Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Iinjongo zale nkonzo kukwazisa uMphathi woBhaliso lweeNkampani malunga neenguqu kwishishini lakho elibhalisiweyo. Ezi nguqu zingasukela ekufakweni kwamalungu amatsha okanye kurhoxiso lwamalungu, ukuya kwigosa elitsha elimele iinkonzo, idilesi yokuposa, njalo-njalo.
Xa kukho iinguqu ezenziweyo ngokuphathelelene nequmrhu elingavulelekanga elibhalisiweyo - nokuba zayamene namalungu , okanye kwiinguqu malunga negosa elimele iinkonzo okanye idilesi yokuposa ye-CC - kuyimfuneko ukubhalisa ezi nguqu kwi-Ofisi yoBhaliso lwaMaqumrhu angaVulelekanga .
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Zalisa iCandelo A ukubangaba kukho utshintsho kwigama le-CC okanye uhlobo lweshishini.
Zalisa ifom ekuthiwa yi-CK2A ngokuphathelelene neenguqu kwigosa elimele iinkonzo okanye kwidilesi yeshishini. Zalisa iCandelo B ngokuphathelelene neenguqu kwiinkcukacha zamalungu.
Hlawula imali efunekayo.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Kungathabatha iintsuku ezisibhozo ukuze kugqitywe inkqubo.
Entla
Iindleko
Entla
Entla
