neepaki
Inkqubo yokucocwa koMzantsi Afrika
Iphulo Lokusebenzela Amanzi
Inkqubo Yomlilo
Le nkqubo iya kukhokelela ekususweni nasekukhuculweni kwezivuno zezinye iingingqi kumakhulu amabini amawaka eehektare zomhlaba, ukulungiswa kwamashumi amane eengingqi zomhlaba ezinamanzi, ukusekwa kwamashumi amabini elwa nenqanda imililo, ukucocwa kwamakhulu asixhenxe eekhilomitha zonxweme, ukulungiswa kweshumi lamawaka eehektare zomhlaba, ukusekwa kwamashumi amathathu anambini eenkqubo zolawulo lobumdaka kwanokusekwa kwekhulu elinamashumi amahlanu amaphulo olondolozo lwembali namacandelo ezotyelelo loluntu ekuhlaleni.
INKQUBO YOPHUHLISO LOLUNTU
Unonophelo Lwasekhaya Olusekelwe Kuluntu Ekuhlaleni
Ukukhula Kwabantwana Abaselula.
Inkqubo Yononophelo Lwasekhaya Olusekelwe Kuluntu Ekuhlaleni ijolise ekudaleni ikhulu elinamashumi amabini anesibini lamawaka namakhulu amabini anamashumi amane ezithuba zemisebenzi (ishumi elinesixhenxe lamawaka namakhulu amane kuloo mathuba iya kufumaneka ngokwezibhambathiso zokufunda) eziya kutsala iminyaka emihlanu ngokwenkqubo embombo-ntathu eqhutywa ngentseenziswano neSETA Yezempilo Nentlalo-ntle.
Inkqubo Yokukhula Kwabantwana Abaselula ijolise ekuphuhliseni izakhono zeshumi elinethoba lamawaka nesibhozo samakhulu abantu abanonophela abantwana kwisithuba seminyaka emihlanu, ngoko ke babe bongeza amandla abo okufumana ingeniso kwangaxesha-nye kuphuculwe icandelo lononophelo neendawo zokufundela zabantwana bethu.
UHLAHLO LWABIWO-MALI:
Icandelo Lezibonelelo: Izibonelelo zenkxaso-mali efikelela kumashumi amane anesihlanu ezigidi-gidi zeerandi enikezelwa phantsi kwemiqathango kwisithuba sale minyaka mihlanu izayo (kujoliswe ekufikeleleni kwisinye esithathwini sesi sixa)
Icandelo Lezoqoqosho: liseza kuqinisekiswa
Icandelo Lendalo Nenkcubeko: izigidi-gidi ezine zeerandi kwisithuba seminyaka emihlanu ezayo
Icandelo Lophuhliso Loluntu: amakhulu amathandathu ezigidi zeerandi kwisithuba seminyaka emihlanu ezayo
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
