ISebe lezobuGcisa neNkcubeko
UQulunqo lokuGqibela
IZIQULATHO
INTSHAYELELO YOMLAWULI-JIKELELE WEZOBUGCISA
NENKCUBEKO
ULUHLU LWEZIFINYEZO 4
ISINGENISO 5-9
Injongo 5
Iilwimi ezisebenzayo 6
AmaSebe eSizwe obuRhulumente 6
AmaPhondo 6
Uqhagamshelwano namalungu oluntu 7
Uhlalutyo lwemeko 9
Uphumezo ngezigaba komGaqonkqubo weeLwimi 11
IBhodi yeeLwimi Zonke zoMZantsi Afrika 12
Izigqeba zeeLwimi 13
IQonga leSizwe leeLwimi 15
IBhunga labaSebenzi ngeeLwimi bomZantsi Afrika 16
Uphuhliso lwesigama 18
Uqeqesho 19
UmGaqo weeLwimi wokuziPhatha wamaGosa kaRhulumente 20
Ukuhlola nokuXabisa 22
Usasazo lweeNdaba 24
Uqikelelo lweendleko 25
Umiselo lwamagosa ecandelo 28
AMANQAKWANA OKUQUKUMBELA 29
UCwangciso loPhumezo lwesebe lesizwe loburhulumente 33
INTSHAYELELO YOMLAWULI - JIKELELE WEZOBUGCISA
NENKCUBEKO
URhulumente uyaziqonda izinto ezicela umngeni eziqulethwe lulawulo olufanelekileyo lweelwimi ezahlukeneyo. Kungenxa yeso sizathu uCwangciso loPhumezo lusenza isindululo sokulandela indlela enokuguquguquka nenenkqubela. Ngokomba wokuba uphuculo nophuhliso lweelwimi zethu luthathwa lungundoqo kwizibonelelo zomGaqonkqubo weeLwimi, uCwangciso loPhumezo lumema ukuba kusekwe izibonelelo zokusebenza zeelwimi nezixhobo ezifunekayo ezifanelekileyo ukuphumeza ngokugqibeleleyo usetyenziso lweelwimi ezininzi kwiNkonzo yobuRhulumente. Ngako oko, amaqabane esisebenzisana nawo kumgangatho wesizwe, owamaphondo nowengingqi aya kuba nendima ebalulekileyo ekuqinisekiseni impumelelo yophumezo lomGaqonkqubo weeLwimi.
Xa sithathela ingqalelo into ecela umngeni kuthi, singuRhulumente, kukuqinisekisa ukufezekiswa kwezithembiso ngenkonzo efanelekileyo esabela kwiintswelo zabemi, kwanokuthu ulwimi yindlela esiqhagamshelana ngayo nabo, kunyanzelekile ukuba umGaqonkqubo weeLwimi kwenziwe ukuba usebenze ngokungxamisekileyo. Ngako oko ndimema bonke oogxa bethu, kuquka izigqeba zikarhulumente namasebe kwakunye neBhodi yeeLwimi Zonke zoMZantsi Afrika, ukuqinisekisa ukuba olu Cwangciso loPhumezo lwenza ukuba usetyenziso lweelwimi ezininzi luguquke inyani ephathekayo kubo bonke abemi bomZantsi Afrika.
ULUHLU LWEZIFINYEZO
ISINGENISO
Olu Cwangciso loPhumezo luyinxalenye yeSakhelo somGaqonkqubo weSizwe weeLwimi (NLPF) esinika iziphumo kubonelelo lweelwimi njengoko kumiselwe kwicandelo 6 lomGaqosiseko, 1996 (UmThetho No. 108 wowe 1996). Xa uphelele, lo mqulu uya kuquka iNkcazelo yomGaqonkqubo weeLwimi, uCwangciso loPhumezo, umThetho weeLwimi zomZantsi Afrika nemimiselo ecetywayo, kwakunye nomThetho ocetywayo wabaSebenzi ngeeLwimi basemZantsi Afrika.
UCwangciso loPhumezo lunikelwa njengesindululo esinokuguquguquka ekunokongezwa kuso ezinye izakhiwo ezichongiweyo nezixhobo zokusebenza zokukhuthaza usetyenziso lweelwimi ezininzi.
INkcazelo yomGaqonkqubo yeNLPF yapapashwa ngumPhathiswa wezobuGcisa, iNkcubeko, iNzululwazi nobuChwepheshe ngomhla we-3 Disemba 2002. IKhabinethi yathi yayamkela ngomhla we-12 Februwari 2003. Injongo yomGaqonkqubo kukukhuthaza ukusetyenziswa ngokufanayo kweelwimi ezili- 11 ezisemthethweni ngenjongo yokulungiselela ukufikeleleka ngokufanayo kwiinkonzo zoburhulumente, ulwazi neenkcukacha, kwanokuhlonela amalungelo eelwimi. Ezi njongo zixhomekeke kwimpumelelo yokuphucula nokuphuhlisa iilwimi zabemi beli ebezikade zithotyelwe umgangatho ngaphambili. Njengoko ulwimi kusisixhobo esisebenzayo soqhagamshelwano kubomi babantu ngabanye kwanoluntu, kunyanzelekile ukuba kuhlelwe ubuchule bokulungisa ukungalingani kwangaphambili.
Injongo
UmGaqonkqubo ucacile ngokuphathelele kumba wophumezo. Zonke izakhiwo zoburhulumente (kurhulumente wesizwe, wephondo nowengingqi) zibotshwa zizibonelelo zomGaqonkqubo, ngokufanayo nawaphi na amaziko anamagunya kuluntu okanye awenza umsebenzi woluntu ngokomthetho. UmGaqonkqubo weeLwimi uphinda ubonelele ngosetyenziso lweelwimi ngendlela elandelayo:
Iilwimi ezisebenzayo
ISebe okanye iPhondo ngalinye lingakhetha ulwimi olusebenzayo. Nangona kunjalo kufuneka kuqaphelwe ukuba akukho mntu uya kuthintelwa ekusebenziseni ulwimi azikhethela lona. Xa kuthe kwakhona imfuneko, kufuneka kubonelelwe ngobukho beenkonzo zokutolika/ukuguqulela.
Amasebe esizwe oburhulumente
Ngokuphathelele kuqhagamshelwano olubhaliweyo, kufuneka kulandelwe inkqubo yopapasho eyamkelekileyo yosetyenziso lweelwimi ezininzi (kuthathelwa ingqalelo umsebenzi, ababhalelwayo kwakunye nomyalezo) kwezo meko apho kungadingeki ukuba kupapashwe ngazo zonke iilwimi ezisemthethweni ezili- 11. Nangona kunjalo, apho ukusebenza ngokukuko nokuzinzileyo kukarhulumente nakowuphi na umgangatho kufuna uqhagamshelwano olubanzi lweenkcukacha, kufuneka kupapashwe ngazo zonke iilwimi ezisemthethweni ezili- 11.
Kwiimeko apho amaxwebhu karhulumente engenako ukufumaneka ngazo zonke iilwimi ezisemthethweni ezili- 11, amasebe esizwe kuya kufuneka apapashe ngaxeshanye okungenani ngeelwimi ezintandathu. Ukhetho lweelwimi luya kwenziwa ngendlela elandelayo:
Kuya kufuneka kusetyenziswe umgqaliselo wokujikelezisa xa kukhethwa iilwimi kumaqela esiNguni nawesiSuthu. Ngako oko, iimfuno ezilindelekileyo kumasebe esizwe aseburhulumenteni kukupapasha amaxwebhu asemthethweni ngeelwimi ezintandathu.
