ISICWANGCISO SEMINYAKA
EMIHLANU
Uya kubo bonke abemi baseKapa
Rhoqo kwisithuba seminyaka emihlanu, ibhunga ngalinye lomasipala kuyimfuneko ukuba liqulunqe isicwangciso sophuhliso seminyaka emihlanu nesimisela iinjongo zalo eziphambili yaye lazise nangohlahlo-lwabiwo-mali lwalo.
ISixeko saseKapa, kwisithuba seenyanga ezisixhenxe ezidlulileyo, besizibandakanye kwinkqubo yocwangciso nothetha-thetwano noluntu ngenjongo yokuphuhlisa esi sicwangciso - esaziwa ngokomthetho njengeSicwangciso esiHlanganisiweyo soPhuhliso. Siqhubekela phambili nolu thetha-thethwano noluntu.
ISicwangciso esiHlanganisiweyo soPhuhliso ngamanye amaxesha siba mbaxa kangangokuba asibinantsingiselo ivakalayo. Nangona kunjalo, kwesi sihlandlo, sineenjongo ezintathu eziphambili kunazo zonke ezinye:
ukunikezela ngeenkonzo ezisemgangathweni kubo bonke abantu, kuqukwa amanzi acocekileyo, ugutyulo, umbane nokuthuthwa kwenkunkuma;
ukwakha ulawulo olusebenzayo nolunobuchule bokunikezela ngezi nkonzo kunye nokulondoloza nokwandisa izixhobo zokusebenza zikamasipala; kunye nokubonelela ngendawo esingqongileyo elungele ukuba luhlume uqoqosho lwaseKapa.
Isithembiso sethu kuni sibandakanya ukwenza ezi zinto zintathu ngokufanelekileyo. Ukuziphumeza ezi zinto, kuza kuba yimfuneko ukuba siphakamise umgangatho womsebenzi wabalawuli ze umntu ngamnye abe noxanduva lokumela umsebenzi athembise ukuwenza.
Kananjalo kuza kuba yimfuneko ukuba sonyuse utyalo-mali kwizixhobo zokusebenza ngokubanzi kunye nokutyala imali ngokwaneleyo kwiinkonzo eziyimfuneko kwikamva leKapa.
Kwisithuba seshumi leminyaka elidlulileyo, kubekho ukuwa nganeno kotyalo-mali kwizixhobo ezitsha, njengoko iSixeko siya sakhula, kunye nokutshintshwa, nokulungiswa kunye nokulondolozwa kweempahla zethu ezikhoyo. Ukuba siqhubeka nale ndlela yokusebenza siza kugagana nengxaki emva kwenye. Izixhobo zethu zogutyulo lwamanzi amdaka, nezisele zisebenze ngaphezu kwamandla azo, ziza koyiswa; izixhobo zethu zokusasaza umbane ziza koyiswa; iiprojekthi zethu zezezindlu ziza kuhlala zinge-yonto ngaphandle kokuba luyilo kuphela; yaye iindlela zethu ziza kuba ngaphezu kokuba zezinogxalathelwano kuhanjwe ngokushixiza.
Utyalo-mali kwiinkonzo nakwimisebenzi yolungiso nolondolozo ngumsebenzi ophambili nongxamisekileyo. Linkonzo ezilungileyo zoluntu zikwabalulekile ekutsaleni umdla wotyalo-mali esiludingayo ukuxhasa uhlumo lweSixeko.
Le misebenzi iphambili iyabonakaliswa kuhlahlo-lwabiwo-mali olupapashwe kwesi sigidimi. Unethuba lokuvakalisa izimvo zakho ngohlahlo-lwabiwo-mali nangesicwangciso seminyaka emihlanu kwiintlanganiso zoluntu nakuvakaliso-zimvo kwinqanaba lamabhungana.
Ndinethemba ukuba niza kwenza njalo.
Ezona nkalo kugxilwe kuzo kwisicwangciso seminyaka emi-5
Ukuhluma kwezoqoqosho nokudalwa kwamathuba engqesho zezona zinto zidingwa ngakumbi ngabantu baseKapa. ISixeko siza kwenza iinzame zokubonelela ngeyona ndawo isingqongileyo ilungileyo ukuze kuhlume uqoqosho.
