Ukuqalisa ishishini elincinci : Ukuqalisa &gt Ingaba unawo amandla okumelana neemfuno zeshishini?
Ingaba unawo amandla okumelana neemfuno zeshishini?
Umbono otsho kuqala kwakunye nesibindi! Ayizizo na iimfuno ezifanelekileyo ezi?
Abantu abaninzi benza impazamo yokuba ezi zezona mfuno zokuqhuba ishishini elinempumelelo .
I-RED Door ilapha ukunceda ngokugqibeleleyo, kodwa ke nawe kufuneka wazi kangangoko ngeshishini onomnqweno wokuliqhuba ukuncedana neRED Door ukuba idlale indima yayo kakuhle. Bhala phantsi amanqaku abalulekileyo owafumene kuphando lwakho ngokohlobo loxwebhu ze uwabake njengeyona miba ibalulekileyo ngeshisihini lakho. Okona usenza uphando, ngezibonelelo onazo, kokona iza kuya ucaca umbono wakho, futhi kokona kunceda ngcono. Nalu uluhlu lwemibuzo enzima omele ukuyiphendula ukuze uqinisekise ukuba uya kumelana neemfuno zeshishini.
Loluphi uhlobo lweshishini ongathanda ukungena kulo?
Ingaba unazo izakhono ezidingekayo kumntu oqhuba eli shishini?
Ingaba ulunge kangakanani umbono wakho woshishino?
Kutheni ukhethe eli shishini nje?
Umsebenzi wokuqala: Khawufumanise ukuba unayo yokuziphatha yomntu oqhuba ishishini.
Loluphi uhlobo loshishino ongathanda ukungena kulo?
Cinga ngokwaziyo ngawe neempawu zakho njengomntu (jonga umsetyenzana ongaphambili). Ngoku ke khawujonge olu luhlu lwemibono yokuqala amashishini. Mhlawumbi akho lawo mashishini uwalungelelanisa nawe.
Kwakhona, ungaya kumcebisi weRED Door okanye umntu omthembayo onokukuncedisa nize neembono neengcinga ngamandla akho nezinto onokutrhanda ukuzenza njengeshishini lakho ntsuku zonke.
Kukho intaphane yeengcinga ezinkulu xa usenza lesi sigqibo, ngoko ke kwakhona, kubalulekile ukuba uthethe ngentembeko nawe okanye nabantu abakungqongileyo.
Ingaba unazo izakho ezidingwa leli shishini?
Esinye sezona zizathu ezenza ukuba amashishini amaninzi amancinci atshone kukungabikho kwezakhono ezizizo zokulawula. Ulawulo olululo kukusebenzisa ezi ngcinga naloo mandla ukwenza izigqibo ezizizo, imingcipheko ebalwe kakuhle nokukqhubekeka usenza ukuba ishishini eli libe ngcono.
Ukungabikho kwezakhono kuqhele ukuba kumacandelo ezibhengezo, ezezimali, ezentengso, neemveliso okanye nolwazi ngeshishini okulo. Onke la macandelo ABALULEKE KAKHULU ekuphumeleleni kweshihshini lakho.
Ukuba akunazo izakhono ezlilungeleyo eli shishini, ungazifumana phi?
Khawuxoxe la mathuba noMphathi ukuba akunazo zonke iimpendulo apha. Uya kukunceda ukuvavanya izakhono zakho.
Uqeqesho lokukwazi ukusebenzisa ikhompyutha
Uqeqesho Lokugcina Iincwadi zeshishini elo
Izakhono zoshishino
QWALASELA: Iintlawulo ezincinci ziya kufuneka ukuze ufumane olu qeqesho njerngoko luya kunikezelwa kwiNkampani Enikezela Ngeenkonzo.
Mhlawumbi ulunge kangakanani umbono wakho woshishino?
Ukungena kushishino uwedcwa kuthetha ukuzifaka emngciphekweni.
Ungazifumana ukwimwko apho uphulukana nempahla yakho yonke (nkqu nendu yakho) ukuba ishishini lakho aliphumeleli. Ngoko ke uhlobo lwesihshini olukhethayo lubaluleke kakhulu. Imele ukuba ngumbono onguwo nophilileyo. Ingabi yinto othanda nje odinga okanye ofuna ukuyenza Imele ukukusebenzela kakuhle nawe ngokwezimali.
Ukwenza uphando (uphando liokukhangela amathuba elo shishini) akuthethi ukuba uya kuphumelela ukuba uphando luthi iishishini elo linamathuba amahle. Olu phando lukunceda ukuba uqonde indlela oza kushishina ngayo noza kushishinela kuyto ngcono ukuze wazi ukuba ujongisise kweliphi na icala.
Ukukunceda uphrndule lo mbuzo, nanga amacebiso:
Musa ukuzibandakanya kakhulu nangendlela ekuvalayo ukuba ubone amanye amathuba nombono weakho woshishino.
Yenza uphando ukuqinisekisa ukuba imveliso okanye inkonzo yakho ifunwa futhi idingwa ngokwaneleyo.
Musa ukungaziboneli ntweni iimfuno zakho zezimali xa uqala ishishini lakho. Kusoloko kukho iindleko eziphume ecaleni ongenakuzicingerla ekuqalekeni.
