ISONGEZELELO 9
Isahluko 1: Ulwazi Gabalala
Iinkcazelo 2. Injongo 3. Imigaqo 4. Ukutsalwa kwemali nguMqeshi 5. Amatyala asemva ooceba nawabasebenzi bakamasipala 6. Ulawulo lwamatyala 7. Iimbambano 8. Ukwabiwa kwamatyala 9. Ityala elingenakuphinda lihlawuleke Isahluko 2: Iireyithi zeePropati neeNKonzo 10. Iireyithi zenyanga 11. Iinkonzo 12. Elinye ityala 13. Amalungiselelo 14. Imimandla eneeReyithi eziZodwa Isahluko 3: Ezezindlu 15. Imithetho-siseko engundoqo 16. Inkqubo yokukoleka: Iinkqubo zokuRenta 17. Inkqubo yokukoleka: Inkqubo zokuba nguMnini-ndlu 18. Amalungiselelo okuhlawula ityala elisemva 19. Ukubonelelwa kwaBahluphekayo Isahluko 4: Umrhumo weBhunga weeNKonzo zoMmandla 20. Ingcaciso 21. Ukukoleka nolawulo lwetyala
Isahluko 5: Ukubonelelwa kwaBahluphekayo
Ubume bemirhumo 23. Usetyenziso olugqithisileyo 24. Amatyala asemva 25. Inkqubo yokubhalisa 26. Ukubonelelwa kwaBahluphekayo: Iireyithi zePropati 27. Ukubonelelwa kwaBahluphekayo: Amanzi 28. Ukubonelelwa kwaBahluphekayo: Umbane 29. Inkunkuma 30 Amanyathelo olawulo lwamatyala 31. Ukungathethi nyani
Isahluko 6: Ulawulo lwePropati
ISAHLUKO 1: ULWAZI GABALALA 1. Iinkcazelo 1 Kulo Mgaqonkqubo, ngaphandle kokuba imeko ithetha enye into, igama okanye inkcazelo yentsingiselo enikwe siSixeko saseKapa: kuMthetho kaMasipala woLawulo lwaMatyala noQokelelo lweZikweliti -iyafana nale ilapha, yaye - "Indlu enentloko yekhaya engumntwana" ibhekisa kwindlu apho kuhlala abantwana bodwa ekungekho namnye kubo ominyaka ingaphezulu kwe-18, ukutsho oko, ngumzi onabantwana bodwa; "ukuguqulwa kweentsalela zamatyala amadala" kubhekisa kumatyala asuka koomasipala bangaphambili abayinxalenye yoomasipala beSixeko saseKapa ngoku, kuloo matyala akukho nto ingenye irekhodiweyo ngaphandle kwenzala, ukuba ikhona; "umvuzo wabanini-ndlu abatyala imali yendlu" uthetha umvuzo opheleleyo womntu onesikweliti kunye nomlingane okanye ihlakani lakhe kunye nepesenti yomvuzo opheleleyo waye nawuphi na umntu ohlala kulo propati, apho oko kunokwenzeka ukuba kube njalo; "isixamali sentlupheko" sibhekisa kwinkxasomali yabantu abahluphekileyo esigqitywa nguMasipala kumaxesha ngamaxesha; "uhlolo-maxabiso lukamasipala" luthetha ixabiso lepropati eligqitywa kulandelwa uMthetho woRhulumente weMimandla: weeReyithi zeePropati zikaMasipala, 6 ka-2004; "abakweliti abangengobahlali" oku kubhekisa kurhulumente, abanini kunye nabarenti beepropati abangafumani saphulelo nabakweliti abangenalungelo lakufumana umbane namanzi amahala; ngokomgaqonkqubo wemirhumo neereyithi zikamasipala kwinkonzo zasemakhaya; "imitha ehlawulelwa kwangaphambili" ithetha imitha elungiselelwa ukuba kusetyenziswe umbane othengwe phambi kokuba usetyenziswe kwisekethe yombane; [inkcazelo ifakelwe yi-SPC DD Meyi 2008 eya kusebenza ukusukela ngowe-1 Julayi 2008] "abakweliti abangabahlali" oku kubhekisa kubakweliti abanelungelo lokufumana umbane namanzi amahala; ngokomgaqonkqubo wemirhumo neereyithi zikamasipala kwinkonzo zasemakhaya; "imimandla eneereyithi ezizodwa kubandakanywa neZithili zoPhuculo lweSixeko CIDs" ibhekisa kwimimandla eneereyithi ezizodwa kubandakanywa neZithili zoPhuculo lweSixeko CIDs njengoko ichaziwe kuMthetho woRhulumente weMimandla: weeReyithi zeePropati zikaMasipala, 6 ka-2004;
amatyala ngamatyala" ibhekisa kulo naliphi na ityala ngaphandle kweereyithi, awendlu, aweemitha zokubala, awogutyulo nawokuthuthwa kwenkunkuma; kananjalo "isixhobo solawulo lokuhamba kwamanzi'' sibhekisa kwisixhobo sokulawula ukuhamba kwamanzi, usetyenziso lwamanzi okanye iimfuno zamanzi zepropati ehlala uluntu. 2 Injongo Injongo yalo Mgaqonkqubo kukwenza oku- (a) kukugxila kuwo onke amatyala angekahlwulwa abhalwe kwiakhawunti yabakweliti; (b) ukubonelela ngomgaqonkqubo ofanayo wolawulo lwamatyala noqokelelo lwezikweliti; (c) ukukhuthaza uluntu olutyalayo ukuba luwahlawule amatyala nokwenza ukuba xa benamatyala bazive benoxanduva lokuba bawahlawule nokucutha ityala likamasipala; (d) kulandelwa imithetho-siseko ekulo Mgaqonkqubo, makusetyenziswe iinkqubo ezinengqiqo, ezingenazindleko zininzi nezinempumelelo ekuqokeleleni izikweliti yaye oko kwenziwe ngexeshana elifutshane kungakhange kwaba naziphazamiso kwinkqubo le. (e) kukuqinisekisa ukuba kukho into eyenziwayo ngabantu abangahlawuliyo kulandelwa imiqathango yomgaqonkqubo.
Imithetho-siseko
Lo mgaqonkqubo uxhasa le mithetho-siseko ilandelayo: (a) Makugcinwe isidima soluntu ngawo onke amaxesha; (b) Umgaqonkqubo mawumiselwe ngobulungisa, ngokulunga yaye kwenziwe into efanayo kuwo wonke umntu; (c) Iinkcukacha ezimalunga nesikweliti kunye neakhawunti yomkweliti kufuneka zihlale zizizo ngalo lonke ixesha; (d) Isikweliti namalungiselelo okuhlawula ityala ziya kuhlanganiswa kodwa izithuba zokuhlawula ezahlukileyo okanye iinkqubo zokwenza oko zinokuxhomekeka kwiintlobo ezahlukileyo zeenkonzo, abakweliti, imimandla abakuyo phantsi komthetho wokuba isithuba sokuhlawula ityala masithathele ingqalelo izavenge umntu anokukwazi ukuzihlawula yaye kufuneka kubekho ubungqina bokuba umkweliti uya kukwazi ukuhlawula loo mali; (e) Ukumiselwa kwalo mgaqonkqubo kusekelezelwe kwinkqubo ezizizo zokuqhuba ishishini nakwimithetho emalunga noku;
f Izicelo ezitsha zeenkonzo ziya kuxhomekeka kulwazi olukhoyo ngamatyala onawo yaye iimali umntu azityalayo zingadlulselwa kwiakhawunti entsha. Lonke ulwazi olunikwe kwifomu yesicelo lusenokuqinisekiswa nguMasipala kulo naliphi na iziko lovimba wolwazi, nakwiziko eligcine ulwazi lwamatyala abantu nakuyo nayiphi na ibhanki umasipala abona kulilungelo ukuba ayibuze ukuze aqinisekise ukuba umfaki-sicelo uyakwazi ukuwahlawula amatyala akhe. Umasipala unelungelo lokuchaza ngesimbo sokuhlawula kakubi xa oko kuyimfuneko kumaxesha ngamaxesha; (g) Xa kungekho ezinye iindlela ezisenokusetyenzisa uMasipala angahlisa amazinga eenkonzo ukuze kulawulwe ukukhula kwetyala; (h) Abakweliti bangathunyelwa kwiiarhente eziqokelela amatyala, kananjalo bangabekwa kuluhlu lweSizwe lwaBantu abaTyalayo; (i) Ukuba ityala alihlawulwanga ngomhla wokulihlawula, umntu uya kunikwa inyanga enye ze emva kwayo elo tyala libe benzala. Inzala iya kubalwa ngeenyanga ukususela ngomhla wokungahlawuli kwinyanga nganye, okanye inxalenye yenyanga ethe lo akhawunti ayahlawulwa ngayo; (j) Ukunceda kumalungiselelo, umkweliti kusenokufuneka ukuba athobele nawaphi na amanyathelo okumcingela ekunokufuneka athatyathwe ukuhlisa izinga lokusebenzisa iinkonzo ukuze zifikelele kwizinga anokukwazi ukulihlawula; (k) Imiqathango equlethwe kwifomu ekufuneka isetyenzisiwe okanye uxwebhu olusetyenzisiweyo ekumiseleni lo mgaqonkqubo, ezo zinto ziyinxalnye yalo mgaqonkqubo yaye zibandakanyiwe njengezikhanywe ngqo; (l) Abakweliti abahlawula amatyala abo ngekhredithi-khadi nalapho ixabiso lentlawulo liyi-R3 000,00 nangaphezulu, okanye isixamali esigqitywe liBhunga xa ligqiba imirhumo, baya kuba noxanduva lwendleko yalo ntlawulo eya kudluliselwa kuMasipala yibhanki. (m) Ukumiswa kwenyathelo lolawulo lwetyala, xa lithe laphazanyiswa nangasiphi na isizathu, apho kunokwazeka kuya kuthi kuphinde kuqale kwinyathelo lokugqibela elalithatyathiwe. 4. Ukutsalwa kwemali ngumqeshi Qho xa kufikelelwa kwisivumelwano ngokwecandelo 8, loMthetho kaMasipala woLawulo lwaMatyala noQokelelo lweZikweliti weSixeko saseKapa, kunye nomqeshi, uMasipala kungafuneka ahlawule ikhomishini kumqeshi, esisixamali esiya kugqitywa amaxesha ngamaxesha. 5. Iimali ezisemva zooCeba nabasebenzi bakaMasipala (a) Amatyala asemva abasebenzi kuya kujongwana nawo kulandelwa uShedyuli 2 womthetho i-Systems Act, yaye kulandelwe naziphi ezinye iinkqubo okanye amanyathelo ekubhekiswe kuwo kuMgaqonkqubo. Noxa kukho ezinye iinkqubo okanye amanyathelo ekubhekiswe kuwo kuMgaqonkqubo anokuthi athathwe, uMasipala uya kuthi atsale nasiphi na isixamali esilityala kwimivuzo yabasebenzi emva kwesithuba seenyanga ezi-3 (ntathu).