Oku kuthetha ukwenza kube lula yaye kuxabise kancinane ukuqalisa ushishino ngokuququzelela intsebenziswano elula neyenziwa rhoqo phakathi kwamashishini neSixeko; ukuxhasa ubuhlakani obutsha namacandelo abucala, ngokukodwa kwezokhenketho; kunye nokuncedisa amashishini amancinane nasakhasayo. Eyona nkalo ibalulekileyo ekuphuculeni imeko yezoshishino iya kuba lutyalo-mali iSixeko esijolise kulo kwezothutho ngokukodwa izithuti zoluntu kunye nezixhobo zokusebenza zikamasipala.
intanethi kwinqila ngokubanzi, nengazi kusebenza ngonxibelelwano lweengcingo zomnxeba.
Iinkonzo zikamasipala
Luxanduva oluphambili lweSixeko ukunikezela ngeenkonzo eluntwini, kuqukwa amanzi, ugutyulo, ukulahlwa kwenkunkuma nombane. Umyinge omncinane kodwa okhulayo wabemi beSixeko abanayo indlela yokufikelela kwiinkonzo ezingundoqo.
Ngeli xesha iSixeko siphantse saphinda-phindeka ngobukhulu kwisithuba seminyaka engama-20 edlulileyo, ubonelelo ngezixhobo ezitsha akungqinelani nokukhula kwesixeko esi. Uninzi lwezixhobo zokusebenza ezindala zeSixeko zisadinga ukutshintshwa ngokungxamisekileyo.
Ugxininiso olumandla kulondolozo lwezixhobo ngumbandela ophambili.
Asinakho ukujongana nazo zonke iimfuno zezixhobo zokusebenza ngaxeshanye yaye iSixeko sicwangcisa ukwazisa iindlela ezohlukeneyo zokuphucula ukongiwa xa kusetyenziswa imithombo enqabileyo efana namanzi nombane.
Ulawulo olufanelekileyo
Enye yeenjongo eziphambili kwesi sithuba seminyaka emihlanu kukuphucula ukusebenza ngokufanelekileyo kulawulo lweSixeko. Oku kuthetha ukufumana abantu abafanelekileyo - ngokukodwa iinjineli nabalawul beeprojekthi - kwiindawo ezifanelekileyo ekuququzelelweni nasekuphuculweni kwenkcubeko yonikezelo ngeenkonzo nendlela yokuziphatha emsebenzini.
Kukwathetha ukuguqula indlela ezenziwa ngayo ezinye izinto. ISixeko sikhangela ezinye iindlela zokunikezela iinkonzo zikamasipala. Sikwazimisele ukuphucula ulawulo lweenkalo ezibalulekileyo zezemali ezifana nokulawulwa kwengeniso, imali esetyenziswayo, ulawulo nobungozi kwimpahla zikamasipala kunye nokuxhaswa kwabasweleyo.
Izithuthi zoluntu
Ukuphucula izithuthi zoluntu ngomnye wemisebenzi ephambili yeSixeko kwisicwangciso seminyaka emihlanu. Nangona kunjalo, eyona njongo kujoliswe kuyo inkulu: ukudala inkcubeko yezothutho eza kunceda iKapa kwixesha elizayo.
Ukuphucula nokuxhasa izithuthi zoluntu, iSixeko sizimisele ukuzibandakanya kutyalo-mali olumbaxa kwizixhobo zokusebenza zezothutho yaye isicwangciso seSixeko sikwinqanaba lokugqibela lokumiselwa.
Ukucutha ugxalathelwano lwezithuthi, kuz akunyanzelwa ukusetyenziswa kwemizila ephambili yezithuthi zoluntu ze kwenziwe neminye emitsha.
IiNdawo zeNtlalo yoLuntu eziHlanganisiweyo
ISixeko sijongene nemiceli-mngeni emininzi yezezindlu. Iintsapho ezimalunga nama-350 000 azinazo iindawo zokuhlala ezifanelekileyo yaye intsilelo yezindlu ikhulu rhoqo ngonyaka. Kwisithuba seminyaka emihlanu ezayo iSixeko sizimisele ukongenza indlela yokufikelela kwiindawo zokuhlala ngokubonelela ngenkxaso-mali yezezindlu kuqalwa ngobonelelo ngeenkonzo ezaneleyo. Kuza kumiselwa inkqubo yokunikezela ngeenkonzo ezingundoqo kwiindawo zamatyotyombe.
