Isicelo sokwenza ingxelo ngengozi emsebenzini kwiNgxowa-mali yeMbuyekezo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
UMthetho weMbuyekezo kuMenzakalo neZigulo eMsebenzini ka-1993, ufuna ukuba abaqeshi banike ingxelo ngazo zonke iingozi ezenzeka emsebenzini kwiNgxowa-mali yeMbuyekezo.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Abaqeshi mabayikrazule bayisuse iCandelo B yefom W.Cl.2 baze bayinike ugqirha okanye isibhedlele ukuze izaliswe ngokukhawuleza emva kwengozi.
Abaqeshi mabathumele iCandelo A yefom ezaliswe ngokupheleleyo kwiNgxowa-mali yeMbuyekezo ngokukhawuleza emva kwengozi.
Abaqeshi abafanele kulindela ukuba iCandelo B yefom izaliswe ngugqirha phambi kokuba bangenise ibango. Bakuba abaqeshi befumene inxenye yefom elicandelo likagqirha, bangayingenisa ifom ngokunjalo.
UMkhomishinari weMbuyekezo
Abaqeshi mabahlawule imbuyekezo kumsebenzi kwinyanga ezintathu zokuqala emva kwengozi. INgxowa-mali yeMbuyekezo iya kumbuyekeza umqeshi malunga noku.
Ukuba umsebenzi akanakho ukubuyela emsebenzini ixesha elide, abaqeshi mabafumane iingxelo zenkqubela yonyango kugqirha zize zizingenise kwiNgxowa-mali yeMbuyekezo qho ngenyanga.
Xa umsebenzi eqalisa ukusebenza kwakhona, abaqeshwa mabathumele ingxelo yokuqalisa kwakhona emsebenzini nengxelo yonyango yokugqibela kwiNgxowa-mali yeMbuyekezo.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Oku kuya kuxhomekeka ekubeni ingaba zizaliswe zonke iinkcukacha ngokuchanekileyo kusini na.
Entla
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Entla
Entla
