UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Izalathiso
Amaphulo
Ushishino & Noqoqosho
Amashishini Amancinci
Iphulo i1000 x 1000
Iphulo i1000 x 1000
INJONGO:
Eli phulo lijolise:
ekukhuthazeni abantu abangaphangeliyo ukuba babe ngabanini-mashishini ekunciphiseni intswela-ngqesho ngokuthi linike uluntu ithuba lokuqalisa ishishini ekunikezeleni ngenkxaso egqibeleleyo kwiwaka labantu abathabathe inxaxheba kwisithuba sexesha eliziinyanga ezine
ISIQALO:
ISIPHELO:
UMGANGATHO:
INKCAZELO:
IMIBUZO EBUZWA RHOQO:
Ndixelele banzi ngeli phulo.
Ingaba ndiza kulifumana liziinkozo eli waka leerandi?
Ingaba avalwa nini amangenelo kweli phulo?
Ingaba ndingaqwafaka agqithileyo kwisinye? Ukuba ndinemibono engaphezu kwesinye yoshishino?
Ingaba ndingangenela ukuba sele ndinalo kakade ishishini?
Ingaba kuya kufuneka ndiyibuyise le mali?
Ingaba abantu abagqithileyo kwisinye bosapho olunye bangawafaka amangenelo abo kweli phulo?
Ingaba sinhgayihlanganisa le mali/Singangenela kunye?
Ukuba ishishini lithi libhange?
Ingaba kungakho nabani na onokusinceda?
Andivisisani nomcebisi wam, ndingenza ntoni?
Ndinesidanga/ndifundile, ndingangena?
Malunga neli phuloUrhulumente wephondo leNtshona Koloni uya kube enikezela kumntu ngamnye kwiwaka labantuabangaphangeliyo , iwaka leerandi ukuze baqalise amashishini angawabo. Ekufuneka ukwenzile nje wena kukuza nombono OPHILILEYO woshishino. Ukuba siwuthandile loo mbono, siya kukunika iwaka leerandi kwakunye neengcebiso EZISIMAHLA zengcali yezoshishino.
Namphi na ummi woMzantsi Afrika ongaphezu kweshumi elinesibhozo leminyaka ubudala, ohlala eNtshona Koloni agangenela.
Khawufumane imithetho kwakunye nentengiso apha.
Inkqubo yeli phulo ingolu hlobo:
Emva koko, kuya kuthi kuqhagamshelwane nabo bonke abo bafake izicelo ukuqinisekisa iinkcukacha zabo.
Ekupheleni kwenyanga yeSilimela, kuya kukhutshwa kuvakaliswe iwaka lamagama.
Aba bafaki-zicelo baya kuncediswa ekuqulunqeni imibono yoshishino ngokwendlela abawaboba ngayo amashishini abo ngokuthi bancedwe ngumcebisi.
Baya kuba nenyanga ukuqoshelisa oku.
Eli waka leerandi liya kuthi ke linikezelwe.
Kwisithuba sexesha eliziinyanga ezintathu emva koko, eli shishini liya kuncediswa ze kubekwe iliso kulo ngumcebisi ekunyanzelekileyo ukuba abe kulo.
Uhlolo lokugqibela luya kwenziwa ze abaphumeleleyo baziswe ngenyanga kaCanzibe ku-2006.
Abaphumeleleyo baya kufumana emnye ukuya kuma kwisihlanu samawaka eerandi ngeenjongo zokwandisa amashishini abo.
Eli linyathelo leSebe Lophuhliso Loqoqosho Nezokhenketho.
Ingaba ndiza kulifumana eli waka leerandi liziinkozo?Hayi, kuya kuthengelwa ishishini lakho iimveliso okanye izixhobo ngokweemfuno zakho
Ingaba avalwa nini amangenelo kweli phulo?Ngomhla wamashumi amathathu ananye kwinyanga kaCanzibe apha ku-2005
Ingaba ndingawafaka amangenelo angaphaya kwesinye? Ukuba ndinemibono yoshishino engaphaya kwesinye? Hayi, kuya kufuneka ukhethe owona mbono ungakuphumelelisa kweli phulo.
Hayi eli phulo lijoliswe kubantu abangaphangeliyo kuphela. Lenzelwe abantu abangenangeniso konke-konke.
Ingaba kuya kufuneka ndiyibuyise le mali?
Ewe, noxa kunjalo, amashishini angaphumeleliyo, awayi kohlwaywa kodwa ke kuya kufuneka aphendule ukuba ayitheni na imali. Apho kufunyaniswa uukba imali yasetyenziswa ngendlela engenankathalo, okanye yasetyenziselwa omnye umbno woshishino ongenguwo lowo ibikhutshelwe wona, umthabathi-nxaxheba kuya kufuneka ayibuyise le mali.
Ingaba amalungu osapho olunye angaphaya kwesinye angangenela kweli phulo?
Ewe, umntu azingenele ngokwakhe futhi ngombono wakhe woshishino.
Ingaba singayihlanganisa imali yethu okanye singenele kunye?
Hayi, kufuneka umbono omye woshishino kumntu ngamnye.
Hayi, bonke abemi bangangenela, kodwa ke kufuneka ube akuphangeli.
Ukuba ishishini lithi lingaphumeleli?
Akuyi kohlwaywa ukuba ishishini lakho lithi lingaphumeleli, kodwa ke, kuya kufuneka uchaze zonke iinkqubo ozilandeleyo kwelo shishini.
Ingaba uya kubakho umntu onokusinceda? Ewe, umntu ngamnye uya kunikwa umcebisi EKUNYANZELEKILEYO ukuba abekho.
Andivisisani nomcebisi wam, ndingenza ntoni? Izikhalazo/ukungoneliseki kungathunyelwa kumlawuli oyintloko weli phulo oya kuthi yena awushukuxe loo mba ngendlela ewufaneleyo.
Kakade, ngelixa ungekaphangeli okanye ungengomfundi ngexesha lesi sicelo, ungasifaka isicelo sakho.
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
