Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Kufuneka ufumane incwadi ekugunyazisyo xa ufuna ukungenisa eMzantsi Afrika imoto entsha noba eseyikhe yasetyenziswa, imoto yokuthutha impahla okanye inqwelo erhuqwayo nokwakha okanye ukuguqula imoto.
Kufuneka ukuba ube nencwadi engumqondiso wokuba imoto yakhiwe apha eMzantsi Afrika okanye kwilizwe langaphandle. Iintlobo zemoto efuneka kuzo leleta yomqondiso:
iimoto, iibhasi nezithuthuthu iimoto zokuthutha impahla inqwelo erhuqwayo imoto ezikhethekileyo ezifana netrekta nenqwelo zokuvuna.
Qaphela: Umntu ofaka esi sicelo ngulowo imoto ibhaliswe egameni lakhe.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Fumana ifomu lesicelo emapoliseni akufuphi.
ikopi yencwadi yesazisi uxwebhu lwelungelo lokumela xa kuyinkampani okanye umbutho ingxelo efungelweyo yokufakelwa kwemoto eyenziwe emapoliseni, ibandakanye injini namanani esisu semoto, ingxelo ezeleyo yomsebenzi wonke owenziweyo nemvelaphi yezinto ezifakelweyo isatifiketi sobumsulwa soNcedo lwaMapolisa ase Mzantsi Africa isatifiketi sokulungela ukuhamba endleleni ka wonke-wonke isatifiketi sobunzima bemoto ifoto ezimbini zemoto.
Bhatala imali eqingqiweyo.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Incwadi egunyazisayo iba seyilungisiwe emva kwentsuku ezintandathu.
Entla
Iindleko
