Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Injongo yezibonelelo zokufumana umntwana okanye ukubeleka kukubuyekeza umntu okhupha intlawulo ofanelekileyo ngethuba lokukhulelwa nelokubeleka.
Isicelo masenziwe ngokukhawuleza ekuqaleni kwekhefu lokubeleka okanye kungenjalo kwisithuba seenyanga ezintandathu zokuzalwa komntwana.
Imiqathango yokufaneleka:
Umntu okhupha intlawulo makabe ufumana nganeno kunomvuzo oqhelekileyo ngalo gama ekwikhefu lokubeleka.
Ngokuxhomekeke kwiintsuku anazo aziqokeleleyo, izibonelelo zingahlawulwa ukuya kufikelela kwiintsuku eziyi-121 ubuninzi.
Kwimeko yokuphuma kwesisu/ukuzalwa komntwana eswelekile , intlawulo yenziwa kwithuba elingangeeveki ezintandathu ubuninzi.
Isatifikethi sonyango esiqinisekisa ukukhulelwa kunye/okanye ukuzalwa komntwana masingeniswe .
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Qhagamshelana neziko lemicimbi yezabasebenzi elikufutshane kuwe ukuze ufumane iifom ezifanelekileyo.
Zalisa uze ubuyise ezi fom nesatifikethi sonyango kwiziko lemicimbi yabasebenzi .
Yiza nesazisi esiluhlaza esinebhakhowudi enamanani ayi-13 .
Khumbula ukunikezela iinkcukacha zebhanki ezichanekileyo njengoko ziqinisekisiwe yibhanki yakho.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Kwakuba kufunyenwe onke amaxwebhu, i-UIF ithembisa ukuwasebenza okanye ukuwagqiba amabango kwisithuba seeveki ezintandathu.
Entla
Iindleko
Le ntlawulo ayihlawulelwa.
Entla
Entla