b Ngokwemiqathango kaShedyuli 1, umba 12A we-Systems Act, uCeba woMasipala akanakuba semva kumatyala eenkonzo, iireyithi zepropati, iirhafu zikamasipala isithuba seenyanga ezi-3 ntathu. Noxa kukho ezinye iinkqubo okanye amanyathelo ekubhekiswe kuwo kuMgaqonkqubo anokuthi athathwe, uMasipala uya kuthi atsale nasiphi na isixamali esilityala kumvuzo kaCeba lowo emva kwesithuba seenyanga ezi-3 ntathu. 6. Ulawulo lwamatyala 1 Zonke izicelo ezitsha zobonelelo ngeenkonzo zinokunyanzeleka ukuba zixhomekeke ekuhlawulweni kwediphozithi, oko kusekelezelwe kwindlela umfaki-sicelo ebekade ehlawula ngayo amatyla kamasipala apho kuya kufuneka eyiona diphozithi incinci kumrhumo ngamnye. 2 Naluphi na uhlengahlengiso kwidiphozithi luya kuxhomekela kwirekhodi lomkweliti leentlawulo zamatyala kaMasipala. 3 Kusenokunyanzeleka ukuba kuhlolwe onke amatyala omfaki-sicelo kwinzame zokuphanda onke amatyala anawo kubandakanywa nakamasipala. Oku kuza kunyanzelisa ukuba kubonelelwe ngesazisi esisiso, yaye kusenokufuneka nesivumelwano sokurenta esibophelelayo, amaxwebhu obunini-tayitile kwakunye namanye amaxwebhu aya kumane efunwa ngumasipala amaxesha ngamaxesha. Ifomu efanelekileyo yokufaka isicelo eyamkelwe nguMasipala amaxesha ngamaxesha iyinxalenye yalo Mgaqonkqubo ukuba ngaba izinto eziqulethwe kulo fomu yesicelo azikhabani nezibonelelo zalo Mgaqonkqubo. 4 Izicelo zeenkonzo zamashishini, ezibandakanya kodwa ezingaphelelanga kwiitrasti, iinkampani, imifelandawonye, ubuhlakani kumashishini, abantu abanamashishini kunye namaziko karhulumente kufuneka zamkelwe phantsi kwemiqathango yomhlathana 1 olapha ngentla. Isicelo kufuneka sibandakanye isigqibo esinikeza igunya kumfaki-sicelo sinikeze, ukuba ikhona, nembolo yobhaliso yeshishini elo, okanye iNombolo-Salathiso yeTrasti T number zidlulisele kwi-Master of the High Court. Kufuneka kungeniswe amagama, iidilesi nazo zonke iinkcukacha zoqhagamshelwano zabalawuli beshishini okanye amalungu okanye abanini-trasti okanye abanini-shishini kunye nesigqibo eso sithathiweyo. Ifomu efanelekileyo yokufaka isicelo eyamkelwe nguMasipala amaxesha ngamaxesha iyinxalenye yalo Mgaqonkqubo ukuba ngaba izinto eziqulethwe kulo fomu yesicelo azikhabani nezibonelelo zalo Mgaqonkqubo. 5 UMasipala akasayi kushishina yaye akayi kubonelela ngazinkonzo kuye nawuphi na umntu osemva ekuhlawuleni amatyala kamasipala ngaphandle kwaxa elandela imiqathango yomgaqonkqubo ngokugqitywa nguMasipala amaxesha ngamaxesha, kananjalo akukho mntu oya kuthi etyala iakhawunti kaMasipala abuyiselwe imali.
Iimbambano Kulo mba "imbambano" ibhekisa kwixa apho umntu okwelitayo enento emkhwinisayo kwiakhawunti yakhe kaMasipala okanye eyibhekisa kuManejala weSixeko elandela inkqubo equlethwe kwibinzana elilapha ngezantsi. Ukuze imbambano ingeniswe kuMasipala, kufuneka kulandelwe ezi nkqubo zilandelayo: Emakwenziwe nguMkweliti (a) Imbambano leyo kufuneka ingeniswe ibhaliwe okanye ichazelwe igosa eliya kuthi lona liyibhale phantsi lize limsayinisa umntu lowo ebeyichaza ukuqinisekisa ukuba iyiyo. Olo xwebhu kufuneka likhawuleze lidluliswe kwigosa elinegunya lokujongana nayo. (b) Akukho mbambano iya kungeniswa ingabhalwanga okanye echazwa ngefowuni. (c) Umkweliti makanike zonke iinkcukacha zakhe kuquka neenombolo zakhe zeakhawunti ezikwaMasipala, iinombolo zakhe zefowuni, ezefeksi, idilesi yeposi neye-imeyili kunye nazo naziphi na ezinye iinkcukacha ezifunwa nguMasipala. (d) Makunikwe inkcazelo epheleleyo ngembambano leyo kwimbalelwano ekubhekiswe kuyo apha ngentla. (e) Ngumkweliti ekufuneka eqinisekisile ukuba uyayifuna imbalelwano ethi ileta yakhe yembambano ifunyenwe. Emakwenziwe nguMasipala (a) Akufumana ileta yembambano, uMasipala kufuneka ethatha la manyathelo alandelayo: (b) Zonke iileta zembambano ezifunyenweyo kufuneka zirekhodishwe kwirejista yokwenza oko. Kufuneka kubhalwe olu lwazi lulandelayo kuloo rejista: (i) inombolo yeakhawunti yomkweliti; (ii) igama lomkweliti; (iii) idilesi yomkweliti; (iv) iinkcukacha ezipheleleyo zembambano; (v) igama legosa elinikwe ileta yembambano ukuba liyiphande ze liyisombulule lilandela imiqathango ekuMgaqonkqubo; (vi) amanyathelo athatyathiweyo ukusombulula imbambano; (vii) umtyikityo wegosa elilawulayo. (d) Igosa elilawulayo neligunyazisiweyo liya kugcina irejista kulo ze limana ljonga inkqubela mihla le okanye ngeveki okanye lilandelele iimbambano ezingekasonjululwa. (e) Makabhalele umkweliti amchazele ukuba imbalelwano yakhe yembambano uyifumene. Kulandelwa le miqathango ilandelayo xa kuqwalaselwa iimbambano: (a) Zonke iimbambano kufuneka zisonjululwe nguManejala weSixeko.
b Isigqibo sikaManejala weSixeko asinakujikwa mntu yaye sikhokelela ekumiselweni ngokukhawuleza kwamanyathelo oqokelelo lwesikweliti nolawulo lwetyala ngokwezibonelelo zoMgaqonkqubo emva kokuba umkweliti eye waziswa ngesiphumo sesibheno sakhe. c Eso sikweliti asisayi kuphinda sichazwe njengembambano ngokwalo mhlathi yaye asisayi kuphinda siqwalaselwe njengomba wembambano. d Ukuba umkweliti akanelisekanga sisiphumo sembambano, angangenisa isibheno ngokwemiqathango yecandelo 62 lomthetho i-Systems Act. 4 UMasipala unelungelo lokuhlaba ikhwelo lembambano kulo naliphi na ityala xa oko ekubona kufanelekile. 8. Ukwabiwa kwesikweliti 1 Ngokwecandelo 102 a lomthetho i-Systems Act kaMasipala, onke amatyala ahluka-hlukeneyo omntu onoxanduva lokuhlawula uMasipala, athathwa njengetyala elihlangeneyo, noxa amatyala alo mkweliti esenokuba ahlukanisiwe, yaye oku kubandakanya neenkonzo esele zihlawulelwe kwangaphambili ezingaphunyelwa matyala zona. 2 Onke amatyala ahluka-hlukeneyo omntu onoxanduva lokuhlawula uMasipala, athathwa njengetyala elihlangeneyo. 3 Xa kuhlawulwa ityala elingenambambano, ngokweCandelo 7 loMthetho kaMasipala woLawulo lwaMatyala noQokelelo lweZikweliti, kuya kuqala kwabelwe elona tyala lidala kuqala, intlawulo yabiwe ngokulinganayo yahlulelwe zonke iimali ezityalwayo de kuye kufikwa kwityala lamvanje. 9. Isikweliti esingahlawulekiyo Inkqubo elandelwayo kwityala elingahlawulekiyo 1 Ityala liya kubonwa njengelingenakuhlawuleka ukuba yenziwe yonke le nkqubo ilandelayo: a zikhutshwe zonke izaziso yaye kulandelwe zonke iindlela ezisemthethweni ezingadli mali ininzi zokufumana imali etyalwayo; okanye b nayiphi na imali eyi-R500.00 nengaphantsi kwayo, okanye loo mali egqitywe liBhunga kumaxesha ngamaxesha iya kubonwa njengemali encinci kakhulu emva kokuba kwenziwe unako-nako wokuyifumana ukuba mayiphinde ilandelelwe; okanye c iindleko zokufumana eso sikweliti azivumi ukuba kuphinde kuthathwe amanye amanyathelo; okanye d imali eshiyekileyo yintsalela emva kokuhlawulwa kwemali ehlawulelwe ipropati ebhangisiweyo ngenxa yokutshona; okanye i kukho ingozi yokuba kufuneke kurhunywe; okanye ii akukho nzuzo eya kufunyanwa ngabatyalwa; okanye e ipropati yomntu obhubhileyo ayinazi-asethi ezinokuhlawula isikweliti esisaseleyo emva kokwabiwa kwalo propati; okanye i apho ipropati ingachazwanga kuMlawuli-Nkundla yaye akukho zi-asethi zinexabiso ekunokuthathwa kuzo; okanye f ukuba kukho ubungqina bokuba ityala lidala yaye akusanyanzelekanga ukuba lihlawulwe; okanye g umkweliti akafumaneki okanye akakwazi kuchazwa ukuba ngubani ukuze kukwazeke ukuba kuqhutyekwe namanyathelo; okanye i umkweliti wemka waya kwelinye ilizwe akashiya ziasethi zinexabiso elaneleyo lokuba kungenziwa ibango kuzo liBhunga; okanye h akukho bungqina ukuba sikho okunene eso sikweliti; okanye i inkundla ikhuphe isigqibo sokuba loo mali ayinakukwazi ukufumaneka; okanye i eso sikweliti sidalwa yimpazamo eyenziwe licandelo lezemali okanye lolawulo likaMasipala; okanye j zonke iimali ezisemva ziya kucinywa apho abasebenzisi bamanzi abayinxalenye yeSicwangciso esiHlanganisiweyo soLungiso lokuVuza kwaManzi, apho ixabiso lepropati eliphuculweyo lingaphantsi kwe-R199 000.00, okanye lelo ligqitywe liBhunga kumaxesha ngamaxesha, ziye zalungiswa ezo ndawo zinamanzi avuzayo yaye kwisithuba seenyanga ezintandathu ukusukela emva kokuba kulungiswe loo nto- i baye bawahlawula amatyala abo amanzi nawogutyulo ngomhla okanye phambi komhla obekiweyo; yaye, ii amanzi abawasebenzisi ngokugqithisileyo; iii umba weenyanga ezintandathu ekubhekiswe kuwo kumhlathana j awusebenzi kwipropati efakelwe isixhobo solawulo lokuhamba kwamanzi; okanye k amatyala asuka kumacandelo abekade elawula isixeko ngaphambili, ekungoku ayinxalenye yeSixeko saseKapa; okanye l inkcitho eyenziweyo malunga namatyala angaphakathi asegameni leSixeko saseKapa, iphakanyiswe kuwo nawuphi na unyakamali ogqithileyo; okanye m ukuguqulwa kwentsalela zamatyala amadala abakweliti asuka koomasipala abebephethe ngaphambili abayinxalenye yeSixeko saseKapa ngoku, nalapho kwakuthathwe amanyathelo angawo ukufumana ezo zikweliti; okanye n bonke abakweliti ababhaliswe njengabahluphekileyo njengoko kuchaziwe kumba 24 1 aya kucinywa amatyala abo; okanye o ukuba ngaba umkweliti uqinisekisa ukuba uza kulihlawula lonke ityala kube oko kubhalwe phantsi nguManejala weSixeko ngokwemiqathango yecandelo 14 2 loMthetho kaMasipala woLawulo lwaMatyala noQokelelo lweZikweliti; okanye p onke amatyala angekahlawulwa angacinywa njengezikweliti ezibi apho iBhunga- i lixuthe nayiphi na ipropati; okanye ii lithenge nayiphi na ipropati ngokwemiqathango yecandelo 10 1 f; okanye q onke amatyala angekahlawulwa angacinywa njengezikweliti ezibi apho ipropati ithathwe nguRhulumente ngokwemiqathango yomthetho oyi-Prevention of Organised Crime Act 121 ka-1998; okanye i apho abantu ebebehlala kwindlu bekhutshiwe kwipropati yeBhunga, yePhondo okanye ekaRhulumente ngenxa yeziganeko zolwaphulomthetho. Ugunyaziso Njengokuba iireyithi zithathwa njengokuba zona zinokuhlawuleka, zonke izicelo zokucima amatyala eereyithi kufuneka zingeniswe ngokwahlukileyo kwigosa likamasipala elinikwe igunya lokuba licime elo tyala. Malunga namanye amatyala, kufuneka kwenziwe ishedyuli inombolo ye-akhawunti, igama lomtyali, idilesi yokuhlala apho ityala lalenziwe khona, idilesi, inombolo yesiza, ukuba kukho imfuneko, ixabiso kuluhlu ngalinye olukuluhlu lwe-akhawunti kwakunye nesizathu sokucinywa kwetyala elo. Nangona kukho le miba ilapha ngentla, uMasipala okanye naliphi igosa eligunyazisiweyo alisayi kuba nasibophelelo sokucima naliphi ityala kwaye elo gosa liya kusoloko linegunya lokuthatha isigqibo.
Iireyithi zenyanga Ezi zibonelelo zilandelayo zisebenza kwintlawulo zokuhlala zonyaka nonyaka kunye nakwiirhafu zonyaka nonyaka: (a) inzala iya kuhlawuliswa kuzo zonke ii-akhawunti ezidlulelwe lixesha lokuhlawula; (b) ukuba i-akhawunti ayihlawulwanga ngomhla omiselweyo nanjengoko kubonisiwe kwi-akhawunti isaziso siya kukhutshwa esibonisa ixabiso lilonke elityalwa kuMasipala; (c) ukuba i-akhawunti ayihlawulwa okanye umtyali akathathi manyathelo okwenza amalungiselelo amkelekileyo okulihlawula kwakhona ityala, imisila yengwe inokukhutshwa kwaye namanyathelo omthetho alandelwe;
d kwiimeko apho ityala lentlawulo zokuhlala libhekiselele kumhlaba kaMasipala othengiswe ngesivumelwano sentengiso exhonyiweyo, ukuqokelelwa kwetyala kuya kwenziwa ngokwemiqathango yeNcwadi yeSigqibo seNtengiselwano Deed of Sale, kwaye ukuba kufanelekile, nangalo Mgaqo-Nkqubo, okanye nangaso nasiphi na isivumelwano esibhaliweyo nesifanelekileyo esiphakathi kukaMasipala nomtyali;
e nakweliphi na inqanaba lokungahlawuli komtyali, onke amanqanaba afanelekileyo aya kuthatyathwa ukuqinisekisa ukuba isohlwayo sokugqibela/esikwiqondo lokugqibela sentengiselwano eqhubekayo siyaphetshwa okanye sithathwa njengenyathelo lokugqibela. Kambe ke uMasipala unoxanduva olugqibeleleyo kwintengiso eyenziwayo ukuba umtyali unokuwa phantsi ekusebenziseni ezinye iindlela ezinikiweyo zikaMasipala kumaxesha ngamaxesha. Oku kuchaphazela onke amatyala yaye kubandakanya amatyala epropati ekubhekiswe kuwo kwiSahluko 2 nesesi-4 salo Mgaqonkqubo. f Njengenxalenye yokufumana imali etyalwayo, uManejala weSixeko angafaka ixabiso elingekho ngaphezulu kwe-Rx Rx engayiyo ne- R10,00 okanye ityala lilonke kunye nendleko ze afake nemali enokuhlawula ityala lokususwa kweereyithi ebezityalwa, xa kuthengiswa loo propati, yaye ukuba uphumelele, uya kusayina onke amaxwebhu amvumela ukuba abe ngumnini waloo propati. g Umanejala weSixeko uza kuba nelungelo lokwenza uthethwano malunga nokuthengiswa kwepropati kananjalo nelokumisa intengiso, njengoko kuchaziwe kwicandelwana f elilapha ngentla, phambi kokuba idluliselwe kwiSixeko ukuba olo miso lwenza ukuba umnini-ndlu okanye umkweliti okanye bobabini bahlawule lonke ityala abanalo kwiSixeko elimalunga naloo propati kwakunye nazo zonke iindleko ezichaphazela oko.
