UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Amaphulo
ULwaphulo-mthetho, uMthetho NoBulungisa
Ukunqanda Ubundlobongela
Izithembiso Zekhulu Lokuqala Leentsuku: Ikhaya Elikhuselekileyo Kuthi Sonke
Izithembiso Zekhulu Lokuqala Leentsuku: Ikhaya Elikhuselekileyo Kuthi Sonke
ISIQALO:
ISIPHELO:
INKCAZELO:
Ukhuseleko lwandiswa kweli khulu lokuqala leentsuku, ngokuthi:
kuqeqeshwe abantu abatsha njengamapolisa emizila kaloliwe kwiKholeji Yoqeqesho yasePhillipi kusetyenziswe amavolontiya ahlawulwayo eBambanani ukuze ancede amapolisa emizila kaloliwe.
kuphuculwe izikhululo zamapolisa kwiingingqi ekugquba kuzo ulwaphulo-mthetho kusekwe amacandelo Obundlobongela Basekhaya, Ukhuseleko Lwabantwana Nokuphathwa gadalala ngokwesondo kwizikhululo zamapolisa kubanjwe kuvalelwe abathengisi nabathubelezisi beziyobisi
UKUQEQESHWA KWAMAPOLISA EMIZILA KALOLIWE
Ukhuseleko koololiwe luye lwangumba odla umzi kakhulu ixesha elide, ze kwafikelelwa esigqibeni ngenyanga kaCanzibe ngo-2004 ukuzama ukuphinda kuziswe amapolisa emizila kaloliwe koololiwe kwilizwe lonke, kuqalwe ngesixeko saseKapa. Amapolisa amatsha emizila kaloliwe, aya kuba ngaphantsi kweNkonzo Yamapolisa aseMzantsi Afrika, futhi kufuneka kuqala afumane uqeqesho phambi kokuba athunyelwe koololiwe. Ngaphezu kwekhulu labantu abadonga uqeqesho baqalise ngoqeqesho lwabo kwiKholeji Yoqeqesho yasePhillipi kwakweli thuba leentsuku zokuqala ezilikhulu.
AMAVOLONTIYA EBAMBANANI KOOLOLIWE
IPhulo leBambanani Lokhuseleko Koololiwe elisebenzayo ngoku, elibandakanya amavolontiya ajongene nokhuseleko koololiwe, likhokelele ekuhleni kweentshukumo zolwaphulo-mthetho koololiwe ngexa bekusenziwa inkqubo yovavanyo ngexesha leNkqubo Yokhuseleko Ngexesha Leeholide Zehlobo eqale ngenyanga yoMnga ngo-2003 ukuza kuma ngenyanga yoMqungu kulo nyaka. La mavolontiya aza kuqhubekeka esebenza, ehlawulwa de amapolisa amatsha oololiwe abe abekwe ngendlela eyiyo.
UKONGEZWA NOKUPHUCULWA KWEZIKHULULO ZAMAPOLISA
Njengoko amahlomela-dolophu nezixeko kummandla wenqila yeNtshona Koloni ekhula ngokwengingqi yomhlaba nangokwamanani abantu, kukho isidingo sokongezwa kwezikhululo zamapolisa ukuze kugcinwe uxolo ngelixa loku kukhula.
UBUNDLOBONGELA BASEKHAYA, UKHUSELEKO LWABANTWANA NAMACANDELO OKUPHATHWA GADALALA NGOKWESONDO
Xa iNkonzo Yophando Yenkonzo Yamapolisa oMzantsi Afrika yayisakhiwa ngokutsha, kwabakho iingcinga zokuba iCandelo Lokhuseleko Lwabantwana liya kususwa ze endaweni yalo kubekwe amacandelo Obundlobongela Elusatsheni, Ukhuseleko Lwabantwana Nokuphathwa Gadalala Ngokwesondo (iiFCS ngamafuphi). La macandelo ebeya kufakwa kwizikhululo zamapolisa kube ke ngoko kusondezwa ubuchwepheshe beli candelo eluntwini.
Ngokuvulwa kwala macandelo matsha aphezulu apha kweli khulu lokuqala leentsuku, kufuneka ngoku kubekho icandelo leFCS elikufutshane nazo zonke izikhululo zamapolisa zaseNtshona Koloni.
Abasebenzi kula macandelo eFCS anobuchwepheshe bokumelana neentshukumo zolwaphulo-mthetho lokuphathwa gadalala ngokwesondo ezenziwe kubantwana nakubantu ababhinqileyo, njengoko benoqeqesho olubanceda ekuphandeni la matyala ngendlela eyiyo kwangelixa baqwalasela iimfuno zamaxhoba.
Amacandelo eFCS avule ngeli khulu lokuqala leentsuku abekwa:
Ubukho babathengisi nabathubelezisi beziyobisi ezitalatweni kukhuthaza ukungahlonelwa kwamapolisa nomthetho. Kuye kwakho ithemba ke lokuba abathathu kwaba bathengisi nabathubelezisi beziyobisi baya kubanjwa bavalelwe kweli thuba lekhulu lokuqala leentsuku. Kuye ke kwabanjwa kwavalelwa ngempumelelo ababini kwaba bathengisi nabathubelezisi.
Ukubuyela Kwizithembiso Zekhulu Lokuqala Leentsuku: Ikhadi Lengxelo
Isebe Lokhuseleko loLuntu (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