Uphuhliso lwesicwangciso seendawo zentlalo yoluntu esiHlanganisiweyo asibandakanyi nje kuphela izindlu, kodwa nawo onke amaziko oluntu afana neendawo zamangcwaba, amaziko ezemidlalo namathala eencwadi.
Ulwaphulo-mtehtho lugrogrisa impilo yabemi beSixeko kunye nobuchule beSixeko bokutsala nokugcina utyalo-mali. ISixeko sizimisele ukwenza igalelo laso ekuthinteleni ulwaphulo-mthetho ngokuphucula indlela yokugcino-cwangco kwezothutho, ngokunyanzeliswa komthetho nomthetho jikelele.
Okubaluleke kakhulu kukuphuculwa kweenkonzo zocimo-mlilo.
Ezempilo nophuhliso lwentlalo
Imimandla emininzi kweli leKapa igutyungelwe ziingxaki zentlalo ezingapheliyo ezibangelwa kukusetyenziswa kakubi kweziyobisi nobugebenga ukuya kumaqondo aphezulu osuleleko yiNtsholongwane kaGawulayo noGawulayo, izifo ezosulela ngokwabelana ngesondo nesifo sePhepha.
ISixeko sisebenzisana namanye amacandelo karhulumente ekuphuculeni impilo nophuhliso lwentlalo.
ISixeko sinoxanduva lokulawula umgangatho womoya kunye nokulawula ungcoliseko, kuqukwa nenkathazo yengxolo.
Lulonke uHlahlo-lwabiwo-mali:
Oku konyuka kungaka kuza kuvumela iSixeko ukuba sibe nacho ukuchitha imali kumsebenzi wolungiso, ukutshintshwa nokulondolozwa kwezixhobo ezibalulekileyo zokusebenza kunye nokutyala imali kwizixhobo ezitsha.
Ngaphandle koku konyuka kungaka kwinkcitho-mali, imigangatho yeenkonzo eziphambili iphculwe - amanzi, ukucocwa kwamanzi amdaka, umbane neendlela - azinakho ukugcinwa zisebenza. Iminyaka emininzi yokunqongophala kokutyalwa kwemali kuthetha ukuba iKapa alinakho ukulibazisa ngakumbi kumsebenzi wokuphuculwa nokwandiswa kwezixhobo zalo.
Kungenxa yezi zizathu ukuba iSixeko sigqibe ekubeni sandise la maqondo enzala yemali-mboleko abonakaliswe ngasentla kunye nentlawulo yonikezelo ngeenkonzo. Iqondo lokonyuka kwamaqondo nawentlawuloyeenkonzo kunyaka-mali ka-2007/8 liza kuba ngumyinge we-15%.
Umrhumo wombane uza konyuka ngomyinge we-5,6%; ukuthuthwa kwenkunkuma nge-11% ze amanzi nogutyulo ngomyinge we-19%. Umrhumo wamanzi uza "kuguquguquka" ngoko ke ukuba abahlali bayawonga amanzi baza kuhlawula kancinane.