Iinkonzo La malungiselelo/zibonelelo zilandelayo zisebenza kwintlawulo yeenkonzo; (a) i-akhawunti mayihlawulwe ngomhla omiselweyo njengoko kubonisiwe kwi-akhawunti; (b) inzala iya kuhlawulelwa zonke ii-akhawunti ezidlulwe lixesha lokuhlawula; (c) umtyali makalunyukiswe ngokunqunyanyiswa kwenkonzo ukuba intlawulo ye-akhawunti yenyanga ayihlawulwanga ngomhla omiselweyo; (d) ukuba intlawulo ayifunyanwanga okanye akwenziwanga malungiselelo entlawulo malunga nomhla omiselweyo, isaziso masihanjiswe ngesandla ukusiwa kwidilesi yokuhlala enikiweyo malunga nokunqunyanyiswa okukhawulezileyo emva kweentsuku ezi-7 (sixhenxe) ukusuka kumhla obekiweyo kwisaziso eso; (e) ukuba intlawulo ayifunyanwanga okanye akwenziwanga malungiselelo entlawulo malunga nomhla omiselweyo kwisaziso, unikezo okanye unikezo lweenkonzo luya kunqunyanyiswa okanye luyekiswe; (f) isaziso siya kushiywa kumhlaba lowo esibonisa ukuba unikezelo luyekisiwe okanye lunqunyanyisiwe kwaye kwaziswe ukuba zonke indawo ezisebenza ngombane mazithathwe njengezisebenzayo kwaye nazo zonke indawo ezikhupha amanzi zivalwe. Isaziso masazise ukuba unikezelo lwenkonzo luya kwenziwa/kuqhubeleka kwakhona kuphela xa ixabiso ilimiselweyo, eliquka nemali yokubuyisela inkonzo ihlawulwe okanye amalungiselelo enziweyo emkelwe nguMasipala; (g) esi Saziso singasentla masilumkise ngeziphumo zokubuyisela inkonzo ngokungekho mthethweni; (h) bonke abathengi abangabahlali bomhlaba abanqunyanyiselwe unikezelo lwamanzi baya kufumana kuphela isibonelelo samanzi angundoqo akumyinge we-6kl ngenyanga ngohlobo lokuziswa kwamanzi athintelweyo okanye unikezelo lwamanzi lokwabelana olukumgama ophakathi kweemitha ezingama-200 ukusuka kumhlaba; yaye (i) uManejala weSixeko nguye yedwa onelungelo lokunyanzelisa ukuba kufakwe isixhobo solawulo lokuhamba kwamanzi kwipropati apho amanzi amane ecuthwa ngenxa yokungahlawulwa kwawo; okanye (ii) xa uManejala weSixeko ebona ukuba umkweliti usenokungakwazi ukuhlawula uMasipala; yaye isixhobo solawulo lokuhamba kwamanzi singamiswa okanye siyekiswe xa amatyala ekubhekiswe kumba okanye icandelo 8 no- engahlawulwanga.
i phantsi kwezibonelelo eziqulathwe kumba f, abatyali banokulindeleka ukuba bahlawule zonke izigwebo kunye namatyala angahlawulwanga ngokuzeleyo ngaphambi kokuba unikezelo luqhubeke kwakhona; (j) kuphantsi kwamandla kaMasipala ngelo xesha ukuba abuyisele kwakhona inkonzo, iinkonzo ebezithintelwe okanye zinqunyanyisiwe ziya kubuyiselwa ngethuba elifanelekileyo emva kwexesha lokuba umtyali evelise isiqinisekiso sokuhlawula ixabiso elifunekayo; (k) uxanduva luya kuhlala lilelomtyali ukuba enze isicelo sokubuyiselwa kwenkonzo kwakhona kunye nokuqinisekisa ukuba ixabiso elipheleleyo lothintelo okanye lonqunyanyiso ebelikwisaziso lihlawulwe okanye amalungiselelo enziwe phantsi kwemiqathango yomba osezantsi (f); (l) nangona kubekwe la malungiselelo akumba (a) ukuya ku (k), ukuba unikezelo lweenkonzo luqhubekile lungahlawulwa, imiqathango yokuthatha/yokubuyiselwa ezeleyo, kuquka amanyathelo ofanelekileyo asemthethweni aya kuthatyathwa ukuqokelela ezi mali. La malungiselelo alandelayo asebenza kwimeko apho kuthe kwasetyenziswa ngokungekho mthethweni, kwaphazanyiswana, nonikezelo lwamanzi okanye umbane ngokungekho mthethweni: (a) Ukusetyenziswa/ukufakelwa kwakhona kwenkonzo, okanye ukuphazamisana nonikezelo lwenkonzo kuthathwa njengolwaphulomthetho olunokukhokelela ekuthathweni kwamanyathelo asemthethweni. Apho kuthe kwenzeka olu lwaphulo mthetho, unikezelo lwamanzi okanye olombane luya kunqunyanyiswa; (b) amaxabiso ewonke etyala elingahlawulwanga kunye naluphi usetyenziso olungekho mthethweni, kwakunye naluphi uluhlu lwamaxabiso olufanelekileyo, aya kuhlawulwa phambi kokubuyiselwa kwakhona kwenkonzo. Ukuba kubekho iimeko ezithile, amalungiselelo entlawulo awaneleyo anokuvunyelwa ngokuxhomekeke kwisigqibo esisodwa soMlawuli weSixeko. Kukhuthazwa ufakelo lwezisasazi-mandla ombane, ngesivumelwano esibhaliweyo nomnini, kodwa;
i uManejala weSixeko nguye yedwa onelungelo lokunyanzelisa ukuba kufakwe imitha yombane osele uhlawulelwe kwipropati apho umbane uye wacinywa kathathu ngenxa yokungahlawulwa; okanye ii uManejala weSixeko ebona ukuba umkweliti usenokungakwazi ukuhlawula uMasipala; yaye imitha yombane ingamiswa okanye iyekiswe xa amatyala ekubhekiswe kumba okanye icandelo 8 1 no-2 engahlawulwanga..
Ubuncinane ngama-20% ukuya kubukhulu obungama-50% bexabiso leeyunithi ezithengiweyo zombane eziya kwabelwa ixesha lokuqala letyala elingahlawulwanga lombane ukuze emva koko libekelwe nayo nayiphi intlawulo engahlawulwanga. Eli nyathelo liya kuthatyathwa ngokuthi kwenziwe amalungiselelo nomtyali kwaye liya kuhlala lihleli lingatshintshanga Ummeli ogunyazisiweyo wonikezelo lwenkonzo kuMasipala, uya kunikwa imvume yokungena nakweyiphi indawo yokuhlala/umhlaba nesakhiwo ngokuhambiselana namalungiselelo ecandelo 101 loMthetho weeNkqubo zikaMasipala. Umanejala weSixeko unelungelo lokuyekisa nayiphi na inkonzo kwipropati, nokuba ngubani na ohlala kuyo, xa kukho ileta ebhaliweyo evela kumnini-propati xa ngaba iakhawunti yeenkonzo isemva. 12. Amanye amatyala Amatyala amathuba athile Inzala iya kuhlawulelwa zonke ii-akhawunti ezingahlawulwanga. Ekufumaneni kwakhona ityala lethuba elithile, uMasipala unelungelo elisemthethweni lokuthatha naliphi inyathelo elifikelelekayo kuquka nokusebenzisa iqela lesithathu labaqokeleli bamatyala. Izithintelo, ukunqunyanyiswa kweenkonzo kunokusetyenziswa okufumana intlawulo engahlawulwanga. Iitshekhi ezikhatyiweyo: Iireyithi neeNkonzo Gabalala Ukuba umtsali wemali kwitshekhi, kwi-debhithi oda, kuhlobo lokuhlawula i-EFT, okanye umthengi ofumana ixabiso kwezo ndidi zokuhlawula, ungumtyali kaMasipala, iimali zokubuyiswa umva nezesigwebo zinokutsalwa kwi-akhawunti yalowo mntu uhlawulayo kwaye ileta yesaziso ithunyelwe kumtyali. Umasipala unelungelo lokuchasa nelokwamkela okanye ukuyekiswa kwezo ntlobo zokuhlawula ngulowo mntu, aze abeke umba lowo kuLuhlu lukaZwelonke lweNgeniso yamaTyala angaLunganga, okanye athathe nawaphi amanqanaba afanelekileyo aqulethwe kulo Mgaqo-Nkqubo, anokuquka ukubekwa ityala loo maphuli-mthetho. (a) Xa ngaba intlawulo ekubhekiswe kuyo kwicandelwana ichaziwe kumkweliti yaye naliphi na inyathelo lolawulo lwetyala liye lamiswa kulandelwa imiqathango yalo mgaqonkqubo, yaye loo ntlawulo khange ifunyanwe, elo nyathelo lolawulo lwetyala liya kuqhubeka engakhange anikwe sazise umntu lowo utyalayo. Iitshekhi ezikhatyiweyo: Iinkonzo zamaTyala Athile
ii akukho nzala iya kuhlawulwa kwintlawulo eyenziwe ngokweli candelo ngaphandle kokuba ifunwa ngomnye umthetho; yaye iii zonke iintlawulo ziya kunikwa abathengisi ababhalisiweyo beeakhawunti zikaMasipala ngokoMthetho kaMasipala woKoleko lwaMatyala eSixeko yaye imali zabo ziya kubuyekezwa.
