Ukuthabatha amanyathelo xa kungenelelwe umhlaba ngokungekho mthethweni
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Umhlaba wombuso kunye nomhlaba onobunikazi babucala, ungangenelelwa ngokungekho mthethweni.
Urhulumente unoxanduva lomgaqo-siseko lokuqinisekisa - xa kuyimfuneko, nangokusebenzisa izinto eziyimfuneko ezifumanekayo - ukuba bonke abemi banako ukuxhamla amalungelo abo asisiseko okufikelela kumhlaba nakwezezindlu okanye kwezezindlu. Xa kuqhubeke iimeko ezizodwa ezifana nokungenelelwa ngokuphangaleleyo nangokumandla kumhlaba othile, urhulumente ukwanoxanduva olufana nolu, lokuncedisa abanikazi bomhlaba babucala bakhusele umhlaba wabo.
Abantu , abangawufumaniyo umhlaba wezolimo, bangacela iSebe lezeMihlaba ukuze bancediswe bafumane umhlaba wezolimo ofanelekileyo. Abantu abadinga izindlu bangadibana nomasipala wendawo yabahlali, okanye, ukuba kuyimfuneko, iSebe lephondo okanye lelizwe lezeZindlu ukuze bancedwe.
ISebe lezeMihlaba:
liyakucela inkundla ikhuphe umyalelo wokukhupha abangeneleli abangekho mthethweni bomhlaba wombuso ophantsi kolawulo lwalo, solange amalungelo asisiseko wabangeneleli abangekho mthethweni, engachaphazeleki liyakuncedisa abangeneleli abangekho mthethweni bawo nawuphina umhlaba wombuso okanye wabucala abadinga umhlaba wezolimo kwaye abangenawo umhlaba wezolimo bafikelele kumhlaba wezolimo ofanelekileyo liyakuncedisa abanye oogunyaziwe borhulumente bafumanele abangeneleli abangekho mthethweni abadinga ezezindlu umhlaba ofanelekileyo ongomnye xa kuyimfuneko naxa kukho iimeko ezidinga uqwalaselo olulodwa, liyakuncedisa abanikazi babucala bomhlaba wezolimo abanomhlaba ongenelelwe ngokungekho mthethweni babeke abangeneleli abadinga umhlaba wezolimo kumhlaba ongomnyeofanelekileyo.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Kwimeko apho umhlaba wabucala ungenelelwe ngokungekho mthethweni kwaye kungekho zimeko ezidinga uqwalaselo olulodwa, umnikazi womhlaba makacele inkundla, ngaphandle kokulibazisa, ikhuphe umyalelo wokukhutshwa kwabangeneleli ngokoMthetho wokuThintela ukuKhutshwa okungekho Mthethweni kunye nokuNgenelela ngokungekho Mthethweni kuMhlaba othile .
Kwimeko apho umhlaba wabucala ungenelelwe ngokungekho mthethweni kwaye zikho iimeko ezidinga uqwalaselo olulodwa, umnikazi womhlaba angacela nayiphina i-ofisi yeSebe lezeMihlaba ukuze ancedwe ukubangaba isizathu sesidingo sokungenelela kulo mhlaba kukufikelela kumhlaba wezolimo.
Kwimeko apho umhlaba wabucala ungenelelwe ngokungekho mthethweni, kwaye zikho iimeko ezidinga uqwalaselo olulodwa, umnikazi womhlaba angacela umasipala wendawo yommandla, okanye, ukuba kuyimfuneko, iSebe lezeZindlu lephondo okanye lelizwe ukuze ancedwe ukubangaba isizathu sesidingo sokungenelela yimiba yezezindlu.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Kumanyathelo okuqalisa, kuyakuthabatha iCandelo loBuqondisi beeNkonzo zoLuntu zeNkxaso kwezoMhlaba , malunga neentsuku ezili 14 ukuze lifunise kwaye lichonge umhlaba ofanelekileyo ongomnye. Nangona kunjalo, ngenxa yokubonisana nababandakanyeki kunye nokuvunywa licandelo lobuphathiswa, le nkqubo ingathabatha phakathi kweenyanga ezimbini nezintathu ukuze igqitywe.
Entla
Iindleko
Iindleko ezibandakanyeka ekufumaneni umhlaba ofanelekileyo ongomnye zixhomekeka kwiimeko ngeemeko. Kuthathelwa ingqalelo imibandela efana nobungakanani babahlali ekufanele bafunelwe umhlaba kunye neendleko zomhlaba kummandla othile.
Entla
Entla