Uhlahlo-lwabiwo-mali oluSetyenziswayo lonyaka-mali ka-2007/8 - iNkcitho-mali
Olu hlahlo-lwabiwo-mali luquka neendleko zokusebenza kweSixeko
IiNkonzo zeQumrhu
Uphuhliso loLuntu
UPhuhliso lwezoQoqosho neNtlalo
UMmandla woPhuculo lweSixeko
IiNkonzo zeziMali
IiNkonzo zeMpilo
INtlalo yoLuntu eHlanganisiweyo
IiNkonzo eziluNcedo
UPhicotho lwaNgaphakathi
I-Ofisi yoMphathi weSixeko
IRhafu nezinye
UKhuselo noKhuseleko
ISikhokelo noCwangciso
Uhlahlo-lwabiwo -mali 2007/8
kwiindlela ezintsha kulwabiwo lwezixhobo zombane, ezifana nezikhululo ezaba umbane kulwakhiwo lwezindlu kulungiso nolondolozo lwemiqondiso yezothutho, iindlela, iindledlana ezisecaleni kwendlela, iibhulorho, imisele yamanzi esitshi, iipaka neendawo zamangcwaba kulungiso lweendawo ezivuza amanzi ufakelo lwamanzi nezindlu zangasese kwiindawo zamatyotyombe kuphuculo lwamaziko ogutyulo lwamanzi amdaka kumaziko neziza ezitsha zokulahla inkunkuma kulondolozo lwezixhobo zokuthuthwa kwenkunkuma nezithuthi zeenkonzo ezingxamisekileyo, ngokukodwa iinkonzo zokulwa nemililo
UHlahlo-lwabiwo-mali lweMali eyiNkunzi lonyaka ka-2007/8
Ezi pesenti ziquka iindleko zokusebenza zeSixeko
I-Ofisi yoMphathi weSixeko
UPhicotho lwaNgaphakathi
ISikhokelo noCwangciso
Uphuhliso loLuntu
UPhuhliso lwezoQoqosho neNtlalo
IiNkonzo zeziMali
INtlalo yoLuntu eHlanganisiweyo
IiNkonzo zeQumrhu
UKhuselo noKhuseleko
IiNkonzo zeMpilo
Nangona iSixeko sibona eli theko njengethuba, sikuthintele ukusebenzisa ngendlela engeyiyo imali yabarhafi okanye ingeniso ethatyathwa kwimirhumo yeenkonzo ngenjongo yokuhlawula ndleko zetumente yonyaka ka-2010. Zizonke iindleko zesteydiyam esitsha nesokhiwa e kummandla wase-Green Point ziza kufikelela kwi-R2,857 yeebhiliyoni zeerandi. Kwezi ndleko, iSixeko siza kuxhasa ngesixa esifikelela kuma-R400 ezigidi esithatyathwe kuhlahlo-lwabiwo-mali lwaso yaye sibekele bucala esinye isixa esifikelela kwi-R100 lezigidi kulungiselelwa iindleko ezingalindelekanga. Isixa esikhulu senkxaso-mali sithatyathwe kwi-ofisi kanondyebo wesizwe.
yezigidi sele kuqinisekisiwe yibhanka yabe-Investec.
Ukusindlekwa kwendebe yehlabathi yonyaka ka-2010 kuza kushiya igama elihle ukuba kuthe kwalawulwa ngendlela efanelkileyo. Le tumente iza kusebenza njengesiqalelo seSixeko (namanye amacandelo karhulumente namashishini aphantsi kolawulo lukarhulumente) sokutyala imali ngakumbi kwizithuthi zoluntu - yaye kuthekelelwa ukuba kuza kuchithwa malunga ne-R1,9 yebhiliyoni ngexesha elikhokelela kwitumente yonyaka ka-2010. Oku kuquka utyalo-mali olukhulu kwimisebenzi yemizila kaloliwe nezixhobo zemizila kaloliwe ezifana nezikhululo zoololiwe kunye nokuxhaswa kokusetyenziswa kwenkonzo yezothutho isithuba seeyure ezili-18 ngemini. Lo msebenzi iza kuba yimbali engenakulibaleka kubantu baseKapa.
Ngaphandle kokuba negalelo kulwakhiwo lwesitediyam, iSixeko siza kusebenzisa uhlahlo-lwabiwo-mali lwaso ukutyala imali kwimisitho nakwiindawo ezinxulumene netumente yonyaka ka-2010, ezifana neepaka zokuzonwabisa.
Iiprojekthi eziphambili zesicwangciso seminyaka emihlanu
IiNdlela
Ukuchitha imali kulwakhiwo lweendlela kuhlahlo-
lwabiwo-mali lwalo nyaka ngumsebenzi obalulekileyo yaye kukho intlaninge yeeprojekthi ezabelwe iminyaka emininzi. Ezi projekthi ziquka ulondolozo olumandla kwiindlela kodwa kukwaqukwa nomsebenzi wokwakhiwa okanye ukuphuculwa okumandla kwezinye iindlela eziphambili.