AmaPhondo
Umgqaliselo wokujikelezisa awusebenzi kumaphondo, njengoko eya kusebenzisa iilwimi zawo ezisemthethweni ezimiselweyo.
Oorhulumente bengingqi
Oorhulumente bengingqi baya kwenza isigqibo ngosetyenziso lwelwimi neminqweno yoluntu lwabo phantsi kwesakhelo sesibonelelo somgaqonkqubo weelwimi wephondo. Kwakuba kwenziwe isigqibo ngosetyenziso lweelwimi neminqweno yoluntu, kufuneka oorhulumente bengingqi, ngothethathethwano olubanzi noluntu lwabo, baphuhlise, bapapashe kwaye baphumeze umgaqonkqubo wosetyenziso lweelwimi ezininzi.
Uqhagamshelwano namalungu oluntu
Ngokuphathelele kwinjongo yembalelwano esemthethweni, kufuneka kusetyenziswe ulwimi olukhethwa ngummi. Lonke uqhagemshelwano ngomlomo kufuneka luqhutywe ngolwimi olusemthethweni lwabantu abakhonzwayo. Xa kukho imfuneko, kufuneka kusetyenziswe yonke imizamo yokusebenzisa amalungiselelo eelwimi afana nokutolika (ngokulandela emva kwentetho, ngaxeshanye, ngemfonomfono nangokutolika bokusebezela) apho kunako ukwenzeka. Oku kusebenza kumasebe oburhulumente kumaphondo nakwisizwe.
Inkqubo yophumezo iya kukhokelwa zizimiselo neenjongo ezichazwe kumGaqonkqubo. Imiba yogxininiso engundoqo yophumezo iya kuba yile ilandelayo:
Ukuphuhliswa kweelwimi zabantu beli, kuquka nokusekwa kwezakhelo neemveliso zophuhliso ezifana nezichazimazwi neecwadi zemigaqo yolwimi.
Ukomeleza uxanduva lukarhulumente ukuqinisekisa ukuba amancedo okunikelwa kwenkonzo asasazwa ngokufanayo ngokubonelela ngofikelelo olulinganayo kwiinkonzo ngabo bonke abemi kungakhethwa lwimi ukuze kukhuthazwe ukuthatha kwazo inxaxheba nokuba nelizwi kwimiba yoburhulumente.
Ulawulo lweelwimi ukuqinisekisa intsebenziso eluncedo yazo zonke iilwimi ezisemthethweni nokuphucula imo kaRhulumente kuluntu.
Ukukhuthaza ukufundwa kweelwimi, ezilungiswe ngokukodwa ukumelana neentswelo zeNkonzo yobuRhulumente, ukuphucula ukusebenza ngokuko kwamagosa karhulumente kwanokuba nesakhono emsebenzini nokwenza ukuba amancedo okuba neelwimi ezininzi abonakale.
Ukukhuthaza uthethwano oluphilileyo noluqhubekayo ngokusetyenziswa kweelwimi ezininzi kuthethwana nabathatha inxaxheba nabanomdla kwiilwimi.
Uphumezo lomGaqonkqubo luya kubalulwa yimiba engundoqo elandelayo:
Uphumezo lomGaqonkqubo luya kufezekiswa ngokwezigaba ngokulandelelana kwithuba elamkelekileyo.
Inkqubo yophumezo iya kuqhutywa kwiindima ezichazwe kakuhle nezilawulekayo.
Amandla okusebenza aya kwakhiwa ngokuwongeza ngokwamaxesha ukuze uphumezo lubenentsingiselo kwaye lwenzeke ngokukuko.
Impumelelo yophumezo iya kufuna ukuguqulwa kwesiqhelo sokusetyenziswa kweelwimi ezisemthethweni kwizakhiwo zoburhulumente ukuqinisekisa ukuba iilwimi zabemi belizwe zisetyenziswa ngamandla kwimiba ebanzi.
Kuya kufuneka kubekho ulawulo olululo lwamancedo ngokuphathelele kwimfuneko ekhulayo yokuguqulela nokuhlela, ngokukodwa kwiilwimi zamaAfrika.
Ingqalelo ephambili iya kunikelwa kuqeqesho olongezelelweyo lobuchule kwinguqulelo nokuhlela, ukutolika, ubhalo lwezichazimazwi nobhalo lwesigama.
Inkqubela yophumezo lomGaqonkqubo iya kuhlolwa rhoqo ngokusebenzisana ngamandla neBhodi yeeLwimi Zonke zomZantsi Afrika (PanSALB). Iingxelo ezinzulu zohlalutyo olunjalo ziya kupapashwa.
Xa kukho imfuneko kuya kusekwa ikomishini yokusetyenziswa kweelwimi ngenjongo yokunceda ekwenzeni izigqibo ngophumezo lomGaqonkqubo.
Uhlalutyo lwemeko
UmZantsi Afrika likhaya lweentlobo ezininzi zeenkcubeko neelwimi. Kuqikelelwa ukuba kuthethwa iilwimi ezinokuba ngama- 25 kweli lizwe, apho ezili- 11 zazo zinikwe igunya lokuba zezisemthethweni ngokwecandelo 6 lomGaqosiseko. Ezi lwimi ezili- 11 zithethwa njengolwimi lweenkobe luluntu olungama- 98%, njengoko kuya kubonakala kumzobo olandelayo, osekwe kuBalo loLuntu lowe- 1996:
Enye yeempawu ezibonakalayo zokubekeka kweelwimi zasemZantsi Afrika kube yimeko yokuswela amagunya kwezeelwimi kwelinye icala, nogonyamelo kwelinye icala. UmGaqonkqubo wangaphambili weelwimi ezimbini ezisemthethweni wadala unxulumano olungalinganiyo phakathi kwesiNgesi nesiBhulu (ekuzizo kuphela iilwimi ebezisemthethweni ngaphambili) neelwimi zamaAfrika. Ugonyamelo lwezi lwimi lwaba neziphumi ezininzi ezingathandekiyo kubantu abaninzi abathetha iilwimi zamaAfrika ngokuphathelele kuqhagamshelwano lwabo noRhulumente, nokufikelela kwabo kwiinkonzo zikarhulumente, ubulungisa, imfundo nemisebenzi.
Uphuhliso lweelwimi zamaAfrika lubalulekile ekulungiseni ukungalingani. Ilifa lokungaphuhliswa kweelwimi ebezihlelelekile ngaphambili ngokuphathelele kuzinziso nokubhalwa ngokukuko kwamagama, isigama sobugcisa nezichazimagama yinto ecela umngeni ngamandla kuphumezo olululo lomGaqonkqubo. Ngaphezu koko, ingxelo yeLANGTAG ikhomba ukuba imeko yokungaphuhliseki kwezi lwimi ibenegalelo elibi elenze ukuba nabantu abathetha ezi lwimi babe nendelo ngokubhekiselele kwezi lwimi. Ukukhetha isiNgesi kunye/okanye isiBhulu kuphembelele imo yabo xa bejongene nolwimi lwezobugcisa.
