Yonga amanzi
Yenza ukuba intlawulo yakho yamanzi ifikeleleke
ISixeko saseKapa sizibophelela kwisiCwangciso-qhinga sokuLawula iMfuneko yaManzi noLondolozo lwaManzi esiluqilima nesinokusebenza ixesha elide esihlaziywe senziwa luqilima kwisithuba somnyaka wama-2005. Enye yeendima ezibalulekileyo zesi sicwangciso-qhinga sitsha yi"Projekthi yokuLungiswa kokuVuza kwaManzi eHlanganisiweyo".
Nangona le projekthi ibizwa ngokuba yi'projekthi yokulungiswa kokuvuza kwamanzi', injongo ephambili kukuqinisekisa ukuba yonke imibandela enxulumene nokuhanjiswa kweenkonzo zamanzi nogutyulo kwiindawo zabahluphekileyo ziyasonjululwa. Eyona njongo iphambili kukonga amanzi nokuqinisekisa ukuba umyinge wamanzi osetyenziswa emakhaya ngulowo uyimfuneko kwaye ngulowo bangafikelela lula kuwo. Ukuvuza kwamanzi kwixa elizayo kumele ukuba kucuthwe kwaye ukulungiswa kwayo kumele ukuba kufikeleleke kumakhaya amaninzi. Sijonga imibandela emininzi ebandakanya ezingentlalo, ezingemithetho, ezingoshishino nezingobugcisa neziya kwenza ukuba ubonelelo ngamanzi lube lolusebenzayo, olufikelelekayo noluthabatha ixesha elide lujoliswe kuluntu olukumatyotyombe noluhluphekileyo lwaseKapa.
Iprojekthi eqhutywayo ekummandla waseMfuleni yeyokuqala ephantsi kwale nkqubo. ISixeko sifuna iindlela esinokwakha ngayo ubuhlakani phakathi kwabemi kunye nabachaphazelekayo ukuvelisa isicwangciso-qhinga sexesha elide ukuze sinakekele imithombo yamanzi. Ngexesha lokuqhuba kwale projekthi, wonke amakhaya anamanzi avuzayo aya kulungiselelwa ukuvuza kwamanzi NGAPHANDLE KWENTLAWULO. Oku kuya kuba lithuba elinye lokugqibela nelingasayi kuphinda libekho. Emva koko, umninimzi uya kuphinda abenoxanduva lokulungisa konke ukuvuza kwamanzi okungakho kwipropati yakhe.
Kukwakha amadama kunye nezinye izixhobo nezakhiwo zokuhambisa amanzi ukusuka kumadama amakhulu (akude kakhulu kwiSixeko) ukuza kuwabeka emnyango kwakho.
Kukubonelela ngokucocwa kwamanzi ngako oko kuqinisekiswa ukuba amanzi owafumana kwitepu yakho, acocekile kwaye akhuselekile ukuba ungawasela, ungapheka kwaye uhlambe ngawo.
Kukubonelela ngeenkonzo zamanzi eziqhubekekayo nogutyulo, ngokusemandleni ethu.
Kukucutha ixesha lokubonelela ngenkonzo zokulungisa imibhobho yamanzi kamasipala evuzayo negqabhukileyo kunye nemibhobho kamasipala yogutyulo lwelindle evingcekileyo.
Ukugcina isixokelelwano samanzi sinoxinzelelo olwaneleyo.
Kukufunda imitha yakho yamanzi ngokuchanekileyo nyanga nenyanga.
Kukubonelela ngesaziso sentlawulo esichanekileyo nesamkelekileyo.
NGUBANI ONOXANDUVA LOKULUNGISA IMIBHOBHO EVUZAYO / EGQABHUKILEYO OKANYE NAKUPHI NA UKUVUZA OKWENZEKA NGAPHAKATHI KWIMIDA YEPROPATI YAKHO?
Umninipropati nguye onoxanduva lwako nakuphi na ukuvuza kwamanzi okungenzeka ngaphakathi kwipropati yakhe. ISixeko saseKapa ASINAXANDUVA lokulungisa nakuphi na ukuvuza ngaphakathi kwimida yepropati yabucala. Ukuba ukuvuza kulungiswe ngokukhawuleza, akusayi kuhlawula i-akhawunti exhumileyo yamanzi.