Amalungiselelo Imiqathango yabaTyali abangaBahlali Iindleko ezingekahlawulwa mazihlawulwe ngokuzeleyo. Kunokufuneka ukuba umkweliti aveze isiqinisekiso somvuzo aze enze isivumelwano sokuhlawulela amatyala angekahlawulwa rhoqo ngenyanga ngokuxhomekeke kumandla akhe okanye ngokuthengiswa kwempahla yakhe ukuba uMasipala unokufuna njalo. Lonke uthetha-thethwano nomkweliti malusebenzele ukufikelela kwisivumelwano esihambiselana neemfuno nogcino lukaMasipala. Inzala iya kuhlawuliswa kumatyala angahlawulwanga. Inzala kunye nentlawulo yamatyala angekahlawulwa ngokubhekiselele kwiinkonzo inokumiswa ngeli thuba umtyali asahambiselana nemiqathango yesivumelwano. UMtyali owaphula umthetho amaxesha amathathu ngokubhekiselele kwizivumelwano ezenziweyo uya kuvalelwa ilungelo lokwenza ezinye izivumelwano kwakhona kwaye ixabiso lilonke liya kufunwa/kuhlawulwa. Inzala iya kubalwa ukusukela kumhla owawumiselwe kuthathelwa ingqalelo zonke iintlawulo. Oku akuquki matyali bezindlu ekubhekiselelwe kubo kumba 8. Onke amalungiselelo makabe phantsi kophononongo lwarhoqo kwiinyanga ezintandathu. Zonke iinkonzo zinokuthintelwa okanye zinqunyanyiswe kwaye kunokuthatyathwa nenyathelo lomthetho ngokuchaseneyo nabatyali ekubhekiselelwe kubo kumba kwaye elo tyala linokuthunyelwa kwiqela lesithathu labaqokeleli-matyala, ukuze kufunyanwe iintlawulo. INkqubo yamaLungiselelo yaBakweliti abangaBahlali Kwimeko apho abakweliti abangabahlali befuna ukwenza amalungiselelo okuhlawula onke amatyala abo angekahlawulwa, le nkqubo yokuhlawula ilandelayo, iya kusebenza: (a) ukutsalwa kweakhawunti kwimali esebhankini; kunye (b) nesivumelwano sentlawulo yamatyala angahlawulwanga esisekwe kwimiqathango yalo Mgaqo-Nkqubo kunye nakumba kunye no- onomlinganiselo wentlawulo ohambiselana "neNkqubo yoMyinge weNtlawulo" njengoko uMasipala enokugqiba kumaxesha ngamaxesha. Kwinyanga nganye elandelayo umtyali uya kufuneka ahlawule: (a) i-akhawunti ngemali etsalwa ebhankini; kunye b nezavenge ezigqitywe phantsi komba 9b olapha ngasentla. 11 Xa ethe umtyali waphula isigqibo, iintlawulo ziya kuhamba ngolu hlobo: a ulophulo-sivumelwano lokuqala: imali etsalwa ebhankini; kunye nentlawulo yarhoqo ngenyanga iya konyuswa ngee-50% yaloo ntlawulo njengoko kugqityiwe kumba 9b ngasentla apha; b ulophulo-sivumelwano lwesibini: imali etsalwa ebhankini; kunye nentlawulo yarhoqo ngenyanga ephindwe kabini njengoko kugqityiwe kumba 9b ngasentla apha; c Ulophulo-sivumelwano lokugqibela: imali etsalwa ebhankini kunye namatyala angahlawulwanga ngokuzeleyo. 12 Kuzo zonke iimeko ukungaphenduli nokungathathi manyathelo kwizaziso kunokukhokelela ekuthathweni kwemiqathango yoqokelelo lwamatyala nanjengoko lo Mgaqo-Nkqubo usitsho. IMiqathango yaBatyali abangasingoBahlali boMhlaba 13 Kwimeko apho abatyali abangasingobahlali bomhlaba banqwenela ukwenza amalungiselelo okuphelisa amatyala abo angekahlawulwa, lo mgaqo ulandelayo, uy kusebenza- a abatyali baya kufunwa ukuba bazise uMasipala ngokuzeleyo ngamaxwebhu eengxelo zemali ezihloliweyo zakutshanje kwakunye namanye amaxwebhu okuxhasa afanelekileyo nabonisa imeko yabo ngokwezimali ukuze bakwazi ukuthetha-thethana noMasipala malunga nokwamkela amalungiselelo okuhlawula amkelekileyo; b Lonke uthetha-thethwano nomtyali malusebenzele ukufikelela kwisivumelwano esihambiselana neemfuno nogcino lukaMasipala; c Inzala iya kuhlawuliswa kumatyala angahlawulwanga ngokoluhlu lwamaxabiso aya kugqitywa liBhunga ukusuka kumaxesha ngamaxesha; d inzala kumatyala angahlawulwangwa ngokubhekiselele kwiinkonzo nakwiintlawulo zokuhlala zinokumiswa ngeli thuba umtyali asebenzisana nemiqathango yamalungiselelo, xa ngaba la malungiselelo akazukuzigqitha iinyanga ezi-6 ntandathu; e onke amalungiselelo makabe phantsi kophononongo amathuba ngamathuba; f isigqibo sokugqibela sokwenza amalungiselelo luxanduva loMlawuli weSixeko. UMgaqo wamaLungiselelo aBatyali abangengoBahlali boMhlaba 14 Ukuba abatyali abangasingobahlali bomhlaba banqwenela ukwenza amalungiselelo ethuba elide kuneenyanga ezi-6 ntandathu, inzala iya kuhlawuliswa kwixabiso ngalinye elingekahlawulwa kwaye nalawo malungiselelo/nolo lungiselelo luya kuxhomekeka kuphunyezo ligosa eligunyaziswe phantsi komba osezantsi 13f.
Xa umtyali ethe waphula isivumelwano nakoluphi ulungiselelo, zonke iinkonzo nazo naziphi izivumelwano zinokuthintelwa, zinqunyanyiswe okanye ziyekiswe kwaye inyathelo lomthetho linokuthathwa ize elo tyala ligqithiselwe kwiqela lesithathu. Inzala iya kubalwa ukusukela kumhla owawumiselwe wetyala kuthathelwa ingqalelo nazo naziphi iintlawulo. IMiqathango eThile ngokuBhekiselele kumaLungiselelo Kwimeko apho umtyali ongumhlali okanye ongasingomhlali enze isivumelwano noMasipala ngokubhekiselele kumatyala angahlawulwanga omhlaba, isiqinisekiso esibekiweyo ekubhekiselelwe kuso kwiCandelo118, loMthetho weeNkqubo, asisayi kukhutshwa de libe ixabiso elingekahlawulwa lihlawulwe ngokuzeleyo. Imiqathango equlethwe luxwebhu lwesivumelwano sikaMasipala, luya kunyanzeleka ukuba lube yinxalenye yomgaqo wamalungiselelo oqulethwe kulo Mgaqo-Nkqubo. Ukuba ngaba ityala elikhoyo liphezulu kakhulu kenesiqhelo mhlwumbi ngenxa yoqikelelo okanye imitha emoshakeleyo, kuya kuqwalaselwa iikahwunti zangaphambili xa kusenziwa amalungiselelo okuba umtyali ahlawule malini na. Noxa kukho icandelwana 9(a) apha ngentla, uManejala weSixeko angagqiba kwelokuba iindleko zenzala, zokucinyelwa nezokubuyiselwa kweenkonzo zingafakwa kwintlawulo yokuqala xa kusenziwa amalungiselelo entlawulo yetyala. Bonke abakweliti abenza amalungiselelo entlawulo baya kuthi babonelele ngeenkcukacha zabo zebhanki yaye abo bakwaziyo ukusayina imali etsalwa ngenyanga ebhankini baya kwenza njalo. Umanejala weSixeko udla ngokwenza amalungiselelo nabanini-propati kunye nabanini-ziakhawunti kodwa xa efumene ingxelo efungelweyo yalo mntu ohlala kulo ndlu ethi umnini-ndlu lowo akanamkhondo okanye akakwazi kufumaneka ngoqhagamshelwano okanye loo mnini-ndlu akaziwa nokuba wayaphi na, yaye- (a) abo bantu bakulo ndlu banelungelo lokuhlala kuloo propati bachaze nesithuba sexesha abalihleliyo kuloo propati; (b) banike idilesi yokugqibela eyaziwayo yaloo mnini-ndlu; (c) bahlawule irenti ekufuneka ihlawule ukuze bakwazi ukuhlala apho; (d) ukuba loo mntu ungxungxe apho uya kuthi amazise umnini-ndlu xa nje enokuthi ambone ngemeko ekukuyo ngoku namalungiselelo enziweyo yaye loo mntu uyavuma ukufumana imvume yomnini-ndlu ukuba axhase inkqubo echazwe kulo mhlathana- angangena kwisivumelwano naloo mntu uhlala kuloo ndlu ngokwemiqathango yalo mgaqonkqubo, ukuba ahlawule amatyala angekahlawulwa aloo propati.
Amanyathelo aya kuthathwa nguManejala weSixeko (e) uya kugunyazisa ukuba kwenziwe amalungiselelo nomntu ohlala kuloo ndlu malunga; (i) nokufakelwa kwemitha yombane ohlawulelwa kwangaphambili okanye isixhobo esilawula ukuhamba kwamanzi okanye zombini; (ii) nokuthunyelwa kweleta kwidilesi yokugqibela eyaziwayo yomnini-ndlu ngokweerekhodi zeBhunga nedilesi enikwe kwicandelo 21 (b), eya kuchazela umninindlu ngoxanduva kwakhe lokuhlawula amatyala akhe awatyala kuloo ndlu nangamalungiselelo anokwenziwa okufakela kwemitha yombane ohlawulelwa kwangaphambili okanye isixhobo esilawula ukuhamba kwamanzi, kunikwa nomnini-ndlu lowo iintsuku ezilishumi elinesine zokuba achase olo fakelo kunye naloo malungiselelo. (f) ukuba ngaba umnini akaphendulanga kwisaziso esikumba (e) (ii) uManejala weSixeko angaqhubeka nokufaka ezo zixhobo yaye uya kumisela naloo malungiselelo achaziweyo. 14. Imimandla yeeReyithi eziZodwa (ebandakanya iZithili zoPhuculo lweSixeko) Nayiphi ireyithi okanye umrhumo owongezelelweyo uya kugqitywa kulandelwa imiqathango yeCandelo 22 loMthetho weeReyithi zePropati zikaMasipala uMthetho 6 ka-2004 noMthetho webandakanya iZithili zoPhuculo lweSixeko 6118 ka-2004. Irhafu iya kongezwa kwi-akhawunti yenyanga nenyanga kamasipala kwaye kufuneka ihlawulwe ngomhla omiselweyo ukuphepha ukuhlawula inzala. Intlawulo yerhafu iya kuba phantsi kwemiqathango yolawulo lwamatyala nanjengoko kucacisiwe kulo Mgaqo-Nkqubo. Inzala iya kuhlawuliswa kuzo zonke ii-akhawunti ezigqithwe lixesha lokuhlawulwa..