Into ecela umngeni ngamandla kuphumezo kukusetyenziswa kwelwimi njengangoku, okunxulumene ngamandla nemisebenzi emininzi yesiNgesi kumZantsi Afrika wasemva kocalucalulo. IsiNgesi sisetyenziswa ngokubanzi kwiinkalo ezininzi, oko kukuthi, kwizakhiwo zoburhulumente nakusasazo lweendaba (ezibhaliweyo nezobuchwepheshe), emsebenzini, njengolwimi loqhagamshelwano phakathi kwamaqela, nanjengolwimi lweInthanethi nenzululwazi nobuchwepheshe. Nangona isiNgesi sibonelela ngokufikeleleka kwamathuba emisebenzi nemfundo, ngaxeshanye sisithintelo kubantu abasilelayo kubuchule bolu lwimi. Nanjengoko isiNgesi sijongwa njengesitshixo sempumelelo newonga kwezentlalo noqoqosho sidala inkxalabo kusetyenziso nolondolozo lweelwimi zabemi beli nasekuphumezeni umgaqonkqubo wokusetyenziswa kweelwimi ezininzi.
Nangona kunjalo, ubugcisa esiNgesini abandanga kakhulu njengoko kulindelwe, kwaye ukuvela kweqela eliphucukileyo kulwimi kunokubakhona. Uphando lwesizwe malunga nolwimi entlalweni obelusekelwe ikomishini yiPanSALB ngowe 2000 lubonisa ukuba bangaphaya kwama- 40% abantu bomZantsi Afrika abakholisa ukungavisisi xa kuqhagamshelanwa nabo ngesiNgesi. Lufumanise ukuba uninzi lwabantu bomZantsi Afrika abakholisekanga yindlela iilwimi zabo zisetyenziswa ngayo lucancelo lwaseburhulumenteni. Uphando lufumanise nokuthi uluntu ngokubanzi lubona iNkonzo yoLuntu ingafikeleleki ngokweelwimi.
Ukongeza kuphuhliso lweelwimi zamaAfrika, kuya kubaluleka ngaloo ndlela ukuqinisekisa usetyenziso lwazo zonke iilwimi ezisemthethweni. UCwangciso loPhumezo lujongene nale miba ngokwenza isindululo sokuba kusekwe izakhiwo ezithile nokuchonga izixhobo zokusebenza ukulungisa le meko.
UPhumezo ngeziGaba komGaqonkqubo weeLwimi
Ukwamkela inyani yokuba ukuphumeza lo mGaqonkqubo kuya kuba linyathelo elikhulu ukusuka kwindlela esebenzayo njengangoku, kuya kusetyenziswa indlela eguquguqukayo nekhulisa uphumezo ngezigaba. Ukuzama ukuphepha uphumezo olungafanelekanga, kwenziwa izindululo zokuba:
Nangona amasebe ali- 10 angundoqo enokubekwa phambili ekusekweni kwamacandelo eelwimi, kuya kufuneka onke amasebe oburhulumente aseke amacandelo eelwimi.
Ukupapashwa kokusetyenziswa kweelwimi ezininzi kuya kufuneka kungeniswe ngezigaba isithuba seminyaka emithathu ngokweenkqubo zamasebe zokupapasha iindaba. Umzekelo, kuya kufuneka kupapashwe ama- 30% kunyaka woku-1, 60% kunyaka wesi-2 ne- 100% kunyaka wesi-3 weendaba ezipapashwayo.
Izakhiwo ezithile nezixhobo zokusebenza njengoko kuxoxwa ngazo kwicandelo elilandelayo zikhuthazwa ngenjongo yokuphakamisa ukusebenza ngokukuko kophumezo. Izakhiwo ziya kudingeka ukulawula ukusetyenziswa kweelwimi, ukuququzelela amaphulo ophuhliso, ukukhuthaza ubungcali nokuthethelela indima yeenkonzo zeelwimi, nokuphuhlisa amancedo okusebenza. INkonzo yeSizwe yeeLwimi (NLS) yeSebe lezobuGcisa neNkcubeko (DAC) iya kwenza amalungiselelo okuseka izakhiwo ezifunekayo kwaye idlale indima yobuququzeleli ngokuphathelele kwizixhobo zokusebenza ezichongiweyo. Nangona kunjalo, impumelelo yophumezo iya kuxhomekeka kakhulu kwintsebenziswano nazo zonke izakhiwo zesizwe nezamaphondo, kwakunye nePanSALB.
Ukongeza kwizibonelelo zokusebenza ezikhoyo zePanSALB neHansard, izakhiwo ekufuneka zisekwe ukulawula uphumezo lomGaqonkqubo weeLwimi ngamaCandelo eeLwimi, iQonga leSizwe leeLwimi neBhunga labaSebenzi ngeeLwimi bomZantsi Afrika.
IBhodi yeeLwimi Zonke zomZantsi Afrika
I-PanSALB liqabane elinobuchule leDAC kwimicimbi yeelwimi. Ngaloo ndlela idlala indima ephambili kuphuhliso nophuculo lweelwimi ezisemthethweni zomZantsi Afrika, nakuzo iilwimi zesiRhoyi nesiSan noLwimi lokuThetha ngeZandla lomZantsi Afrika. Imisebenzi enxulumene nokusekwa kwezakhiwo ezintsha nezixhobo zokusebenza kuya kufuneka yenziwe ngokusebenzisana nePanSALB. Izakhiwo ezilandelayo, ngokukodwa, ziya kuba negalelo kuphuhliso lweelwimi zabemi beli lizwe:
Indima yeeKomiti zamaPhondo zeeLwimi
nenkuthazo yokusebenzisa iilwimi ezininzi umthetho womgaqonkqubo weelwimi, kuquka nomgaqonkqubo weelwimi, iindlela zokusebenza nemithetho yephondo kwakunye namabhunga engingqi elo phondo;
ulwimi kwezemfundo, uguqulelo, utoliko, uphuhliso nenkuthazo yoncwadi neelwimi ebezifudula zihlelelekile ngaphambili, amalungelo ezeelwimi noxolelaniso, uphuhliso lwezichazimagama nesigama;
uphando;
namaphulo
Ii-NLU ziya kuqhubeka ukuphuhlisa izichazimagama kuzo zonke iilwimi ezisemthethweni. Kuya kufuneka zinxulumane ngokusondeleleneyo neCandelo loQuquzelelo lweSigama leNLS. Unxibelelwano lokwenza ingxelo ngokusebenza kwazo neeNLB kuya kufuneka lichazwe ngokucacileyo.
Indima yamaBhunga eSizwe eeLwimi
Ii-NLB azakhiwanga kuphela ngamalungu athetha ulwimi lweenkobe malunga nolwimi oluchaphazelekayo, kodwa isibaluli esingamandla anolwazi lobungcali njengoko kulindeleke ukuba acebise iPanSALB kwimiba enxulumene nokuseka imiGangatho, iziChazimagama, isiGama noNcwadi. Anamagunya malunga nokwamkela izichazimagama nemigangatho yolwimi.