NGUBANI ONOXANDUVA LOKULUNGISA IMIBHOBHO EVUZAYO / EGQABHUKILEYO OKANYE NAKUPHI NA UKUVUZA OKWENZEKA
KWISITALATO SAKHO?
ISixeko saseKapa sinoxanduva kodwa WENA kumele ukuba:
Uqhakamshelane neeNOMBOLO ZOMNXEBA WONCEDO ezizezi-0860 103 054 ukuxela ukuvuza, ukugqabhuka, ukuvingceka kwemibhobho yogutyulo okanye nayiphi na inkonzo enempazamo.
Nika ulwazi oluchanekileyo kwaye ubandakanye:
Inkcazelo yempazamo eyenzekayo, iGama lesitalato iNdlu okanye inombolo yeNxiwa ekufutshane kwingxaki leyo
KHUMBULA
Ulwazi oluneengcombolo ezichanekileyo ziya kunceda iSixeko saseKapa ukuba sikwazi ukulungisa nayiphi na impazamo yogqabhuko lwemibhobho ngokukhawuleza.
Imibhobho evuzayo okanye egqabhukileyo ezitalatweni ayisayi kuchaphazela imitha yamanzi yakwakho okanye i-akhawunti yakho.
Khumbula, Siluluntu olunye, ngokuxela ukuvuza okwenzeka esitalatweni sinceda uluntu lwethu luphela.
UXANDUVA LWAKHO
Kwipropati yakho kumele:
Unakekele imibhobho ukuba ibe kwimeko elungileyo.
Uqinisekise ukuba uvala ukuvuza kwamanzi kwipropati yakho ngokukhawuleza nje ukuba kuqalise (ngokuvala isivalo sokuvala ukuvuza)
Ugcine ujonga ukuvuza okungakho ngokufunda imitha yamanzi yakho rhoqo.
Ucuthe ukusebenzisa kwakho amanzi ukuba kube kuhambelana nezidingo zakho kuphela.
Usebenzisane neCandelo leeNkonzo zaManzi ukuze wenze iCandelo leeNkonzo zaManzi nezoGutyulo lweLindle ukuba basebenzele uluntu lwakho.
Uhlawulele iinkonzo ezixelwe ngentla kunye nama-R20 asisiBonelelo kwabaHluphekileyo
Ungagungxuli izinto ezingafanelekanga, i-oyile nezinye izinto kwisixokelelwano semibhobho yogutyulo
Ungavuleli amanzi emvula / namanye amanzi angaphezu komhlaba ukuba angene kwisixokelelwano semibhobho yogutyulo.
Uqinisekise ukuba imitha yamanzi kunye netshemba yomda wogutyulo isoloko ifikeleleka lula.
ISIXEKO SASEKAPA SIZISEBENZISA NJANI IIMITHA ZAMANZI
ISixeko sithumela abafundi beemitha zamanzi nyanga nenyanga ukuba bafunde iimitha zamanzi.
Ngamanye amaxesha abafundi beemitha zamanzi abakwazi ukuzifunda ezi mitha ngenxa yokuba imitha igqumekile okanye iheke engena kwipropati itshixiwe. Kule meko iSixeko siye sinyanzeleke ukuba siqikelele usetyenziso lwamanzi ngokuxhomekeke kusetyenziso ngeli xesha kunyaka odlulileyo.
ISixeko sisebenzisa ukufundwa kwemitha yamanzi ukubala usetyenziso ukusuka kwixesha lokugqibela lokufundwa kwemitha yamanzi ngenxa yothotho lwezizathu:
Ukubala i-akhawunti yamanzi asetyenzisiweyo nasetyenziselwe ugutyulo lwelindle kwaye kuthunyelwe isaziso setyala.
Ukuqikelela nawaphi na amanzi athe avuza kwisixokolelwano semibhobho esisa amanzi kwipropati yomntu.
Ukubala iirhafu zalo nyaka-mali.
Khumbula ukuba kufuneka uzichaze izikhalazo kunye neengxaki onazo. Oku kuya kunceda iSixeko kunye neCandelo leeNkonzo zaManzi ukuba zibonelele ngenkonzo engcono kuwe.
Xela zonke iingxaki nezikhalazo onazo:
Ukusetyenziswa kunye
Xela:
