Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
esi simbiwa sibandakanyekayo singembiwa ngokugqibeleleyo iminyaka emibini ummandla womgodi awudluli kwi- 1.5m² yobungakanani akukho mntu ungomnye onelungelo lokukhangela ubukho besimbiwa, ilungelo lokwemba umgodi, ipemethe yokwemba umgodi okanye ipemethe yokugcina umgodi yesimbiwa esinye nomhlaba omnye.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Yenza isicelo kwi-ofisi yoManejala weNgingqi weSebe leZimbiwa naMandla okwingingqi omi kuyo lo mhlaba.
Sakuba sivunyiwe isicelo sakho, uManejala weNgingqi uyakukucela ukuba uthumele isicwangciso sokulawula imo yokusingqongileyo kwaye ubonisane nomnikazi-mhlaba kunye nomntu ohlala ngokusemthethweni kulo mhlaba, ndawonye nawuphina omnye umbandakanyeki ochaphazelekayo.
Thumela isiphumo soku kubonisana kuManejala kwisithuba seentsuku ezingama- 30.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
UManejala weNgingqi uya kukwazisa kwisithuba seentsuku ezili- 14 ukubangaba isicelo sakho siphumelele, oku kuthetha ukuba uzifezekisile zonke iimfuno.
Entla
Iindleko
Iindleko ziyakuqulungqwa lisebe kwaye azibuyiswa.
Entla
Entla
