Incwadi yokubuyisa yokuhlawula irhafu yokubambisa - intlawulo yokuqala
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Xa umntu engenelwa yimali erhafelekayo engaxhuzulelwayo ngokwe-SITE okanye i-PAYE , kufanele ahlawule irhafu yokubambisa kule ngeniso-mali. Iintlawulo zerhafu yokubambisa zenziwa ngokweenyanga ezintandathu.
Irhafu yokubambisa yenzelwe ukunceda abarhafi bamelane noxanduva lwabo lwerhafu ngokuqhubekayo, endaweni yokuba bahlawule iimali ezinkulu kubekanye ngonyaka xa bevavanywa. Intlawulo yerhafu yokubambisa iyakungqamaniswa nerhafu yengeniso-mali yokugqibela ekufanele umntu ayihlawule kuloo nyaka wovavanyo ubandakanyekayo.
Umhla wokungena kwentlawulo yerhafu yokubambisa kwixesha lokuqala ukwisithuba seenyanga ezintandathu ukusukela ekuqaleni konyaka wovavanyo. Intlawulo yokuqala yerhafu yokubambisa kufuneka imele isiqingatha soxanduva lokuhlawula irhafu kunyaka opheleleyo werhafu.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Bala irhafu yokubambisa ngolu hlobo lulandelayo kwixesha lesibini:
isiqingatha serhafu epheleleyo yonyaka opheleleyo uthabathe irhafu yomqeshwa exhuzulelwe eli xesha uthabathe naziphina iikhredithi zerhafu yangaphandle zeli xesha .
iintlawulo zerhafu yengeniso engaphezulu zingenziwa nakweyiphi na i-ofisi yesebe lakwa-SARS, ngeMivulo ukuya ngooLwezihlanu, phakathi ko-08h00 no-15h30, kungabandakanywanga iiholide zomntu wonke xa iintlawulo zenziwe nge-posi, ngokusebenzisa ibhanki okanye i-ATM, ixesha elaneleyo lokuthumela ngeposi okanye lokusebenzisa le nkqubo, malithathelwe ingqalelo xa iintlawulo zisenziwa ngekhompyutha, makwenziwe amalungiselelo okuba amaxesha ebhanki yakho amiselweyo okuvala ukuthatha iintlawulo nethuba lokuqinisekisa kokufaneleka kwentlawulo okunokwenzeka phakathi kweentsuku ezimbini nezintlanu.
Iinkcukacha zokubhankisha:
Okuya kufuneka koku kulandelayo:
inombolo yesalathiso yentlawulo yowenzelwa iinkonzo enamanani ali-19
uxwebhu lweSazisi salowo wenzelwa iinkonzo okanye inombolo ye-akhawunti eqhagamshelaniswe nohlobo oluthe ngqo lwerhafu ukulungiselela intlawulo.
Iintlawulo ezingangqinelaniyo nazo zombini inombolo yesalathiso yentlawulo echazwe ngentla apha noxwebhu lweSazisi lowenzelwa iinkonzo , aziyi kwamkelwa.
Qwalasela:
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Qwalasela:
Ukuba ummeli usingethe imicimbi yakho yerhafu, kubalulekile ukuba uqinisekise ukuba u-SARS uyachazelwa ngalo mba. Oku kwenzelwe ukukhusela wena kwanokuqinisekisa ukuba uSARS akalidleleleli ilungelo lakho lokuba nguwe wedwa nokuba yimfihlo kwemicimbi yakho .
Entla
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Entla
Entla
