Ukumisa ngokusemthethweni amaxwebhu asemthethweni kunye neziqinisekiso zomsebenzisi wokugqibela
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Ukumisa ngokomthetho okanye ukugunyazisa amaxwebhu yinkqubo yokuqinisekiswa kwemisayino kwaye kuthetha ukuba amaxwebhu asemthethweni afakelwe, atywinwa kwaye asayiniwe nokuba kungeSiqinisekiso seApostille , okanye ngoGunyaziso lwesiQinisekiso apho amazwe angeyonxalenye yeNgqungquthela yase Hague.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Okokuqala, qonda ukuba loluphi uxwebhu ofuna ukulumisa ngokusemthethweni.
ICandelo lokuMisa ngokuseMthethweni lingakhupha isigunyaziso esifanelekileyo okanye isiQinisekiso seApostille ngokwale migaqo ilandelayo:
Uxwebhu olo alukho ngaphezu konyaka ubudala.
Kufuneka ulicebise iCandelo lokuMisa ngokusemThethweni malunga nelizwe apho luya kusetyenziswa khona olo xwebhu, ukuze libe nakho ukufumanisa ukuba kufuneka iApostille okanye isiQinisekiso soGunyaziso na.
Phambi kokuba iCandelo lokuMisa ngokuseMthethweni likhuphe isiGunyaziso okanye isiQinisekiso seApostlle esifanelekileyo, olo xwebhu kufuneka lumiswe ngokomthethweni:
nguMantyi, uMantyi owoNgezelelweyo okanye uMantyi oNcedisayo nguMgcini-zincwadi okanye uMgcini-zincwadi oNcedisayo weNkundla ePhezulu yoMzantsi Afrika.
Makungeniswe amaxwebhu kwiCandelo lokuMisa ngokusemThethweni ngokusebenzisa enye yezi ndlela zilandelayo:
Asiwe ngumntu - Amaxwebhu angeniswe ngumntu angalandwa kuphela xa kukho ubungqina bokwamkelwa. Isiqinisekiso sokwamkelwa sinikwa wena emva kokunikezela amaxwebhu akho.
Asiwe sisigidimi - Isigidimi siya kunikwa iphetshana lokuza kulanda, eliya kufunwa xa kulandwa amaxwebhu. Kufuneka usihlawule isigidimi xa sibuyisela amaxwebhu akho.
Athunyelwe ngeposi ebhalisiweyo okanye ekhawulezayo - Kufuneka ufake imvulophu ebhalwe igama nedilesi yakho, ehlawulelweyo nebukhulu bayo buyi-A4 ukuze iCandelo lokuMisa ngokusemThethweni likwazi ukuwabuyisa amaxwebhu. Ileta esisiqinisekiso, exela inani lamaxwebhu afuna ukumiswa ngokwasemthethweni, ilizwe ekufunelwa lona oku, kwakunye neenkcukacha zakho ezipheleleyo, kufuneka ihanjiswe kunye namaxwebhu.
Amaxwebhu afinyeziweyo okanye okubhalwe ngekhompyutha
Iikopi eziqinisekisiweyo zomtshato, zokuzalwa, zokufa okanye iziqinisekiso ezikhululayo zasemapoliseni
Iikopi eziqinisekisiweyo zeziqinisekiso zoBume boMtshato okanye ubuNgqina bobuZwe
Iikopi eziqinisekisiweyo zamaxwebhu okundwendwela okanye iincwadi zezazisi
Amaxwebhu aqinisekiswe ngabaKhomishinala beziFungo ukuba ziikopi zokwenyani zamaxwebhu akuqala. Umntu wasebuRhulumenteni onesiGunyaziso sokusayina kufuneka aqinisekise.
La maxwebhu alandelayo akunyanzelekanga ukuba amiswe ngokusemthethweni yinkundla kuqala njengoko kuchaziwe ngentla apha, ngaphandle kokuba ebesayinwe ngumntu onegunya lokunikeza:
Iziqinisekiso ezingafinyezwanga okanye ezipheleleyo zokuzalwa, zomtshato kunye/okanye ezokufa kunye neeleta eziqinisekisa ubume bobuzwe bomntu, ezisayiniwe zagximfizwa isitampu ngumqeshwa ogunyazisiweyo weSebe lemiCimbi yezeKhaya.
Iimpepha zokuthathela kuwe umntwana umkhulise ezisayiniweyo zaze zagximfizwa isitampu nguMgcini-zincwadi wemicimbi yokuThathwa kwabantwana bakhuliswe ngabanye abazali kwiSebe lezoBulungisa.
Amaxwebhu okuthumela ngaphandle kwelizwe asayiniweyo aze agximfizwa isitampu yiNdlu yezoRhwebo.
Iziqinisekiso zokukhulula zamaPolisa ezisayinwe zagximfizwa isitampu liZiko leNgxelo yoLawphulo-mthetho leNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika .
Ileta exela ukuba Akukho siThintelo esayinwe yagximfizwa isitampu ngumqeshwa weSebe lemiCimbi yaseKhaya.
Iziqinisekiso zakwagqirha ezisayinwe zagximfizwa isitampu ligosa eligunyazisiweyo kwiBhunga lemiSebenzi yezeMpilo.
Amaxwebhu aphathelele kuthutho lwemfuyo, kuquka izilwanyana zasekhaya, kufuneka egximfizwe asayinwa nguGqirha weziLwanyana kaRhulumente.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
ICandelo lokuMisa ngoksemThethweni liya kunika isibhengezo sethuba leentsuku ezisixhenxe sokuvala xa olo suku ingelulo olweholide kaRhulumente.
Entla
Iindleko
Akukho ntlawulo ngokwenza amaxwebhu.
Entla
Akukho zifomu emazizaliswe, kodwa kufuneka usoloko ulicacisile ilizwe ojonge ukulisebenzisa kulo uxwebhu.
Entla