ISAHLUKO 3: IZINDLU
Imiqathango ngokubanzi
Inzala ingahlawuliswa kuzo zonke ii-akhawunti ngoqingqo-maxabiso lwenzala olugqitywe nguMasipala kumaxesha ngamaxesha. 2 Iintlawulo zenzala ziya kubekwa bucala ngokubhekiselele kumalungiselelo etyala enziwe ngokutsha athe athotyelwa. 3 Amalungiselelo okwenza inkqubo entsha yetyala afuna ukuba kuqale kuhlawulwe iintlawulo zenyanga nenyanga ezikhoyo kwenziwe nesivumelwano senyanga nenyanga sexabiso setyala elingahlawulwanga. 4 Ukuba isivumelwano asithotyelwanga, inkqubo yokuqokelela amatyala okanye inyathelo lomthetho liya kuqhubeleka apho laliyekwe khona kwaye lingaqali ekuqaleni kwenkqubo yolawulo lwamatyala. 5 OoCeba beWadi baya kuthunyelelwa izazisi ngokufanelekileyo njengabatyali abaphule umthetho kuze kulandele incwadi/ileta yonyanzeliso kwakunye nexesha apho kuya kuwiswa isigwebo kumhlali lowo. 6 Utyelelo kumakhaya luya kwenziwa ngamagosa okanye abameli bakaMasipala belandela ukukhutshwa kweleta yesinyanzeliso kumtyali baze kwakhona batyelele emva kokunikezelwa ngomsila wengwe. Emva kwamalinge amabini abhaliweyo otyelelo ngamagosa ezindlu okanye ngabameli, utyelelo lwamakhaya luya kuma lugqityiwe. Igosa okanye ummeli otyeleleyo uya kwenza onke amalinge okukhuthaza umtyali owaphule umthetho ukuba ahlawule ityala lakhe elikhoyo aze angene nakumalungiselelo okuhlawula intlawulo engahlawulwanga. Kwimeko apho umnini mzi ingasinguye umthengi wendlu oyihlalayo akuyomfanelo kaMasipala ukwenza utyelelo kwelo khaya. 7 UMlawuli weSixeko unokufuna ngokutsha ezi ndleko zilandelayo kwiimeko apho ezi ndleko zenziwe ngegama likaMasipala, a indleko kunye nemali zolawulo zihlawulwe kuMasipala ngezixhobo zothetha-thethwano, yaza ibhanki ayazithobela xa zidluliselwa kuyo ukuze zihlawulwe; b indleko kunye nemali zolawulo, kuquka iindleko zamagqwetha nezabaxhasi, kwakunye nezimali zokufuna kwakhona amatyala; c nayiphi na ikomishoni yokuqokelela. 8 Le milinganiselo yentlawulo ilandelayo iyafuneka kumtyali ngaphambi kokumisa inkqubo yomthetho:
Ukulandela inkonzo yemisila yengwe... 1 X intlawulo yendlu yarhoqo ngenyanga iyonke Apho isigwebo siwisiweyo ... 2 X intlawulo yendlu yarhoqo ngenyanga iyonke Usuku olunye lokukhutshwa...3X intlawulo yendlu yarhoqo ngenyanga iyonke Kwimeko nganye intlawulo efunekayo iya kulungiselelwa kubuncinane bexabiso elingekahlawulwa okanye ngokwexabiso elibaliweyo ngasentla apha. Ukuba umtyali waphula isigqibo esasenziwe ngomhla wokukhutshwa, isiqinisekiso sokukhutsha siya kukhutshwa kwakhona kwaye inkqubo yokukhutshwa ebiqhubeka inokumiswa kuphela ukuba i-12 x intlawulo yendlu yarhoqo ngenyanga iyonke kunye neendleko zomthetho zihlawulwe. Imiba 11, 12, 13 efunwanywa kwisahluko 2 ayibhekiselelanga kwimiba yezindlu ephantsi kwes sahluko. 16. Inkqubo yokuQokelela: IiNkqubo zokuRenta Ukuqesha umhlaba kuhlawulelwa ngaphambi komhla omiselweyo. Ukuba intlawulo ayifumanekanga, ileta yokuqala yonxibelelwano ecela ukuhlawulelwa komhlaba oqeshiweyo nekwanika umtyali ithuba lokwenza amalungiselelo zingadlunga iintsuku ezingama-30 (shumi amathathu), ukusuka kumhla weleta, iya thunyelwa kumtyali owaphule isivumelwano. Ukuba akukho mpendulo kwileta yokuqala yonxibelelwano, ileta yonyanzeliso iya kuthunyelwa, evumela umaphuli-sigqibo iintsuku ezingama-30 (mashumi amathathu), ukusuka kumhla weleta, ukuze anikwe ithuba lokwenza amalungiselelo. Ukuba umtyali uyohluleka ukuphendula le leta, kwiintsuku ezingama-30 (shumi amathathu), umtyali uya kuthi kwiintsuku ezizayo ezingama-30 (mashumi amathathu) atyelelwe emzini wakhe. Ukungathobeli nasemva kotyelelo kwakhe, kuya kukhokelela ekuqhutyweni kwemiqathango yoMthetho. Inkqubo yokuqokelela yomthetho iya kuqala ngokuhambisa ileta enyanzelisa intlawulo lingaphela ithuba eliqikelelweyo. Ukuba umtyali akaphendulanga ngexesha alinikiweyo, umsila wengwe uya kukhutshwa (ulandelwe lutyelelo lwekhaya, ukuba akukho mpendulo ephendula umsila wengwe, kulandelwe isigwebo sokwaphula isivumelwano/mthetho ze ekugqibeleni umntu akhutshwe).
Umntu ophenduleyo kwiisamani akayi kutyelelwa ngabomthetho, yaye akayi kubanjiswa engasayi kukhutshwa nasendlwini. 17. Inkqubo yokuqokelela: Imigaqo-yobunini bomzi 1 Izavenge nezinye iintlawulo zendlu zihlawulwa ngomhla omiselweyo. 2 Ukuba intlawulo ayifumanekanga Ukuba intlawulo ayifumanekanga, ileta yokuqala yonxibelelwano ecela ukuhlawulwa nekwanika umtyali ithuba lokwenza amalungiselelo zingadlunga iintsuku ezingama-30 shumi amathathu, ukusuka kumhla weleta, iya thunyelwa kumtyali owaphule isivumelwano. 3 Ukuba akukho mpendulo kwileta yokuqala yonxibelelwano, ileta yonyanzeliso iya thunyelwa, evumela umaphuli-sigqibo iintsuku ezingama-30 mashumi amathathu, ukusuka kumhla weleta, ukuze anikwe ithuba lokwenza amalungiselelo angamanye. 4 Ukuba umtyali uyohluleka ukuphendula le leta, kwiintsuku ezingama-30 shumi amathathu, umtyali uya kuthi kwiintsuku ezizayo ezingama-30 mashumi amathathu atyelelwe emzini wakhe.
Ukungathobeli nasemva kotyelelo kwakhe, kuya kukhokelela ekuqhutyweni kwemiqathango yoMthetho.
Inkqubo yokuqokelela yomthetho iya kuqala ngokuhambisa ileta enyanzelisa intlawulo lingaphela ithuba eliqikelelweyo.
Ukuba umtyali akaphendulanga ngexesha alinikiweyo, umsila wengwe uya kukhutshwa, ulandelwe lutyelelo lwekhaya, ukuba akukho mpendulo ephendula umsila wengwe, kulandelwe isigwebo sokwaphula isivumelwano/mthetho ze ekugqibeleni, ukukhutshwa kulandele.
Ukuba ixabiso elityalwayo alihlawulwanga ngomhla wokukhutshwa, ukuthinjwa komhlaba kuya kwenziwa ize umhlaba nezakhiwo ezingasuswayo zithengiswe.
Amalungiselelo esivumelwano kwityala elingahlawulwanga aya kugqitywa nguMasipala ukusuka kumaxesha ngamaxesha. 19 Ukuncitshiswa kobuhlwempu (Iinkqubo zokuqesha umhlaba kunye nobunini bomzi) ziya kugqitywa nguMasipala ukusuka kwixesha nexesha.