Ngokwemo yemisebenzi yazo yokwenza imithetho, iZindlu zoWisomthetho zamaPhondo kunye nePalamente, njengelungelo lazo, kufuneka zibonelele ngeenkonzo ngazo zonke iilwimi ezili- 11 ezisemthethweni. Nangona kunjalo, iimeko zenqila nazo ziya kumisela iilwimi ekuya kufuneka zisetyenziswe. Ngamanye amazwi, amaphondo akanyanzelekanga ukubonelela ngazo zonke iilwimi ezili-11 ezisemthethweni. IiOfisi zeHansard ePalamente nakumaphondo ahlukeneyo zidlala indima ebalulekileyo ekuxhaseni lo myalelo. Ngaloo ndlela ke kunyanzelekile ukuba ezi ofisi zisebenze ngokusondeleleneyo namaCandelo eeLwimi nezinye izakhiwo ezichaphazelekayo.
Amacandelo eelwimi kumasebe karhulumente nakumaphondo
Uphumezo lomGaqonkqubo weeLwimi luya kudala ukukhula okukhulu kwiimfuno zeenkonzo zeelwimi, ngokukodwa uguqulelo, ukuhlela nophuhliso lwesigama. Ngokophando lowe- 2001 lweDAC, izakhiwo zorhulumente wesizwe ezinokuba ngama- 40% nezamaphondo ezingama-80% zinamacandelo okujongana nemiba yoguqulelo nokuhlela, kodwa amacandelo ayashiyana ngobukhulu nangemisebenzi. Njengoko umGaqonkqubo weeLwimi uza kusebenza, imfuno yeyokuba onke amasebe orhulumente wesizwe nowamaphondo kufuneka abenawo amacandelo eelwimi.
Uhlobo lwesakhiwo
Amacandelo eelwimi ajongene nokulawula uphumezo lomGaqonkqubo weeLwimi aya kusekwa kuwo onke amasebe oburhulumente nakwiphondo ngalinye. Icandelo ngalinye leelwimi liya kuquka amagosa afanelekileyo okwenza inguqulelo okanye ukuthumela kubaguquleli bangaphandle kwaye ahlole umgangatho womsebenzi -
iilwimi ezisemthethweni ezili- 11, kumasebe esizwe oburhulumente;
okanye iilwimi ezisemthethweni ezikhethiweyo liphondo elo. Ukuthumela umsebenzi kubaguquleli babucala kuya kulawulwa ngumgaqonkqubo wokuthumela phandle ukuguqulela nokuhlela, ekuya kulindeleka ukuba ucacise ukukhutshwa kwezicelimaxabiso zeenkonzo zokuguqulela nokuhlela okungenani njalo kwiminyaka emibini.
Izizathu
Amacandelo eelwimi aya kuba yintsika yokuqinisekisa usetyenziso oluqhubekayo lweelwimi ezisemthethweni ngokwemfuno yomGaqonkqubo weeLwimi. Aya kuxhasa neenzame zokuphumeza usetyenziso lweelwimi ezininzi.
Umsebenzi
Umsebenzi wala macandelo iya kuba kukulawula uphumezo lokusetyenziswa kweelwimi ezininzi kwisebe okanye iphondo elikhethekileyo nokunxibelelana namanye amasebe kwimiba yeelwimi.
Amacandelo eelwimi aya kuba noxanduva, amanye awo, ngalandelayo:
Ukuzinzisa umGaqonkqubo weeLwimi kwisebe okanye iphondo.
Ukuphakamisa uqapheliso ngomGaqonkqubo weeLwimi nomGaqo wokuziPhatha kwiiLwimi phakathi kwesebe okanye iphondo.
Ukulawula nokulungiselela zonke iinkonzo zokuguqulela nokuhlela, nokuba zenziwa ngaphakathi okanye ngaphandle.
Ukuhlakula iziphoso nokushicilela amaxwebhu ngeelwimi ezisemthethweni.
Ukucebisa isebe okanye iphondo ngokusetyenziswa kolwimi (ngomlomo okanye ngokubhaliweyo).
Ukulawula nokulungiselela iinkqubo zokuqeqesha amagosa amatsha kuguqulelo, ukuhlela nophuhliso lwesigama, neenkqubo zeelwimi ngeelwimi ezisemthethweni kulungiselelwa amagosa esebe okanye iphondo.
Ukusebenzisana namabhunga eDAC nePanSALB (umzekelo, iikomiti zephondo zeelwimi, amabhunga esizwe eelwimi namacandelo esizwe ezichazimagama) ukuphuhlisa isigama.
Ukukhuthaza ukusetyenziswa kolwimi olucacileyo kwiNkonzo yobuRhulumente.
Onke amacandelo eelwimi afunwa ngumGaqonkqubo kufuneka abe esekiwe ekupheleni kowama- 2005.
IQonga leSizwe leeLwimi
Uhlobo lwesakhiwo
Kuya kusekwa iQonga leSizwe leeLwimi eliquka uthungelwano lokusebenzisana kwamabeli abavela kwizakhiwo zoburhulumente nezingekho ngaphantsi kukarhulumente. IQonga liya kudibana ngonyangantathu. Liya kuquka abameli bamaphondo naloo masebe esizwe oburhulumente ayinxalenye yenkqubo yokungeniswa ngezigaba, kwakunye nePanSALB nezakhiwo zayo. Njengoko kunokufuneka ubugcisa, kuya kufuneka ummeli weBhunga lamaZiko eMfundo ePhakamileyo abeyinxalenye yeQonga.
Izizathu
Injongo yeQonga leeLwimi kukukhuthaza iingxoxo ngomgaqonkqubo weelwimi nemiba yophumezo phakathi kwabasebenzi ngeelwimi neengcaphephe phantsi kokukhokelwa liSebe lezobuGcisa neNkcubeko. Ugxininiso oluphambili lunokuba kukunxulumanisa izakhiwo ezahlukeneyo zeelwimi neenkonzo ekuphumezeni iNLPF ngenjongo yokwandisa unxulumano nokusebenza ngokukuko ekusebenziseni amancedo. Kwakhona liya kuba liqonga lokwabelana ngezimvo nezehlakalo ngenjongo yokucwangcisa amaphulo neminye imisebenzi enxulumene noko.
Umsebenzi
Umsebenzi ophambili weQonga kukuhlola inkqubo yophumezo, ukujongisisa nokuhlela amaphulo ngokulandelelana ngokubaluleka, nokuqhuba amaphulo okwazisa. Liya kwenza nomsebenzi wonxibelelwano nokusebenzisana kwimiba yokuphumeza umGaqonkqubo weeLwimi. Ngaloo ndlela, injongo yalo enkulu iya kuba luphuhliso lwesigama namaphulo eelwimi ukuthintela naluphi na uphindaphindo lwemizamo, ngako oko landise imbuyekezo yotyalomali.
Kecetyiswa ukuba ukusekwa kweQonga leSizwe leeLwimi kwamkelwe ngokusesikweni.
IBhunga labaSebenzi ngeeLwimi baseSA
Uhlobo lwesakhiwo
IBhunga liya kwalathelwa ngumPhathiswa wezobuGcisa, iNkcubeko, iNzululwazi nobuChwepheshe kwaye liya kuquka umntu omnye onyulwe yiDAC, iDoJ, iPanSALB, iSAQA, neBhunga leMfundo ePhakamileyo, nabantu abathandathu abanyulwe yimibutho yeengcali neminye kumsebenzi woguqulelo, ukutolika, izichazimagama, isigama, ukuhlela ulwimi nomthetho. Amalungu eBhunga aya kuba sezikhundleni isithuba seminyaka emihlanu, kwaye aya kufaneleka ukuphindiswa ezikhundleni okanye ukwalathelwa ukuba sesikhundleni isithuba esingaphaya kwesinye. IBhunga liya kuba sisakhiwo sikarhulumente esisekwe ngokomThetho wePalamente.
