Isicelo selayisensi yenkonzo yosasazo lwezandi ekhupha imitha yamandla akwizinga eliphantsi
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
UmThetho wokuSasaza uchaza iNkonzo yoSasazo lweZandi ekhupha imitha yaMandla akwizinga eliPhantsi njengenkonzo yosasazo lwezandi yabahlali, yabucala okanye yoluntu, ekhupha imitha yamandla angagqithanga kwi-watt enye. Iinjongo zeLayisensi yoSasazo lweZandi ekhupha imitha yaMandla akwizinga eliPhantsi kukufezekisa ezi zinto zilandelayo:
ukunabisa umba 'wofikelelo' ukusukela kwilungelo lokufumana inkcazelo ukuya kutsho ekubandakanyeni ufikelelo olwandileyo kwizinto neendlela zemveliso yosasazo.
Ilungelo lenkululeko yamaphephandaba kunye nezinye iinkonzo zosasazo lweendaba, inkululeko yokufumana nokukhupha inkcazelo kunye nemibono, inkululeko yemveliso enobugcisa kunye nenkululeko yemfundo, kunye nenkululeko yophando lwenzululwazi.
ngokwembono yophuhliso, umba wokulingana ubalulekile ekulungelelaniseni amacandelo okudlala indima kwishishini losasazo, ngokukhuthaza abangeni abatsha kule marike.
ILayisensi yoSasazo lweZandi olukhupha imitha yaMandla akwizinga eliPhantsi inganikwa kula macandelo alandelayo:
Iinkonzo zorhwebo zosasazo lwezandi ezikhupha imitha yamandla akwizinga eliphantsi - iinkonzo ezisebenzela, kwaye ezisasazela, kwimimandla emikhulu yoobhazabhaza beevenkile okanye kumaziko eevenkile, kumabala emidlalo, kumabala emiboniso kunye nakumaqonga emiboniso yeebhanyabhanya okanye nayiphina inkonzo efana nezi iGunya elingayibona ifanelekile.
Iinkonzo zoluntu zosasazo lwezandi ezikhupha imitha yamandla akwizinga eliphantsi - iinkonzo ezisebenzela, kwaye ezisasaza, kumakhaya wabantu abadala, unxulumano phakathi kweendawo zokunqula, unxibelelwano phakathi kweendawo zokunqula namakhaya wabantu abadala, okanye nayiphina enye inkonzo efana nezi iGunya elingayibona ifanelekile.
Iilayisensi zabahlali kunye nezorhwebo, zosasazo lwezandi olukhupha imitha yamandla akwizinga eliphantsi, ziya kusebenziseka iminyaka emithathu kwaye ilayisensi yosasazo lwezandi ekhupha imitha yamandla ekwizinga eliphantsi yezenzeko zexeshana iya kusebenziseka iintsuku ezingamashumi amathathu.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Chonga intshukumo efanelekileyo yamaza okusetyenziswa kwemitha yamandla akwizinga eliphantsi.
Seka itim yabantu abasebenza ngesicelo ukuze le tim ithabathe uxanduva lwenkqubo yesicelo kwaye ibengumenzi-sicelo egameni labaququzeleli bezenzeko.
Qinisekisa ukuba le tim yenza ezi zinto zilandelayo:
Ibhala isicwangciso seshishini
Iphembelela ukonyulwa kwamalungu eBhodi ngenkqubo yedemokhrasi.
Cela ikopi yenkonzo yosasazo kunye nefom yesicelo sokuhambisa iintshukumiso zemitha yosasazo.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Ukuvunywa kwale layisensi kungathabatha iinyanga ezi 2 ukuya kwezi 3.
Entla
Iindleko
Ilayisensi yorhwebo: R5 000
Intlawulo engabuyiswayo eyi- R 500 kwakube kukhutshwe ilayisensi
Ilayisensi yoRhwebo yeZenzeko zeXeshana: R2 000
Ilayisensi yabahlali: R1 500
Intlawulo engabuyiswayo eyi R 200 kwakube kukhutshwe ilayisensi
Entla
Entla
