UMPHANDLE
UBOMI BAKHO
IMIBA
USHICILELO
IZALATHISO
URHULUMENTE
IITHENDA
IMISEBENZI
Malunga
Qhagamshelana
Uncedo
Funa nzulu
Umphandle
Ushicilelo
Izikhokelo, Incwadi yezikhokelo & Imiyalelo
Ndingaqinisekisa Njani Ukuba Inkqubo Yophuhliso Lwezakhoni Isebenza Ngokwezicwangciso?
La manyathelo angundoqo alandelayo kufuneka ethatyathiwe phambi kokuvula inkqubo yophuhliso lwezakhono:
Khetha Inkqubo yophuhliso lwezakhono
Kufuneka uqale ngokufikelela kwisigqibo sokuba zeziphi na ezi zakhono zidingekayo kwanokuba uqeqesho olufunekayo lungafumaneka na kuloo nkqubo yophuhliso lwezakhono uceba ukuyivusa. Uluhlu lweenkqubo zophuhliso lwezakhono esele zikho luyafumaneka kwiwebsite yeSebe Lemicimbi Yabasebenzi. Uluhlu lweenkqubo zophuhliso lwezakhono luyafumaneka kuwo onke amaziko amaziko emicimbi yabasebenzi okanye ke angafumaneka kwiCandelo Elinikezela Inkonzo Yenkxaso Kwiinkqubo Zophuhliso Lwezakhono elikwiSebe Lemicimbi Yabasebenzi. Khumbula ke - ungakhetha nayiphi enye kwezi nkqubo zophuhliso lwezakhono nokuba ize okanye ibhaliswe yeyiphi na iSETA.
Faka isicelo senkxaso-mali yenkqubo yophuhliso lwezakhono
Ngaphezu kwama-60% eerhafu, enokufakelwa ibango lesicangciso senkqubo yopguhliso lwezakhono zempangelo kwakunye nengxelo yokuvuswa kwayo (ezi nkqubo zophuhliso lwezakhono yindlela entle yokunikezela ngoqeqesho) usenokufaka isicelo senkxaso-mali sokuphumeza le nkqubo yophuhliso lwezakhono xa sele ungene kwisivumelwano sokuphuhlisa izakhono.
Sekela abafundi abangaphangeliyo isibhambathiso sengqesho
Qinisekisa ke ukuba wenza isibhambathiso sengqesho esiza kumelana nexesha lale nkqubo yoqeqesho esihambelanayo nomgaqo wokuzinikela okhutshwe nguMphathiswa Wemicimbi Yabasebenzi. Uxwebhu lokuzinikela kule nkqubo yokuxhobisa ngezakhono iyafumaneka kwiwebsite, yeSebe Lemicimbi Yabasebenzi kodwa ke ungayifumana ikopi kulo naliphi na iziko lemicmbi yabasebenzi okanye kwi-ofisi Yenkonzo Enikezela Ngenkxaso Kwiinkqubo Zokuxhobisa Ngezakhono.
Fumana iikopi zesivumelwano sale nkqubo yokuxhobisa ngezakhono
Isivumelwano sokungena kwinkqubo yokuxhobisa ngezakhono kufuneka ityikitywe ngumqeshi, umfundi kwanomqeqeshi. Fumana ke iikopi zobume besi sivumelwano sale nkqubo kwiiSETA, kwiziko lemicimbi yabasebenzi elikufutshane nawe okanye kwi-ofisi Yenkonzo Enikezela Ngenkxaso Kwinkqubo Yokuxhobisa Ngezakhono.
Chonga umcebisi
Chonga umntu oza kuba ngumcebisi wabafundisi kwalapho kwinkampani leyo yakho. Lo mntu ke uya kunikezela umkhomba-ndlela kubafundi ze abancede bamelane nayiphi na ingxaki abathi bahlangane nayo kwisithuba sale nkqubo.
Khetha umqeqeshi
Thabatha isigqibo sokuba ngubani oza kunikezela ngecandelo lezifundo zencwadi kolu qeqesho. Qinisekisa ke ukuba umqeqeshi omkhethayo uyaziwa yaye uthenjiwe yiSETA. Ukuba udinga uncedo ekukhetheni lo mqeqeshi, qhagamshelana neSETA yakho.
Khetha umfundi
Apha ke ungakhetha umntu engumsebenzi wakho kakade - njengoko uchaza umthetho iSkills Development Act kwisahluko 18 - "umfundi osele engumsebenzi: ukuba umfundi lo ebengumsebenzi kwinkampani yalo" OKANYE KE
Ungakhetha umntu njengoko uchazile umthetho iSkills Development Act kwisahluko 18 : "umfundi obengaphangeli: ukuba umfundi ebengekho phantsi komqeshi lo njengomqeshi wakhe ngexesha lokutyikitywa kwesivumelwano sokungena kule nkqubo yophuhliso lwezakhono,umqeshi nomfundi kufuneka batyikitye isivumelwano sengqesho."
Kumfundi obekuphangelela kakade, uya kuqhubekeka nesivumelwano sesibhambathiso sengqesho ze utyikitye nje ke isivumelwano sokuphuhlisa izakhon zakhe. Kumfundi obengaphangeli, kuya kufuneka utyikitye isivumelwano sokuphuhlisa izakhon zakhe kwanesengqesho. Zikwahluka ke izibonelelo zenkxaso-mali nezerhafu njengoko kuthiwe thaca ngentla apha.
Ukuba uza kuqwalasela isicelo sonmfundi ongaphangeliyo, iziko lemicimbi yabasebenzi elikufutshane nawe lingakunceda ekuchongeni nasekugatyeni oyena mntu uyilungeleyo le nkqubo. Liyafumaneka ke iphetshana elilodwa elinikezela ngengcaciso ngenkonzo yeli Sebe yokuchonga nokugaya neendlela elinokuncedisa ngayo ekugayeni abantu abangaphangeliyo ukuze kuphuhliswe izakhono zabo.
