Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
izithuthi zempahla, oomasilenge neebhasi izithuthi ezinobunzima obungaphezulu kwamawaka amathathu namakhulu amahlanu futhi zenzelwe ukuthwala abantu abalishumi elinambini nangaphezulu kuquka nomqhubi.
Izithintelo ngokweminyaka ekuqhubeni ezintlobo zilandelayo zezithuthi:
izithuthi zempahla - kufuneka ube neminyaka elishumi elinesibhozo izithuthi zabagibeli - kufuneka ubeneminyaka engamashumi amabini nanye
Izithuthi ezithwala izinto ezinobungozi - kufuneka ubeneminyaka engamashumi amabini nantlanu.
Ungayifumana imvume yobunjingalwazi ekuqhubeni xa:
unephepha-mvume elisemthethweni lohlobo lwemoto oyenzela isicelo ugqirha wenze isiqinisekiso sokuba ukulungele oku ngokwasempilweni uqinisekisiwe yindawo yoqeqesho evumelekileyo awukagwetyelwa ukuqhuba ngaphantsi kwempembelelo zotywala, ukuqhuba ngokungahoyi nangokungenankathalo okannye ityala lenkohlakalo alikaze limiswe ukusebenza iphepha-mvume lakho lokuqhuba.
Umntu osebenzisa omoto okanye umnini moto efunelwa imvume yokuqhutywa ngobuchule, akanakuvumela omnye umntu ayiqhube lemoto endleleni kawonke-wonke, ngaphandle kokuba unemvume yoku yinjingalwazi ekuqhubeni olu hlobo lwemoto.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
incwadi yesazisi, ikhadi lephepha-mvume lokuqhuba, incwadi yokundwendwela esemthethweni yase Mzantsi Afrika iifoto ezimbini zesazisi ezimnyama namhlophe iphepha-mvume elisemthethweni isatifiketi soqeqesho isatifiketi sakwagqirha enye imvume yobunjingalwazi ekuqhubeni okanye imvume yokuqhuba endleleni kawonke-wonke oyiphetheyo.
Bhatala imali efunekayo.
Emva kokuba ubhatele uzakuthunyelwa esikhululweni samapolisa esikufuphi nawe, uye kucela ingxelo yokugwetywa.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Imvume iba sele ilungile kungekapheli iiveki ezisibhozo ukuya kwezilishumi-nambini.
Entla
Iindleko
