Isicelo sokungenisa iikhemikhali eMzantsi Afrika
Inkcazelo
Ukubangaba ufuna ukungenisa iikhemikhali eMzantsi Afrika, kufuneka ubenemvume eqingqelwe le meko esuka kwiCandelo loBuphathiswa bezoRhwebo naMashishini okanye kubanxulumanisi balo. Eli Candelo loBuphathiswa liyakwenza isigqibo sokuba ingaba ukungenisa iikhemikhali kweli lizwe kungowona mnqweno ungcono woluntu na.
Inyathelo lokulawula impahla nezinto ezingena elizweni elinikwa ngokwale nkonzo liphakamisa ulawulo lwempilo nokhuselo lwemo yezokusingqongileyo, ndawonye nokuhambisana nokhuseleko kunye nomgangatho. Eli nyathelo likwaqinisekisa ukuba iikhemikhali zihambisana neemfuneko zemo yezokusingqongileyo.
Inkqubo emayilandelwe
Hambisa ikopi eqinisekisiweyo yencwadi yakho yesazisi kunye neyencwadi yegunya lokumela omnye umntu okanye yencwadi yegunya lokumela omnye umntu ukubangaba wenza isicelo egameni lenkampani.
Hambisa iifom zesicelo kwiCandelo loBuqondisi boLawulo lweMpahla neZinto eziNgena kweli Lizwe kunye neziThunyelwa kuMazwe aNgaphandle .
Ixesha elithatyyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Kungathabatha ixesha elifikelela kwiintsuku ezintathu ukuze kuqhubekiswe isicelo sakho.
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