Umzekelo, indlela iStrandfontein iza kuphuculwa ngeendleko ezifikelela kuma-R70 ezigidi kulungiselelwa indlela yokufikelela kummandla omtsha wophuhliso lwezindlu ePelican Park.
Ugutyulo okanye ukucocwa kwamanzi amdaka
Izixhobo zogutyulo lwamanzi amdaka kummandla weKapa azikongeza nangona esi Sixeko sande kanabom kwisithuba seminyaka engama-20 edlulileyo. Amaziko eSixeko ekucocwa kuwo amanzi amdaka aphantsi koxinzelelo olumandla yaye oku, kubeka emngciphekweni impahla yethu ebaluleke kakhulu - indalo esingqongileyo
Ikwabeka emngciphekweni uphuhliso lokuhluma kwezoqoqosho.
Kubekelwe bucala isixa-maliesifikelela kuma-
R285 ezigidi kwisithuba seminyaka emithathu kulungiselelwa ukuphuhliswa kwemisele emithandathu yogutyulo kuleyo yeSixeko.
Izixhobo zombane
Kukho imfuneko engxamisekileyo yokuphuculwa kwamaziko abandakanyeka kulwabiwo lombane, afana nezikhululwana zolwabiwo lombane, iintambo ezihambisa umbane nezikhululo zeeswitshi zombane. Kubekwe phambili iindawo ezintathu kumjikelo wokuqala: ummandla woshishino lweSixeko, eRoggebaai nase-Green Point.
Ezinye iindawo ziza kulandela ngokwenkqubo yokuphuculwa kwezixhobo zokusebenza.
Ezothutho
Ukuphuculwa kwamaziko ezithuthi zoluntu ngumsebenzi ophambili wesicwangciso seminyaka emihlanu salo nyaka. Ngaphandle kotyalo-mali oluninzi (R1,9 yebhiliyoni) olunikezelwe ngawo omathathu amacandelo karhulumente kwezothutho, iSixeko sikwazimisele ukutyala imali kweminye "imizila yokuhamba" exakekileyo okanye kwiindlela ukuxhasa ukusetyenziswa rhoqo kwezithuthi zoluntu, nangamaxesha angenagxalathelwano lwezithuthi ezindleleni afana neempelaveki. Ukubekelwa bucala kwemizila ethile njengemizila yezithuthi zol­untu kuza kunyanzeliswa ngenjongo yokuxhasa ukusetyenziswa kwezithuthi zoluntu nokuphucu­la ukusebenza kwazo ngokufanelekileyo.
Iinkonzo ezingxamisekileyo
Icandelo leenkonzo ezingxamisekileyo leSixeko saseKapa, ngokukoswa abacimi-mlilo beli candelo, badlala indima ebaluleke kakhulu ekukhuseleni ubomi nendalo esingqongileyo. ISixeko kuyimfuneko ukuba siphantse sibuphinde ubuchule babasebenzi becandelo locimo-mlilot ukususela kuma-ukuya 700 to 1300 abasebenzi ukuze kunikezelwe inkonzo efanelekileyo. Iinkonzo ezingxa - misekileyo ziza kufumana esinye isixa sama R200 esigidii kulungiselelwa abasebenzi nama- r44 esigidii enkcitho -mali yokusebenza.
Ukuqeshwa kwabasebenzi
Ukujongana nazo zonke iimfuno ezimiselwe kwisicwangciso seminyaka emihlanu, iKapa lidinga abasebenzi abanezakhono, ingakumbi iinjineli nabalawuli beeprojekthi. Ngaphandle kwabo, iSixeko siya kufumanisa kunzima ukujongana nemisebenzi yaso ejolise kuyokwezezindli nakulondolozo nokwakhiwa kwezixhobo zokusebenza. Sele kubekelwe bucala enye inkxaso-mali kulung iselelwa ukuqeshwa kwabasebenzi.
Ulawulo lwempahla nezixhobo
Kulo nyaka iSixeko sizimisele ukumisela inkqubo yolondolozo lwezixhobo ezifana neendlela, umbane namanzi. Ulondolozo oluthintelayo luza kongela iSixeko iindleko ixesha elide.
