Isicelo selayisensi yenqanawa yokuloba yeli lizwe
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
ibenobunikazi kwaye ilawulwe ngokupheleleyo ngumntu okanye abantu baseMzantsi Afrika, okanye ibenobunikazi kwaye ilawulwe ngokupheleleyo lilo naliphi na iqumrhu leenkampani, umbutho okanye naliphi na iqumrhu labantu elifakwe okanye elisekwe phantsi kwemithetho yeRiphabhlikhi yaseMzantsi Afrika, kwaye apho isininzi sezabelo kunye namalungelo okuvota alawulwa ngabantu baseMzantsi Afrika.
Inqanawa yokuloba yeli lizwe idla ngokuxhotyiselwa ukuloba kunye neminye imisebenzi eyayamene nokuloba. Le nqanawa ibandakanya zonke izixhobo eziyimfuneko, izixhobo zokuloba, iindawo zokugcina imithwalo, umthwalo okanye iimpahla zorhwebo kunye namafutha alayishwe kuyo. Inqanawa yokuloba yeli lizwe ingabandakanya nayiphi na inqanawa encedisa enye okanye ezinye iinqanawa eziselwandle ekwenzeni nawuphi na umsebenzi owayamene nokuloba. Oku kungabandakanya ezi zinto zilandelayo, kodwa kungapheleli kuzo kuphela:
amalungiselelo ukunika nokukhupha izinto eziyimfuneko indawo yokugcina imithwalo indawo yomkhenkce nokubandisa ukuthutha, okanye ukukhupha imveliso; kunye/okanye nokwenza ngqo imisebenzi yokuloba kuMmandla oKhethekileyo wezoQoqosho ekuthiwa yi-Exclusive Economic Zone okanye kumanzi olwandle lwehlabathi phantsi kweflegi yeRiphabhlikhi yaseMzantsi Afrika.
Akukho mntu unokusebenzisa inqanawa yokuloba okanye nayiphi na inqanawa ukuze asebenzise ilungelo lofikelelo, ngaphandle kokuba ikhutshiwe ilayisensi, enepemethe efanelekileyo ukubangaba umnikazi wenqanawa ngumntu onelungelo lokuloba. Kwimeko apho umnikazi wenqanawa engenalungelo lokuloba, kufuneka kubekho isivumelwano sekhontrakthi yokusebenzisa le nqanawa.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Inqanawa yokuloba kufuneka iyokuvavanyelwa ukufanelana nolwandle kwaye i-SAMSA ingakhupha iSatifiketi soKhuseleko.
Fumana ifom yesicelo kwiSebe lezokuSingqongileyo kunye noKhenketho.
Kufuneka ubengumntu onelungelo lokuloba . Ukubangaba awunalungelo lokuloba elingumnikazi wenqanawa, thumela okanye bandakanya isivumelwano sekhontrakthi, osingenele nomnikazi wenqanawa ukuze usebenzise le nqanawa kuthethwa ngayo, xa ufaka isicelo selayisensi yenqanawa.
Thumela ifom yesicelo kwiSebe lezokuSingqongileyo kunye noKhenketho nale nkcazelo ilandelayo:
igama lenqanawa igama lomnikazi wale nqanawa uhlobo lwamandla, ubude benqanawa umlinganiselo wamandla e-injini kunye nomlinganiselo womthwalo ongalingana kule nqanawa icandelo lokuloba ekujongwe ukuba le nqanawa isetyenziswe kulo uMbuso weFlegi ebhaliswe phantsi kwawo xakungoku le nqanawa .
Zalisa le fom ngoonobumba abangadityaniswanga kwaye usebenzise oonobumba abakhulu kuphela, ufake nesiphakamiso esibhaliweyo esixhasa iimfuno zakho apho kuyimfuneko.
Bonisa ixesha eya kulichitha le nqanawa kunye nendlela eya kusetyenziswa ngayo kwicandelo lokuloba eya kusebenza kulo.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Isicelo singathabatha iintsuku zokusebenza ezi- 3, kuxhomekeke ekufakweni kwesicelo ngokufanelekileyo.
Entla
Iindleko