Izizathu
Injongo yeBhunga labaSebenzi ngeeLwimi basemZantsi Afrika iya kuba kukuphakamisa umgangatho womsenzi ofundelweyo nokukhusela umgangatho womsebenzi owenziweyo. Liya kukhusela namalungu oluntu asebenzisa iinkonzo zeelwimi.
Imisebenzi
IBhunga labaSebenzi ngeeLwimi basemZantsi Afrika liya kulawula uqeqesho, uqinisekiso, nobhaliso lwabasebenzi ngeelwimi ngenzame yokuphakamisa umgangatho womsebenzi ofundelweyo weelwimi nomgangatho wemisebenzi yeelwimi ngokumisela nokulondoloza imigangatho. IBhunga liya kusebenzisana neenkqubo zoqeqesho zeSakhelo seSizwe seziQinisekiso (NQF) neBhunga leziQinisekisao zomZantsi Afrika (SAQA).
IZIXHOBO ZOKUSEBENZA
Izixhobo eziya kusetyenziswa ukulungiselela ukuphumeza umGaqonkqubo weeLwimi luphuhliso lwesigama, uguqulelo nokuhlela, ubuchwepheshe bezolwimi, umgaqo wokuziphatha weelwimi, isalathiso seenkonzo zeelwimi, uphengululo nophando lweelwimi, amaphulo okuqaphelisa ngeelwimi, iNkonzo yokuTolika ngeMfonomfono yasemZantsi Afrika, uvimba weenkcukacha, uphuhliso lweelwimi zokuThetha ngeZandla, imfundo yeelwimi nolwabiwomali.
Uphuhliso lwesigama
Ukuphumeza umGaqonkqubo weeLwimi kuya kudala intswelo eninzi yokuguqulela nokuhlela, nophuhliso lwesigama kuzo zonke izihloko luya kubaluleka kakhulu, lufunise intsebenziswano nabathatha inxaxheba, amacandelo eelwimi namabhunga eelwimi (umzekelo amacandelwana ePanSALB afana namacandelo esizwe ezichazimagama, amabhunga esizwe eelwimi neekomiti zeelwimi zamaphondo). ICandelo lokuQuquzelela isiGama (TCS) leNLS liya kuzuza intsebenziswano ephilileyo ngokuthethelelwa liQonga leSizwe leeLwimi. Kuya kusekwa uVimba wesiGama weSizwe ngekhompyutha liSebe leDAC ukulungiselela ukufikeleleka nokusasazwa kwesigama ngazo zonke iilwimi ezisemthethweni. Uvimba wesiGama uya kufikeleleka ngokusebenzisa I-Inthanethi kwaye iya kuhlaziywa okungenani kanye ngenyanga.
Njengangoku iNkonzo yeSizwe yeeLwimi ijongene namaphulo aliqela ukuze kuyilwe uvimba wesigama wokusebenzisa iilwimi ezininzi okuqa iinkcukacha ngezihloko ezahlukeneyo, kwaye okwaziyo ukuvelisa uluhlu lwamagama ngeelwimi eziliqela ezihlanganisiweyo. Ngokweentswelo ezizodwa okanye izicelo uluhlu olunjalo lwesigama lungabonelela ngeenkcukacha ezifana neenkcazelo, imizekelo yezivakalisi, umongo ngokubhaliweyo, nemvelaphi yokupapashiweyo. Ukuze kufikelelwe kule njongo njengangoku amanye amaphulo alandelayo ayaqhubeka :
Ubuntu, Intlalo, Inzululwazi ngezoQoqosho noLawulo
IMathematika yaMabanga 1 - 6
IRediyo yasekuHlaleni
Intsebenziswano evela macala-onke namazwe emZantsi Afrika kuphuhliso lweelwimi okwabelanwa ngazo ngokwahlulwa yimida iya kukhuthazwa.
Ukutolika, ukuguqulela nokuhlela
Njengangoku, kukhangeleka zisilela izibonelelo zokusebenza ngokutolika, ukuguqulela nokuhlela. Xeshikweni amacandelo eelwimi aya kudlala indima ebalulekileyo ekujongeni le meko ngokungephi, umsantsa omkhulu phakathi kwemfuno nentswelo yeenkonzo zeelwimi namandla okubonelela ngeenkonzo ezinjalo kuya kufuneka uhlolwe. Imiba ekufuneka ijongwe iquka elandelayo:
a Izifundo zokuqeqesha abaguquleli b Izibonelelo zokuguqulela/ukutolika c Umgaqonkqubo wokuguqulela nokuhlela
IziKhokelo zomGaqonkqubo wokuGuqulela nokuHlela zinenjongo yokubonelela ngezikhokelo zangaphakathi zokuguqulela, ukuhlela nokuhlola amaxwebhu kwanokuthumela amaxwebhu ngaphandle ngenjongo yokuphucula ufezekiso lwenkonzo ngokubonelela ngomsebenzi womgangatho ophezulu.
Uqeqesho
Ukuxhobisa abasebenzi, ngokukodwa kuguqulelo, ukuhlela, ukutolika, izichazimagama nesigama, kuya kufuneka ukulungiselela ukuphumelela kophumezo lomGaqonkqubo. Uqeqesho ngokuphathelele kulawulo lokusetyenziswa kolwimi luya kujongwa ziinkqubo zoqeqesho eziphuhliswa yiDAC nePanSALB ngokusebenzisana nababoneleli beenkonzo abaqinisekisiweyo.
Kuya kuthethathethwana nabanikeli benkonzo ukuthi bahlele iinkqubo zamathuba asikelwe ixesha zoqeqesho usemsebenzini ukulungiselela abasebenzi ngeelwimi abakhoyo njengangoku, kuya kunikelwa ngamancedo okufunda kubasebenzi abatsha nakubasebezi abakhoyo njengangoku. Iinkqubo zoqeqesho ziya kuquka izifundo zethuba elifutshane, uqeqesho xeshikweni usebenza neenkqubo zoqeqesho ngokusisigxina.
Ukusebenzisana neSAQA, iDoE namaziko emfundo, yenye yeendlela, ebalulekileyo ekulungiseni ukunqongophala kwabasebenzi abaziingcali kwiilwimi. Iimfuno zeSakhelo seSizwe seziQinisekiso (NQF) ziya kulandelwa ekuyileni nasekuphumezeni iinkqubo zoqeqesho.
Ukuzuza nokuphuhlisa ubungcali babo bonke abasebenzi bakarhulumente kwiilwimi ezingezizo ezabo zeenkobe kuthathwa kuyinto ebaluleke kakhulu ekusebenzeni ngokukuko kufezekiso lwezithembiso kwiNkonzo yoLuntu. Iinkuthazo ziya kuphuhliswa yiDAC, ngokusebenzisana ngokusondeleleneyo nePanSALB, iDoE neDPSA, ukukhuthaza abasebenzi bakarhulumente ukubanako ukusebenzisa iilwimi ezininzi ngokufunda nokulondoloza iilwimi ezongezelelweyo.