ISAHLUKO 4: IBHUNGA LERHAFU LEENKONZO ZENGINGQI
Utoliko
Kulo mba ngaphandle kokuba akuhanjiselwananga nemeko ekubhekiswe kuyo: "UMthetho" uthetha uMthetho Nombolo 109 ka 1985 weBhunga weeNkonzo zeNgingqi oquka nawo nawuphi na umgaqo owenziwe phantsi kwalo Mthetho kunye nasiphi na isaziso esipapashwe phantsi koMthetho woMphathiswa weziMali kwiphephandaba likarhulumente I-gazette; "umhla omiselweyo" uthetha usuku lwamashumi amabini enyangeni yekhalenda emva kwenyanga apho irhafu yeenkonzo zengingqi okanye irhafu esekiweyo yengingqi kufikelela ixesha lokuba ifuneke phantsi kwalo Mthetho. "Umhlawuli werhafu" uthetha nawuphi umntu ekufanele ukuba ahlawule irhafu yeenkonzo zengingqi okanye irhafu esekiweyo yengingqi. "I-SARS" ithetha iiNkonzo zeNgeniso zaseMzantsi Afrika. 21. Ukuqokelelwa nolawulo lwengeniso yamatyala uMasipala uya kurhafisa kwaye abange kuye nawuphi umhlawuli werhafu irhafu yeenkonzo zengigqi kunye nerhafu esekiweyo yengingqi, ngokwemeko ngelo xesha, nangokuhambiselana noMthetho. Inzala iya kuhlawuliswa kuzo zonke ii-akhawunti ezigqithelwe lixesha ngokwentlawulo yokuhlala egqitywe nguMthetho kumaxesha ngamaxesha ngeenjongo zalo mhlathi (b) wenkcazo ,,intlawulo zokuhlala ezibekiweyo. phantsi kweCandelo 1, loMthetho weRhafu yeNgeniso, uNombolo. 58 ka 1962. Iintlawulo ziya kwabiwa ngokwesithuba sophononongo ngokwale ndlela ilandelayo: (a) iindleko zoMthetho ezenziweyo; (b) izigwebo; (c) Inzala erhafiweyo/Inzala yerhafu engenileyo; (d) iirhafu ezisekiweyo; kunye (e) Neerhafu zeenkonzo. uMlawuli weSixeko unokuthatha la manyathelo alandelayo ukuqokelela amaxabiso angekahlawulwa emva komhla omiselweyo; (a) ukuba isibhengezo/isaziso sethuba lokuphonononga asithathelwanga ngqalelo emva koMhla oMiselweyo, iSaziso siya kuthunyelwa kumhlawuli rhafu owaphule umthetho zingadlulanga iintsuku ezingama-30 (amashumi amathathu) eentsuku;
b ukuba isithuaba sophononongo siye sahlala singathathelwa ngqalelo kwiintsuku ezingama-30 amashumi amathathu emva komhla omiselweyo weSaziso, la manyathelo alandelayo anokuthatyathelwa kumhlawuli werhafu owaphule umthetho; c uMlawuli weSixeko unokusebenzisa iqela lesithathu third party ukuqokelela ityala elingahlawulwanga; kwaye e uMlawuli weSixeko saseKapa unokucela iiNkonzo zerhafu yeNgeniso zaseMzantsi Afrika ukubazenze uphononongo; kwaye e imisila yengwe inokukhutshwa ukuze kulandele amanyathelo omthetho; kwaye f izimangalo zolwaphulo-mthetho zinokufakwa kwabo bahlawuli berhafu abangazingenisanga iziqinisekiso zentlawulo zabo.
ISAHLUKO 5: UKUBONELELWA KWABAHLUPHEKAYO ABASEMAKHAYA 22. Isakhiwo soluhlu lwamaxabiso Isakhiwo soluhlu lwamaxabiso seentlawulo zokuhlala neenkonzo zisekwe ngohlobo lokuba zenze abathengi abaneemfuno ezifanelekileyo nanjengoko kuchaziwe kuluhlu lwamaxabiso bafumane iinkonzo ezingundoqo nemihlaba yasimahla, ophantsi ngokwexabiso elibekiweyo, kwaye ezikuluhlu lwamaxabiso okuhlala asimahla. 23. Usetyenziso olugqithisileyo Naye nawuphi umthengi osebenzisa ngokugqithisileyo iinkonzo zasimahla ezabelweyo, uya kuzihlawulela ezo nkonzo phantsi koluhlu lwamaxabiso kwaye uyakuthathwa njengophantsi kwemiqathango yolawulo lomgangatho wamatyala ukuba eli xabiso alihlawulwanga ngokuhambiselana nalo Mgaqo-Nkqubo. 24. Amatyala asemva Bonke abatyali-mali abafanele isaphulelo nababhaliswe njengabahluphekayo, (a) abangenakuqesheka nabafumana igranti yokhubazeko okanye umhlalaphantsi wokhubazeko; okanye (b) abaneminyaka eyi-60 nangaphezulu; okanye (c) abafumana isaphulelo kuba ingamakhaya aphethwe ngabantwana; aya kucinywa amatyala abo ngexesha bengabanini-propati ze emva koko babe phantsi kwemiqathango yecandelo 23 elilapha ngentla. Noxa kukho amacandelo 23 no-24 apha ngentla, yaye nokuba abasebenzisi-nkonzo bayayifumana iakhawunti yeereyithi neyeenkonzo, abasebenzisi-nkonzo abanamatyala asemva kufuneka benze amalungiselelo noMasipala endlela abaza kuhlawula ngayo loo matyala ngokwemithetho-siseko nemiqathango equlathwe kulo Mgaqonkqubo. 25. Inkqubo yokuBhalisa Ukuze ube unokubhaliswa kuluhlu lobhaliso njengehlwempu, kufuneka ukuba umfaki-sicelo abe uzalisekisa ezi mfuno:
a loo propati yakhe kufuneka ibe isetyenziswa njengendlu yokuhlala kuphela; yaye b umfaki-sicelo kufuneka-
i abe ngumnini mhlaba obhalisiweyo wepropati; okanye ii uhlala kwindlu enentloko yekhaya engumntwana ebhaliswe egameni lomzali obhubhileyo okanye abazali ababhubhileyo; okanye c Ingeniso yomzi iyonke mayingadluli kabini umrholo womhlala-phantsi kaRhulumente onesaphulelo se-00% ngokoMgaqonkqubo weeReyithi; yaye d umfaki-sicelo akanakho ukuba ngumnini obhalisiweyo wemihlaba engaphezulu kwesinye; kwaye e abe uhlala isigxina kuloo propati; yaye f noxa kukho le miqathango ingentla, abantu abahlala kwizindlu ezinexabiso likaMasipala eliyi-R88 000.00, nangaphantsi, okanye eligqitywe liBhunga kumaxesha ngamaxesha, baya kubonwa njengabayithobeleyo nkqubo ngokwecandelwana a ukuya ku-e apha ngentla yaye ezo zindlu ziya kuthathwa njengezibhalisiweyo. IBhunga linokugqiba ukuba inkqubo yobhaliso yileyo ichazwe kumacandelwana a ukuya ku-f okanye leyo igqitywe kumaxesha ngamaxesha. 26. Ukubonelelwa kwaBahluphekayo: Iireyithi zepropati 1 Zonke iipropati eziphuculweyo ezinexabiso likamasipala eliyi-R88 000,00 nangaphantsi, azisayi kuhlawulelwa iireyithi zepropati. Ezi propati ke ngoko zifanelekile ukuba zifumane isaphulelo seereyithi esiyi-100%. 2 Yonke imihlaba enoqikelelo lwamaxabiso lukamasipala oluvunyiweyo olungama R199 000,00 nangaphantsi, kuquka naleyo mihlaba kubhekiselelwe kuyo kumba 22, iya kufumana inkxaso-mali yobuhlwempu, engekho ngaphezulu kwe-R30,00 yokuhlawulela iintlawulo zokuhlala kunye neenkonzo zepropati, ngaphandle kombane. Imihlaba exabisa ukusuka kuma-R88 000,01 ukuya kwi-R199 000, iya kufumana isaphulelo-mali sentlawulo zokuhlala zendawo yokuhlala njengoko kugqitywe liBhunga kuhlahlo-lwabiwo-mali lonyaka. Abahlali abaphantsi kwenkqubo echazwe kumba 25 abanepropati eziphuculiweyo ezinexabiso elingaphezulu kwe-R199 000,00 nabo baya kufumana igranti yabahluphekayo engekho ngaphezulu kwe-R30,00 yokuhlawulela iintlawulo zokuhlala kunye neenkonzo zepropati, ngaphandle kombane. 3 Le R30,00 kubhekiswe kuyo kwicandelwana 2 apha ngentla, ayinakwenziwa iimali ezinkonzo ukuze isetyenziswe kwezinye iiakhawunti yaye ayinakubuyiselwa ngokweenkqubo zobuyiselo-mali zikaMasipala.
Bonke abanini-propati abakulungeleyo ukufumana isaphulelo ngokwecandelo 25, baya kufumana izaphulelo ezigqitywe liBhunga zabantu abadala kunye nabantu abakhubazekileyo, ezihambelana nomvuzo opheleleyo wabantu abangabanini-ndlu.
Kulandelwa icandelo 25d, zonke iipropati eziphuculweyo ezinexabiso likamasipala eliyi-R88 000,00 nangaphantsi ziya kuthathwa njengezifanele isaphulelo sobuhlwempu, ngaphandle kokuba kuvele obunye ubungqina.
