Isicelo sepemethe yokuseka indawo yokwenza imveliso yeentlanzi
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Indawo yokwenza imveliso yeentlanzi, ebizwa ngokuba yi-fish processing establishment , sisithuthi, inqanawa, iziko neendawo ezilingqongileyo okanye indawo apho into ethile okanye imveliso ethile yenziwa kwintlanzi. Le mveliso ingenziwa nangayiphi na indlela, efana nokunqunqa, ukusikelela, ukwaba amalungu athile, ukucoca, ukupakisha, ukukrozisa kunye nokugcina intlanzi. Eli ziko likwabandakanya indawo yokufaka intlanzi etotini, ukuyipakisha, ukuyomisa, ukuyiqhola ngetyiwa, ukuyifaka emkhenkceni, ukuyibandisa, ukuyiqinisa ngomkhenkce okanye ukwenza imveliso yayo ukuze ithengiswe eMzantsi Afrika okanye kumazwe angaphandle.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Yenza isicelo selungelo lokuloba kuphela xa kukho isimemo, esiya kupapashwa kwiGazethi kaRhulumente.
Fumana ifom yesicelo kwiSebe lezokuSingqongileyo kunye noKhenketho okanye kwiziko lokwamkela okanye lokukhupha iifom eliya kupapashwa liSebe lezokuSingqongileyo kunye noKhenketho.
Sifunde ngocoselelo futhi uyiqonde yonke into ekwisicelo, kwaye uqinisekise ukuba uyazanelisa iimfuneko kunye nemiqathango yesicelo.
Kwiimeko ezikhethekileyo nezizodwa. ungaqwalaselwa umnyenyevu wokungafunwa ndawo yokwenza imveliso yeentlanzi, ngokubona koMphathiswa weSebe lezokuSingqongileyo kunye noKhenketho.
Ukubangaba unikwe umnyenyevu wale ndawo yokwenza imveliso yeentlanzi, kufuneka usenze sona isicelo sepemethe yokuqhuba indawo yokwenza imveliso yeentlanzi.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Isicelo selungelo le-FPE singathabatha inyanga enye ukuya kutsho kwiinyanga ezi- 3, ngokuqwalasela ubungakanani bezicelo. Ipemethe yokuqhuba indawo yokwenza imveliso ingathabatha usuku olunye okanye iintsuku ezingaphezulu kwesinye, kuxhomekeke ekufakweni kwesicelo ngokufanelekileyo.
Entla
Iindleko
Iimali ezihlawulwayo ziqwalaselwa ngokutsha okanye ziqulungqwa ngonyaka nguMphathiswa okanye ngugunyaziwe onikwe amandla okwenza njalo, ngokusebenzisana noMphathiswa wezeMali.
R6 000 - Isicelo selungelo lendawo yokwenza imveliso yeentlanzi okanye ilungelo lokuloba: ukuze uqhube indawo yokwenza imveliso yeentlanzi.
R1 330, kongezwe i-R125 yentlawulo yesicelo- Isicelo sepemethe yokuloba: ukuze uqhube indawo yokwenza imveliso yeentlanzi.
Entla
Entla