Kufuneka kusetyenziswe iteknoloji ukulungiselela intsebenziswano phakathi kwabathatha inxaxheba kwezeelwimi kwakunye nokuphuhlisa iilwimi zabemi beli lizwe. Imveliso zekhompyutha ezifana neenkqubo zokusebenzisa amagama, iinkqubo zolawulo lwesigama nemveliso yokuguqulela kufuneka zinxibelelane ukuze zikhuthaze ukutshintshana ngesigama nezinye iinkcukacha phakathi kwawo onke amacandelo eelwimi nabathatha inxaxheba abafana neHansard namacandelo esizwe ezichazimagama (iiNLU).
Ukusabela kwimfuneko yokukhawelezisa uphuhliso lweelwimi zabemi beli nokuzuza nokulawula izibhalo zekhompyutha ezinokusebenziseka kwakhona novimba wamazwi, iDAC izimisele ukuxhobisa nokubonelela ngezibonelelo zokusebenza zolwazi lweteknoloji. Iilwimi zabemi beli ziya kuxhaswa ngobuchule obutsha bophuhliso kusetyenziswa ubuchwepheshe obutsha, uthungelwano nokusebenza.
UmGaqo wokuziPhatha weeLwimi wabaSebenzi bakaRhulumente
Umgaqo wokuziphatha weelwimi wabasebenzi bonke bakarhulumente uya kuyalela indlela abasebenzi bakarhulumente baya kuqhagamshelana nokuthethana noluntu ngayo ukuze banikele ngenkonzo efanelekileyo. Umgaqo wokuziphatha uya kuquka imigqaliselo yeBatho Pele njengoko iNkonzo yoLuntu inoxanduva lokubonelela ngolwazi olupheleleyo, noluchanekileyo kubasebenzisi benkonzo ngolwimi abaluvisisa ngokugqibeleleyo. Umgaqo uya kugxininisa into yokuba akukho mntu olindele inkonzo okanye umsebenzi karhulumente oya kuhlelelekiswa okanye abesebubini ngenxa yokusetyenziswa kweelwimi.
I-DAC, kunye neDPSA ngokubonisana namanye amasebe oburhulumente, iya kuphuhlisa isasaze umgaqo njengoko kubonelelwa ngawo kumThetho weeLwimi zamZantsi Afrika. UmPhathiswa uya kupapasha imimiselo malunga nomgaqo kwiGazethi ekupheleni kowama- 2005.
Ukongeza kupapasho olukwiGazethi, kuya kusasazwa nopapasho olubhalwe ngolwimi olufikelelekayo olulula ukuqinisekisa ukuba onke amagosa karhulumente ayawuqaphela umgaqo.
Isalathiso seenkonzo zeelwimi (umzekelo. Iinkcukacha ezinamagama afanelekileyo amaziko/iinkampani/amacandelo eelwimi, uguqulelo, ukuhlela, neenkonzo zesigama, ucwangciso lweelwimi) siya kuphuhliswa. Iikopi zesi salathiso ziya kusasazwa kwizakhiwo zikarhulumente wesizwe nowamaphondo, nakwimibutho yeelwimi neyunivesithi. Siya kufumaneka nakwisiza sekhompyutha seDAC kwaye siya kuhlaziywa ngokuqhubekayo. Ulawulo olufanelekileyo lophumezo lomgaqonkqubo luya kuphakanyiswa ngokubonelela ngeenkcukacha ngezibonelelo ezifumanekayo nezakhiwo zeelwimi.
Kukwakho nemfuneko yeqonga eliqhelekileyo/isixhobo elijongene nomsebenzi wokuqokelela nokusasaza iinkcukacha ngomgaqonkqubo weelwimi nemiba yophumezo, imizamo neendlela (ikakhulu kumgangatho wesizwe, kodwa nakumgangatho wenqila (emZantsi Afrika) nakumgangatho wezizwe).
Iinjongo kukukhuthaza ukutshintshiselana ngeenkcukacha, kwakunye nophando nentsebenziswano phakathi kwamaziko okulawula iilwimi namaqela anomdla. Ukongeza kwiphepha leendaba lenyangantathu, kuya kusekwa kulondolozwe isiza sekhompyutha. Iinkcukacha ezifanelekileyo nezindululo ezivela kwabathatha inxaxheba ziya kufunwa ngamandla yiNLS.
Ukuhlola nokuvavanya
Uphumezo lomgaqonkqubo oluqhubekayo nolusebenzayo nophengululo luya kufuna iinkcukacha ezichanekileyo ngendlela yokusetyenziswa kweelwimi neziqhelo za ngoku ukuze kuchongwe amandla nobuthathaka bomGaqonkqubo nokuhlola inkqubela yalo. Uphando nophicotho lweeLwimi luya kuqhutywa ngokusebenzisana namabhunga afanelekileyo eelwimi afana nePanSALB kwakunye namaziko ophando nophuhliso. Iziphumo ezifunyenwe kule misebenzi yokuphanda nokuphicotha ziya kunceda urhulumente ekwenzeni izigqibo ezivisiswayo malunga nophumezo lomGaqonkqubo.
Kuya kulindelwa ukuba amacandelo eelwimi aphicothe ubungcali obukhoyo beelwimi kwakunye namandla abasebenzi kwisebe okanye iphondo. Olu lwazi luya kubaluleka kakhulu malunga nokugaya, ukuphumeza umGaqonkqubo wokuziPhatha weeLwimi nokumisela iintswelo neemfuno zesebe okanye iphondo ngokukhethekileyo.
Amaphulo okuqaphelisa ngeelwimi
Amaphulo okuqaphelisa ngeelwimi ayafuneka ngenjongo yokuvuselela umdla woluntu kwimiba yeelwimi. I-DAC, ngokusebenzisana nePanSALB, ziqhuba amaphulo aqhubekayo okuqaphelisa ngeelwimi ngenjongo -
a yokulungelelanisa imigaqonkqubo yeelwimi nemisebenzi kwiinkalo ezahlukeneyo zoburhulumente;
b yokuqhelisa abantu ngeNLPF nokwenza ukuba abantu baqaphele izibonelelo zomgaqosiseko zokusetyenziswa kweelwimi ezininzi;
c yokukhuthaza abasebenzi bakarhulumente ukubonelela ngenkonzo kubantu ngolwimi lwabo lweenkobe;
d yokukhuthaza abantu ukusebenzisa iilwimi zabo nokufunda ezinye iilwimi;
e yokwazisa ezorhwebho necandelo labucala ngamancedo anokuzuzwa ngokuphumeza imigaqonkqubo yokusebenzisa iilwimi ezininzi;
f yokudala ingqaphelo yokuxabiseka kokukangafani kweelwimi zomZantsi Afrika njengenxalenye yelifa lethu;
g yokukhuthaza ukunyamezelana ngokweelwimi apha emZantsi Afrika yokuqaphelisa ngamancedo okuhlala noluntu olusebenzisa iilwimi ezininzi; kwakunye yokuqinisekisa imvisiso echanekileyo yokutolikwa komgaqonkqubo kuwo onke amanqanaba.
Amaphulo okuqaphelisa ulwimi olukhethekileyo aya kuqhutywa ngamacandelo eelwimi (awesizwe nawamaphondo), iDAC nePanSALB. Ngenxa yokubaluleka kwendima yawo kuphumezo lomgaqonkqubo weelwimi, amasebe oburhulumente/abasebenzi bakarhulumente kuya kuba ngabo abajongwe ngamandla kwiminyaka emibini yokuqala. Amaphulo alungiselelwe uluntu ngokubanzi aya kuqhutywa ngaxeshanye. Izinto ezingafaniyo zokukhuthaza (umzekelo izaziso eziya kufakwa kumaphephandaba neencwadi zeendaba eziya kusasazwa) kwaye noqhagamshelwano lweendaba luya kuphuhliswa ukulungiselela iphulo ngalinye.
