Isicelo sephepha lemvume yokungenisa amayeza okutofa izilwanyana, eMzantsi Afrika
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Ukuze ungenise iyeza lokutofa elibhalisiweyo ukuze ulisebenzise kwizilwanyana, kufuneka ufumane iphepha lemvume yokungenisa kwiCandelo loBuqondisi beMpilo yeZilwanyana . Le pemethe yokungenisa isebenza ixesha eliqingqiweyo kwaye isebenza kumthwalo omnye kuphela.
Ukubangaba ufuna ukungenisa iyeza elingabhaliswanga ukuze lilingwe eMzantsi Afrika, kufuneka ubeneepemethe ezimbini. Ipemethe yokuqala iphuma kuMphathi woBhaliso ngokoMthetho 36 ka 1947 kwaye enye iphuma kwiCandelo loBuqondisi beMpilo yeZilwanyana . Isicelo sepemethe ephuma kuMphathi woBhaliso ngokoMthetho 36 ka 1947 kufuneka sikhatshwe sisivumelwano esipheleleyo solu lingo lupoposhwayo. ICandelo loBuqondisi beMpilo yeZilwanyana likhupha ipemethe yokungenisa kuphela xa lifumene ikopi yepemethe ekhutshwe nguMphathi woBhaliso ngokoMthetho 36 ka 1947. Iyeza elingeniselwe ukulingwa alithengiswa.
Kwimeko yonxunguphalo, apho kuqhambuke isifo kwaye kungekho yeza libhalisiweyo elifumanekayo eMzantsi Afrika, kungayimfuneko ukuba kusetyenziswe iyeza elingabhaliswanga. Ngoko ke, wena, njengomntu onqwenela ukungenisa iyeza kweli lizwe, kufuneka wenze isicelo kwiBhunga lokuLawula aMayeza ukuze ufumane umnyenyevu weCandelo 21 ngokoMthetho woLawulo lwaMayeza neeMveliso ezaYamene nawo .
Ukwadinga ipemethe yokungenisa, kwiCandelo loBuqondisi beMpilo yeZilwanyana, ukuze eli yeza lingene kweli lizwe. Eli Candelo likhupha le pemethe yokungenisa kuphela wakube ufumene imvume kwiBhunga lokuLawula aMayeza yaye ubuthumele ubungqina kweli candela. Kule meko ke, eli yeza lingabhaliswanga lingathengiswa ixesha eliqingqiweyo kude kufunyanwe ubhaliso.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
ubungakanani bomthamo igama lemveliso isithako okanye izithako ezisebenzayo, kubandakanywa nentlanganisela yezithako ilizwe eliphuma kulo umenzi weyeza inombolo yombhumbuthu womthwalo oyakungeniswa iphepha lenkcazelo yobuchule okanye umbhalo wokuphawula okuqulathiweyo , onenombolo yobhaliso yequmrhu lokugqalisela lelizwe ebhaliswe kulo le mveliso isango lokungena inkcazelo yokuba ifuneka nini na le mveliso umba wokuba le mveliso ingeniselwa iinjongo zokulingelwa ubhaliso lweemveliso zokunceda imfuyo ubume bobhaliso lwemveliso kwezinye iindawo iSivumelwano soLingo esineenkcukacha , kubandakanywa imihla ekulindeleke ukuqaliswa ngayo uqwalaselo olulodwa lekamva lokutya okuphuma kwizilwanyana ezivelisa ukutya kunye nokuthabatha uxanduva lokulandela iimfuno zamachiza.
Xa ufumana ipemethe yokungenisa kuMphathi woBhaliso ngokoMthetho 36 ka 1947, okanye umnyenyevu ngokweCandelo 21 loMthetho 101 ka 1965, thumela ikopi yayo kunye nesicelo sakho semethe yokungenisa izilwanyana kwiCandelo loBuqondisi beMpilo yeZilwanyana .
Ukubangaba iyeza sele libhaliselwe ukusetyenziswa eMzantsi Afrika ngokoMthetho 36 ka 1947, udinga kuphela ipemethe enye yokungenisa, kwiCandelo loBuqondisi beMpilo yeZilwanyana. Thumela ikopi yobhaliso ngokoMthetho 36 ka 1947 nesicelo sakho.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Nceda wenze isicelo sepemethe yokungenisa izilwanyana okungenani kwiiveki ezintandathu phambi kokuba uthumele kweli. Akuba ugqirha wezilwanyana wombuso esivumile isicelo, kuthabatha iintsuku zokusebenza ezimbini ukuyakutsho kwezintathu ukuze i-ofisi yeepemethe iqhubekise kwaye ikhuphe ipemethe.
Entla
Iindleko
Entla
Entla