Abaqeshi abanikezela ngoqeqesho kwakunye namava engqesho ngokuthi baqalise ngale nkqubo yokuphuhlisa izakhono kubantu abagaphangeliyo abanyanzelekanga ukuba banike abafundi ababaqeqeshe ngempumelelo ingqesho esisigxina emva kwale nkqubo yoqeqesho. Likho ke kodwa ithemba lokuba abaqeshi aba baya kuba nakho noko ukugaya abanye baba bafundi babaqeqeshileyo, kodwa ke nokuba abakwazanga, abafundi abo bona sele beqoshelise izifundo noqeqesho yaye banamava okusebenza.
Tyikitya isivumelwano sokungena kwinkqubo yophuhliso lwezakhono
Zimbini izibhambathiso ekuya kufuneka uziqondile:
Isivumelwano senkqubo yophuhliso lwezakhono
Isivumelwano sengqesho a Isivumelwano sokungena kwinkqubo yophuhliso lwezakhono sisibhambathiso esisemthethweni esityikitywa ngumqeshi, umfundi okanye abazali nabantu abajongene nomfundi lowo ukuba uselula kakhulu kwakunye nomqeqeshi.
Isivumelwano sokungena kwinkqubo yophuhliso lwezakhono sichaza:
Iinjongo zenkqubo leyo yoqeqesho, umzekelo, isiqinisekiso sezifundo aya kusifumana kwakunye nezakhono aya kuba nazo umfundi lowo emva kokuba eqoshelise ngempumelelo loo nkqubo yoqeqesho.
b Kuya kufuneka ke utyikitye nesivumelwano sengqesho ukuba uthabatha umfundi obengaphangeli ngaphambili 182.
Isivumelwano esisebenza njengesikhokelo sesivumelwano sale nkqubo yophuhliso lwezakhono ndawonye nezinyer iinkcukacha ngokungena nokutyikitya izibhambathiso ziyafumaneka kwiSETA, kwi-ofisi yemicimbi yabasebenzi okanye kwicandelo Elinikezela Ngenkonzo Yenkxaso Kwiinkqubo Zophuhliso Lwezakhono.
Qalisa ngale nkqubo yokuxhobisa ngezakhono
Xa la malungiselelo angentla apha sele eqoshelisiwe, lungaqala ke uqeqesho.
Amaqumrhu Ajongene Nokuqeshwa Nophuhliso Lwezakhono iSebe Lemicimbi Yabasebenzi liya kungena kwinkqubo yokuvavanyela la maqumrhu eli phulo kwisithuba seminyaka emithathu, nkqubo leyo iya kuqala ekupheleni konyaka u-2003. Le nkqubo yokuvavanyela i-ESDA ijolise ekuncediseni ekufakweni kwabafundi kule nkqubo yophuhliso lwezakhono kwicandelo lamashishini asakhasayo, akhulayo nalawo sele ephakamile noko.
Ii-ESDA ezi ziya kusekwa yaye ziya kusebenza njengomqeshi waba bafundi. Ezi ESDAs ke ziya kwenza yonke imisebenzi yomqeshi, kodwa ke aziwanikezeli amava engqesho kolu qeqesho. I-ESDA ke yona ijongana nokufaka abafundi kwizithuba zemisebenzi kwabo baqeshi/kubaqeshi engqeshweni kwakunye kwanakubaqeqeshi ababhalisiweyo.
Inkqubo yokuvavanya eli phulo lijoliswe ekunikeni amathuba ophuhliso lwezakhono abantu abasebatsha (abangaphantsi kwama-35 eminyaka ubudala).
I-ESDA ke yenza uthotho lwemisebenzi esoloko iluxanduva lomqeshi. Le misebenzi ke iquka:
Ukusebenzisana ngqo namaqumrhu aseburhulumenteni
Ukungena kwizibhambathiso zokuqesha nokuqeqesha zexesha elide
Ukujongana noxanduva lokuthotyelwa kwemitheho efana nowerhafu, imiba yokuhlawula imivuzo kwakunye neminye nje imicimbi echaphazela iimfuno zolawulo lwaseburhulumenteni
Ukuchongwa kwabafundi abakumgangatho ophakamileyo
Ukwenza amalungiselelo kwanokuba liliso kuqeqesho lwasemsebenzini nolwangaphandle komsebenzi
Ukuqinisekisa uqeqesho lwasemsebenzini ngokuhamba-hamba kubaqeshi abahlukeneyo
Ukunikezela iingcebiso kwanokusombulula iingxaki zabasebenzi nezabafundi.
Ngokombono womqeshi, ukuba nakho ukuthabatha inxaxheba kule nkqubo yoqeqesho ngaphandle koxanduva lwemicimbi yolawulo esoloko isayanyaniswa nezi nkqubo zoqeqesho yeyona nto ibabika umdla abaqeshi.
Icandelo Elingaphambili
Icandelo Elilandelayo
Yintoni le Nkqubo Yokuxhobisa Ngezakhono?
Ziintoni Ezona Nzuzo zale Nkqubo Yokuxhobisa Uluntu Ngezakhono?
Zintoni Iindleko Nembuyekezo Enikezelwayo?
Ndingaqinisekisa Njani Ukuba Inkqubo Yophuhliso Lwezakhoni Isebenza Ngokwezicwangciso?
Indlela Yokufumana Iinkcukacha Ezithe Vetshe
Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni
Isigama Esinokusetyenziswa uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo
Ilungelo Lobunini