Kwimekobume yokusetyenziswa kweelwimi ezininzi, utoliko ngemfonomfono lubonelela uRhulumente ngezixhobo zokusebenza ezinendleko eziphantsi ukususa izithintelo zolwimi nokufikelela ngokufanaya kwiinkonzo azinikelayo. Le ndlela yokutolika ilula ngokwamkelekileyo kwaye yindlela enendleko eziphantsi zokususa umgama welizwe ngokufikelela kwetoliki ngemfonomfono. Ngaloo ndlela ukutolika ngemfonomfono kuyilungele ngokukodwa imeko embaxa yokusebenzisa iilwimi ezininzi kummandla womZantsi Afrika, apho ubonelelo ngenkonzo yeelwimi inofuneka ngokukhawulezileyo kwimeko yengxakeko kwiindawo zokukhonza abacela uncedo njengakwiitliniki nezikhululo zamapolisa, apho iilwimi ezinokufuneka nexesha lokubonisana zingakwazi ukwazeka ngethuba.
I-PanSALB seyiseke iiNLB ukuba ziphuhlise, zikhuthaze kwaye zichonge izinto emakuqalwe ngazo ukuphuhlisa isiRhoyi, isiSan neeLwimi zomZantsi Afrika zokuThetha ngeZandla ukuze kuphuculwe umgangatho wazo. Ziya kuxhaxswa nazo ezinye izakhiwo ezikhoyo zokukhuthaza uphuhliso lweeLwimi zomZantsi Afrika eziThethwa ngeZandla namaphulo awela imida. Ukusebenzisana nabathatha inxaxheba kubalulekile kulo mba.
Usasazo lweendaba
Usasazo lweendaba luya kudlala indima ebalulekileyo ekuyileni ukuqaphela kwiSakhelo somGaqonkqubo weeLwimi. Injongo yokusebenzisa usasazo lweendaba iya kuba kukufikelela kuluntu ngenjongo yokulufundisa ngeziqulatho zomGaqonkqubo ukuze luvisise amalungelo alo noxanduva. Usetyenziso losasazo lweendaba kwimiba yomGaqonkqubo weeLwimi luya komelezwa. Ukongeza kusasazo lweendaba ngoshicilelo nobuchwepheshe, isiza sekhompyutha seDAC siya kusetyenziswa ukusasaza ukusetyenziswa kweelwimi ezininzi. Amanye amasebe oburhulumente nawo aya kukhuthazwa ukuphakamisa intsebenziso yeelwimi ezininzi kwiziza zawo zekhompyutha nakwizinto azipapasha ngaphandle.
Njengoko amaphondo noorhulumente bengingqi beya kukhokelwa kukusasazeka kweelwimi okukhethekileyo, amasebe esizwe karhulumente kuya kufuneka enze ukuba amaxwebhu asemthethweni afumaneke -
Kuya kufuneka zonke izakhiwo zikarhulumente zibonelele ngenkxaso elingeneyo yemali ukulungiselela uphumezo lomGaqonkqubo weeLwimi ngokulandela imijikelo yeSakhelo seNdleko zeThuba eliPhakathi (MTEF), apho usetyenziso lwezigaba luqalisa ekuqaleni konyakamali wama- 2003/4.
Uqikelelo lweendleko
Ubalo lweendleko zokuphumeza umGaqonkqubo luya kuthathela ingqalelo izinto ezilandelayo:
Ukumisela izibonelelo zokusebenza zeCandelo leeLwimi kwisebe/iphondo ngalinye
Ukugaya nokuqeqesha amagosa
Imivuzo namancedo amagosa eCandelo
Inkqubo yokusebenza yeCandelo yokuqhuba uphumezo
Ukuthumela ngaphandle iinkonzo zokuguqulela
Inani lezinto ezipapashwayo zesebe ngalinye
Uqeqesho oluqhubekayo lwamagosa eCandelo
Izinto eziqhelekileyo ezikumgangatho ezifana nezoLawulo (umzekelo, ukufuduka, uhambo, indawo yokuhlala, iofisi, neendleko zemfonomfono), kwakunye noovimba/uluhlu lwezinto (ezipapashwayo, ushicilelo, amaxwebhu, izinto zokubhala, izixhobo zeofisi) nezixhobo zokusebenza (iikhompyutha, izixhobo zesandi, izixhobo zemfonomfono) nazo ziya kuba negalelo kwiindleko.
Uhlelo olulapha ngezantsi lubonisa luthelekise uqikelelo lweendleko zecandelo lweelwimi olufakwa ngezigaba zethuba leMTEF.
Iindleko zecandelo leelwimi
Uhlahlelo ngokwento esemgangathweni ngokwethuba leMTEF
Amagosa 760 675 797 948 833 055 2 391 678
Ezolawulo 1 180 874 575 477 883 798 2 640 149
Oovimba 1 011 839 2 067 965 3 574 768 6 654 572
Izixhobo 130 222 51 004 53 198 234 425
Umhlaba - ­ ­ -
Iingcali 1 017 640 1 957 452 3 347 595 6 322 686
namachule
Udluliselo - ­ ­ -
Inani lilonke 4 101 250 5 449 847 8 692 413 18 243 510
Ukulungiswa kocwangciso lophumezo ngokwesebe nokubala iindleko.
Uphuhliso lokubala iindleko nolwabiwomali lwesebe.
Ukufumana imithombo yenkxasomali.
Amasebe namaphondo aya kuba noxanduva lolwabiwomali lokuphumeza iNLPF kulawulo lwawo.
Umiselo lwamagosa
Abasebenzi bamaCandelo eeLwimi baya kugaywa ngamasebe asebenzayo nanikwe uxanduva lokuqeqesha emsebenzini yiDAC, ngokusebenzisana namagosa ePanSALB. Iinkqubo ezisesikweni zokuqeqesha ziya kuphuhliswa (jonga ku- 2.2.2).
Kuya kubakhona umahluko ngobukhulu bamacandelo amasebe namaphondo ahlukeneyo. Inani labasebenzi ngeelwimi abafunekayo kwicandelo leelwimi kuya kufuneka lilawulwe ngokuhambelana neenkqubo zokupapasha nolwabiwomali lwesebe nephondo.
Ubukhulu bamacandelo eelwimi buya kumiselwa yinkqubo yomsebenzi nobugcisa obufunekayo ukuqhuba nokuphumeza umGaqonkqubo. Ukwenza umzekelo, Iqela lamagosa kuya kufuneka liquke abaguquleli, abahleli, abacwangcisi beelwimi, abhali besigama, ababhali bezichazimagama, njalo njalo.
AMANQAKWANA OKUQUKUMBELA
Isebe-leDAC liyaqaphela ukuba ukuphumeza umGaqonkqubo kuya kuzisa izinto ezingamandla ezicela umngeni. Nangona kunjalo, liya kuthembela ngamandla kwintsebenziswano yawo onke amaqela achaphazelekayo ukuguqula zonke iinjongo ezixeliweyo zibe zizenzo.