Xa ungakhathalelwa umsebenzi wolondolozo, izixhobo ezifana nemibhobho, iimpompo nezikhululwana zombane namanzi kungaphela zifuna ukutshintshwa ngokupheleleyo. ISixeko sifuna ukukuthintela oku kwixesha elizayo.
Isicwangciso samapolisa enqila
ISixeko siphuhlisa isicwangciso sokusebenza ukuze xa sidityaniswe nezinye ii-arhente zonyanzeliso-mthetho sibe nakho ukuququzelela unyanzeliso-mthetho nokwakha isixeko esikhuselekileyo.
Isicwangciso seminyaka emihlanu sibophelela iSixeko ukuba sijongane nemisebenzi ethile ephambili kwisithuba seminyaka emihlanu ezayo. Ukusebenza kweSixeko kuza kulinganiswa ngempumelelo yaso ekuphumezeni lo misebenzi iphambili. Le misebenzi iphambili iquka:
Uphuhliso lwezoqoqosho:
Kudalwe iqela lemisebenzi ethe gqo:
000 ngonyaka ngo-2012 (okwangoku kudalwa imisebenzi engama-7000 ngonyaka)
Iinkonzo ezingundoqo:
Amanzi acocekileyo kuthi sonke (inani ekujoliswe kulo liphuneyeziwe)
Ukuphuculwa kweendawo zamatyotyombe ngokwezicwangciso ezamkelweyo
% yamaziko oluntu aza kulondolozwa ngokusemgangathweni okwangoku ngama-50% kuphela amaziko alondolozwa ngokufanelekileyo
Izithuthi zoluntu:
ukuphuhliswa kwesicwangciso solondolozo lombane; imijelo yokuhambisa amanzi amdaka phantsi komhlaba; amanzi, iindlela namanzi esitshi; kunye nezixhobo zokulahlwa kwenkunkuma ephathekayo
Ukulondolozwa kwemithombo yendalo:
% kuthotyelwa kwezikhokelo ezimiselwe liSebe leMicimbi yezaManzi naMahlathi ngokuthuthwa kwamanzi amdaka ngo-2012
Ukuqinisekisa ukuba ama-85% amanzi okuzonwabisa athobela imiqathango yezempilo ngo-2012
Ulawulo lwezemali:
Ukuqinisekisa ukuba ama-98% ohlahlo-lwabiwo-mali luyasetyenziswa longeziwe lususela kuma-95%
Kuqokelelwe ama-98% emali yamatyala yongeziwe ukususela kuma-94%
Indima yakho kwiSicwangciso esiHlanganisiweyo soPhuhliso
ISicwangciso esiHlanganisiweyo soPhuhliso sisicwangciso seminyaka emihlanu esikhokela zonke izenzo zocwangciso nezophuhliso kumasipala yaye sisazisa ukuba masityale phi imithombo yethu.
Injongo yeSicwangciso esiHlanganisiweyo soPhuhliso kukuphuhlisa izicwangciso zesixeko siphela ezizuzisa iSixeko ngokubanzi, ngokunjalo nakwiindawo zoluntu ezizodwa. Esi sicwangciso yimveliso yenkqubo yovakaliso-zimvo, ephindwa rhoqo ngonyaka.
Zonke izimvo ezingenisiweyo sele zidluliselwe kumasebe afanelekileyo, naza kuqhubeka nokuthatha amanyathelo/ukwenza ungenelelo olufanelekileyo.
Nceda uqaphele ukuba ithuba elilandelayo lokuba uvakalise izimvo zakho ngeSicwangciso esiHlanganisiweyo soPhuhliso (isicwangciso seSixeko seminyaka emihlanu) liya kuba ngoSeptemba/Okthoba 2007. Oku kuza kukunika elinye ithuba lokuba nempembelelo kuhlahlo-lwabiwo-mali nakwizicwangciso zeSixeko.
Umnxeba 021 400-5978 / 5979 & 5135
Ifeksi 021 400 4909
Ikhutshwe siSixeko saseKapa, i-ofisi yeSicwangciso soPhuhliso esiHlanganisiweyo noLawulo loMsebenzi.