Zonke izixamali ezikhankanywe kumacandelwana 1 ukuya ku-5 ziya kugqitywa liBhunga kumaxesha ngamaxesha. 27. Ukubonelelwa kwaBahluphekayo: Amanzi 1 Abathengi abangabahlali banokufumana usetyenziso llokuqala olungama-6kl, olusekwe ngokoluhlu lwamaxabiso asuka kuziro 0, ngokugqitywa liBhunga kumaxesha ngamaxesha. Ngaphezu koko, abathengi abangabahlali ababonwe befanelekile ngokwecandelwana 262, baya kufumana igranti yabantu abahluphekayo. 2 UMlawuli weSixeko unokunika igunya lokufakelwa kwezicuthi-manzi kwimihlaba eneemfuno ezihambiselana noncedo lwabahluphekayo ukuze kuncitshiswe usetyenziso lube kumgangatho ofikelelekayo. 3 Olu ncitshiso lunokucelwa ngumthengi okanye lunyanzeliswe nguMasipala kwimeko apho usetyenziso lungagcinwanga kwimigangatho efikelelekayo. 28. Ukubonelelwa kwaBahluphekayo: Umbane 1 Abasebenzisi-nkonzo abangaBahlali boMhlaba abasebenzisa ngaphantsi kwama-400kWh ngenyanga baya kufumana ama-50kWh okuqala, nto leyo eya kwenza ukuba umbane abawufumanayo uwonke ube yi-450 kWh ngenyanga, osekwe kuluhlu lwamaxabiso asuka kuziro 0, okanye njengoko kugqitywe liBhunga kumaxesha ngamaxesha. Ukuba umbane othengiweyo ungaphezulu kwe-400 kWh ngenyanga, la mbane wamahala abayi kuphinda bawufumane kuloo ndlu. QAPHELA: Umbane othengiweyo oyi-400 kWh ngenyanga ngumyinge womlinganiselo weenyanga ezilishumi elinambini ukuya kutsho kuJuni wonyaka-mali opheleleyo. 2 UMlawuli weSixeko unokunika igunya lokufakelwa kwezixhobo zombane ohlawulelwa kwangaphambili kwimihlaba eneemfuno ezihambiselana noncedo lwabahluphekayo ukuze umtyali angasebenzisi umbane ngaphezu kwamandla anawo okuziphilisa. Zonke izixhobo zombane ohlawulwa kwangaphambili zifakelwa ngeendleko zomnini-ndlu yaye ezo ndleko zinokutsalwa xa umntu ethenga umbane. 29 Ukubonelelwa kwaBahluphekayo: Inkunkuma engengomanzi 1 Bonke abatyali abangabahlali bemihlaba, abamihlaba yabo ingaphantsi koqikelelo-maxabiso lukamasipala, baya kufumana isaphulelo semali ngokubhekiselele kususo lwenkukuma nogutyulo lwelindle, ngokugqitywa liBhunga amaxesha ngamaxesha.
Bonke abahlali abahlala kwindawo ezingekho mthethweni baya kufumana inkonzo yosuso lwenkukuma simahla. 30. Amanyathelo olawulo lwamatyala 1 Ngokuxhomekeka kumba 3 kunye no 4 akukho kunqunyanyiswa okanye nyathelo lamthetho liya kuthatyathwa ngokuchaseneyo nomtyali, obhalise waza wamkelwa njengehlwempu kwisithuba seenyanga ezilishumi elinambini. 2 Isimo sabatyali abahlelwa njengamahlwempu masiphononongwe rhoqo ngonyaka ukuqinisekisa ukuba umtyali uza kuqhubeka na ukuhlelwa phantsi kwamahlwempu kwiinyanga ezilishumi elinesibini ezizayo. 3 Kuyimfuneko yalo Mgaqo-Nkqubo ukuba xa iimeko zomtyali zithe zaphucuka kangangokuba angabisahlelwa phantsi koluhlu lwamahlwempu, lowo mntu makazise uMasipala ngokukhawuleza ngolo tshintsho ukuze igama lalowo mntu lisuswe kwirejista yamahlwempu. 4 Ukuba kufumaniseke ukuba umtyali akasahlelwa njengehlwempu, kodwa uMasipala akaziswanga, ngoko lo mtyali uya kususwa/kucinywa kwirejista njengehlwempu, aze onke amanyathelo okususwa/kunqunyanyiswa anyuswe, ukusukela kwisithuba apho iimeko/ isimo somtyali siye safunyaniswa siphucukile, nanjengoko kubhekiselwe kumba 1 ngasentla apha, kwaye inzala iya kuhlawulelwa nawaphi amaxabiso angahlawulwanga. 31. Ukungathethi nyani Abatyali abafumaniseke bengathethanga nyani malunga neemfuno ezilindelekileyo ukuze baxhamle kwisibonelelo sabahluphekayo sikaMasipala baya kuba bophule umthetho kwaye imiqathango yokulwa oko iya kuthatyathwa ngokwesigqibo sikaMasipala kumaxesha ngamaxesha, kwaye konke okuxhanyulwe ngethuba lokuzuza uncedo olunikwa abahluphekayo, luya kuxuthwa.
ISAHLUKO 6: ULAWULO LWEPROPATI
Imithetho-siseko gabalala Inzala isenokutsalwa kuwo onke amatyala asemva ngentlawulo ngomyinge wenzala oya kugqitywa liBhunga amaxesha ngamaxesha. Ukuba ngaba kukho amalungiselelo enziweyo okuhlawula ityala, inzala ebiza kutsalwa iya kuyekwa. Amalungiselelo okuba ityala liza kuhlawulwa njani anyanzelisa ukuba inzala yetyala elikhoyo kufuneka ihlawulwe kwakunye nesixamali ekuya kugqitywa ngaso ukuba siya kuhlawulwa inyanga nenyanga. Ukuba amalungiselelo okuhlawulwa kwetyala akathotyelwanga, kuya kuqala inkqubo yokuqokelelwa kwesikweliti okanye amanyathelo omthetho ukususela kwixa eyayimiswe ngalo inkqubo yetyala yaye ayiyi kuqala ekuqaleni kwenkqubo yolawulo lwetyala. Umanejala weSixeko unokutsala imbuyekezo kumkweliti yezi ndleko zilandelayo kwiimeko apho iindleko ziye zahlawulwa nguMasipala okanye egameni likaMasipala, (a) iindleko kunye nezo zolawulo apho iintlawulo ezenziwe kuMasipala ngokwezivumelwano ziye zakhatywa ziibhanki xa bezingeniselwe ukuba zihlawulwe; (b) iindleko zomthetho nezolawulo, ezibandakanya ezamagqwetha nezomsebenzisi-nkonzo, kunye nezokumkhangela xa bekufuneka kuhlawulwe ityala; (c) nayiphi na ikhomishini ehlawulelwe uqokelelo. 33. Inkqubo yoKoleko lweRenti yePropati Irenti ihlawulwa kwangaphambili komhla obekiweyo. Inkqubo yoLawulo lwetyala lePropati iqala xa lo mntu urentayo engahlawuli irenti yakhe, nto leyo ikukwaphulwa kwezigqibo zerenti. Isebe loLawulo lweePropati lingaqhagamshelana nomkweliti wemali yerenti ngefowuni okanye limbhalele limchazela ngokuba kufuneka ehlawule imali engekahlawulwa kwiakhawunti yerenti yepropati akuyo. Ukuba ngaba loo mntu akaphendulanga kolu nxibelelwano, oko kuya kukhokelela kunyino lweenkonzo (apho oko kunokwenzeka)/kucimo lweenkonzo (kumashishini) zamanzi/umbane waloo propati.
Xa umkweliti esophula izigqibo zekhontrakthi, kuya kubhalwa "ileta yokuqala yonxibelelwano" ecela ukuba umkweliti ahlawule ze anikwe nethuba lokwenza amalungiselelo zingaphelanga iintsuku ezingama-30
amashumi amathathu ukusukela kumhla wokunikwa kwakhe "ileta yokuqala yonxibelelwano". 6 Ukuba ngaba umkweliti akaphendulanga "ileta yokuqala yonxibelelwano" ngentsuku ezibekiweyo ezingama-30 amashumi amathathu, oko kuya kukhokelela ekubeni kuthathwe amanyathelo asemthethweni neenkqubo ezihambelana noko ngokuthi athunyelwe "ileta yomthetho" emnyanzelisa ukuba ahlawule ngexesha aya kuthi alinikwe. 7 Ukuba ngaba umkweliti wepropati akaphenduli akenzi ntlawulo ngokupheleyo yerenti kwabo bangoosomashishini okanye akenzi malungiselelo okuchaza ukuba uza kuhlawula njani na kwabo barenta izindlu emva kokufumana "ileta yomthetho" zingaphelanga iintsuku ezingama-30 amashumi amathathu, loo mkweliti uya kuthunyelelwa iisamani. 8 Ukuba ngaba umkweliti wepropati akaphenduli akenzi ntlawulo ngokupheleyo yerenti kwabo bangoosomashishini okanye akenzi malungiselelo okuchaza ukuba uza kuhlawula njani na kwabo barenta izindlu emva kokufumana iisamani zingaphelanga iintsuku ezingama-30 amashumi amathathu, iSixeko siya kukhupha umyalelo wesigwebo onokukhokelela ekubeni loo mntu akhutshwe kuloo ndlu. 9 Ukuba ngaba umkweliti akaphenduli phambi komhla wokuya enkundleni xa engenzi ntlawulo ngokupheleyo yerenti kwabo bangoosomashishini okanye akenzi malungiselelo okuchaza ukuba uza kuhlawula njani na kwabo barenta izindlu, uya kuthi akhutshwe kuloo ndlu. 10 Ukuba ngaba umkweliti wenze amalungiselelo ngomhla wokukhutshwa kwakhe kwindlu abeyirenta ze ngathobeli imiqathango yesivumelwano, umkweliti kuya kufuneka ahlawule umtyalwa okanye umasipala lowo lonke ityala lakhe alikwelitayo kunye nerenti yeenyanga ezili-12 kwabo barenta izindlu zokuhlala ukanti kwabo barentela amashishini kufuneka bahlawule lonke ityala labo ukuze banqande iSixeko ukuba singabakhupheli ngaphandle.
Ishedyuli yeYona Ntlawulo iNcinci iFunekayo
Ingeniso
Intlawulo
Ingeniso
Intlawulo
Ingeniso
Intlawulo
Ingeniso
Intlawulo