INJONGO UMSEBENZI IZIBONAKALISO ZENTSEBENZO UXANDUVA IXESHA ELIMISELWEYO
kwiKhabinethi koCwangciso loPhumezo 3. Ukunikelwa kwiKhabineti umThetho oYilwayo weeLwimi zasSA 4. Ukubonisana neKomiti yePalamente yeSizwe 5. UmThetho oYilwayo ubekwa ePalamente loPhumezo lwamkelwe yiKhabinethi 3. UmThetho oYilwayo weeLwimi zaseSA wamkelwe yiKhabinethi 4. Imvume yeKomiti yePalamente yeSizwe 5. UmThetho oYilwayo udlulisiwe wamkelwa 5. Agasti 2003
Ukuseka iQonga leSizwe lweeLwimi Ukuhlela indibano yokusebenza yokuxoxa ngophumezo Ubumeli obuvela kuwo onke amasebe/amaphondo DAC Februwari 2003
phantsi komThetho 2. UmGaqo weeLwimi olusebenzayo 2. Julayi 2004
weeLwimi waseSA wokuziPhatha wamaGosa kaRhulumente 2. UmGaqo ngokweemfuno zomGaqonkqubo
Ukuseka amacandelo eelwimi 1. Uphicotho lobungcali kwezeelwimi negunya lokulungiselela ugayo olunokwenzeka kumagosa akhoyo 2. Amagosa akhoyo 1. Iinkcukacha ezichanekileyo ezibonisa ukusebenza kweelwimi kwizakhiwo Amasebe asebenzayo kunye neDAC 1. April 2004 2. Juni 2004
Ukuseka iBhunga labaSebenzi bezeeLwimi bomZantsi Afrika Ukuseka umbutho wokunika isiqinisekiso kubaguquleli, iitoliki, abayili besigama nabayili bezichazimazwi, kwanokulawula umsebenzi wobungcali 1. Uluhlu lweengcali zolwimi e-SA 2. Iingcali ezivunyiweyo zeelwimi 3. ImiGangatho yokuhlola neziqinisekiso ezihambelana neengcali zeelwimi I-DAC ngokusebenza nePanSALB, neDoJ kwakunye neSAQA Februwari 2004
Ukubonelela ngeengcebiso ezivisiswayo zeelwimi Ukuqhuba iimvavanyo/ukuphicotha iilwimi Izigqibo ezisekwe kwiingcebiso eziphilileyo Izakhiwo zikaRhulumente, iDAC, iPanSALB, iStats SA Ngokuqhubekayo, okungenani kanye ngonyaka
Ukuphakamisa umgangatho weelwimi zamaAfrika kuquka isiRhoyi nesiSan noLwimi lokuthetha Ngezandla 1. Ukuqhuba amaphulo okuqaphelisa ngeelwimi 2. Ukuchonga eminye imiba yeelwimi ethinta isizwe 3. Ukuphakamisa ukuqaphelwa kwendima yabantu abathetha ulwimi 1. Ukungenela kwizakhiwo zikarhulumente ukulandela uphumezo lomGaqonkqubo 2. Ukungengela kuluntu ukulandela 'iimfuno' zalo zeelwimi I-DAC, iPanSALB namasebe karhulumente Ngokuqhubekayo
UCWANGCISO LOPHUMEZO LWESEBE LESIZWE (UMZEKELO, ISEBE LEZEMFUNDO)
Ucwangciso lophumezo lusekwe kwinkolo yokuba umThetho weeLwimi zaseSA uya kusebenza ngoSeptemba 2003.
INJONGO UMSEBENZI IZIBONAKALISO ZENTSEBENZO UXANDUVA IXESHA ELIMISELWEYO
weelwimi 2. Ukuqhuba indibano yokubonisana namagosa 3. UQulunqo lomGaqonkqubo weeLwimi 4. Ulwabiwomali lokuphumeza umGaqonkqubo ngokushiyana ngokunyuka (30% kunyaka woku-1; 60% kunyaka wesi-2; 100% kunyaka wesi-3) 2. Ukungenela kwamagosa 3. UmGaqonkqubo oDibeneyo weeLwimi 4. Inkxasomali eyaneleyo yokuphumeza umGaqonkqubo 2. AbaPhathi abaPhezulu 3. AbaPhathi abaPhezulu 4. UMLAWULI-JIKELELE 3. Matshi 2004
Ukuseka 1. Ukwenza isigqibo ngobukhulu 1. Ngokuhambelana neemfuno 1. AbaPhathi 1. Novemba 2003
kwezeelwimi namandla esigosa 3. Ugayo lwamagosa abaguquleli aba- 6 nonobhala aba- 2:
Izaziso
Ukuguqulela nokuhlela amaxwebhu phantsi komGaqonkqub o 1. Ukwandiswa ngezigaba kwamaxwebhu enguqulelo nokuhlela (30% kunyaka woku-1; 60% kunyaka wesi-2; 100% kunyaka wesi-3) 2. Ulawulo lokuthunyelwa kwenguqulelo kubaguquleli abazimeleyo: . Ukulawula umgangatho . Ukungenela ikontraki nabaguquleli abazimeleyo Inguqulelo ezisemgangathweni ICandelo leeLwimi Juni 2004 ukuqhubeka
Ukushicilela amaxwebhu phantsi komGaqonk qubo 1. Ukungenela ikontraki nabashicileli ukushicilela amaxwebhu ngokulandela ukhetho lwezigaba (30% kunyaka woku-1; 60% kunyaka wesi-2; 100% kunyaka wesi-3) 2. Ukuhlakula iziphoso nokuhlela inkangeleko Izipapasho ezanelisa iimfuno zomGaqonkqubo weeLwimi ICandelo leeLwimi, Uqhagamshelwano Juni 2004 ukuqhubeka
Ukubonelela ngeenkonzo zokutolika phantsi komGaqonk qubo Ukungenela ikontraki neetoliki ukulungiselela injongo ethile yokutolika Kufuneka ukutolika okuchanekileyo kwiilwimi ICandelo leeLwimi Juni 2004 ukuqhubeka
Ukubonelela Iingcebiso eziqhubekayo kubaphathi Ingcebiso ngokulandela iimfuno ICandelo leeLwimi June 2004 onwards ngengcebiso namagosa malunga zomGaqonkqubo weeLwimi zolwimi nokusetyenziswa kolwimi, ukusetyenziswa komGaqo okuziPhatha weeLwimi, ukuguqulela nokutolika, ukukhuthaza intsebenziso yeelwimi ezininzi neentswelo zamagosa
Ukubonelela ngezifundo zoqeqesho kwiilwimi Ukunikela ikontraki kubaqeqeshi abafanelekileyo ukubonelela ngezifundo zokufunda ulwimi Izifundo ezihleliweyo zodidi ngalunye lweelwimi ezili- 11 ezisemthethweni kujikeleziso ICandelo leeLwimi Juni 2004 ukuqhubeka
Ukusebenza kunye neNLS 1. Ukuthatha inxaxheba kwiindibano zeelwimi zokuphumeza umGaqonkqubo, zemiba yoguqulelo nokuhlela 2. Ukubonelela ngesigama kwiNLS ngenjongo yokuxhasa uphuhliso lweelwimi noququzelelo lwesigama 1. Ukuhambela iindibano rhoqo 2. Ukubonelela rhoqo ngoluhlu lwesigama kwiilwimi ezifanelekileyo ICandelo leeLwimi Juni 2004 ukuqhubeka