Qwalasela amanye amashishini okhuphisana nawo phambi kokuba uqale ishishini lakho.
Qinisekisa ukuba imveliso yakho ikwinqanaba lokukhuphisana neemveliso zamanye amashishini: ingaba kukho nto iyodwa okanye yahlukileyo ngayo?
Yazi imithetho echaphazela uhlobo lweshishini lakho.
Yiza noluhlu olusisiekelo ukuqinisekisa ukuba uwucingile lo mbono wakho
Liyintoni ishishini lakho? Lichaze.
Bangakanani abathengi bakho? Ingaba liyakhula inani labathengi bale mveliso, limile okanye liyancipha?
Dwelisa kuluhlu yonker imiba onokucinga ngayo nenokuphumeleisa ishishini lakho (indawo yokushishini elungele oko, ixabiso eliphantsi, uymgangatho ophakamileyo, abasebenzi abasemgangathweni, njalo-njalo).
Ingaba injani le meko ephepheni, xa udwelisa amandla nokuphelelwa ngamandla kwakho ngokuthelekisa namashishi okhuphisana nawo, nokuba ngawaphi na amathuba avuleleke kwishishini lakho nokuba yintoni na enokubeka emngciphekweni ishishini lakho. Oku ke kubizwa ngokuba luhlalutho lweSWOT.
Dwelisa zonke izinto ezinokukunceda ekukhuphisaneni namanye amashishini.
Dwelisa iindlela zokusebenzisa amathuba akho ngendlela eza kulisebenzela ishishini lakho.
Dwelisa nendlela oza kujongana nayo nemiqobo endleleni yeshishini lakho.
Khawubale nje ngokuphandle ingeniso yakho, ze uyithelekise neendleko osele uzibalile.
Dwelisa izidingo oya kuba nazo ngokuhamba kwamaxesha:
Zeziphi izibhengezo oya kuzidinga ngokuhamba kwamxesha?
Yeyiphi imveliso oya kuyidinga ngokuhamba wkwamaxesha?
Loluphi uncedo lwezimali oya kuludinga ngokuhamba kwamaxesha?
Loluphi ulawulo lwenkxaso oya kuludinga ngokuhamba kwamaxesha?
Ukuba ishishini elo likhangeleka lisekwinqanaba elinye nelingaphambili kolo phando, yenza olunye uphando olukumgangatho ophezulu kunalowo ukuwo.
Thabatha ixesha ucinga kakuhle ngento oyifunayo kwishishini lakho. Umzekelo:
Ingaba ngumbono obusoloko ucinga ngawo ixesha elide?
Ingaba uza liza kuthandwa okanye lifumane isidima?
Ingaba kukukhululeka kokuba ngumqeshi wakho ze wenze nezigqibo zakho?
Ingaba unombono nje olungileyo nophilileyo futhi uyakwazi ukuwenza usebenze?
Undoqo kukwenza uluhlu lwazo zonke izizathu, uninzi lwazo olungekho kolu luhlu. Beka ezona zizathu zibalulekileyo ngaphezulu kuluhlu lwakho. Buyela kwezi zizathu nanini na xa uthabatha isigqibo - ukuqinisekisa ukuba isizathu ngasinye kuzo siya kuba negalelo ekukunikeni oko ukufunayo. Oku kuya kukhokela izigqibo zakho.
Kukwabalulekile ukuba uzazi ezi zizathu, njengoko zisenokuba yeyona nto ibalulekileyo ekuqinisekiseni ibhanki okanye inkampani ebonelela ngoncedo lwezimali ukuba ityale imali kulo mbono wakho. Ukuba uyakwazi oku, unokucenga kakuhle futhi wenze loo nkampani ikuthembe wean nombono wakho.
Kukwafuneka ukhangele ukuba kukho mfuno ithile na yokwenza izibhengezo ngemveliso okanye inkonzo yakho - ingaba bakho na abantu abafuna ukuthenga le mveliso? Futhi ingaba lo mbono uphile kangangokuba ukhule ube lishishini elinenzuzo? Ikakhulu amashishini ashishini ngokubhengeza athanda ukuthetha athi ishishini "linemilenze", nto leyo ethetha ukuba ingaba ishishini elo "linawo na amandla okukhula nokuphuhla ukuze kukhuliswe amathuba ahlukeneyo eli shishini?"
Phendula lemibuzo ingundoqo kuqala. Emva koku, ungaqalisa ngamanyathelo okudala isicwangciso soshishino noxwebhu lwengeniso. Uxwebhu lwengeniso lujonga imali ekufuneka uyichithile ukuzuza ukusekwa kweli shishini ze iyenze ilungelelane namathuba engeniso yskho. Oku kukwanokubizwa njengokukhangelwa kwengeniso nokuba kufuneka uchithe imali engakanani na ukuze ube nokufumana loo ngeniso.
CONTENTS: Ukuqalisa ishishini elincinci : Ukuqalisa
Ukuqalisa
Ingaba unawo amandla okumelana neemfuno zeshishini?
Ukwenza Isicwangciso Soshishino Nokulungela Inkqubo Yokugaya Izimali
